You're offline
Skip to content
Question paper

2013+Grade+1+IsiXhosa+HL+Exemplar.pdf

Subject: IsixhosaGrade 1201320 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com UVAVANYO LONYAKA NONYAKA KUZWELONKE IBANGA 1 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA IMIZEKELO YEMIBUZO YOVAVANYO Le ncwadana inamaphepha ali-19, ngaphandle koqweqwe.
Downloaded from hlayiso.com ISIKHOKELO SOKUSEBENZISA IMIZEKELO YOKUHLOLA KA-ANA 1. Isetyenziswa njani imizekelo yovavanyo Nangona imizekelo yovavanyo yebanga ngalinye nesifundo ngasinye yenziwe yaza yadityaniswa, akunyanzelekanga ukuba abafundi bayiphendulie yonke imibuzo ngexesha elinye. Utitshala makakhethe umzekelo onombuzo onxulumene nesifundo asilungiseleleyo. Imibuzo ekhethwe kumzekelo vavanyo okanye iqela lemibuzo enokuphenduleka ngexesha elinye ingasetyenziswa ngokuye kukhula ukufunda nokufundisa ngolu hlobo:- 1.1 Ekuqaleni kwesifundo, njengovavanyo lokuqonda nokwahlula izinto abafundi abakwazi ukuzenza/abazaziyo nezo bangakwazi ukuzenza/bangazaziyo. Ukuphonononga lo mahluko kukhokhelela ekubeni abafundi banikwe inkcazelo eyiyo, ukuze kuphuhliswe izifundo ezifanelekileyo, nezilungele ukulungisa ezo ngxaki banazo, ukuze abafundi bacoselelwe ukufundiswa. 1.2 Kwisifundo phakathi, uvavanyo olucwangcisiweyo lusetyenziswa ukuvavanya ukuba ulwazi nezakhono zabafundi ziyaphuhla na.Njengoko isifundo siqhuba lukwasetyenziswa ukuvavanya nokuqinisekisa ukuba akukho mfundi ushiyekayo kwisifundo. 1.3 Ukugqibezela isifundo okanye iqela lezifundo uvavanyo oludityanisiweyo luyenziwa ukuvavanya ukuba abafundi bayaqonda kwaye bayakwazi ukusebenzisa ulwazi nezakhono abazifumene kwizifundo.Inkcaza yokuba abafundi baqhube njani mabayinikwe ngoko nangoko, ngelo xesha utitshala wenza isigqibo ngeendawo ezifuna ukuphindwa kwisifundo okanye kwizifundo ukuncedisa ulwazi okanye izakhono ezingaphuhlanga. 1.4 Kuwo onke la manqanaba makusetyenziswe iindlela ngeendlela zokubuza, umz.indlela yokuphendula ngokukhetha kwiimpendulo azinikiweyo, imibuzo efuna impendulo yakhe, imibuzo efuna impendulo emfutshane, njalo-njalo. Nangona uvavanyo lokufumana ukuqonda novavanyo lokwakha ulwazi lusenokuba lufutshane ngokwemibuzo, uvavanyo oludityanisiweyo lunokuquka imibuzo emininzi kuxhomekeka kumsebenzi osele wenziwe.Okubalulekileyo kukuqinisekisa ukuba abafundi baqhelaniswa nendlela yokuphendula uvavanyo olupheleleyo olufana novavanyo lukazwelonke lonyaka nonyaka (ANA). 2. Imemorandam okanye iindlela zokuphendula Umzekelo wendlela yokuphendula okanye iimpendulo ezilindelekileyo zilungiselelwe kumzekelo wovavanyo.Ootitshala mabakhumbule ukubaimemorandam ayiniki mpendulo igqibeleleyo, Imemorandam inika nje kuphela iimpendulo ezilindelekileyo, ngoko utitshala angamnika umfundi amanqaku ngeempendulo ezahlukeneyo, ezivumelekileyo ezinikwe ngabafundi. 3. Ukugutyungelwa kwekharityhulam Kunyanzelekile ukuba ikharityhulam igutyungelwe yonke kwibanga ngalinye.Imizekelo yovavanyo yebanga ngalinye ayimeli ikharityhulam, ikhupha nje iisampula zovavanyo lolwazi nezakhono ezibalulekileyo kwaye zezomsebenzi wekota yokuqala ukuya kweyesithathu yonyaka Isantya sokusebenza somsebenzi ekufuneka wenziwe sinikezelwe kumaxwebhu ekharityhulam (CAPS DOCUMENTS). Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 1
Downloaded from hlayiso.com 1.1 Jonga imifanekiso engezantsi. Bhala isandi sokuqala segama lomfanekiso ngamnye kwiibhokisi ezingezantsi ___________________ ____________________ 1.2 Bhala izandi zokuqala zemifanekiso engezantsi. ............asi ...............a Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 2
Downloaded from hlayiso.com 1.3 Gqibezela amagama ngokufakela isandi esshiyiweyo. ika.. ...i ibhe.....i 2.1 Khetha kwibhokisi igama elihambelana nomfanekiso ulibhale. imoto indlu itafile ……………..……… …………………... Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 3
Downloaded from hlayiso.com 2.2 Tshatisa igama nomfanekiso ngokukrwela umgca. Khetha kumagama asebhokisini. tsiba khwela baleka 2.3 Fakela uphawu (x) ecaleni kwebhokisi enempendulo echanekileyo. Khetha kula magama. kati hagu mnqwazi zihat nkomo Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 4
Downloaded from hlayiso.com 3. Funda ibali uphendule imibuzo engezantsi. UTumi unenja ekrelekrele. Igama lenja yakhe nguBhingo. UBhingo uyakuthanda ukudlala ngebhola. UTumi uphosela UBhingo ibhola ukuba ayichole abuye nayo. Ngenye imini uBhingo walahleka kuba wayelandela umhlobo wakhe. UTumi wamkhangela kuyo yonke indawo. Wehla enyuka isitalato emkhangela. Wakhwaza uTumi ukuba abuye. Wamfumana uBhingo epakeni. Wavuya akubona uTumi. 3.1 Fakela uphawu (x) ecaleni kwebhokisi enempendulo echanekileyo. Khetha esona sihloko sifanelekileyo sebali. UTumi uya esikolweni UBhingo udlala ngezinto zokudlala UTumi nabahlobo bakhe UTumi nenja yakhe uBhingo Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 5
Downloaded from hlayiso.com 3.1.1 Biyela unobumba onempendulo echanekileyo. Esona sihloko sifanelekileyo sebali: UTumi ne...yakhe. A tata B zinto zokudlala C mama D nja 3.2 Fakela uphawu (x) ecaleni kwebhokisi enempendulo echanekileyo. Elibali lingabani? UTumi nenja yakhe. UTumi nebhola yakhe. UTumi nomama wakhe UTumi nabahlobo bakhe Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 6
Downloaded from hlayiso.com 3.2.1 Biyela unobumba onempendulo ochanekileyo ukugqibezela isivakalisi. Isilo-qabane sikaTumi yi.... A kati B nja C hagu D nkuku 3.1.2 Fakela uphawu (x) ecaleni kwebhokisi enempendulo echanekileyo. Esona sihloko seli bali sithi UTumi nenja yakhe. ewe hayi 3.2.2 Khetha igama elichanekileyo Libhale emgceni. Ibali lingoTumi no..... Bhingo Bheni Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 7
Downloaded from hlayiso.com 3.3 Landelelanisa iziganeko ngendlela echanekileyo. Fakela amanani (1-3) kwibhokisi ukubonisa ulandelelwano. 3.3.1 Jonga le mifanekiso. Fakela amanani (1-3) kwibhokisi ukubonisa ulandelelwano oluchanekileyo lwebali. 3.3.2 Khetha esona siphelo sebali sichanekileyo. Fakela uzintathu (3) kwibhokisi oyikhethileyo. 1 2 Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 8
Downloaded from hlayiso.com 3.2.2 Fakela uphawu (x) ecaleni kwebhokisi enempendulo echanekileyo. UBhingo walahleka kuba ... wayesepakeni. walandela umhlobo. walahleka. isango lalivuliwe. 4.1 Biyela unobumba onempendulo ochanekileyo ukuphendula imibuzo. UTumi waphosa ibhola kuba... A wayesepakeni B wayephosa ngamandla. C uBhingo wayethanda ukudlala ngayo. D lixesha lokugoduka. Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 9
Downloaded from hlayiso.com 4.2 Gqibezela isivakalisi ngokukrwela umgca utshatisa nempendulo echanekileyo. UTumi wakhwaza uBhingo kuba... wayevuya. wayelambile. yayilixesha lokugoduka wayesepakeni. 5.1 Sebenzisa abanye baba nobumba ukwakha igama lalo mfanekiso. s t a e p u ............................ 5.2 Bhala oonobumba ngendlela echanekileyo ukwenza igama. Bhala igama emgceni. kusiepi ................................................... Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 10
Downloaded from hlayiso.com 5.3 Bhala igama emgceni. Le yi .................................................................................. 6. Biyela unobumba ophezu kwelona thambo lide. A B C D 6.1 Biyela owona mthi mde. Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 11
Downloaded from hlayiso.com 6.2 Zobha eyona ayisi khrim inkulu. 7.1 Fakela Fakela isandi esihambelana nomfanekiso sibhale kumgca onezantsi. ch tsh kr s iwo............................i i..................ele Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 12
Downloaded from hlayiso.com 7.2 Bhala izandi zale mifanekiso. uno.............. ala i..........ubu 7 .3 Fakela uphawu (x) ecaleni kwebhokisi enempendulo echanekileyo ehambelana nomfanekiso. d cl fl bl ..............eg ...........iliya Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 13
Downloaded from hlayiso.com 8.1 Phinda ubhale isivakalisi usebenzisa unobumba omkhulu nesingxi. abahlobo baya epakeni .............................................................................................................................. 8.2 Biyela unobumba omkhulu nesingxi kwesi sivakalisi. Amakhwenkwe namantombi ayathanda ukudlala. 8.3 Faka uphawu (x) ecaleni kwebhokisi enesivakalisi esinonobumba omkhulu nesingxi. uJabu ubaleka ngamandla. ujabu ubaleka ngamandla 9.1 Isibizo ligama lento. Khetha izibizo ezichanekileyo ukugqibezela izivakalisi. penisile ncwadi khrayoni peni Abantwana bathanda ukufunda i............................................................. Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 14
Downloaded from hlayiso.com 9.2 Isibizo ligama lento. Faka uphawu (x) ecaleni kwebhokisi enesibizo esichanekileyo ukugqibezela izivakalisi. Umntwana uthanda ukutya i ...... .... bisi siselo lekese manzi 9.3 Isibizo ligama lento. Biyela unubumba osecaleni kwebhokisi enesibizo esichanekileyo ukugqibezela izivakalisi. U.....................wam uyakuthanda ukufunda. A tsiba B bhala C hamba D makhulu Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 15
Downloaded from hlayiso.com 9.4 Isibizo ligama lento. Biyela isibizo esichanekileyo kwesi sivakalisi. UBongi ufunda iincwadi. 10.1 Bhala izivakalisi. 10.1.1 Landelelanisa la magama ngokuchanekileyo ukwenza isivakalisi. ibaleka Inja ngamandla. ................................................................................................. 10.1.2 Sebenzisa la magama angezantsi ukwenza isivakalisi. noMpho benene ngabahlobo uThabo ............................................................................................ 10.1.3 Tshatisa amagama akwibhokisi namagama akwisivakalisi ngokukrwela imigca. lihlala emanzini isele Isele liluhlala emanzini. Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 16
Downloaded from hlayiso.com 10.2 Jonga lo mfanekiso. 10.2.1 Bhala izivakalisi zibezibini ubuncinane ngalo mfanekiso. .... .................................................................................................................... ........................................................................................................................ ........................................................................................................................ ........................................................................................................................ ........................................................................................................................ ........................................................................................................................ ........................................................................................................................ ........................................................................................................................ Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 17
Downloaded from hlayiso.com 10.2.2 Jonga lo mfanekiso. Bhala izivakalisi zibezibini ubuncinane ngalo mfanekiso. .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 18
Downloaded from hlayiso.com 10.2.3 Jonga lo mfanekiso. Bhala izivakalisi zibezibini ubuncinane ngalo mfanekiso. .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... .......................................................................................................................... Grade 1 IsiXhosa HL Exemplar 19

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

Grade 1 · Isixhosa · 2013 · ANA Exemplars · Question paper · isixhosa | Hlayiso | Hlayiso