Skip to content

isiXhosa Grade 2 ANA Exemplars 2012 Question Paper

Question paperisiXhosaGrade 220126 pages

Grade 2 isiXhosa question paper from the ANA Exemplars 2012, 6 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
UVAVANYO LONYAKA KUZWELONKE IBANGA 2 ISIXHOSA-ULWIMI LWASEKHAYA UMZEKELISO WOVAVANYO 2012
Funda ibali elilandelayo. UJili, uSamkelo, uBandile noPumeza bafunda ngamaxesha onyaka esikolweni. Utitshala wabo uNkoskz Habile, ubabonisa imifanekiso baze baxoxe ngezimvo zabo. Emva koko uthi mababhale ngamaxesha onyaka abawathandayo. UJili uyabhala: ENtwasahlobo kufudumele, amagqabi neentyatyambo ziyakhula kwaye nezilwanyana ziyamimitheka. Iintaka ziyabuya zize zakhe iindlwana zazo. USamkelo uyabhala: EHlotyeni kushushu kwaye sithanda ukuqubha sizwe sidlale elangeni. Sithanda ukusela isiselo esibandayo sitye neayisikhrim. UBandila uyabhalan: EKwindla kuphole kamnandi kwaye amagqabi emithi aqalisa ukuba bomvu,thyeli namthubi. Ayawa emithini. Izilwanya zizilungiselela ubusika Iintaka ziyafuduka. UPumeza uyabhala: EBusika kuyabanda, kwezinye iindawo kuwa ikhephu. Sithanda ukusela iziselo ezishushu size sitye isuphu efudumezayo. Senza imililo ukuzifudumeza. UNkskz. Habile ubanceda bafunde amabali abo eklasini. 1. Nika isihloko seli bali lingentla. ................................................................................. 2. Biyela igama elichanekileyo . Ngubani obhala ngoBusika? NguSamkelo/ NguBandile/ NguPumeza/ NguJili
Biyela impendulo echanekileyo. 3. Bafunda phi abantwana? Phandle/ Esikolweni /Phantsi komthi/ Ekhaya 4. Landelelanisa amaxesha onyaka ebalini. Busika Ntwasahlobo Hlobo Kwindla 5. Biyela unobumba onempendulo echanekileyo. UJili ubhale ngeHlobo kuba ... A Unkskz. Habile umxelele. B Uyalithanda. C Liyabanda. D UBandile umxelele. 6. Biyela unobumba onempendulo echanekileyo. Benza ntoni abantwana bakugqiba ukubhala amabali? A Baya ekhefini. B Bagoduka. C Bazoba imifanekiso. D Bafunda amabali. 7.1 Biyela impendulo echanekileyo. Leliphi igama elithetha into enye neli thanda? buka/ yona-yona/ caphukela/ bukeka 7.2 Leliphi igama elichasene neli kufudumele? kushushu/ kuyabanda/ kupholile/ kubanda kakhulu 8. Biyela upelo olululo. Ndi bhalu/ bhala/ bhela encwadini yam.
9. Biyela igama elichanekileyo. Ndibona amafu kwasibhaka-bhakeni/kwisibhaka- bhaka/esibhaka-bhakeni. 10. Phinda ubhale esi sivakalisi. 10.1 Qala ngegama “Izolo” Ndikhwela ibhayisekile. Izolo................................................................................... Phinda ubhale esi sivakalisi. 10.2 Qala ngegama “Ngomso” Ndidlala ngebhola. Ngomso .............................................................................................. 11. Bonke abantwana baqokelele amagqabi eKwindla. Baye bawahlela ngokwemibala. Igrafu ibonisa oko bakufumeneyo. Amagqabi aseKwindla 6 5 4 3 2 1 mthubi tyheli bomvu mdaka Biyela impendulo 11.1 echanekileyo.
Ngowuphi owona mbala omninzi wamagqabi? Ngomthubi Ngotyheli Ngobomvu Ngomdaka Biyela impendulo echanekileyo. Ngowuphi owona mbala umbalwa wamagqabi? ngomthubi ngotyheli ngobomvu Ngomdaka 11.2 Mangaphi amagqabi aqokelelweyo ewonke? ................ 12. Bhala izivakalisi zibe zihlanu okanye ngaphezulu ngesikolo sakho. ............................................................................................................................................. ............................................................................................................................................. ............................................................................................................................................. ............................................................................................................................................. ............................................................................................................................................. .............................................................................................................................................
............................................................................................................................................. .............

Study this subject