Downloaded from hlayiso.com
IIMVAVANYO ZONYAKA NONYAKA KUZWELONKE
IBANGA 1
ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA
ULUHLU 1: 2012 IPHEPHA ELINGUMZEKELO
You're offline
Skip to contentQuestion paper
isiXhosa Grade 1.pdf
Isixhosa · Grade 1 · ANA Exemplars · 2012 · isixhosa. Question paper, 12 pages. Read online or download the PDF.
- Subject
- Isixhosa
- Grade
- Grade 1
- Language
- Isixhosa
- Document type
- Question paper
- Year
- 2012
- Exam period
- ANA Exemplars
- Pages
- 12
- File size
- 381.4 KB
Loading document…
Loading document…
1 of 12
Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com
Isikhokelo sokusebenzisa imizekelo ka-ANA
1. Umbono jikelele
Uvavanyo lonyaka nonyaka(ANA)luvavanyo oludibeneyo lolwazi nezakhono ezifanele ukuphuhliswa, kubafundi
bebanga lo-I ukuya kwele-6 kunye nele-9.Ukuncedisana novavanyo oluqhutywa esikolweni nokuqinisekisa ukuba
abafundi bazithemba ngokwaneleyo ukuze bathathe inxaxheba ngempumelelo kwiimviwo zangaphandle,uluhlu
lootitshala kunye neencutshe kwizifundo bavelise iimvavanyo eziyimizekelo ezinokusetyenziswa ngootitshala
kwizifundo zoLwimi Lwasekhaya neMathematika.Unikwe imibuzo yemizekelo yemvavanyo ethatyathwe kumsebenzi
wesilkolo wonyaka wekharityhulam ukusuka kwikota yokuqala,eyesibini neyesithathu,kunye nesiboniso esipheleleyo
sovavanyo(ANA) sebanga ngalinye.Imizekelo yovavanyo equka nesiboniso esipheleleyo soviwo zongeza kuvavanyo
oluqhubekayo esikolweni olwenziwa qho kubafundi nekufuneka lungayekwa.
2. Unxulumano namanye amacebiso okufunda nokufundisa
Ngenxa yokubaluleka kokudibanisa eyindlela yokufundisa,eminye imibuzo ekwimizekelo yeemvavanyo
inxulunyaniswe neeNcwadi Zomsebenzi ngokwamabanga .Imizekelo yeemvavanyo ilinganiswe neemfuno
zekharityhulam,kusetyenziswe amaxwebhu ekharithyulam i-National Curriculum Statement Grades R-12(NCS) ne-
Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS) kumabanga ngamabanga,kusetyenziswe nendlela yokuhlola
esemthethweni (National Protocol for Assessment).La maxwebhu ewonke kunye nalawo isikolo siwanika utitshala
ukuze enze amacebiso angawo okunceda utitshala xa elungiselela izifundo kwakunye naxa esenza uvavanyo
olusesikweni.
3. Unxulumaniso nezinye izixhobo zokufunda nokufundisa
Ukuze kubekho unxulumano olufanelekileyo, eminye imizekelo yezicatshulwa nemibuzo idityaniswe kwiincwadi
zokusebenzela zamabanga ngamabanga ezingqale kumgangatho wabafundi. Le mizekelo ilungelelanisiwe ukuze
iqwalasele iimfuneko zeNkcazelo yeKharityhulam yeSizwe yamananga R ukuya ku 12 (NCS),iinjongo
zekharityhulam,iNkcazelo yePolisi yeKharityhulam enxulumene namabanga abafundi kunye nendlela yokuhlola
esemthethweni. Yonke le miqulu kwakunye neminye imiqulu enokufumaneka esikolweni izizixhobo ezingundoqo
ezinokusetyenziswa ukuncedisa ootitshala njengoko bequlunqa izifundo belawula nohlolo olungundoqo (uhlolo
olukhulisayo).
4. Isetyenziswa njani imizekelo yovavanyo
Nangona imizekelo yovavanyo yebanga ngalinye nesifundo ngasinye yenziwe yaza yadityaniswa,
utitshala akanyanzelekanga ukuba abafundi abaphendulise ngexesha elinye. Utitshala makakhethe umzekelo
onombuzo onxulumene nesifundo asilungiseleleyo. Imibuzo ekhethwe kumzekelo vavanyo okanye iqela lemibuzo
enokuphenduleka ngexesha elinye ingasetyenziswa ngokuye kukhula ukufunda nokufundisa ngolu hlobo:-
4.1 Ekuqaleni kwesifundo, njengovavanyo lokuqonda nokwahlula izinto abafundi abakwazi ukuzenza/abazaziyo
nezo bangakwazi ukuzenza/bangazaziyo.Ukuqonda lo mahluko kukhokhelela ekubeni abafundi bacoselelwe
ukufundiswa nokuze kwakhiwe izifundo ezilungele ukulungisa ezo ngxaki banazo baze baphucule.Olu vavanyo
lokuqonda lungenziwa umsebenzi wasekhaya ukonga ixesha.
4.2 Kwisifundo phakathi, uvavanyo olucwangcisiweyo lusetyenziswa ukuvavanya ukuba ulwazi nezakhono zabafundi
ziyaphuhla na.Njengoko isifundo siqhuba lukwasetyenziswa ukuvavanya nokuqinisekisa ukuba akukho mfundi
ushiyekayo kwisifundo.
1
Downloaded from hlayiso.com
4.3 Ukugqibezela isifundo okanye iqela lezifundo uvavanyo oludityanisiweyo luyenziwa ukuvavanya ukuba abafundi
bayaqonda kwaye bayakwazi ukusebenzisa ulwazi nezakhono abazifumene kwizifundo.Inkcaza yokuba
abafundi baqhube njani mabayinikwe ngoko nangoko, ngelo xesha utitshala wenza isigqibo ngeendawo ezifuna
ukuphindwa kwisifundo okanye kwizifundo ukuncedisa ulwazi okanye izakhono ezingaphuhlanga.
4.4 Kuwo onke la manqanaba makusetyenziswe iindlela ngeendlela zokubuza, umz.indlela yokuphendula
ngokukhetha kwiimpendulo azinikiweyo, imibuzo efuna impendulo yakhe, imibuzo efuna impendulo emfutshane,
njalo-njalo.
Nangona uvavanyo lokufumana ukuqonda novavanyo lokwakha ulwazi lusenokuba lufutshane ngokwemibuzo,
uvavanyo oludityanisiweyo lunokuquka imibuzo emininzi kuxhomekeka kumsebenzi osele wenziwe.Okubalulekileyo
kukuqinisekisa ukuba abafundi baqhelaniswa nendlela yokuphendula uvavanyo olupheleleyo olufana novavanyo
lukazwelonke lonyaka nonyaka (ANA).
5. Imemorandam okanye iindlela zokuphendula.
Umzekelo wendlela yokuphendula okanye iimpendulo ezilindelekileyo zilungiselelwe kumzekelo
wovavanyo.Ootitshala mabakhumbule ukubaimemorandam ayiniki mpendulo igqibeleleyo, Imemorandam inika nje
kuphela iimpendulo ezilindelekileyo, ngoko utitshala angamnika umfundi amanqaku ngeempendulo ezahlukeneyo,
ezivumelekileyo ezinikwe ngabafundi.
6. Ukugutyungelwa kwekharityhulam
Kunyanzelekile ukuba ikharityhulam igutyungelwe yonke kwibanga ngalinye.Imizekelo yovavanyo yebanga ngalinye
ayimeli ikharityhulam, ikhupha nje iisampula zovavanyo lolwazi nezakhono ezibalulekileyo kwaye zezomsebenzi
wekota yokuqala ukuya kweyesithathu yonyaka Isantya sokusebenza somsebenzi ekufuneka wenziwe sinikezelwe
kumaxwebhu ekharityhulam (CAPS DOCUMENTS).
7. Ukuphetha
Injongo yeSebe leMfundo kukuphucula nokwakha ezona zisekelo zibalulekileyo,ukufunda nokubala
kwabafundi.Uvavanyo lonyaka nonyaka sesinye sezixhobo iSebe leMfundo eisebenzisa ukuqaphela ukuba
umgangatho wabafundi uyonyuka,uhleli ndawonye okanye uyehla.Izithili nezilkolo kulindeleke ukuba zincedise
ootitshala kwaye zidlulise amacebo aluncedo ukuphucula ukufunda nokufundisa ezikolweni.Ngokusebenzisa
imizekelo yokuvavanya njengelinye icebiso lokufundisa, ootitshala baza kunceda abafundi baqhelane neendlela
nobuchule bokuvavanya.Ukusetyenziswa kwale mizekelo kuya kunceda abafundi bafumane ulwazi olufanelekileyo
baze baphuhlise nezakhono ezinxulumene nokufunda ukuze baphucule kuvavanyo lukazwelonke olulandelayo.
2
Downloaded from hlayiso.com
1.1 Tshatisa umfanekiso negama usebenzisa umgca.
itafile
ucango
isitulo
1.2 Biyela impendulo efanelekileyo.
Ucango
Ifestile
Udonga
1.3 Gqibezela esi sivakalisi silandelayo.
Ndibona i...
3
Downloaded from hlayiso.com
1.4 Beka u-X ecaleni kwempendulo efanelekileyo.
Ndifunda ...
A ipeni
B ucango
C incwadi
D isitulo
1.5 Krwelela impendulo efanelekileyo.
Olu phawu luthetha ukuba
mandihlale/ mandime.
4
Downloaded from hlayiso.com
2.1 Bhala ngokucacileyo phezu kwamachokoza ukugqibezela
ipatheni.
2.2 Gqibezela le patheni ilandelayo.
2.3 Khuphela le patheni ilandelayo.
.....................................................................................................
2.4 Zoba ipatheni oyithandayo kule bhokisi ilandelayo.
5
Downloaded from hlayiso.com
3.1 Biyela impendulo efanelekileyo ehambelana nomfanekiso.
Le ...
A yihagu
B yinja
C yikati
D yimoto
3.2 Khetha igama elifanelekileyo kwibhokisi ukugqibezela isivakalisi.
tata mama bhuti
Lo ngu ...
6
Downloaded from hlayiso.com
3.3 Bhala igama elichaza lo mfanekiso.
.............................................
4.1 Fakela isandi esishiyiweyo ukugqibezela igama.
i...ati i...ada
7
Downloaded from hlayiso.com
4.2 Tshatisa igama nomfanekiso usebenzisa umgca.
ipopo
imoto
itipoti
4.3 Bhala igama elichaza umfanekiso.
………………………….........................................
8
Downloaded from hlayiso.com
5.1 Biyela isandi esifana nesisekuqaleni.
b p d g b
5.2 Fakela isandi esishiyiweyo ukwakha amagama.
i...awusi
i...ada
5.3 Tshatisa isandi negama.
c idami
y icici
d iyoyo
9
Downloaded from hlayiso.com
6.1 Fakela isandi esishiyiweyo ekugqibeleni kwegama.
Ili-o
I-i
6.2 Tshatisa igama nomfanekiso usebenzisa umgca.
Iyoyo
Ijagi
10
Downloaded from hlayiso.com
6.3 Yakha amagama aqala ngezi zandi:
Ibh.........
Im.........
6.4 Bhala amagama ahambelana nalemifanekiso
.........................
........................
11
Recommended for this subject
Published documents with matching subject and grade metadata.
Related documents
Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.






