Skip to content

Isixhosa Hl Grade 6 Paper 2 November 2016 Question Paper

Question paperIsixhosa HlGrade 620167 pages

Grade 6 Isixhosa Hl Paper 2 question paper from the November Exam 2016, 7 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

November Exam 2016

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com AMABANGA APHAKATHI IBANGA LESI 6 EYENKANGA 2016 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 AMANQAKU: 40 IXESHA: 1 iyure *6XHHL28 Olu viwo lunamaphepha ama−6.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/EYENKANGA 2016) ICANDELO A: ISICATSHULWA UMBUZO 1: INTSOMI IRHANISI LEGOLIDE Kudala kwaye kukho umfama owayenonyana abathathu. Omncinane wathiywa igama lokuba nguSityhakala ngenxa yokuba elulamile, baza ke abantu abaninzi bacinga ukuba usisiyatha. Ngomnye umhla umfama wathuma unyana wakhe omkhulu ukuba aye kugawula ehlathini. Phambi kokuba anduluke, unina umbizile, wamnika iqebengwana namarhewu ngebhekile ukuze atye akulamba,asele akunxanwa. Kanye xa angenayo ehlathini, wadibana nexhego elathi kuye lakumbona, “bhota mfana wam. Ndincede ngentwana yeqebengwana, undirhabulise nakulomarhewu akho, ndifile yindlala nalunxano.” Umfo lo wala ukulipha ixhego, waza wathi: “ukuba ndikunika wena oku kutya kwam, mna ndiya kusala ndingenanto yakutya. Hamba umk’apha.” Ulishiye apho elo xhego lifumane lakhohlwa, yena wangena ehlathini. Ubone umthi omhle omkhulu, waza waqala ukugawula. Uthe esahlabe kabini kathathu, suka laphuncuka izembe lamxabela engalweni. Ngenxa yokopha nobuhlungu benxeba, kwacaca ukuba makagoduke aye kulibopha. Umfama ngoku uthumele owesibini unyana ehlathini. Naye waphiwa iqebengwana namarhewu ngunina. Kuthe gqi kwa elaa xhego, lacela iqebengwana namarhewu. Umfana akafunanga nokuva, koko wathi: “Andingeze mna ndizibulale ngendlala ngenxa yokuba ndikunike wena ukutya. Mk’apha xhegwanandini.” 1.1 Yintoni intsomi kanene? Khetha impendulo kwezi zilandelayo. (a) Libali elifutshane elingeyonyani, elinemfundiso, ngamanye amaxesha abalinganiwsa ibazizilwanyana. (b) Yileta emfutshane. (1) 1.2 Kwakutheni unyana omncinane ukuze kuthiwe nguSityhakala? (1) 1.3 Ngenxa yeligama abantu abaninzi bacinga ukuba uyintoni? (1) 1.4 Wadibana phi nexhego unyana omkhulu? (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/EYENKANGA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 3 1.5 Ixhego lathi life yintoni? Nika zibe mbini. (2) 1.6 Ingaba lo nyana walinceda eli xhego? (1) 1.7 Lomfo ingaba wabona ntoni ehlathini? (1) 1.8 Wenza ntoni? (1) 1.9 Wayesele ehlabe kangaphi phambi kokuba izembe liphuncuke. (1) 1.10 Lamxabela phi izembe? (1) 1.11 Ucinga ukuba lo mfo yintoni eyamenzela ilishwa lokusuka azixabele? (2) 1.12 Ingaba le ntsomi ikufundise ntoni wena? (2) 1.13 Nika izizathu zibe zibini ezabangela lo mfo agoduke. (2) 1.14 Babebangaphi onyana balo mfama? (1) 1.15 Ngubani lo wathi: “Mk’apha xhegwanandini”, wayesitsho kubani? (2) 1.16 Wathini yena unyana wesibini xa edibana nelaxhego? (1) 1.17 Wena xa unokudibana nomntu olambileyo ungamnceda? Ewe okanye hayi. Xhasa impendulo yakho. (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/EYENKANGA 2016) 1.18 Nika intsingiselo yegama elinomgca ngaphantsi. (a) Phambi kokuba anduluke. (1) 1.19 Yintoni amarhewu? (1) AMANQAKU EWONKE ECANDELO A: 25 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/EYENKANGA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 5 ICANDELO B: ULWIMI UMBUZO 2 Funda lo mdlalo uze uphendule imibuzo. Indima yokuqala. Umboniso wokuqala. Kungorhatya kufika uToto udad’bo Nomhi ekhathazekile. Ufuna Ukuhlamba akaliboni ilolo lakhe. Nomhi : Liyephi ilolo lam ebelilapha? Toto : Yintoni ilolo? Nomhi : Lilityana lokulola intsente. : (Kungena umama kaNomhi sele ebuza ngengxolo eyenzeka emzini wakhe.) Umama : Kwenzeka ntoni? Yingxokozelo yantoni le ndiyivayo? Nomhi : (ebibitheka ngumsindo) Ndifuna ilolo lam mama ndizokuhlamba. Umama : Ubulibeke phi eli lolo lakho? Nomhi : Emva kocango mama. Toto : Ngoku ke amehlo akho ngawokwenza ntoni xa ungazikhangeleli? Nomhi : Ndilikhangele, andiliboni. Toto : Uthi kukho umntu olithathileyo? Nomhi : Sisikrokro sam eso. Umama : Awu! Bantwana bam kodwa yintoni le niyenzayo yokulwa? (Bayaphuma bonke endlini.) 2.1 Chonga isichazi kwesi sivakalisi silandelayo uchaze nodidi lwaso. Liyephi ilolo lam ebelilapha? (1) 2.2 Bhala isimelabizo endaweni yesibizo kwesi sivakalisi silandelayo. Kodwa ke ilolo khange ndilibone. (1) 2.3 Nika isininzi seli gama: Ilityana. (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/EYENKANGA 2016) 2.4 Fakela uphawu lokubhala olufanelekileyo kwesi sivakalisi silandelayo. Ngoku ke amehlo akho ngawokwenzani xa ungazikhangeleli (1) 2.5 Hlahlela esi sivakalisi silandelayo.Ukhuphe intloko,isenzi nenjongosenzi. UNomhi ukhangela ilolo. (3) 2.6 Gqibezela; Isisila senkukhu sibonwa mhla 2.7 Nika isimaphambili kunye nesiqu seligama: Ilitye (2) 2.8 Gqibezela le theyibhile ingezantsi: Isibizo Isinciphiso Isandiso Ilitye Ilityana __________________ (1) 2.9 Nika intsingiselo yesi saci: Ukukhatywa yinkawu (2) 2.10 Uthini ukubiza udade bomama wakho? (1) 2.11 Nika igama elinye: Abantwana abazelwe ngaxesha linye. (1) AMANQAKU EWONKE ECANDELO B: 15 AMANQAKU EWONKE: 40 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com

Study this subject

More from Grade 6 Isixhosa Hl

View all
Isixhosa Hl Grade 6 Paper 2 November 2016 Question Paper | Hlayiso