You're offline
Skip to content
Question paper

XHOSA FAL P3 QP GR11 NOV 2022

Subject: Isixhosa FalGrade 1120226 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2022 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO (FAL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) (EXEMPLAR) AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-6.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2022) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Umhlathi omde (30) ICANDELO C: Umhlathi omfutshane (20) 2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwicandelo ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala iCANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/ iflowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ulungise iimpazamo kumsebenzi wakho. Uyilo maluvele PHAMBI kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawuphawulwe njengoyilo ulungenise nomsebenzi wakho. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlezileyo kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Ingcebiso malunga nolwabiwo lwexesha: ICANDELO A: Imizuzu engama-80 ICANDELO B: Imizuzu engama-40 ICANDELO C: Imizuzu engama-30 8. Nombola iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenzisiweyo kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. QAPHELA: Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 10. UBUDE BEEMPENDULO: ICANDELO A: Isincoko – Bhala isincoko esili-190–240 amagama. ICANDELO B: Umhlathi omde – Bhala ama-80–100 amagama. [umxholo kuphela] ICANDELO C: Umhlathi omfutshane – Bhala ama-60–80 amagama. [umxholo kuphela] 11. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: ISINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo, uze ubhale isincoko esinamagama ali-190 ukuya kuma-240. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuYILA. 1.1 Ndazibona ubuqhawe loo mini [50] 1.2 Inkqubo endiyithandayo kamabonakude [50] 1.3 Iphupha endingenakulilibala [50] 1.4 Umthetho omisela iminyaka eli-18 yemvume yokuqhuba imoto usafanelekile [50] 1.5 Bonke abasebenzi mabahlawulwe imali elinganayo [50] 1.6 Ndandithetha nje-e kanti ndimnika amazwi enkuthazo [50] 1.7 Qwalasela lo mfanekiso ungezantsi uze ubhale isincoko. Bhala inombolo yombuzo (1.7.1 okanye 1.7.2). Nika isincoko sakho isihloko esifanelekileyo. QAPHELA: Makubekho ukuzalana okucacileyo phakathi kwesincoko kunye nomfanekiso owukhethileyo. 1.7.1 [Uthathwe ku www.sciencing.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2022) 1.7.2 [Uthathwe ku www.theconversation com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO B: UMHLATHI OMDE UMBUZO 2 Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale umhlathi omde ngaso. Ubude mabube ngamagama angama-80 ukuya kwi-100 umxholo kuphela. 2.1 ILETA ESESIKWENI Bhala ileta eya kuManejala wevenkile yakwaTotal Sport umcele ukuba ancede isikolo sakho ngezixhobo zokudlala enizidingayo. [30] 2.2 I-IMEYILE Bhala i-imeyile oza kuyithumela kwimvumi oyithandayo uncome ingoma yayo etshisayo. [30] 2.3 INQAKU LEPHEPHANDABA Bhala inqaku lephephandaba I’solezwe elimalunga nokulumkisa abantu ngabanokukwenza ukuzisindisa kwizikrelenqa. [30] 2.4 INTETHO Bhala intetho oza kuyenzela ulutsha lwengingqi yakho malunga neewebhusayithi ezibalulekileyo. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2022) ICANDELO C: UMHLATHI OMFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale umhlathi omfutshane ngaso. Bhala amagama angama-60 ukuya kuma-80 umxholo kuphela. Khumbula ukuYILA. 3.1 ISIBHENGEZO-NTENGISO Bhala isibhengezo-ntengiso ngeshishini lakho elitsha eliyindawo yokuchithela iholide. [20] 3.2 UMYALEZO OMFUTSHANE Bhala umyalezo oza kuwuxhoma kuFaceBook oya kumzala wakho ongomnqweno womhla wokuzalwa kwakhe. [20] 3.3 IZALATHISI Bhalela umhlobo wakho oseRuth House ofuna ukuya ePark izalathisi umalathise indlela eya khona. [Ithathwe kuwww.getdrawings.com] [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 11 Isixhosa Fal

Explore more published documents in this catalogue.

View all