Downloaded from hlayiso.com
IIMVAVANYO ZONYAKA NONYAKA KUZWELONKE
IBANGA 2
IMATHEMATIKA-ISIXHOSA
ULUHLU 1- IPHEPHA ELINGUMZEKELO 2012
Isikhokelo sokusebenzisa imizekelo ka-ANA
1. Umbono jikelele
You're offline
Skip to contentQuestion paper 

Isixhosa Grade 2.pdf
Mathematics · Grade 2 · ANA Exemplars · 2012 · isixhosa. Question paper, 20 pages. Read online or download the PDF.
- Subject
- Mathematics
- Grade
- Grade 2
- Language
- Isixhosa
- Document type
- Question paper
- Year
- 2012
- Exam period
- ANA Exemplars
- Pages
- 20
- File size
- 173.3 KB
Loading document…
Loading document…
1 of 20
Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com
Uvavanyo lonyaka nonyaka (ANA) luvavanyo oludibeneyo lolwazi nezakhono ezifanele ukuphuhliswa,
kubafundi bebanga lo-I ukuya kwele-6 kunye nele-9. Ukuncedisana novavanyo oluqhutywa esikolweni
nokuqinisekisa ukuba abafundi bazithemba ngokwaneleyo ukuze bathathe inxaxheba ngempumelelo
kwiimviwo zangaphandle,uluhlu lootitshala kunye neencutshe kwizifundo bavelise iimvavanyo
eziyimizekelo ezinokusetyenziswa ngootitshala kwizifundo zoLwimi Lwasekhaya neMathematika.
Unikwe imibuzo yemizekelo yemvavanyo ethatyathwe kumsebenzi wesilkolo wonyaka wekharityhulam
ukusuka kwikota yokuqala,eyesibini neyesithathu,kunye nesiboniso esipheleleyo sovavanyo (ANA)
sebanga ngalinye. Imizekelo yovavanyo equka nesiboniso esipheleleyo soviwo zongeza kuvavanyo
oluqhubekayo esikolweni olwenziwa qho kubafundi nekufuneka lungayekwa.
2. Unxulumano namanye amacebiso okufunda nokufundisa
Ngenxa yokubaluleka kokudibanisa eyindlela yokufundisa,eminye imibuzo ekwimizekelo yeemvavanyo
inxulunyaniswe neeNcwadi Zomsebenzi ngokwamabanga. Imizekelo yeemvavanyo ilinganiswe
neemfuno zekharityhulam,kusetyenziswe amaxwebhu ekharithyulam i-National Curriculum Statement
Grades R-12 (NCS) ne-Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS) kumabanga
ngamabanga,kusetyenziswe nendlela yokuhlola esemthethweni (National Protocol for Assessment). La
maxwebhu ewonke kunye nalawo isikolo siwanika utitshala ukuze enze amacebiso angawo okunceda
utitshala xa elungiselela izifundo kwakunye naxa esenza uvavanyo olusesikweni.
3. Unxulumaniso nezinye izixhobo zokufunda nokufundisa
Ukuze kubekho unxulumano olufanelekileyo, eminye imizekelo yezicatshulwa nemibuzo idityaniswe
kwiincwadi zokusebenzela zamabanga ngamabanga ezingqale kumgangatho wabafundi. Le mizekelo
ilungelelanisiwe ukuze iqwalasele iimfuneko zeNkcazelo yeKharityhulam yeSizwe yamananga R
ukuya ku 12 (NCS), iinjongo zekharityhulam, iNkcazelo yePolisi yeKharityhulam enxulumene
namabanga abafundi kunye nendlela yokuhlola esemthethweni. Yonke le miqulu kwakunye neminye
imiqulu enokufumaneka esikolweni izizixhobo ezingundoqo ezinokusetyenziswa ukuncedisa ootitshala
njengoko bequlunqa izifundo belawula nohlolo olungundoqo (uhlolo olukhulisayo).
4. Isetyenziswa njani imizekelo yovavanyo
Nangona imizekelo yovavanyo yebanga ngalinye nesifundo ngasinye yenziwe yaza
yadityaniswa, utitshala akanyanzelekanga ukuba abafundi abaphendulise ngexesha elinye. Utitshala
Downloaded from hlayiso.com
makakhethe umzekelo onombuzo onxulumene nesifundo asilungiseleleyo. Imibuzo ekhethwe
kumzekelo vavanyo okanye iqela lemibuzo enokuphenduleka ngexesha elinye ingasetyenziswa
ngokuye kukhula ukufunda nokufundisa ngolu hlobo:
4.1 Ekuqaleni kwesifundo, njengovavanyo lokuqonda nokwahlula izinto abafundi abakwazi
ukuzenza/abazaziyo nezo bangakwazi ukuzenza/bangazaziyo. Ukuqonda lo mahluko
kukhokhelela ekubeni abafundi bacoselelwe ukufundiswa nokuze kwakhiwe izifundo ezilungele
ukulungisa ezo ngxaki banazo baze baphucule. Olu vavanyo lokuqonda lungenziwa umsebenzi
wasekhaya ukonga ixesha.
4.2 Kwisifundo phakathi, uvavanyo olucwangcisiweyo lusetyenziswa ukuvavanya ukuba ulwazi
nezakhono zabafundi ziyaphuhla na.Njengoko isifundo siqhuba lukwasetyenziswa ukuvavanya
nokuqinisekisa ukuba akukho mfundi ushiyekayo kwisifundo.
4.3 Ukugqibezela isifundo okanye iqela lezifundo uvavanyo oludityanisiweyo luyenziwa ukuvavanya
ukuba abafundi bayaqonda kwaye bayakwazi ukusebenzisa ulwazi nezakhono abazifumene
kwizifundo.Inkcaza yokuba abafundi baqhube njani mabayinikwe ngoko nangoko, ngelo xesha
utitshala wenza isigqibo ngeendawo ezifuna ukuphindwa kwisifundo okanye kwizifundo
ukuncedisa ulwazi okanye izakhono ezingaphuhlanga.
4.4 Kuwo onke la manqanaba makusetyenziswe iindlela ngeendlela zokubuza, umz.indlela
yokuphendula ngokukhetha kwiimpendulo azinikiweyo, imibuzo efuna impendulo yakhe, imibuzo
efuna impendulo emfutshane, njalo-njalo.
Nangona uvavanyo lokufumana ukuqonda novavanyo lokwakha ulwazi lusenokuba lufutshane
ngokwemibuzo, uvavanyo oludityanisiweyo lunokuquka imibuzo emininzi kuxhomekeka kumsebenzi
osele wenziwe. Okubalulekileyo kukuqinisekisa ukuba abafundi baqhelaniswa nendlela yokuphendula
uvavanyo olupheleleyo olufana novavanyo lukazwelonke lonyaka nonyaka (ANA).
5. Imemorandam okanye iindlela zokuphendula
Umzekelo wendlela yokuphendula okanye iimpendulo ezilindelekileyo zilungiselelwe kumzekelo
wovavanyo.Ootitshala mabakhumbule ukubaimemorandam ayiniki mpendulo igqibeleleyo,
Imemorandam inika nje kuphela iimpendulo ezilindelekileyo, ngoko utitshala angamnika umfundi
amanqaku ngeempendulo ezahlukeneyo, ezivumelekileyo ezinikwe ngabafundi.
6. Ukugutyungelwa kwekharityhulam
Kunyanzelekile ukuba ikharityhulam igutyungelwe yonke kwibanga ngalinye. Imizekelo yovavanyo
yebanga ngalinye ayimeli ikharityhulam, ikhupha nje iisampula zovavanyo lolwazi nezakhono
Downloaded from hlayiso.com
ezibalulekileyo kwaye zezomsebenzi wekota yokuqala ukuya kweyesithathu yonyaka Isantya
sokusebenza somsebenzi ekufuneka wenziwe sinikezelwe kumaxwebhu ekharityhulam (CAPS
DOCUMENTS).
7. Ukuphetha
Injongo yeSebe leMfundo kukuphucula nokwakha ezona zisekelo zibalulekileyo,ukufunda nokubala
kwabafundi.Uvavanyo lonyaka nonyaka sesinye sezixhobo iSebe leMfundo eisebenzisa ukuqaphela
ukuba umgangatho wabafundi uyonyuka,uhleli ndawonye okanye uyehla. Izithili nezilkolo kulindeleke
ukuba zincedise ootitshala kwaye zidlulise amacebo aluncedo ukuphucula ukufunda nokufundisa
ezikolweni. Ngokusebenzisa imizekelo yokuvavanya njengelinye icebiso lokufundisa, ootitshala baza
kunceda abafundi baqhelane neendlela nobuchule bokuvavanya.Ukusetyenziswa kwale mizekelo
kuya kunceda abafundi bafumane ulwazi olufanelekileyo baze baphuhlise nezakhono ezinxulumene
nokufunda ukuze baphucule kuvavanyo lukazwelonke olulandelayo.
AMANANI,II-OPAREYSHINI NOLWALAMANO
Downloaded from hlayiso.com
1. Jonga umfanekiso uze uphendule imibuzo.
a. Bala ama-apile uze ubhale inani. _________
b. Mangaphi amaqela oono-(5) zama-apile?_________
c. Mangaphi amaqela ama-(10) zama- apile?__________
d. Mangaphi amaqela oono-(2) zama- apile?_____________
2. Fakela amanani ashiyiweyo.
20,_________, 22 ,___________,_________,25
25.
4.
a. ________-; 16; 18; ______; ________ ; 24
Faka22;_________
b. iimbotyi ezibhaskithini ezi-4
; ___________ ; 19;ukuze amanani
_________; 17. eembotyi
alingane kwibhaskithi nganye.
Zingaphi iimbotyi ezikwibhaskithi nganye?
3. Gqibezela le patheni yamanani.
Downloaded from hlayiso.com
5. Bhala inani elilandelayo.
a. 5; 10; 15; __________
b. 4; 6; 8; ____________
6. Bhala inani elishiyiweyo ukubonakalisa ulandelelwano.
a. ________; 10; 11; 12
b. ________; 20; 21; 22
c. ________; 15; 20; 25
d. ________; 20; 22; 24
7. Bhala igama lenani.
a. 13 ____________________
b. 20 ____________________
c. 23 ____________________
8. Zoba imigca ukutshatisa amanani namagama awo.
Uwunikiwe umzekelo.
25 ishumi elisithandathu
11 amashumi amabini anesihlanu
16 ishumi elinyane
Downloaded from hlayiso.com
a. 22 sibhozo
b. 18 ishumi elinambini sibhozo
c. 8 amashumi amabini anambini
d. 12 ishumi elinesibhozo
9. Bhala inani ecaleni kwegama lenani.
a. amashumi amabini ananye
b. ithoba
c. ishumi elesithathu
d. sixhenxe
10. Bhala inani elipheleleyo eliphakathi kwamanani owanikiweyo.
a. 19 21
b. 23 25
11. Bhala amagama ‘mncinci kuno’, ‘mkhulu kuno’ okanye‘uyalingana
no’phakathi kwezibini zamanani ukulungisa isivakalisi.
a. 22______________12
b. 12______________12
c. 11______________ 21
12. Bhala amanani uqale kwelincinci uye kwelikhulu.
Downloaded from hlayiso.com
a. 9 25 7 6 13
_____ ____ ____ _____ _____
b.
6 17 19 8 12
c. _____ ____ ____ _____ ____
d. 22 20 12 18 24
_____ _____ _____ ______ _____
13. Bhala amanani uqale kwelikhulu uye kwelincinci.
a. 11 23 18 10 15
______ _____ _____ _____ _____
b. 15 20 5 25 10
______ _____ ______ ____ ____
c.
13 18 15 21 12
_______ ______ _____ _____ _____
14. Bhala ixabiso lenani elikrwelwe umgca ngaphantsi.
a. 21 __________________
b. 18 __________________
15. a. Inani u-2 limele ntoni kwinani u-24? _____________
b. Inani u-4 limele ntoni kwinani u-24? _____________
Ishumi eli-1 kunye nomvo u-9 benza inani u -----------
c.
16. Bhala impendulo echanekileyo kwibhokisi ngokuqhekeza okanye wakhe
inani olinikiweyo.
Downloaded from hlayiso.com
a. 22 = + 2
b. 17 = 10 +
17. Gcwalisa iibhokisi usebenzisa amashumi nemivo ukugqibezela
isivakalisi.
a. 13 = +
b. 25 = +
c. 5 = +
18. Dibanisa la manani.
a. ngokudibanisa kwinani elikhulu
5 + 13 = ________________
b. ngokusebenzisa amanani afanayo
6 + 5 = ________________
ngokuqala wenze ishumi
c.
8 + 7 = ________________
Downloaded from hlayiso.com
19. Phindaphinda la manani kabini.
a. 4 __________ b. 9 __________ c. 10_______________
20. Phindaphinda inani ngalinye ngokulidibanisa usenza isivakalisi
esenziwe ngamanani.
a. 6: + =
b. 8: + =
21. a. Leliphi inani elikhulu nge-10 kwi- 9? ______________.
b. Leliphi inani elikhulu nge-10 kwi -10? ______________.
c. Leliphi inani elincinci nge-10 kwi-17? ________________.
d. Leliphi inani elincinci nge-5 kwi-1? ________________.
UKULUNGISA IINGXAKI NGOKUBALA
a. Lenza liphi inani i-18 ngaphezu kwe- 11? ____________.
b. Udibanisa i-7 kwinani ukuze impendulo ibe li- 14,ngubani eli
nani? Eli nani si_____________.
c. UMariya unamabhastile ali-19. Amabhastile kuMariya
ambalwa kunakaJoni ngesi-5. Mangaphi amabhastile
Downloaded from hlayiso.com
kaJoni?-------------------.
2. a. Yahlula ii-ayisikhrim ezi-12 ngokulinganayo phakathi
kwabahlobo aba-2 .
b. Ukuba wahlula iilidi ezi-11 ngokulinganayo phakathi
kukaMariya noAnele, uMariya uza kufumana iilidi
ezi............... aze uAnele afumane iilidi ezi______________.
Kuza kushiyeka ilidi e___________
c. Mingaphi imilenze yamahashe ama-4?
d. ULisa utyale imithi emi-5 yeepesika kwimiqolo emi-4
Mingaphi imithi yeepesika ayityalileyo
iyonke?_____________
UKUBALA USEBENZISA IMALI
1. a. Iingqekembe ezimbini ze-5c zilingana nengqekembe enye
eyi_________
b. Amaphepha amabini azi-R10 alingana nephepha elinye eliyi
______________
c. I-10c + 10c + 10c zenza i_____________
d. Gqibezela: R10 + R5 = _______________
Downloaded from hlayiso.com
e. Gqibezela le theyibhile.
Ixabiso Ubhatale nge Eshiyekileyo
40c 50c
35c 40c
R1 R2
2. a. USuzi una-20c. Umama wakhe umphe ama-30c. Unamalini
uSuzi ngoku? USuzy una_________ eesenti.
b. I-R1 yahlulwe ngokulinganayo phakathi
kwamantombazana ama-2,oko kuthetha ukuba
intombazana enye ifumene________.
Ama-40c ahlulwe ngokulinganayo phakathi
c.
Downloaded from hlayiso.com
kwamantombazana ama-4,oko kuthetha ukuba
intombazana enye ifumene __________.
d. Ixabiso lencwadi e-1 yi-R2. Liyakuthini ixabiso leencwadi
ezi-6? __________________.
IIPATENI,ISIPHUMO SENTSEBENZISWANO YAMANANI
1. a. Zoba iimilo ezilandelayo kwipateni.
b. Zoba iimilo ezintathu kwipatheni.
__________________
c. Khuphela le patheni.
______________________________________________________
Downloaded from hlayiso.com
d. Zoba iimilo ukubonakalisa ukukhula kwepateni.
_____________________________________________________
2. a. Gqibezela le theyibhile.
1 2 3 4 5
×5 5 20
b.
1 2 3 4 5 6
×2 2 4 8
3. Bhala amanani ama-2 alandelayo kwipateni nganye.
a. 20 ; 15 ; 10 ____________; __________
b. 18 ; 16 ; 14 ___________; __________
ISITHUBA NEMILO
Downloaded from hlayiso.com
1. Zoba umgca ukutshatisa umfanekiso nemilo efana nayo.
2. Yenza isangqa kwinto enokuqengqeleka.
Umfanekiso Ivili
3. Kumaqela ezinto (3-D objects), beka u-X kweyona inkulu
Downloaded from hlayiso.com
uze ubeke () kweyona incinci.
a.
b.
c.
4. a. Kwizinto ezi-10 ku-3a, 3b no- 3c zingaphi ezinobuso
obumcaba? _______________
b. Kwizinto ezi-10 ku-3a, 3b no- 3c zingaphi ezinobuso
obusisangqa?_______________
c. Izinto eziku-3c zingaqengqeleka okanye zitshebeleze?
___________________
Downloaded from hlayiso.com
UMLINGANISELO (IXESHA NOBUDE)
a. Zi __________ iintsuku zeveki.
b. Amagama eentsuku zeveki yiCawa, ___________
,___________, ____________, _____________,
___________, Mgqibelo.
c. Mvulo, ____________ , Lwesithathu, ____________,
d. ___________, Lwesine, ____________, Mgqibelo.
2. Zingaphi iintsuku phakathi?
a. KoMvulo noLwesihlanu? ___________
b. KweCawa noLwesine? ___________
3. Bhala ixesha elililo ezantsi kwewotshi nganye.
4. UBongi umke esiya esikolweni ngentsimbi yesi-7 entloko.
Downloaded from hlayiso.com
a. Umgca ___________ ngowona umde .
b. Umgca _____________ngowona mfutshane.
Ubuyele kokwabo ngentsimbi ye-3 entloko emva kwemini.
Ebengekho ixesha elingakanani?
5. Jonga ubude bemigca e-4 ukubona ukuba mde kangakanani
omnye komnye, uze uphendule imibuzo ungalinganisanga
ujonge nje wathelekelela.
Umgca A
Umgca B
Umgca C _
Umgca D
Downloaded from hlayiso.com
c. Umgca C mde kunomgca ________________.
d. Umgca A mfutshane kunomgca ___________ kodwa mde
kunomgca ________________nomgca _____________.
e. Landelelanisa imigca uqala ngomde uye komfutshane
ngokubhala oonobumba abasecaleni kwemigca.
f. Landelelanisa imigca uqala ngomfutshane uye komde
ngokubhala oonobumba abasecaleni kwemigca.
INDLELA YOKUSEBENZA NGOLWAZI OLUQOKELELWEYO
1. UMatome ubuze amakhwenkwe a -18 eklasini yakhe
ngeenkqubo zikamabonakude azithandayo. Ubhale iimpendulo
zabo ngolu hlobo:
S umele imidlalo, N umele iindaba, D umele i-drama kunye no
R omele ezenkolo.
S N D D R N R D S
R S N R S S D S R
Mangaphi amakhwenkwe athanda le nkqubo kamabonakude?
a. Imidlalo ______________
b. I-drama ______________
c. Ezenkolo ______________
d. Iindaba ______________
Downloaded from hlayiso.com
2. Sebenzisa ulwazi olukumbuzo -1 ukuzoba igrafu yomfanekiso,uze
ugqibezele izivakalisi ezilandelayo .
Kusetyenziswe: ( ) ukumela inkwenkwe e-1.
INKQUBO ETHANDWAYO KAMABONAKUDE
Inani lamakhwenkwwe
Imidlalo I-drama Ezenkolo Iindaba
INKQUBO KUMABONA KUDE
a. Amakhwenkwe amaninzi akhetha____________.
b. Amakhwenkwe ambalwa akhetha ____________.
c. Umahluko phakathi kwenani lamakhwenkwe akhethe
imidlalo nalawo akhethe iindaba ngamakhwenkwe a
_____________.
Recommended for this subject
Published documents with matching subject and grade metadata.
Question paper
2014 ANA Grade 2 IsiXhosa Mathematics.pdf
Question paper
ANATest+Grade+2+IsiXhosa-Mathematics+2013+Test.pdf
Question paper
2013+Grade+2+IsiXhosa+Mathematics+Exampler.pdf
Question paper
Mathematics Grade 2 IsiXhosa 2012.pdf

Memorandum
2014 ANA Grade 2 IsiXhosa Mathematics memo.pdf

Memorandum
ANATest+Grade+2+IsiXhosa-Mathematics+2013+Memo.pdf
Related documents
Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.


