Skip to content
Question paper

Isixhosa Sal Grade 12 P3 NSC November Exams 2021 QP (isiXhosa)

Grade 12 Isixhosa Sal Paper 3 question paper from the NSC November Exams 2021 (isiXhosa), 6 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Subject: Isixhosa SalGrade 1220216 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWESIBINI OLONGEZELELWEYO (SAL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2021 AMANQAKU: 80 IXESHA: Iiyure 2½ Olu viwo lunamaphepha asi-7. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwesibini Olongezelelweyo (SAL)/P3 2 DBE/Novemba 2021 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linaMACANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Isincoko (40) ICANDELO B: Umhlathi omde (20) ICANDELO C: Umhlathi omfutshane (20) 2. Phendula umbuzo omNYE kwiCANDELO ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala icandelo ngaliNYE kwiphepha ELITSHA. 5. Yenza uyilo (umzekelo: Imephu yengqondo/isazobe/okanye idayagramu/ iflowutshati/ amagama angundoqo), hlela uze uwufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe PHAMBI kokubhalwa kwesincoko. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawubhalwe ucaciswe ngolo hlobo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumla kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Iingcebiso malunga nolwabiwo lwexesha:  ICANDELO A: Imizuzu engama-75  ICANDELO B: Imizuzu engama-38  ICANDELO C: Imizuzu engama-37 8. Nombola iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. 10. Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 11. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwesibini Olongezelelweyo (SAL)/P3 3 DBE/Novemba 2021 NSC ICANDELO A: ISINCOKO Khetha isincoko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-150–180. Sebenzisa imizuzu engama-60 kweli candelo. UMBUZO 1 1.1 Mhla ndashiywa yibhasi [40] 1.2 Ukhuphiswano lwee-IDOLS eMzantsi Afrika [40] 1.3 Loo mini ndancedwa kukulazi ilungelo lam [40] 1.4 Utyelelo emyuziyam [40] 1.5 Bhala isincoko ngalo mfanekiso ulandelayo. Sinike isihloko esifanelekileyo isincoko sakho. 1.5.1 [Lo mfanekiso uthathwe kwi-www.google.co.za] [40] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwesibini Olongezelelweyo (SAL)/P3 4 DBE/Novemba 2021 NSC 1.5.2 [Lo mfanekiso uthathwe kwi-google.co.za] [40] 1.5.3 Lo mfanekiso uthathwe kwi-www.google.co.za] [40] 1.5.4 [Lo mfanekiso uthathwe kwi-www.google.co.za] [40] AMANQAKU ECANDELO A: [40] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwesibini Olongezelelweyo (SAL)/P3 5 DBE/Novemba 2021 NSC ICANDELO B: UMHLATHI OMDE Khetha umhlathi omde ube mNYE kule ilandelayo. Bhala amagama angama-60–80 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 INGXELO Bhala ingxelo yentlanganiso yolutsha ebeninayo malunga nendlela yokuziphatha kolutsha lwendawo ohlala kuyo. [20] 2.2 ILETA YOBUHLOBO Bhalela utata wakho ileta umbulele ngegalelo lakhe lokukufundisa ukupheka. [20] 2.3 ILETA ESESIKWENI Bhala ileta eya kuSomashishini okwidolophu ohlala kuyo ucele umsebenzi wethutyana. [20] 2.4 IRIVYU Bhala irivyu yencwadi oyifundileyo. [20] AMANQAKU ECANDELO B: 20 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwesibini Olongezelelweyo (SAL)/P3 6 DBE/Novemba 2021 NSC ICANDELO C: UMHLATHI OMFUTSHANE Khetha umhlathi omfutshane ubemNYE kule ilandelayo. Bhala amagama angama-40–60 (umxholo kuphela). UMBUZO 3 3.1 IFLAYA Bhala iflaya usazisa abafundi ngepikiniki eniza kubanayo esikolweni. [20] 3.2 IPOSIKHADI Bhalela udade wenu iposikhadi umxelela ngeendaba ezimnandi zokudibana kwakho nomntu odumileyo kwezomculo. [20] 3.3 IZALATHISI Usisi wakho ufuna ukuya esibhedlele. Indlela akayazi. Mbhalele izalathisi zokuya khona ulandela izikhombisi. Qalela ukusuka kwikona yeBond Street. [Lo mfanekiso uthatyathwe kwi-google.co.za] [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 80 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

Revise the topics in this paper, then practise them question by question.

More papers and memos for this grade and subject.

More from Grade 12 Isixhosa Sal

View all