Skip to content

isiXhosa FAL Grade 11 P3 National Exemplar November 2020 QP

Question paperisiXhosa FALGrade 1120206 pages

Grade 11 isiXhosa FAL Paper 3 question paper from the National Exemplar November Exam 2020, 6 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2020 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EXEMPLAR) AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-6.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi emide (30) ICANDELO C: Imihlathi emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo ube mNYE kwicandelo ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi obuzwe ngalo. 4. Qala iCANDELO ngaliNYE kwiphepha elitsha. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/ iflowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe phambi kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawubhalwe ucaciswe ngolo hlobo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumla kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Uyacetyiswa ukuba usebenzise imizuzu engama- • 80 kwiCANDELO A. • 40 kwiCANDELO B • 30 kwiCANDELO C. 8. Bhala iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. QAPHELA: Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 10. UBUDE BEEMPENDULO: ICANDELO A: Izincoko–Bhala isincoko esili-190–240 amagama. ICANDELO B: Imihlathi emide- Bhala ama-80–100 amagama. [umxholo kuphela] ICANDELO C: Imihlathi emifutshane- Bhala ama-60–80 amagama. [umxholo kuphela] 11. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-190–240. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuYILA. 1.1 Eyona nto ndingenakuyilibala ngo2020. [50] 1.2 Andinakuphila ngaphandle kwe... [50] 1.3 Ucoceko lweengingqi zethu luxanduva lwethu sonke. [50] 1.4 Ibalulekile ngenene na ifashoni? [50] 1.5 Itekhnoloji nemfundo. [50] 1.6 Xa ndinokubalilungu lepalamente. [50] 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Nika isihloko isincoko sakho. 1.7.1 [Uthathwe ku www. jerichowriters.com.] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) 1.7.2 [Uthathwe ku www edubirdiewritingplatform.com.] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI EMIDE UMBUZO 2 Khetha umhlathi omde ube mNYE kule ilandelayo. Ubude mabube ngamagama angama-80–100 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta eya kumhlobo wakho umbalisele ngokuphumelela kwakho kukhuphiswano lwee-Idols. [30] 2.2 INGXOXO YABABINI/IDAYALOGU Bhala ingxoxo ephakathi kwabahlobo ababini bexoxa ngokuvavanywa kwamayeza okuthintela izifo zabantu kwizilwanyana. [30] 2.3 IRIVYU Bhala irivyu yencwadi oyithandayo. [30] 2.4 UDLIWANO-NDLEBE Bhala udliwanondlebe oluphakathi komhlali nomphathiswa wezemfundo. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) ICANDELO C: IMIHLATHI EMIFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha umhlathi omfutshane ube mNYE kweli CANDELO. Umhlathi lowo ube ngamagama angama-60–80 ubude. Khumbula ukuYILA. 3.1 IPOWUSTA Bhala ipowusta eyazisa ngomdlalo wombhoxo weqela lesizwe oza kubanjelwa kwidolophu yakho. [20] 3.2 ISIBHENGEZO-NTENGISO Bhala isibhengezo-ntegiso, uthengise imveliso entsha yeshishini lakho. [20] 3.3 ISIMEMO Bhala isimemo setheko lokuzalwa kwakho. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 11 isiXhosa FAL

View all