Skip to content

isiXhosa FAL Grade 11 P3 2020 Memo

MemorandumisiXhosa FALGrade 11202024 pages

Grade 11 isiXhosa FAL Paper 3 memorandum from the National Exemplar November Exam 2020, 24 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2020 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EXEMPLAR) AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure *IXHOFA3* Olu viwo lunamaphepha ama-6.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi emide (30) ICANDELO C: Imihlathi emifutshane (20) 2. Phendula umbuzo ube mNYE kwicandelo ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi obuzwe ngalo. 4. Qala iCANDELO ngaliNYE kwiphepha elitsha. 5. Yenza UYILO (umzekelo, imephu yengqondo, isazobe okanye idayagram/ iflowu tshathi/amagama angundoqo, njalo-njalo), hlela uze ufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe phambi kokubhalwa kwetekisi nganye. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawubhalwe ucaciswe ngolo hlobo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumla kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Uyacetyiswa ukuba usebenzise imizuzu engama- x 80 kwiCANDELO A. x 40 kwiCANDELO B x 30 kwiCANDELO C. 8. Bhala iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. QAPHELA: Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 10. UBUDE BEEMPENDULO: ICANDELO A: Izincoko–Bhala isincoko esili-190–240 amagama. ICANDELO B: Imihlathi emide- Bhala ama-80–100 amagama. [umxholo kuphela] ICANDELO C: Imihlathi emifutshane- Bhala ama-60–80 amagama. [umxholo kuphela] 11. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-190–240. Apho ungasinikwanga khona isihloko sinike. Khumbula ukuYILA. 1.1 Eyona nto ndingenakuyilibala ngo2020. [50] 1.2 Andinakuphila ngaphandle kwe... [50] 1.3 Ucoceko lweengingqi zethu luxanduva lwethu sonke. [50] 1.4 Ibalulekile ngenene na ifashoni? [50] 1.5 Itekhnoloji nemfundo. [50] 1.6 Xa ndinokubalilungu lepalamente. [50] 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Nika isihloko isincoko sakho. 1.7.1 [Uthathwe ku www. jerichowriters.com.] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) 1.7.2 [Uthathwe ku www edubirdiewritingplatform.com.] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI EMIDE UMBUZO 2 Khetha umhlathi omde ube mNYE kule ilandelayo. Ubude mabube ngamagama angama-80–100 (umxholo kuphela). Khumbula ukuYILA. 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta eya kumhlobo wakho umbalisele ngokuphumelela kwakho kukhuphiswano lwee-Idols. [30] 2.2 INGXOXO YABABINI/IDAYALOGU Bhala ingxoxo ephakathi kwabahlobo ababini bexoxa ngokuvavanywa kwamayeza okuthintela izifo zabantu kwizilwanyana. [30] 2.3 IRIVYU Bhala irivyu yencwadi oyithandayo. [30] 2.4 UDLIWANO-NDLEBE Bhala udliwanondlebe oluphakathi komhlali nomphathiswa wezemfundo. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) ICANDELO C: IMIHLATHI EMIFUTSHANE UMBUZO 3 Khetha umhlathi omfutshane ube mNYE kweli CANDELO. Umhlathi lowo ube ngamagama angama-60–80 ubude. Khumbula ukuYILA. 3.1 IPOWUSTA Bhala ipowusta eyazisa ngomdlalo wombhoxo weqela lesizwe oza kubanjelwa kwidolophu yakho. [20] 3.2 ISIBHENGEZO-NTENGISO Bhala isibhengezo-ntegiso, uthengise imveliso entsha yeshishini lakho. [20] 3.3 ISIMEMO Bhala isimemo setheko lokuzalwa kwakho. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2020 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA (EXEMPLAR) AMANQAKU: 100 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha ali-14.
2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) ICANDELO A: ISINCOKO IMIYALELO YOKUMAKISHA Kweli CANDELO umviwa ukhetha isihloko sibe sinye. Xa ekhethe zazibini makisha esokuqala. QAPHELA: Umviwa angabhala naluphi udidi lwesincoko ngesihloko asikhethileyo. Ubude besincoko bumele ukuba kwisithuba samagama ali-190 ukuya kuma-240. Sebenzisa irubriki esisihlomelo A ukumakisha isincoko. UMBUZO 1 1.1 Isihloko: Eyona nto ndingenakuyilibala ngo2020 Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angasebenzisa nawuphi kule mixholo ilandelayo. Makube sisiganeko semini enye. x Angabhala ngento eyonwabisayo/ebuhlungu engaye. x Angabhala ngesiganeko angenakusilibala esenzeke ngo2020. x Ingangamava athile awafumene kulo 2020. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka.] [50] 1.2 Isihloko: Andinakuphila ngaphandle kwe... Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angabalisa/chaza/camngca/xoxela amacala omabini/xoxa ngomnye kule mixholo ilandelayo. Makabhale ngento ibenye x Unokubhala ngonomyayi/yidatha/yi-intanethi. x Isenokuba kukutya okuthile akuthandayo. x Angabhala ngomabonakude okanye ngaso nasiphi na isixhobo setekhnoloji esenza ubomi lula. x Angabhala ngomdlalo/imithambo. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka.] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 3 1.3 Isihloko: Ucoceko lweengingqi zethu luxanduva lwethu sonke Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angabalisa/chaza/camngca/xoxela amacala omabini/xoxa ngomnye kule mixholo ilandelayo. x Angabhala ngokunokwenziwa ukuze wonke umntu abandakanyeke ekucoceni, umz; ukusekwa kwamaqela okucoca. x Iphulo lokufundisa uluntu ngococeko lwengingqi oluhlala kuyo. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] 1.4 Isihloko: Ibalulekile ngenene na ifashoni? Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angasebenzisa nawuphi kule mixholo ilandelayo. Umfundi usenokuxhasa okanye achase. Oxhasayo anike izimvo ezibangela ukuba ahambisane nesihloko. Ochasayo naye anike izizathu ezibangela ukuba angahambisani nesihloko. x Ubuhle nokwamkeleka eluntwini ngenxa yokulandela ifashoni. x Ukonyusa uqoqosho. x Ukubonakalisa iitalente zabayili befashoni. x Ukubonisa ukuba unemali okanye uphila ubomi obuphezulu kunabanye abantu. x Ukudlala ngemali. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) 1.5 Isihloko: Itekhnoloji nemfundo Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angabalisa/chaza/camngca/xoxela amacala omabini/xoxa ngomnye kule mixholo ilandelayo. x Angabhala ngendima edlalwa yitekhnoloji ekuncediseni ukufumana ulwazi oluncedisa emfundweni. x Izixhobo eziluncedo zokufundisa abafundi bekwiindawo abahlala kuzo. x Angabhala ngokuxabiseka kwetekhnoloji ukwedlula amathala eencwadi. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] 1.6 Isihloko: Xa ndinokubalilungu lepalamente Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angabalisa/chaza/camngca ngomnye kule mixholo ilandelayo. x Angabhala ngegalelo anokulenza epalamente ukuze kuphucuke isizwe; kwimfundo, ezoqoqosho njalo njalo. x Igalelo kumthetho wokukhusela ukuxhatshazwa ngokwesini nokwabantwana/ukuphelisa urhwaphilizo. x Angabhala ngamaphulo okukhuthaza ulutsha ngeenkalo zonke zobomi. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 5 1.7 Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko esisekelwe kuwo. Nika isihloko isincoko sakho. 1.7.1 Isihloko: Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angasebenzisa nawuphi kule mixholo ilandelayo. Makanike isihloko esifanelekileyo. x Uhambo ngenqwelo-moya, ingangamava okuqala kwakhe ukuhamba ngenqwelo-moya ehambele kwisixeko esikhulu okanye kwilizwe eliphesheya kolwandle. x Uncedo lweenqwelo-moya kurhwebo noshishino. x Angabhala ngekhariye kwicandelo lwezophapho. x Angabhala ngesiganeko esithile ngenqwelo- moya. x Angabhala ngobomi kwii zixeko ezikhulu. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] 1.7.2 Isihloko: Imo efanelekileyo: Intshayelelo, isiqu nesiphelo. Ulwimi Luhambelana nenjongo yokubhala, uhlobo lwesincoko esikhethiweyo, isigama sihambelane nesihloko, isakhiwo sezivakalisi kunye nezixhobo zokunonga ezifanelekileyo. Umxholo Umviwa angabalisa/chaza/camngca/xoxela amacala omabini/xoxa ngomnye kule mixholo ilandelayo. Makanike isihloko esifanelekileyo. x Ukubaluleka kokhanyo; umz; ukhanyo oluziswa yimfundo/yimpucuko njalo-njalo. x Igalelo lombane kwezoqoqosho. x Angabhala ngocimicimi wombane owenziwa kukuba kusongiwa umbane. x Angabhala ngeenkonzo zikarhulumente zokuphucula lonke uluntu ngokuthi lubenombane. x Ubungozi bokubiwa kombane. [Naziphi izimvo zomfundi ezisemxholweni ziya kwamkeleka] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) IIMPAWU ZESINCOKO Isincoko esibalisayo: x Sibhalwa kumntu wokuqala okanye owesithathu. x Makasebenzise ixesha eladlulayo/elidlulileyo/elimiyo. x Makabonise ulwazi ngesihloko asikhethileyo. x Abalinganiswa, isimo sentlalo, izizathu zokuhla kwezehlo ukuya kwisiphelo, mazibonakale. x Iziganeko zichazwe/zibaliswe ngokulandelelana kwazo okanye zicace ezingunobangela wezinye, kungenjalo angasebenzisa izixhobo ezifana nophuphelo okanye ukuqala ngesenzo esingekehli/sokugqibela. x Sisebenzisa amagama abonisa ixesha afana noo-emva, phambi, ngeli xesha. x Sisebenzisa intetho yababini/ukuzithethela kwabalinganiswa. x Ulwimi olusetyenzisiweyo malube lolokudala ifuthe noluchukumisayo kofunda isincoko, lungekrwada phofu. [50] Isincoko esichazayo: x Sinokubhalwa ngokwexesha elidlulileyo okanye elangoku. x Sichaza into/umntu/indawo/imeko, njalo njalo. x Sisebenzisa amagama okudala umfanekiso. x Sisebenzisa izixhobo zokuchaza ezifana nezichazi, imifanekiso-ntelekelelo, izihlomelo, neziphuhlisayo ezifana nezifanekisozwi. x Sisebenzisa imifanekiso-ntelekelelo nezafobe zentetho. x Sivakalisa iimvakalelo zombhali. [50] Isincoko esicamngcayo: x Siveza uvakalelo lombhali ngesigama esibonakalisa amava akhe. x Siveza uchukumiseko ngomba ekubhalwa ngawo. x Uvakalelo olungundoqo ludlala indima enkulu. x Ubukhulu becala esi sincoko siyachaza. (Sisebenzisa izixhobo zokuchaza ezifana nezichazi, imifanekiso-ntelekelelo, izihlomelo, neziphuhlisayo ezifana nezifanekisozwi kwakunye nezafobe zentetho). x Uvakalelo lombhali maluveze ukunyaniseka kunye nokubandakanyeka. [50] Isincoko esixoxela icala elinye: x Umviwa uthatha icala ngomba othile. x Uthotho lweengxoxo – oludla ngokuba kwimo engengcaciso ngeengongoma ezithile. x Ukubethelela – isishwankathelo nokuphindelela kwinkcazelo engoluvo oluthile lokuvula. x Kwingxoxo yakhe unika ubungqina obuxhasayo obusenokuba ngamanani okanye ukucaphula kumava anawo ayinyani. x Usenokuxoxela okuthile echasa enika ubungqina obuxhasayo. x Isiphelo sisenokuba sisishwankathelo neengcebiso. [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 7 Kwisincoko esixoxela amacala omabini: x Inkcazelo engomba inokuba ngengxoxo ephambili. x Umviwa uwaphatha omabini amacala engxoxo. x Uxoxela okuthile enika ubungqina obuxhasayo. x Unokulandela isakhiwo esithi umhlathi umela uluvo oluvumayo, kolandelayo, luchase, kungenjalo avume ekuqaleni komhlathi aze achase ekupheleni, kodwa makalunike olwakhe uluvo xa evala. x Unokuxoxela okuthile echasa/evuma nokunika ubungqina obuyinyani obuxhasayo. x Isiphelo – isishwankathelo neengcebiso. x Makabonise ulwazi ngesihloko nangomba axoxa ngawo. [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) ICANDELO B: IMIHLATHI EMIDE IMIYALELO YOKUMAKISHA x Kweli CANDELO umviwa ukhetha umhlathi omnye, ukuba ukhethe yangaphezu komnye makisha owokuqala. x Ubude bomhlathi mabube ngamagama ali-80–100. x Sebenzisa irubriki esisihlomelo B ukumakisha lo mhlathi. UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO x Idilesi inye yeyomntu obhala ileta. x Isibuliso – mbize ngegama lo mntu umbhalelayo. x Intshayelelo, isiqu nesiphelo mazahluke zicace. x Ithoni nerejista mazibonakalise ukuba ubhalela isihlobo sakhe. x Umxholo mawubengowokuvuyisana nomhlobo ofumene ibhasari yokuyokufundela icandelo elithile kwezemidlalo eNgilane. x Kwisiphelo kubhalwa igama kuphela. x Izingxi azisetyenziswa kwidilesi, isibuliso nesiphelo. [30] 2.2 INGXOXO YABABINI/IDAYALOGU x Ifomathi yeyengxoxo–abantu ababini abaphendulanayo ngomba othile x Intshayelelo mayibenomdla ityhile okuza kubangumxholo ifakwe ezigweqeni. x Kusetyenziswa intetho-ngqo ngaphandle kweempawu zocaphulo. x Isithethi sibhalwa ngasekhohlo ephepheni, ze silandelwe yikholon [:]. x Ingcaciso engenye ibhalwa ezigweqeni. ( ) x Ithoni nerejista zixhomekeke kunxulumano lwezithethi kunye nesihloko abathetha ngaso. x Umxholo mawubemalunga nokuvavanywa kwamayeza okuthintela izifo zabantu kwizilwanyana. x Shiya umgca ongabhalwanga phakathi kwezithethi. x Ingxoxo mayibonakalise ukukhula, intetho nganye ibeyimpendulo yobekusele kuthethiwe. x Makuqukunjelwe ngendlela efanelekileyo. [30] 2.3 IRIVYU x Nika ezi nkcukacha; igama lencwadi, umbhali, isihloko sencwadi, umpapashi, ixabiso layo. x Okwenzekileyo ncam makufihlwe ukutsala umdla wokuya kuyithenga incwadi. x Makaqiniseke ukuba usivezile isimbo sombhali. x Makuvezwe indlela ababunjwe ngayo abalinganiswa, umoya, isimo sentlalo esiphembelela ukuba izinto zenzeke. x Mawuvele umyalezo/imfundiso egqithiswa yincwadi leyo. x Umviwa makaxele ukuba uyinika amanqaku amangaphi incwadi. [30] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 9 2.4 UDLIWANO-NDLEBE x Umbuzi makabulise umbuzwa, azazise amamkele. x Umbuzwa abulise abonakalise ukuzithemba. x Makabuze imibuzo ecacileyo enika umbuzwa ithuba lokunaba xa ephendula, aqale ngemibuzo elula. x Imibuzo ingaphumi emxholweni. x Umbuzwa aphendule imibuzo ngokucacileyo nokunyanisekileyo avakalise izimvo zakhe nolwazi. x Umbuzi aphephe imibuzo eza kufuna iimpendulo ezingu-ewe nohayi. x Makusetyenziswe ulwimi olundilisekileyo. x Phambi kokuba lusongwe udliwano-ndlebe umbuzwa makanikwe ithuba lokubuza eyakhe imibuzo anike nolwakhe uluvo. x Makabulelwe umbuzwa. [30] AMANQAKU ECANDELO B: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) ICANDELO C: IMIHLATHI EMIFUTSHANE IMIYALELO YOKUMAKISHA x Kweli CANDELO umviwa ukhetha umhlathi omnye, ukuba ukhethe yangaphezu komnye makisha owokuqala. x Ubude bomhlathi mabube ngamagama angama-60–80. x Sebenzisa irubriki esisihlomelo C ukumakisha lo mhlathi. UMBUZO 3 3.1 IPOWUSTA x Isakhono nobuchule bokuyila buyafuneka ukuze umsitho ube ngowodwa unika lowo waziswayo isizathu sokuzimasa umcimbi lowo. x Makusetyenziswe iifonti ezahlukileyo. x Makunikwe ulwazi oluquphayo nolucacileyo. x Nini – umhla nexesha. x Phi – idilesi. x Indlela yokunxibelelana - imfonomfono, iselula, ifeksi okanye i-imeyile x Ulwimi oluchukumisayo/olucengayo. x Ixesha langoku, kusetyenziswe izivakalisi ezifutshane ezingqala ngqo kwiinkcukacha ezibalulekileyo. x Amabinzana angasetyenziswa. [20] 3.2 ISIBHENGEZO-NTENGISO x Masitsale kwaye sibe nokulukuhla abathengi. x Kubekho isilogani nelogo. x Masitsale iliso kwaye singabinakulibaleka engqondweni. x Kusetyenziswe izafobe nezigaba zentetho ukudala ifuthe nokwenza ulwimi luhlale lukhumbuleka: umz; isikweko, isifaniso, uphindaphindo, imfano-zandi, isingqishi, isingqi njalo-njalo. [20] 3.3 ISIMEMO x Isakhono nobuchule bokuyila buyafuneka ukuze umsitho ube ngowodwa unika lowo umenywayo isizathu sokuzimasa umcimbi lowo. x Makunikwe ulwazi oluquphayo nolucacileyo. x Nini – umhla nexesha. x Phi – idilesi. x Isinxibo. x Umhla wempendulo. x Indlela yokunxibelelana - imfonomfono, iselula, ifeksi okanye i-imeyile. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI OLONGEZELELWEYO P3 11 QAPHELA: x Sebenzisa le rubriki rhoqo xa umakisha izincoko (Zephepha lesi-3, ICANDELO A). x Amanqaku ukusukela kweli-0 ukuya kwangama-50 ahlulahlulwe ngokwamanqanaba amahlanu aphambili. x Kwiikhrayitheriya yoMxholo, uLwimi neSimbo, inqanaba ngalinye kula mahlanu lahlulahlulwe lanomgangatho ongentla nongezantsi yanemimandla yamanqaku ahambelana nomgangatho ngamnye. x Ikhrayitheriya yeSakhiwo yona ayichaphazeleki ngumgangatho ongentla nongezantsi. ICANDELO A: IRUBHRIKI YOKUHLOLA IZINCOKO – ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO [50 AMANQAKU] Ikhrayitheriya Balaseleyo Enobuchule Phakathi Buthathaka Bubhetyebhetye UMXHOLO 28–30 22–24 16–18 10–12 4–6 NOCWANGCISO - Impendulo ebalaseleyo - Impendulo ixonxwe - Impendulo iyanelisa - Impendulo ingena - Impendulo ayikho enomtsalane, ngaphaya ngobugcisa obukhulu. ngokupheleleyo. iphuma mxholweni konke- (Impendulo nezimvo) kobekulindelekile. - Izimvo zinxulumene - Izimvo ziyanamathelana emxholweni konke. Ukubekelela izimvo - Izimvo zihlakaniphile, zixhokonxa nomxholo kwaye zinika noko kwaye akukho - Izimvo zibondene ngenjongo iingcinga kwaye zinemfezeko. umdla, bukho zingakuguqula ukucinga lunamathelwano azigqalanga ntweni yokucwangcisa. - Isincoko sibekelelwe ngobuchule ubungqina bemfezeko kofundayo. kwizimvo. - Azivakali izimvo Ukubonakalisa ukuyazi obungaqhelekanga kwaye kwizimvo. - Iingcamango - Izimvo azicacanga kwaye injongo, abantu intshayelelo, isiqu kwakunye - Iingcamango zibekelelwe kwaye ezinye zazo ziyaphindaphindwa/ ekujoliswe kubo kunye nesiphelo zibonakalisa zibekelelwe ngokunamatheleneyo zezemboleko. uthetha into enye. nemeko. unamathelwano olunemfezeko. ngokwakhelanayo kuquka intshayelelo, - Buncinci kakhulu - Iingcamango kuquka intshayelelo, isiqu nesiphelo. ubungqina zibekwe xazalala Umgangatho ongentla 30 AMANQAKU isiqu nesiphelo. bobekelelo azinalunxibelelwano. nonamathelwano lweengcamango. 25–27 19–21 13–15 7–9 0–3 - Impendulo encamisileyo kodwa - Impendulo ixonxwe - Impendulo iyanelisa - Impendulo iphumile - Impendulo itenxile akukho zimpawu zakubalasela ngobugcisa. nangona kumana emxholweni malunga nomxholo. kubhekele phi kwisincoko. - Izimvo kubakho ukungacaci ubukhulu becala. - Izimvo zitenxile - Izimvo zivuthiwe zixhokonxa zisemxholweni kwiindawo ezithile. - Izimvo ziyaqhawu- zingcwecwela kude iingcinga. kwaye zinika umdla. - Kukho ukunamathelana qhawuka nomxholo. - Iingcamango zibekelelwe - Sibekelelwe okubonakalayo ziyabhidisa. - Iingcamango zandindaniswa ngobugcisa ngobuchule, kukho kwizimvo kwaye - Buyanqaphazeka ziyingxubevange kuquka intshayelelo, isiqu kunye ukunamathelana kuyanelisa. ubungqina engenamgqalisela. nesiphelo. kweengcamango - Kukho ukubekelelwa bokubekeleleka okuquka ntshayelelo, kweengcamango kweengcamango isiqu nesiphelo. kwintshayelelo, isiqu nonamathelwano. Umgangatho ongezantsi nesiphelo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) IRUBRIKI YOKUHLOLA IZINCOKO – ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO [50 AMANQAKU] Ikhrayitheriya Balaseleyo Enobuchule Phakathi Buthathaka Bubhetyebhetye ULWIMI, ISIMBO 14–15 11–12 8–9 5–6 0–3 SOKUBHALA - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, - Ithoni, irejista, isimbo, - Ulwimi aluvakali. NOKUHLELA isigama zifanelene isigama zifanelene isimbo, isigama isigama azifanelananga - Ithoni, irejista, isimbo, ngokugqwesileyo nenjongo, kakhulu nenjongo, sifanelene ncam nenjongo, abantu isigama asifanelananga Ukuhambelana abantu ekujoliswe kubo abantu ekujoliswe kubo nenjongo, abantu ekujoliswe kubo kunye kwaphela nenjongo, kwethoni, irejista, kunye nemeko. kunye nemeko. ekujoliswe kubo nemeko. abantu ekujoliswe kubo isimbo, isigama - Ulwimi lusetyenziswe - Ulwimi luchaneke kunye nemeko. - Ulwimi lusetyenziswa kunye nemeko. kunye nemeko. ngokuzithemba, ngakumbi kwaye ithoni - Ulwimi ngendlela ebuthathaka. - Ukunqongophala Ukhetho-magama. luyathabathekisa. isetyenziswe olufanelekileyo - Ithoni nochongo kwesigama kubaxekile Ukusetyenziswa - Ithoni enomtsalane ngokuchaneka ludlulisa umyalezo. magama kangangokuba kolwimi nesigama. nezafobe zentetho kwisincoko siphela. - Ithoni ifanelekile. azifanelekanga. ayinasihlahla into Iimpawu zobhalo, eziphumeza injongo. - Iziphene - Izafobe zentetho - Isigama sinqongophele. ebhaliweyo. izakhi zezivakalisi, - Phantse kube akukho zokusetyenziswa zinonga umxholo. Umgangatho ongentla nopelo. nasinye isiphene kolwimi nopelo solwakhiwo zivakalisi, zinqongophele. 15 AMANQAKU upelo nokusetyenziswa - Sixonxwe ngobugcisa kolwimi. obukhulu. - Sixonxwe ngobugcisa obukhulu. 13 10 7 4 - Ulwimi luchanekile kanye - Ulwimi lunomtsalane - Kuyanelisa - Ukusetyenziswa kolwimi nezafobe zisetyenziswe kwaye luyaziphumeza ukusetyenziswa kubonisa ngethoni ephumeza iinjongo zokubhala. kolwimi kodwa ububhetyebhetye. ukudlulisa umyalezo. - Ithoni ifanelekile kwaye asekho amakhwiniba. - Izivakalisi - Phantse kube akukho iyaziphumeza iinjongo - Ithoni ifanelekile zinobuthathaka- nasinye isiphene olwakhiwo zokubhala. kodwa izafobe azitshintsha-tshintshwa. zivakalisi, upelo, - Zimbalwa iziphene zentetho - Isigama sinqongophele nokusetyenziswa kolwimi. zezakhi zezivakalisi ezisetyenzisiweyo ngokubalaseleyo. Umgangatho ongezantsi - Sixonxwe ngobugcisa kunye nopelo. zinqongophele. obukhulu. - Sixonxwe ngobugcisa. ISAKHIWO 5 4 3 2 0–1 - Isihloko sikhuliswe - Iinkcukacha - Iinkcukacha - Zikho iingcamango - Iingcamango Iimpawu zetekisi. ngokuncamisayo. ezinengqiqo zikhuliswe ezisemxholweni ezamkelekileyo. ezifunekayo Ukukhula - Iinkcukacha zibalasele ngokwakhelanayo. zikhulisiwe. - Isakhiwo sezivakalisi zinqongophele. kwemihlathi ngokungaqhelekanga. - Izimvo zinamathelene. - Izivakalisi, imihlathi nesemihlathi - Isakhiwo sezivakalisi nokwakhiwa - Izivakalisi, imihlathi - Izivakalisi, imihlathi zakhiwe kakuhle. sinamakhwiniba. nesemihlathi sigxoko- kwezivakalisi. zakhiwe zaqiqiqsiswa zitshintshatshintshwa - Isincoko sibunjwe - Isincoko sisenayo gxoko. ngokugqwesileyo. ngobuchule ngengqiqo. ingqiqo. - Isincoko asinangqiqo. 5 AMANQAKU obuqiqisisiweyo. UMMANDLA 43–50 33–40 23–30 13–20 0–10 WAMANQAKU Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 13 ICANDELO B: IRUBRIKI YOKUHLOLA IMIHLATHI EMIDE – ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO [30 AMANQAKU] Ikhrayitheriya Balaseleyo Enobuchule Phakathi Buthathaka Bubhetyebhetye UMXHOLO, 15–18 11–14 8–10 5–7 0–4 UCWANGCISO - Impendulo igqwesile - Impendulo ibonakalisa - Impendulo iyanelisa - Impendulo ibonakalisa ulwazi - Impendulo ibonakalisa NEFOMATHI idlule okuqhelekileyo. ukuchaneka kanobom ibonakalisa ulwazi olungephi lweempawu zolu ukunqongophala kolwazi - Izimvo ziqiqisisiwe ulwazi olunzulu lweempawu zolu didi lwetekisi. lweempawu zolu didi lwetekisi. Ukungqala kwaye zivuthiwe. lweempawu zolu didi didi lwetekisi. - Zimbalwa izimvo - Intsingiselo ilahleka rhoqo ide kwempendulo - Luphangalele ulwazi lwetekisi. - Izimvo ziyaphuma ezisemxholweni kodwa kuninzi iphume emxholweni. nezimvo. lweempawu zolu didi - Ingqalile ayiphumi emxholweni kwaye ukuphuma ecaleni. - Akukho ukunamathelana Ukuqoqwa lwetekisi. nasemxholweni. kukho - Kunqabile ukunamathelana kumxholo nezimvo. kwezimvo - Umsebenzi ungqalile - Izimvo zixonxwe nokugqwidiza. komxholo nezimvo. - Zimbalwa kakhulu iinkcukacha ngenjongo uhleli emxholweni. zadakancwa - Ukunamathelana - Zimbalwa iinkcukacha ezixhasa isihloko. yokucwangcisa. - Kukho ngokunamatheleneyo kumxholo nezimvo ezixhasa isihloko. - Imigaqo eyimfuneko yobhalo Injongo yokubhala, ukunamathelana kumxholo nezimvo. kufanelekile. - Imigaqo yefomathi ephambili lwale tekisi ityeshelwe. abo kujoliswe kubo, kwizimvo nomxholo. - Iinkcukacha zixhasa - Ezinye iinkcukacha isetyenziswe ngokungaqondi. iimpawu/imigaqo - Iingcamango isihloko. zixhasa isihloko. - Kutyeshelwe izinto ezininzi. yetekisi, kunye zidakancwe ngobunono - Ifomathi ifanelekile - Ifomathi ifanelekile nemeko. zonke iinkcukacha ineendawana kodwa kusekho zixhasa isihloko. ezingachanekanga ukungachaneki. 18 AMANQAKU - Ifomathi ifanelekile ezingephi. kwaye ichanekile. ULWIMI ISIMBO 10–12 8–9 6–7 4–5 0–3 SOKUBHALA - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, isimbo, NOKUHLELA isigama zihambelana isigama sichaneke isimbo, isigama nesigama azingqamani nesigama azingqamani kakhulu nenjongo nabo kakhulu malunga sihambelana nenjongo kwakunye nabantu nenjongo, imeko kwakunye Ithoni, irejista, kujoliswe kubo kunye nenjongo, abantu nenjongo, abantu ekujoliswe kubo kunye nabantu ekujoliswe isimbo, nemeko. ekujoliswe kubo kunye ekujoliswe kubo nemeko. - kubo. injongo/ifuthe, abo - Izakhi zezivakalisi nemeko. kwakunye nemeko. - Izakhi zezivakalisi - Izele ziimpazamo ixazalala. kujoliswe kubo zisetyenziswe - Izakhi zezivakalisi - Izakhi zezivakalisi zineemposiso ezininzi - Isigama asifanelananga kunye nemeko. ngokuchanekileyo. zichanekile kwaye zibonakalisa eziphazamisa umyalezo. nenjongo. Ukusetyenziswa - Phantse kube akukho umyalezo wakheke iimposiso. - Sinqongophele isigama. - Intsingiselo ilahleke kakhulu. kolwimi nemigaqo. nasinye isiphene. kakuhle. - Isigama siyanelisa. - Kukho amagingxi-gingxi Uchongo magama - Isigama sichanekile. - Iimpazamo zobhalo kwintsingiselo. Iimpawu zokubhala - Ubukhulu becala akukho ezikhoyo kunye nopelo. zimpazamo. aziyiphazamisi intsingiselo 12 AMANQAKU nomyalezo. UMMANDLA 25–30 19–23 14–17 9–12 0–7 WAMANQAKU Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
14 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO P3 (EC/NOVEMBA 2020) ICANDELO C: IRUBRIKI YOKUHLOLA IMIHLATHI EMIFUTSHANE – ULWIMI LOKUQALA OLONGEZELELWEYO [20 AMANQAKU] Ikhrayitheriya Balaseleyo Enobuchule Phakathi Buthathaka Bubhetyebhetye UMXHOLO 10–12 8–9 6–7 4–5 0–3 UKUCWANGCISA - Impendulo igqwesile - Impendulo - Impendulo - Kubonakala ubunzima - Impendulo ibonakalisa NEFOMATHI ibonisa ukuqiqisiswa ibonakalisa iyanelisa malunga nolwazi lweempawu ukunqongophala kolwazi kwezimvo. ukuchaneka ibonakalisa ulwazi zolu didi lwetekisi. lweempawu zolu didi lwetekisi. Impendulo nezimvo. - Izimvo zihlakaniphile kanobom ulwazi lweempawu zolu - Zimbalwa izimvo - Intsingiselo ilahleka rhoqo kukho Ukubekelelwa kwaye zivuthiwe. olunzulu lweempawu didi ezisemxholweni kodwa intsingiselo iduke kwisakhiwo kwezimvo. - Luphangalele ulwazi zolu didi lwetekisi. lwetekisi. kuninzi ukuphuma ecaleni. esixazalala. Iimpawu zetekisi/ lweempawu zolu didi - Ingqalile ayiphumi - Izimvo azisoloko - Kunqabile ukunamathelana - Akukho ukunamathelana umgaqo kunye lwetekisi. nasemxholweni. zisemxholweni komxholo nezimvo. kumxholo nezimvo. nemeko. - Umsebenzi ungqalile - Izimvo zixonxwe kwaye kukho - Zimbalwa iinkcukacha - Zimbalwa kakhulu iinkcukacha akukho kugqwidiza zadakancwa nokugqwidiza ezixhasa isihloko. ezixhasa isihloko. 12 AMANQAKU Kubonakala ngokunamatheleneyo - Ukunamathelana - Imigaqo yefomathi ephambili - Imigaqo eyimfuneko yobhalo ukunamathelana kumxholo nezimvo. - kumxholo ityeshelwe okanye lwale tekisi ityeshelwe. kwizimvo nomxholo. - Iinkcukacha zixhasa nezimvo.kwenzeka isetyenziswe ngokungaqondi. - Iingcamango isihloko ngokufanelekileyo. zidakancwe - Ifomathi ingqalile - Ezinye iinkcukacha ngobunono kwaye iindawana ezikhoyo zixhasa isihloko. zonke iinkcukacha ezingachanekanga - Ifomathi ingqalile zixhasa isihloko. aziyiphazamisi kodwa zikho - Ifomathi ifanelekile injongo yokubhala. iindawana kwaye ichanekile. ezingachanekanga. 7–8 5–6 4 3 0–2 ULWIMI, ISIMBO - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, - Ithoni, irejista, - Ithoni, irejista, isimbo, - Ithoni, irejista, isimbo, nesigama SOKUBHALA isigama zifanelene isimbo, nesigama isimbo, isigama nesigama azifanelananga azifanelananga nenjongo,imeko NOKUHLELA kakhulu nenjongo, abo sifanelene kakhulu sifanelene nenjongo, abantu ekujoliswe kwakunye nabantu ekujoliswe kujoliswe kubo kunye nenjongo, abantu nenjongo, abantu kubo kunye nemeko. kubo. Ithoni, irejista, nemeko. ekujoliswe kubo ekujoliswe kubo - Izakhi zezivakalisi - Izele ziimpazamo ixazalala isimbo, nesigama - Izakhi zezivakalisi kunye nemeko. kwakunye nemeko. zineemposiso ezininzi iyadida. singqamene zisetyenziswe - Izakhi zezivakalisi - Izakhi zezivakalisi eziphazamisa umyalezo. - Isigama asihambelani nenjongo. nenjongo kunye ngokuchanekileyo. zichanekile kwaye zibonakalisa - Sinqongophele isigama. - Intsingiselo ilahlekile kakhulu. nemeko. - Phantse kube akukho umyalezo wakheke iimposiso. - Kukho amagingxi-gingxi Ukusetyenziswa nasinye isiphene. kakuhle. - Isigama siyanelisa. kwintsingiselo. kolwimi nemigaqo. - Isigama sichanekile. - Iimpazamo zobhalo Ukhetho- magama - Ubukhulu becala ezikhoyo Iimpawu zokubhala azikho iimpazamo. aziyiphazamisi kunye nopelo. intsingiselo. 8 AMANQAKU UMMANDLA 17–20 13–15 10–11 7–8 0–5 WAMANQAKU Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 11 isiXhosa FAL

View all