Skip to content

Mathematics Grade 3 ANA Exemplars 2012 QP (isiXhosa)

Question paperMathematicsGrade 3201231 pages

Grade 3 Mathematics question paper from the ANA Exemplars 2012 (isiXhosa), 31 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com IIMVAVANYO ZONYAKA NONYAKA KUZWELONKE IBANGA 3 IMATHEMATIKA-ISIXHOSA ULUHLU - IPHEPHA ELINGUMZEKELO 2012
Downloaded from hlayiso.com Isikhokelo sokusebenzisa imizekelo ka-ANA 1. Umbono jikelele Uvavanyo lonyaka nonyaka (ANA) luvavanyo oludibeneyo lolwazi nezakhono ezifanele ukuphuhliswa, kubafundi bebanga lo-I ukuya kwele-6 kunye nele-9. Ukuncedisana novavanyo oluqhutywa esikolweni nokuqinisekisa ukuba abafundi bazithemba ngokwaneleyo ukuze bathathe inxaxheba ngempumelelo kwiimviwo zangaphandle,uluhlu lootitshala kunye neencutshe kwizifundo bavelise iimvavanyo eziyimizekelo ezinokusetyenziswa ngootitshala kwizifundo zoLwimi Lwasekhaya neMathematika. Unikwe imibuzo yemizekelo yemvavanyo ethatyathwe kumsebenzi wesilkolo wonyaka wekharityhulam ukusuka kwikota yokuqala,eyesibini neyesithathu,kunye nesiboniso esipheleleyo sovavanyo (ANA) sebanga ngalinye. Imizekelo yovavanyo equka nesiboniso esipheleleyo soviwo zongeza kuvavanyo oluqhubekayo esikolweni olwenziwa qho kubafundi nekufuneka lungayekwa. 2. Unxulumano namanye amacebiso okufunda nokufundisa Ngenxa yokubaluleka kokudibanisa eyindlela yokufundisa,eminye imibuzo ekwimizekelo yeemvavanyo inxulunyaniswe neeNcwadi Zomsebenzi ngokwamabanga. Imizekelo yeemvavanyo ilinganiswe neemfuno zekharityhulam,kusetyenziswe amaxwebhu ekharithyulam i-National Curriculum Statement Grades R-12 (NCS) ne-Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS) kumabanga ngamabanga,kusetyenziswe nendlela yokuhlola esemthethweni (National Protocol for Assessment). La maxwebhu ewonke kunye nalawo isikolo siwanika utitshala ukuze enze amacebiso angawo okunceda utitshala xa elungiselela izifundo kwakunye naxa esenza uvavanyo olusesikweni. 3. Unxulumaniso nezinye izixhobo zokufunda nokufundisa Ukuze kubekho unxulumano olufanelekileyo, eminye imizekelo yezicatshulwa nemibuzo idityaniswe kwiincwadi zokusebenzela zamabanga ngamabanga ezingqale kumgangatho wabafundi. Le mizekelo ilungelelanisiwe ukuze iqwalasele iimfuneko zeNkcazelo yeKharityhulam yeSizwe yamananga R ukuya ku 12 (NCS), iinjongo zekharityhulam, iNkcazelo yePolisi yeKharityhulam enxulumene namabanga abafundi kunye nendlela yokuhlola esemthethweni. Yonke le miqulu kwakunye neminye imiqulu enokufumaneka esikolweni izizixhobo ezingundoqo ezinokusetyenziswa ukuncedisa ootitshala njengoko bequlunqa izifundo belawula nohlolo olungundoqo (uhlolo olukhulisayo). 4. Isetyenziswa njani imizekelo yovavanyo 1
Downloaded from hlayiso.com Nangona imizekelo yovavanyo yebanga ngalinye nesifundo ngasinye yenziwe yaza yadityaniswa, utitshala akanyanzelekanga ukuba abafundi abaphendulise ngexesha elinye. Utitshala makakhethe umzekelo onombuzo onxulumene nesifundo asilungiseleleyo. Imibuzo ekhethwe kumzekelo vavanyo okanye iqela lemibuzo enokuphenduleka ngexesha elinye ingasetyenziswa ngokuye kukhula ukufunda nokufundisa ngolu hlobo: 4.1 Ekuqaleni kwesifundo, njengovavanyo lokuqonda nokwahlula izinto abafundi abakwazi ukuzenza/abazaziyo nezo bangakwazi ukuzenza/bangazaziyo. Ukuqonda lo mahluko kukhokhelela ekubeni abafundi bacoselelwe ukufundiswa nokuze kwakhiwe izifundo ezilungele ukulungisa ezo ngxaki banazo baze baphucule. Olu vavanyo lokuqonda lungenziwa umsebenzi wasekhaya ukonga ixesha. 4.2 Kwisifundo phakathi, uvavanyo olucwangcisiweyo lusetyenziswa ukuvavanya ukuba ulwazi nezakhono zabafundi ziyaphuhla na.Njengoko isifundo siqhuba lukwasetyenziswa ukuvavanya nokuqinisekisa ukuba akukho mfundi ushiyekayo kwisifundo. 4.3 Ukugqibezela isifundo okanye iqela lezifundo uvavanyo oludityanisiweyo luyenziwa ukuvavanya ukuba abafundi bayaqonda kwaye bayakwazi ukusebenzisa ulwazi nezakhono abazifumene kwizifundo.Inkcaza yokuba abafundi baqhube njani mabayinikwe ngoko nangoko, ngelo xesha utitshala wenza isigqibo ngeendawo ezifuna ukuphindwa kwisifundo okanye kwizifundo ukuncedisa ulwazi okanye izakhono ezingaphuhlanga. 4.4 Kuwo onke la manqanaba makusetyenziswe iindlela ngeendlela zokubuza, umz.indlela yokuphendula ngokukhetha kwiimpendulo azinikiweyo, imibuzo efuna impendulo yakhe, imibuzo efuna impendulo emfutshane, njalo-njalo. Nangona uvavanyo lokufumana ukuqonda novavanyo lokwakha ulwazi lusenokuba lufutshane ngokwemibuzo, uvavanyo oludityanisiweyo lunokuquka imibuzo emininzi kuxhomekeka kumsebenzi osele wenziwe. Okubalulekileyo kukuqinisekisa ukuba abafundi baqhelaniswa nendlela yokuphendula uvavanyo olupheleleyo olufana novavanyo lukazwelonke lonyaka nonyaka (ANA). 5. Imemorandam okanye iindlela zokuphendula Umzekelo wendlela yokuphendula okanye iimpendulo ezilindelekileyo zilungiselelwe kumzekelo wovavanyo.Ootitshala mabakhumbule ukubaimemorandam ayiniki mpendulo igqibeleleyo, Imemorandam inika nje kuphela iimpendulo ezilindelekileyo, ngoko utitshala angamnika umfundi amanqaku ngeempendulo ezahlukeneyo, ezivumelekileyo ezinikwe ngabafundi. 6. Ukugutyungelwa kwekharityhulam Kunyanzelekile ukuba ikharityhulam igutyungelwe yonke kwibanga ngalinye. Imizekelo yovavanyo yebanga ngalinye ayimeli ikharityhulam, ikhupha nje iisampula zovavanyo lolwazi nezakhono ezibalulekileyo kwaye zezomsebenzi wekota yokuqala ukuya kweyesithathu yonyaka Isantya sokusebenza somsebenzi ekufuneka wenziwe sinikezelwe kumaxwebhu ekharityhulam (CAPS DOCUMENTS). 7. Ukuphetha 2
Downloaded from hlayiso.com Injongo yeSebe leMfundo kukuphucula nokwakha ezona zisekelo zibalulekileyo,ukufunda nokubala kwabafundi.Uvavanyo lonyaka nonyaka sesinye sezixhobo iSebe leMfundo eisebenzisa ukuqaphela ukuba umgangatho wabafundi uyonyuka,uhleli ndawonye okanye uyehla. Izithili nezilkolo kulindeleke ukuba zincedise ootitshala kwaye zidlulise amacebo aluncedo ukuphucula ukufunda nokufundisa ezikolweni. Ngokusebenzisa imizekelo yokuvavanya njengelinye icebiso lokufundisa, ootitshala baza kunceda abafundi baqhelane neendlela nobuchule bokuvavanya.Ukusetyenziswa kwale mizekelo kuya kunceda abafundi bafumane ulwazi olufanelekileyo baze baphuhlise nezakhono ezinxulumene nokufunda ukuze baphucule kuvavanyo lukazwelonke olulandelayo. 3
Downloaded from hlayiso.com AMANANI, UKUBALA NOLWALAMANO Ukusebenza ngamanani 1. Jonga umfanekiso ongezantsi. a. Thekelela zingaphi izinto ezisemfanekisweni._____________ b. Zibale. ___________ c. Yenza amaqela oono ne ngale mifanekiso. ___________ d. Phawula ngo-X isiqingatha sezi zinto zisemfanekisweni. e. Uthini umahluko phakathi kwenani elithekelelweyo nelona nani lichanekileyo?__________ f. Zingaphi izinto ekufuneka ndizidibanise okanye ndizithabathe ukwenza inani elithekelelweyo lilingane nenani elichanekileyo ? 4
Downloaded from hlayiso.com g. Krwela umgca ngaphantsi kwempendulo echanekileyo. Izinto ezisemfanekisweni ziyi__________________ 42 25 44 100 2. Fakela amanani ashiyiweyo. a. 600 , 500 , ____ , 300 , ____ , 100. b. 4 , 8 , 12 , ___ , ____ , 24 , ____. 3. Gqibezela itheyibhile. a. Bala ngezi 2 128 b. Bala ubuya umva ngama 170 10 c. Bala ngono 3 9 4. a. 173 , 172 , 171 ,____ , ____ , 168 , 167 , ____. b. 195 , 190 , ____ , ____ , 175 , ____ , 165. 5
Downloaded from hlayiso.com 5. IKLINIKHI + + Isibhedlele sinemigangatho emithathu. Amanani amagumbi aqala kumashumi alithoba anethoba ukuya kwikhulu elinamashumi amabini anesibini njekokuba kubonisiwe kwitheyibhile. umgangatho 11 117 119 120 3 5 umgangatho 106 109 110 113 2 umgangatho 99 10 Isango 103 104 1 0 lokungena 6
Downloaded from hlayiso.com Bhala inani kumacango amagumbi angenamani. Uze ufakele inani legumbi kwisivakalisi ngasinye. a. Igumbi lesithathu xa usuka kumgangatho wesi-2 ___________ b. Igumbi lesihlanu kumgangathu woku-1 ___________ c. Igumbi lokugqibela kumgangatho wesi-3 _____________ d. Igumbi eliphambi kwegumbi elili-114 _______________ e. Emva kwegumbi elili-105 kukho igumbi elingu _____________ f. Phakathi kwegumbi elingama-99 no101 ligumbi u ___________ 6. Fakela amanani ashiyiweyo. 23 25 29 33 Ngowuphi umgaqo owusebenzisileyo? ________________________ 7. Bhala eli nani 168 ngamagama. _______________________ 7
Downloaded from hlayiso.com 8. Tshatisa inani eliyisimboli kunye nenani elibhalwe ngegama. 134 amakhulu amabini 200 amashumi amathandathu anesixhenxe 145 Ikhulu elinamashumi amathathu 67 Ikhulu elinamashumi amane anesihlanu 9. Bhala inani endaweni yenani elibhalwe ngemagama. a. Ikhulu elinamashumi alithoba anesithoba b. Amashumi asixhenxe anesibhozo 8
Downloaded from hlayiso.com 10. Jonga umfanekiso. Bala inani leetapile uze ubhale inani ngamagama kunye nesimboli yenani. a._______________________ b.______________________ 11. Bhala inani eliza a. Phambi ko-88 ------------------ b. Emva ko-88 ----------------- c. Phakathi ko-88 no-90 ----------------- 12. Fakela >, < okanye = ukwenza isivakalisi samanani esichanekileyo. 24 + 10 ____ 10 x 10 13. 101 > 122 Ingaba isivakalisi samanani esingentla siyinyani? Faka ( √ ) kwibhokisi enempendulo echanekileyo Ewe Hayi 14. Bhala yinyani okanye asiyonyani. a. 37 + 20 = 50 + 8 -------------- b. 190 > 119 --------------- c. 18 ÷ 2 < 9 x 2 ---------- 9
Downloaded from hlayiso.com 15. Cwangcisa amanani uqale kwelincinci ukuya kwelikhulu. 99 , 13 , 35 , 70 , 9 16. Amanani amahlanu acwangcisiwe kuqalwe ngelikhulu kwagqityelwa ngelincinci. Rhangqela unobumba onempendulo echanekileyo. A. 17 , 35 , 53 , 59 , 95 B 59 , 17 , 95 , 35 , 53 C. 95 , 59 , 53 , 35 , 17 D. 53 , 17 , 59 , 95 , 35 17. Bhala u-Ewe okanye u-Hayi. Ingaba la manani alandelayo acwangciswe ukuqala kwinani elincinci ukuya kwelikhulu? 24 , 27 , 30 , 51 , 64 , 99 ---------------------------------------------------- 18. Bhala ixabiso lendawo lenani elikrwelelwe umgca ngaphantsi. a. 56 ------------------- b. 74 -------------------- 10
Downloaded from hlayiso.com 19. Lithini ixabiso lenani elikrwelelwe umgca? a. 63 -------------------- b. 19 ---------------------- 20. Cazulula amanani owanikiweyo. 61 ------------------ 50 ------------------ 21. Rhangqela unobumba onempendulo efanelekileyo. Ixabiso lendawo lika 3 ku 93 A. Imivo B. Amashumi C. Amakhulu 22. Phawula ibhokisi enempendulo echanekileyo ngo “X”. Ixabiso lika 6 ku 61 ngu 60 6 23. Yakha lamanani alandelayo. 100 + 80 + 9 = ________________ 100 + 100 + 0 + 0 = ___________ 100 + 40 + 30 + 2 + 1 = ___________ 11
Downloaded from hlayiso.com 24. a. 136 = _____ + ___ +_____ b. 36 =______+_____ 25. Fakela amanani ashiyiweyo kule theyibhile. Phindaphinda inani Inani Isiqingatha senani 42 37 34 26. Fakela amanani ashiyiweyo kumgca manani. I I I I I I I I I 45 ___ 55 60 ___ ___ 75 ___ 85 27. a. Bonisa indlela yokusebenzisa umgca-manani ukudibanisa u16 no12. I I I I I I I I I I 0 4 8 12 16 20 24 28 32 36 b. Phinda phinda impendulo oyifumene kumbuzo-(a ) --------------- c. Bhala isiqingatha sempendulo oyifumene ku-(a ) ----------------- 12
Downloaded from hlayiso.com 28. Rhangqela unobumba onempendulo echanekileyo. Isiqingatha sama 50 ngu __ A. 20 B. 15 C. 24 D. 25 29. Bekukho iitoti eziyi-67 zesiselo esibandayo efrijini. Utata wabeka ezinye eziyi-32. Zingaphi iitoti zesiselo ngoku efrjini? ----------------------- 30. UBob uqokelele iibhotile zeglasi ezili 122 elungiselela iphulo lokubuyisela into kwinto ebiyiyo. Eziyi-38 zophukile. Zingaphi iibhotile ezingophukanga? ----------------------- 31. Abafundi bebanga lokuqala baqokelele iikhowuni ze-ayiskhrim ezingama- 67. Abafundi bebanga lesibini baqokelele iikhowuni ze ayiskhrim ezingama-56 ze abafundi bebanga lesi-3 baqokelela ezingama-45. Zingaphi iikhowuni ze ayiskhrim abaziqokeleleyo abafundi bebonke? ----- 32. Kukho amabhakethi angamashumi amabini,ibhakethi nganye inee a-pile ezintlanu. Zingaphi ii-apile ezikula mabhakethi zidibene? ----------------------------- 33. UBusi ebeneetreyi zamaqanda ezilishumi elinesithandathu.Itreyi nganye inamaqanda alishumi elinesibini . USam uphathele uBusi ezinye iitreyi ezilishumi elinesibini . Zingaphi ngoku iitreyi anazo u Busi ? -------------- 13
Downloaded from hlayiso.com 34. USally uthenge iipakethi ezilishumi zelekese . Ipakethe nganye ixabiso i R3,00. Ubhatele malini ngezi lekese? ----------------------- 35. UDonald uneelekese ezi ngamashumi alithoba ufuna ukuzahlula ngokulinganayo phakathi kwabatshana bakhe abathathu. Umtshana omnye uza kufumana iilekese ezingaphi? --------------------------- 36. Umama ubhake iikeyiki ezingamashumi amabini anesine, uzahlule ngokulinganayo phakathi kwabantwana bakhe abane. Umntwana emnye ufumene iikeyiki ezingaphi? -------------------------------- 14
Downloaded from hlayiso.com 37. IMALI a. Bhala imibala yemali yamaphepha nganye yase Mzantsi Afrika. --------------------------------- ------------------------------------ ------------------------------------- ---------------------------------------- ---------------------------------------- 15
Downloaded from hlayiso.com b. Zingaphi iinkozo ze R2, 00 kwezi nkozo zilandelayo? --------------------- c. Gqibezela: 5c+20+50c+10c= ---------------- 38 a. Uvusi ufuna ukuthenga ibhola exabisa ama-R90. Uqokelele ama-R45 okwa ngoku. Yimalini ekufuneka eyiqokelele ukuze iphelele imali yokuthenga ibhola. ---------------------------- Ukuba uVusi ufuna ukuthenga iibhola ezimbini ezixabisa ama-R34 inye. b. Yimalini ayifunayo ukuze athenge iibhola?-------------------------- Umama ka Lebo unike uLebo i50c waze utata wakhe wamnika ii- 20c c. ezine. Yimalini imali kaLebo xa iyonke? ------------------------------- 16
Downloaded from hlayiso.com IPATHENI, IMISEBENZI NE ALJIBRA 1. Faka umbala kumfanekiso wokugqibela ukugqibezela ipatheni. Chaza ipatheni ngawakho amazwi . ___________________________________________________________________ 2. Zoba idayagram elandelayo kule patheni yedayagram ilandelayo . 3. Yenza eyakho ipatheni usebenzise imilo. ________________________________________________________________ 4. Fakela amanani ashiyiweyo 60 , 70 , 80 , ____ , ____ , ____ . 17
Downloaded from hlayiso.com 5. Umama kaSusan ubhake iipitsa ezilishumi zonke wazisika zanamaqhekeza alinganayo. Gqibezela letheyibhile. Iinani leepitsa 1 2 3 4 10 Inani lamaqhekeza 5 15 6. Bhala amanani amane alandelayo kuluhlu ngalunye. a. 412 ; 410 ; 408 ; ____ ; ____ ; ____ ; ____ b. 123 ; 126 ; 129 ; ____ ; ____ ; ____ ; ____ . ISITHUBA NEMILO 1. Mangaphi amacala esimo ngasinye ? ________________ ____________________ _________________ 18
Downloaded from hlayiso.com 2. Tshatisa igama ngalinye nesimo esichanekileyo. Isikwere Uxande Isangqa Unxantathu 3. Bhala amagama ezi milo zilandelayo. a. b. _______________ __________ c. d. __________________ __________ 4. Zoba isimo phantsi kwegama. a. Unxantathu b. Uxande __________________ ____________________ 19
Downloaded from hlayiso.com 5. Sebenzisa amanani abhalwe kwezimilo wenze izivakalisi zibeyinyani. 3 4 1 2 a. Isangqa siphawulwe ngo _________________ b. Uxande luphawulwe ngo __________________ c. Isikwere siphawulwe ngo __________________ d. Unxantathu uphawulwe ngo _______________ 6. Faka umbala. a. Oonxantathu babe luhlaza okwengca. b. Izikwere zibe bomvu. c. Amaxande abe zuba. d. Izangqa zibe mthubi. 20
Downloaded from hlayiso.com UMLINGANISELO 1. Funda ikhalenda ka Februwari 2012 uze ugqibezele izivakalisi ezilandelayo. Sun Mon Tues Wed Thurs Fri Sat 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 a. UFebruwari 2012 uneentsuku ezinga _____________ . b. Inyanga kaFebruwari iqala ngoLwe ______________ . c. Iveki yokuqala ineentsuku ezi ___________________. d. UFebruwari 2012 uphela ngoLwe ____________________. e. Ku Februwari 2012 kukho iicawe eziyi _______________. f. Kukho iiveki ezigcweleyo ezi__________ ku Februwari 2012. g. Ngomhla we-7 kuFebruwari usapho lwakwaMoloi lwaya kwiholide. Lwabuya ngomhla we-23 kuFebruwari. Usapo lwakwaMoloi lwahlala intsuku zeholide______. h Abafundi bebanga lesi-3 baya kuhambo lweentsuku ezi 16 oluya eKruger National Park. Bahamba ngomhla we-13 kuFebruwari 2012. Babuya ngomhla we ________________. 21
Downloaded from hlayiso.com 2. Bhala ixesha elibonisiweyo kwezi wotshi zilandelayo. a. b. c. 12 12 11 1 11 1 10 2 12 11 1 10 2 9 3 10 2 9 3 8 4 9 3 8 4 7 5 8 4 7 5 6 7 5 6 6 ________________ ______________ ______________ 3. Bhala ixesha elichanekileyo kwezi wotshi zilandelayo ubhale ngokwedijital nangokwewotshi yamanani. 12 12 11 1 a. 11 1 b. c. 12 10 2 10 2 11 1 9 3 10 2 9 3 9 3 8 4 8 4 7 5 7 5 8 4 6 6 7 5 6 ___________________ ______________ ____________ 22
Downloaded from hlayiso.com 4. Zoba amasiba kwiwotshi nganye kwezi zilandelayo ubonise ixesha elifunekayo. a. b. c. 12 12 12 11 1 11 1 11 1 10 2 10 2 10 2 9 3 9 3 9 3 8 4 8 4 8 4 7 5 7 5 6 6 7 5 6 icala emva kwentsimbi yethoba: yintsimbi yeshumi elinanye: umkhono emva kwentsimbi yesi xhenxe 5. ULiza uya esikolweni. 12 12 11 1 11 1 10 2 10 2 9 3 9 3 8 4 8 4 7 5 7 5 6 6 Umka kowabo ngentsimbi ye-7:00 Ufika esikolwe nge-7:30 ULiza uhamba imizuzu engama ___________ ukuya esikolweni. 6. Bhala imizuzu eshiyiweyo kule wotshi uyinikiweyo. 5 . 40 30 23
Downloaded from hlayiso.com 7. Gqibezela: Ukuba ibhotile enye yesiselo esibandayo igcwalisa iiglasi ezi 4. a. iibhotile ezi 2 zigcwalisa iiglasi ezi________________. b. iibhotile ezi 5 zigcwalisa iiglasi ezi________________. c. iibhotile ezi_________________zigcwalisa iiglasi eziyi-40. d. iibhotile ezi__________________zigcwalisa iiglasi eziyi-12. 8. Bhala umthamo wezinkonkxa zilandelayo ukusuka kowona mncinci ukuya kowona mkhulu. 500m l yetoti yejusi 5m l letispuni 250m l yekomityi 5l yebhakethi 2l yebhotile ye coke ____________________________________________________________________ 24
Downloaded from hlayiso.com 9. Jonga imifanekiso engezantsi uze uphendule imibuzo elandelayo. 5l 1l 10l 2l a. Zingaphi iibhotile ezizi 2l ezifunekayo ukugcwalisa umgqomo ozi 10l ? b. Zingaphi iinkonkxa ze-1l endinokuzizalisa kwinkonkxa eyi 2l? A B C 2l 1l 500ml 25
Downloaded from hlayiso.com Funda imifanekiso engasentla uchaze ukuba uyangqinelana nesivakalisi ngokubhala uewe okanye uhayi. a. Umthamo ka A uphindaphinda oka B . b. Umthamo ka B uphindaphinda oka A. c. Umthamo ka C uphindaphinda oka A. d. Umthamo ka B uphindaphinda oka C. UKUSEBENZA NGOLWAZI 1. Abafundi bebanga lesithathu bacelwe ukuba bakhethe imibala abayithandayo. Iziphumo zidweliswe ngezantsi. Umbala Inani labafundi bomvu 16 zuba 20 luhlaza 12 mthubi 10 26
Downloaded from hlayiso.com Sebenzisa ulwazi olukwitheybhile ukugqibezela igrafu yesitena. Uze ugqibezele izivakalisi ezilandelayo. Imibala ethandwa ngabafundi 20 19 18 17 Inani 16 la 15 bafundi 14 13 12 11 10 8 7 6 5 4 3 2 1 0 bomvu zuba luhlaza mthubi Imibala 27
Downloaded from hlayiso.com a. __________Abafundi aba____________babuzwe ngemibala abayithandayo b. Owona mbala ungathandwayo ngu_______________. c. Abafundi aba _________bakhetha umbala obomvu kunomthubi d. ......... Inani labafundi abakhetha umbala oluhlaza komthubi bebonke ba___________. e. Inani labafundi abakhetha umbala oluhlaza komthubi bebonke ba_________. 2. Ivenkile yeziqhamo inikezele ngebhokisi yeziqhamo kusapho lwakwaTshabalala. Ibhokisi ibineziqhamo ezahlukeneyo njengoko kubonisiwe kumfanekiso ongezantsi. 28
Downloaded from hlayiso.com Gqibezela le theyibhile. Iindidi zeziqhamo Inani ngeethali inani Iapile Ibhanana Iqunube 29
Downloaded from hlayiso.com 30

Study this subject

More from Grade 3 Mathematics

View all