Skip to content
Question paper

Isixhosa Sal Grade 12 P3 NSC November 2023 QP (isiXhosa)

Grade 12 Isixhosa Sal Paper 3 question paper from the NSC November Exam 2023 (isiXhosa), 7 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Subject: Isixhosa SalGrade 1220237 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWESIBINI OLONGEZELELWEYO (SAL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2023 AMANQAKU: 80 IXESHA: Iiyure 2½ Olu viwo lunamaphepha asi-7. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwesibini Olongezelelweyo (SAL)/P3 2 DBE/Novemba 2023 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linaMACANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Isincoko (40) ICANDELO B: Umhlathi omde (20) ICANDELO C: Umhlathi omfutshane (20) 2. Phendula umbuzo omNYE kwiCANDELO ngaliNYE. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala icandelo ngaliNYE kwiphepha ELITSHA. 5. Yenza uyilo (umzekelo: Imephu yengqondo/isazobe/okanye idayagramu/ iflowutshati/amagama angundoqo, njalo-njalo). Hlela uze uwufunde kwakhona umsebenzi wakho. Uyilo malubhalwe PHAMBI kokubhalwa kwesincoko. 6. Wonke umsebenzi woyilo mawubhalwe ucaciswe ngolo hlobo. Uyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumla kulo lonke uyilo olwenzileyo. 7. Iingcebiso malunga nolwabiwo lwexesha: ICANDELO A: Imizuzu engama-75 ICANDELO B: Imizuzu engama-38 ICANDELO C: Imizuzu engama-37 8. Nombola iimpendulo zakho ngokuchanekileyo ngokwendlela yokunombola esetyenziswe kwiphepha lemibuzo. 9. Nika impendulo nganye isihloko esichanekileyo. 10. Isihloko masingabalwa xa kubalwa amagama asetyenzisiweyo. 11. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwesibini Olongezelelweyo (SAL)/P3 3 DBE/Novemba 2023 NSC ICANDELO A: ISINCOKO Khetha isincoko sibe siNYE kwezi zilandelayo. Bhala amagama ali-150–180. Sebenzisa imizuzu engama-75 kweli candelo. UMBUZO 1 1.1 Ndafumana ibhaso ngaloo mini [40] 1.2 Ilizwe endifuna ukuya kulo [40] 1.3 Ibali endingasoze ndililibale [40] 1.4 Imoto endiyithandayo [40] Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Bhala inombolo yombuzo (1.5, 1.6, 1.7 OKANYE 1.8). Nika isincoko sakho isihloko esifanelekileyo. QAPHELA: Makubekho ukuzalana okucacileyo phakathi kwesincoko nomfanekiso owukhethileyo. 1.5 [Lo mfanekiso uthathwe kwi-www.news18.com] [40] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwesibini Olongezelelweyo (SAL)/P3 4 DBE/Novemba 2023 NSC 1.6 [Lo mfanekiso uthathwe kwi-www.welbedhtres.com] [40] 1.7 [Lo mfanekiso uthathwe kwi-www.pinterest.com] [40] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwesibini Olongezelelweyo (SAL)/P3 5 DBE/Novemba 2023 NSC 1.8 [Lo mfanekiso uthathwe kwi-www.pinterest.com] [40] AMANQAKU ECANDELO A: 40 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwesibini Olongezelelweyo (SAL)/P3 6 DBE/Novemba 2023 NSC ICANDELO B: UMHLATHI OMDE Khetha umhlathi omde ube mNYE kule ilandelayo. Bhala amagama angama-60–80 (umxholo kuphela). Sebenzisa imizuzu engama-38 kweli candelo. UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta ubhalele umhlobo wakho opase ilayisensi yokuqhuba uvuyisane naye. [20] 2.2 ILETA ESESIKWENI Bhala ileta ubhalele inqununu yesikolo sakho ukhalazele ingxolo eyenziwa ngabafundi xa beselaybhrari. [20] 2.3 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo ephakathi kukaSiya othi kulungile ukuthatha ikhefu lonyaka (i-gap year) emva kokupasa ibanga le-12 kunye noBen othi yena kukuzichithela ixesha ukuthatha ikhefu lonyaka (i-gap year). [20] 2.4 INTETHO Bhala intetho oza kuyenza egameni labafundi bebanga le-12 ngomhla wokuthi, 'ndlela-ntle' (Valedictory) esikolweni sakho. [20] AMANQAKU ECANDELO B: 20 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwesibini Olongezelelweyo (SAL)/P3 7 DBE/Novemba 2023 NSC ICANDELO C: UMHLATHI OMFUTSHANE Khetha umhlathi omfutshane ube mNYE kule ilandelayo. Bhala amagama angama-40–60 (umxholo kuphela). Sebenzisa imizuzu engama-37 kweli candelo. UMBUZO 3 3.1 IPOWUSTA Bhala ipowusta wazise ngeTyhuta (tutor) encedisa abafundi kwisifundo sesiXhosa kwindawo ohlala kuyo. [20] 3.2 UNGENISO KWIDAYARI Bhala ungeniso kwidayari lweentsuku ezintlanu malunga namalungiselelo eemviwo zokuphela konyaka. [20] 3.3 IMIYALELO Umntwana wakowenu uza kuya kwitonamenti yezemidlalo. Bhala imiyalelo emalunga nezinto amakazenze ukulungiselela le tonamenti. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 AMANQAKU EWONKE: 80 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

Revise the topics in this paper, then practise them question by question.

More papers and memos for this grade and subject.

More from Grade 12 Isixhosa Sal

View all