Skip to content

Mathematics Grade 1 ANA Exemplars 2012 QP (isiXhosa)

Question paperMathematicsGrade 1201222 pages

Grade 1 Mathematics question paper from the ANA Exemplars 2012 (isiXhosa), 22 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com IIMVAVANYO ZONYAKA NONYAKA KUZWELONKE IBANGA 1 IMATHEMATIKA- ISIXHOSA ULUHLU I- IPHEPHA ELINGUMZEKELO 2012
Downloaded from hlayiso.com Isikhokelo sokusebenzisa imizekelo ka-ANA 1. Umbono jikelele Uvavanyo lonyaka nonyaka (ANA) luvavanyo oludibeneyo lolwazi nezakhono ezifanele ukuphuhliswa, kubafundi bebanga lo-I ukuya kwele-6 kunye nele-9. Ukuncedisana novavanyo oluqhutywa esikolweni nokuqinisekisa ukuba abafundi bazithemba ngokwaneleyo ukuze bathathe inxaxheba ngempumelelo kwiimviwo zangaphandle,uluhlu lootitshala kunye neencutshe kwizifundo bavelise iimvavanyo eziyimizekelo ezinokusetyenziswa ngootitshala kwizifundo zoLwimi Lwasekhaya neMathematika. Unikwe imibuzo yemizekelo yemvavanyo ethatyathwe kumsebenzi wesilkolo wonyaka wekharityhulam ukusuka kwikota yokuqala,eyesibini neyesithathu,kunye nesiboniso esipheleleyo sovavanyo (ANA) sebanga ngalinye. Imizekelo yovavanyo equka nesiboniso esipheleleyo soviwo zongeza kuvavanyo oluqhubekayo esikolweni olwenziwa qho kubafundi nekufuneka lungayekwa. 2. Unxulumano namanye amacebiso okufunda nokufundisa Ngenxa yokubaluleka kokudibanisa eyindlela yokufundisa,eminye imibuzo ekwimizekelo yeemvavanyo inxulunyaniswe neeNcwadi Zomsebenzi ngokwamabanga. Imizekelo yeemvavanyo ilinganiswe neemfuno zekharityhulam,kusetyenziswe amaxwebhu ekharithyulam i-National Curriculum Statement Grades R-12 (NCS) ne-Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS) kumabanga ngamabanga,kusetyenziswe nendlela yokuhlola esemthethweni (National Protocol for Assessment). La maxwebhu ewonke kunye nalawo isikolo siwanika utitshala ukuze enze amacebiso angawo okunceda utitshala xa elungiselela izifundo kwakunye naxa esenza uvavanyo olusesikweni. 3. Unxulumaniso nezinye izixhobo zokufunda nokufundisa Ukuze kubekho unxulumano olufanelekileyo, eminye imizekelo yezicatshulwa nemibuzo idityaniswe kwiincwadi zokusebenzela zamabanga ngamabanga ezingqale kumgangatho wabafundi. Le mizekelo ilungelelanisiwe ukuze iqwalasele iimfuneko zeNkcazelo yeKharityhulam yeSizwe yamananga R ukuya ku 12 (NCS), iinjongo zekharityhulam, iNkcazelo yePolisi yeKharityhulam enxulumene namabanga abafundi kunye nendlela yokuhlola esemthethweni. Yonke le miqulu kwakunye neminye imiqulu enokufumaneka esikolweni izizixhobo ezingundoqo ezinokusetyenziswa ukuncedisa ootitshala njengoko bequlunqa izifundo belawula nohlolo olungundoqo (uhlolo olukhulisayo). 1
Downloaded from hlayiso.com 4. Isetyenziswa njani imizekelo yovavanyo Nangona imizekelo yovavanyo yebanga ngalinye nesifundo ngasinye yenziwe yaza yadityaniswa, utitshala akanyanzelekanga ukuba abafundi abaphendulise ngexesha elinye. Utitshala makakhethe umzekelo onombuzo onxulumene nesifundo asilungiseleleyo. Imibuzo ekhethwe kumzekelo vavanyo okanye iqela lemibuzo enokuphenduleka ngexesha elinye ingasetyenziswa ngokuye kukhula ukufunda nokufundisa ngolu hlobo: 4.1 Ekuqaleni kwesifundo, njengovavanyo lokuqonda nokwahlula izinto abafundi abakwazi ukuzenza/abazaziyo nezo bangakwazi ukuzenza/bangazaziyo. Ukuqonda lo mahluko kukhokhelela ekubeni abafundi bacoselelwe ukufundiswa nokuze kwakhiwe izifundo ezilungele ukulungisa ezo ngxaki banazo baze baphucule. Olu vavanyo lokuqonda lungenziwa umsebenzi wasekhaya ukonga ixesha. 4.2 Kwisifundo phakathi, uvavanyo olucwangcisiweyo lusetyenziswa ukuvavanya ukuba ulwazi nezakhono zabafundi ziyaphuhla na.Njengoko isifundo siqhuba lukwasetyenziswa ukuvavanya nokuqinisekisa ukuba akukho mfundi ushiyekayo kwisifundo. 4.3 Ukugqibezela isifundo okanye iqela lezifundo uvavanyo oludityanisiweyo luyenziwa ukuvavanya ukuba abafundi bayaqonda kwaye bayakwazi ukusebenzisa ulwazi nezakhono abazifumene kwizifundo.Inkcaza yokuba abafundi baqhube njani mabayinikwe ngoko nangoko, ngelo xesha utitshala wenza isigqibo ngeendawo ezifuna ukuphindwa kwisifundo okanye kwizifundo ukuncedisa ulwazi okanye izakhono ezingaphuhlanga. 4.4 Kuwo onke la manqanaba makusetyenziswe iindlela ngeendlela zokubuza, umz.indlela yokuphendula ngokukhetha kwiimpendulo azinikiweyo, imibuzo efuna impendulo yakhe, imibuzo efuna impendulo emfutshane, njalo-njalo. Nangona uvavanyo lokufumana ukuqonda novavanyo lokwakha ulwazi lusenokuba lufutshane ngokwemibuzo, uvavanyo oludityanisiweyo lunokuquka imibuzo emininzi kuxhomekeka kumsebenzi osele wenziwe. Okubalulekileyo kukuqinisekisa ukuba abafundi baqhelaniswa nendlela yokuphendula uvavanyo olupheleleyo olufana novavanyo lukazwelonke lonyaka nonyaka (ANA). 5. Imemorandam okanye iindlela zokuphendula Umzekelo wendlela yokuphendula okanye iimpendulo ezilindelekileyo zilungiselelwe kumzekelo wovavanyo.Ootitshala mabakhumbule ukubaimemorandam ayiniki mpendulo igqibeleleyo, Imemorandam inika nje kuphela iimpendulo ezilindelekileyo, ngoko utitshala angamnika umfundi amanqaku ngeempendulo ezahlukeneyo, ezivumelekileyo ezinikwe ngabafundi. 6. Ukugutyungelwa kwekharityhulam Kunyanzelekile ukuba ikharityhulam igutyungelwe yonke kwibanga ngalinye. Imizekelo yovavanyo yebanga ngalinye ayimeli ikharityhulam, ikhupha nje iisampula zovavanyo lolwazi nezakhono ezibalulekileyo kwaye zezomsebenzi wekota yokuqala ukuya kweyesithathu yonyaka Isantya sokusebenza somsebenzi ekufuneka wenziwe sinikezelwe kumaxwebhu ekharityhulam (CAPS DOCUMENTS). 2
Downloaded from hlayiso.com 7. Ukuphetha Injongo yeSebe leMfundo kukuphucula nokwakha ezona zisekelo zibalulekileyo,ukufunda nokubala kwabafundi.Uvavanyo lonyaka nonyaka sesinye sezixhobo iSebe leMfundo eisebenzisa ukuqaphela ukuba umgangatho wabafundi uyonyuka,uhleli ndawonye okanye uyehla. Izithili nezilkolo kulindeleke ukuba zincedise ootitshala kwaye zidlulise amacebo aluncedo ukuphucula ukufunda nokufundisa ezikolweni. Ngokusebenzisa imizekelo yokuvavanya njengelinye icebiso lokufundisa, ootitshala baza kunceda abafundi baqhelane neendlela nobuchule bokuvavanya.Ukusetyenziswa kwale mizekelo kuya kunceda abafundi bafumane ulwazi olufanelekileyo baze baphuhlise nezakhono ezinxulumene nokufunda ukuze baphucule kuvavanyo lukazwelonke olulandelayo. 3
Downloaded from hlayiso.com AMANANI, UKUBALA NOLWALAMANO. 1. Bala ama-apile ubhale inani lawo. ___________ 2. Bala izitulo ubhale inaini ngamagama. ___________ 4
Downloaded from hlayiso.com 3. Bhala inani lezihlangu ezisebhokisini. Ibhokisi yokuqala sele uyenzelwe. 2 4. Le milo inamacala amangaphi? ____________________ 5
Downloaded from hlayiso.com 5. Jonga inani lezangqa ezizotywe kwifreyimi uze uzobe ezikwangako nakwenye ifreyim. 6. Fakela amanani ashiyiweyo. a. 1 4 5 b. 1, 2,_______, _______, 5 c. 5, 4, _______, ________, 1 d. 5 3 1 6
Downloaded from hlayiso.com 7. Zoba umgca utshatise iintaka nenani lazo elifanelekileyo. 2 9 6 4 7
Downloaded from hlayiso.com 8. Jonga lo mfanekiso ulandelayo. Zoba isangqa ubonise inani elihambelana nezinto kwiqela ngalinye. 1 2 3 4 5 1 2 3 4 5 1 2 3 4 5 1 2 3 4 5 1 2 3 4 5 9. Zoba imigca edibanisa amanani afanayo. 8 7 5 5 8 7 8
Downloaded from hlayiso.com 10. Khuphela inani olinikiweyo kwisangqa ngasinye. 5 2 11. Kwibhokisi nganye bhala inani elihambelana negama elinomgca ngaphantsi. Iinkwenkwezi ezine Iintyatyambo ezimbini Umvundla omnye 9
Downloaded from hlayiso.com 12. Gqibezela le theyibhile ingezantsi. Izinto Inani Igama lenani ____________ ne 2 ____________ ntlanu _____________ 3 __________ 1 ____________ 13. Bhala igama lenani ngalinye kula alandelayo. 5 1 3 4 2 10
Downloaded from hlayiso.com 14. Tshatisa inani negama lalo. 3 nye 2 bini 1 ne 4 thathu 5 hlanu 15. Jonga iimpawu zomnqamlezo nechaphaza, uze ugqibezele isivakalisi usebenzisa la magama “zininzi” okanye “mancinane”. X X X   Iimpawu zomnqamlezo __________ kunamachaphaza. Amachaphaza _____________ kuneempawu zomnqamlezo. 11
Downloaded from hlayiso.com 16. Jonga imifanekiso uze uphendule imibuzo. a. Ibhokhwe inkukhu I____________ inemilenze emininzi kune ______________. b. imoto ibhayisekile I ____________ inamavili ambalwa kune______________ c. isikwere unxantathu I________________ sinamacala amaninzi kuno____________ 12
Downloaded from hlayiso.com 17. Bhala la manani alandelayo ukusuka kwelona lincinane ukuya kwelona likhulu. 5, 3, 2, 4, 1 _____________________________________________________________ 18. Bhala la manani alandelayo kweziflegi ukusuka kwelona nani likhulu ukuya kwelona lincinane. 2, 1, 4, 5, 3 19. Bhala la manani 3, 2, 1, 4, 5 uwabeke ngokulandelelana kwawo ukusuka kwelona lincinane ukuya kwelona likhulu. Beka inani kwisangqa esifanele lona . 13
Downloaded from hlayiso.com 20. Bhala amanani ukusuka ku1 ukuya ku- 5 endaweni efanelekileyo kumgca manani. Elinye inani sele ulenzelwe. 0 3 21. Fakela inani elishiyiweyo kumgca manani. 0 1 2 4 5 USOMBULULO LWEENGXAKI 22 UAthi uneebhanana ezi 3 aze uTheko abe neebhanana ezi 2. Zingaphi iibhanana abanazo zizonke? _______________________________________ 23. UNontombi ukhe iintyatyambo ezi-2 waza noSara wakha ezakhe ezi-2. Bobabini bakhe iintyatyambo ezi- __________________________ 24. UPhuti unebhisikithi e-1 aze uPhethi abe neebhisikithi ezi-2. uPhuti no Phethi baneebhisikithi ezi __________ zizonke. 14
Downloaded from hlayiso.com 25. Ii-orenji ezi-2 nezi-3 zi ____________zidibene. 26. Kwiikherothi ezi-4 uze uthathe-1 kushiyeka zibe? 27. UThabo ubeneelekese ezi-3. UTumi uthathe za-2. UThabo uneelekese ezingaphi ngoku? ____________________________________ 28. Ama-apile ma-4 aze kwaze kwathathwa ame-2, ngoku ama-apile ma---- 29. UChantel unamabhastile ama-5. Unike uMary amabhastile ama-3. UChantel ushiyeke namabhastile ama___________. 30. Umfama ebeneenkomo ezi-4. Uthengise iinkomo ezi-2. Ushiyeke neenkomo ezi_____________. 15
Downloaded from hlayiso.com INKQUBO - UKUDIBANISA NOKU THABATHA. 31. Jonga umfanekiso uze uphendule imibuzo (a – c). a. 1 no 1 wenza ___________ ama-apile. 2 no 1 wenza ___________ ama-apile. 2 no 3 wenza ___________ ama-apile. b. 2 no 2 wenza ____________iintaka. 3 no 1 wenza _______________ iintaka. 2 no 3 wenza _____________ iintaka. c. 4 izihlangu thabatha 2 kushiyeke ______________ izihlangu. 3 izihlangu thabatha1 kushiyeke ______________ izihlangu. 16
Downloaded from hlayiso.com IIPHATHENI, IMISEBENZI NE- ALJIBRA 32. Gqibezela le phatheni. _______________ __________________ 33. Zoba ezinye izinto ezi-2 kule phatheni. ___________________ ___________________ 34. Zoba iiseti ezi -2 ezilandelayo zamachaphaza kule phatheni.       __________________________________ 17
Downloaded from hlayiso.com ISITHUBA NESIMO 35. Jonga lo mfanekiso ungezantsi uze ubiyele unobumba onesivakalisi esichaza lo mfanekiso. A. Ibhola iphezu kwebhokisi. B. Ibhola iphantsi kwebhokisi. 36. Krwela umgca kweli gama“ekunene “okanye ekhohlo “ukwenza esi sivakalisi sibe yinyani. Umthi ungasekunene/ungasekhohlo kwekati. 18
Downloaded from hlayiso.com 37. Ingaba obu buso bukulo mfanekiso bumile “okwebhola okanye okwebhokisi”? Bumile okwe_____________________________ 38. Tshatisa umfanekiso nemilo echanelekileyo. 19
Downloaded from hlayiso.com UMLINGANISELO. 39. Biyela igama elifanelekileyo elichaza umfanekiso Kusasa /ebusuku 40. Zoba u-X phezu kweyona nto inde. 41. Biyela eyona nto imfutshane. 20
Downloaded from hlayiso.com 42. Zoba isangqa kwesona silwanyana sinzima. 43. Bhala u-X phezu kweyona nto ikhaphukhaphu. 44. Krwela umgca phantsi kwesona silwanyana sinzima. 21

Study this subject

More from Grade 1 Mathematics

View all
Mathematics Grade 1 ANA Exemplars 2012 QP (isiXhosa) | Hlayiso