You're offline
Skip to content
Question paper

XHOSA HL P1 GR11 QP NOV2016 hlayiso.com

Subject: Isixhosa HlGrade 11201616 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2016 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 AMANQAKU: 70 IXESHA: 2 iiyure *IXHOHL1* Olu viwo lunamaphepha ali-13.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2016) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha lemibuzo linamaCANDELO AMATHATHU angala: ICANDELO A: Uvavanyo lokuqonda (30) ICANDELO B: Isishwankathelo (10) ICANDELO C: Izakhi nemigaqo yokusetyenziswa kolwimi (30) 2. Phendula YONKE imibuzo. 3. Qala iCandelo ngalinye kwiphepha ELITSHA. 4. Krwela umgca ekupheleni KWECANDELO NGALINYE. 5. Nombola iimpendulo zakho kanye ngokwendlela ekunonjolwe ngayo kweli phepha lemibuzo. 6. Shiya umgca emva kwempendulo nganye ukuze umsebenzi wakho ungaxinani. 7. Qwalasela ngeliso elibukhali upelo nolwakhiwo lwezivakalisi. 8. Yaba ixesha lakho ngolu hlobo: ICANDELO A: Imizuzu engama-50 ICANDELO B: Imizuzu engama-30 ICANDELO C: Imizuzu engama-40 9. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/NOVEMBA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 3 ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1 Funda esi sicatshulwa uze uphendule imibuzo elandelayo. ISICATSHULWA A IIFASHONI ZIYAYIGQIBA IMALI YETHU 1 Ibiyileyaa izolo, yile namhlanje, yenye ngomso; ifashoni le ifana nolovane ukutshintsha-tshintsha oku. Uthi usajonge le, usancoma, kuvele enye ekumila kumbi ibe ngathi inomtsalane kunaleyaa yakuqala. Uthi usazama ukuthelekisa, ingqondo isadidekile, kuthi gqi enye esuka ibe ngathi ithe kratya kwezinye ngobuhle. Uyaxakeka xa kufuneka uthengile ude ngelinye ixesha uzifumane uchonga impahla engangqinelaniyo nokumila komzimba wakho. Ngokwenene bakho abantu abathi xa benxibe ifashoni ubone nje ukuba lo uthe, “Nam ndiza kuyinxiba inxitywa nje.” Lo nkanishe ke uba yiloo mpoxo yeso siputsu okanye abe lelo dada, ufike abantu begigitheka yintsini bemana besalathisana ngaye, abe yena ethe qhiwu intamo ezimisele. 2 Uthengo lwefashoni lwenza imitsi, akukho mntu ufuna kuthiwe akalandeli. Isifo sokurhorhozelana nefashoni silutyhutyhile uluntu luphela ukususela koselula ukuya kuma kototobayo. Ifashoni ibiza amaxabiso alumayo, aqongqotha ipokotho yendoda, basale oonovenkile bona bezigobh’amacala. Ongenayo loo mali ifunekayo ngaloo mzuzu uye azibone sele evula ityala eliyinkabankaba aza kumana elicutha ngezavenge. Omnye uye axolele ukulala engatyanga kunokuba aphoswe yilokhwe okanye yibhulukhwe ethile. Ingaba eneneni ikho imfuneko yefashoni? Abanye bayanqwala, abanye bayanikina. 3 Abathetheleli befashoni bathi iliso liyadinwa kukusoloko libona into enye kwaye nomzimba uyakruquka kukunxityiswa into eluhlobo olunye. Bathi impahla egaxelwayo imele ize itshintshe ngokuye ehamba amaxesha nangokuye zitshintsha iinkanuko zabantu. Ngaphezulu abasiki bempahla bamelwe ukuvulwa basebenzise iitalente zabo njengoko kunjalo kwicala lezeenqwelo zamafutha. Abachasi bona bathi ifashoni ayinambeko kuba ifika impahla ebikade inxitywa ingenasikhwasilima, iyidudulele bucala kuba ifuna kukhonye yona. Bathi akukho mahluko ukhoyo apha elaphini uqobo, koko nje yindlela le lisikwe ngayo ingaqhelekanga. Amanye amalaphu efashoni ayabethwa ngalawo ebekade ekho ngokomelela. Abenzi befashoni bakhohlisa iliso elithi lona lilukuhle ingqondo. Oku bakwenza ngokuthi bakhuphe imifanekiso kumaphepha-ndaba, kwiimagazini, kwiikhathalogu nakoomabona-kude. Le mifanekiso ibonisa abantu abavathe ezimbejembeje, befanelekile, bebahle kwaye benomtsalane. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2016) 4 Kwesi sithuba masikhe siyiqwalasele ifashoni le ngeliso elibukhali siqale ngeelokhwe ezi. Zikho iilokhwe ezibude burhuqa phantsi, ufike abo bazinxibileyo bewunduza xa behamba. Zibuyelela kwezi zinxitywa ngabasetyhini bamaNdiya kuthiwa xa zibizwa zii-sari. Ziyabukeleka ke bethu gqwidi nje ngokufihla imilenze oku. Le lokhwe imnika isidima lowo uyigaxeleyo itsho iwafanele ngokukodwa wona amakhosikazi. Olu hlobo lwelokhwe luvamise ukunxitywa kumatheko odidi oluphezulu, ingakumbi awangokuhlwa. Uhlobo olulandelayo lolo luphela ngezantsi kwamadolo kodwa ngentla kweziquluba ezi. Lo mhlobo ukholisa ukuthi mfi apha esinqeni uze uthi saa phaya emazantsi. 5 Ihlobo lisizela nezimanga zeelokhwe ngenxa yobushushu balo obunganyamezelekiyo. Kukho ezi lokhwe ─ eneneni ezi lokhwana ─ ziphela ngentla lee apha edolweni esithi xa siziteketisa zii-mini. Ezi lokhwe zithandwa kakhulu ziintombi, ufike abafana besiyana ngamehlo xa kudlula imbelukazi eyinxibileyo. Simke apho siye kwezo zinobude obaneleyo kodwa owofika zivuleke kanobom apha esifubeni okanye emqolo okanye ufike wonke lo mzimba ungentla kwamabele ungaphandle. Ezinye iilokhwe zehlobo ziceketheke kangangokuba amehlo omntu ayakwazi ukugqobhoza apha kuzo abone konke okungaphaya. Abachasi befashoni abangamadoda bayakhala ngelithi uninzi lwezi lokhwe zehlobo lusikwe ngendlelana apha ebonakalisa indelelo okanye umngeni emadodeni. Asaz’apho. 6 Iibhulukhwe nazo zingxamele ukuba yinto ngobunto bazo kwabasetyhini nasemadodeni. Zinxitywa ngamantombazana, ziintombi, ngabafazi nangoomakhulu. Ziluncedo kakhulu xa kuvuthuza umoya naxa kubanda. Ibhulukhwe xa imfanela umntu iyamfanela ke, kanti xa imkhanyela imtsho abonwe nasesi sembala isidenge. Bubulumko ukuba umntu asazi isinxibo esimhlalayo nesingamhlaliyo. [Sicatshulwe kwincwadi ethi ‘Amaxesha empucuko,sisingise phi na?’ ebhalwe ngu M.Yekela,amaphepha 36−37, saze sahlelwa] 1.1 Umbhali uyifanisa nantoni ifashoni? (1) 1.2 Yinyani okanye asiyonyani ukuba wonke umntu uyafanelwa yifashoni? Zixhase ngokucaphula umqolo apha kwisicatshulwa. (2) 1.3 Nika intsingiselo yegama ‘akalandeli’ njengoko lisetyenziswe kumhlathi wesi-2. (2) 1.4 Chonga kumhlathi wesi-2 igama elibonakalisa ukuyilandela ngamandla ifashoni. (1) 1.5 Phendula umbuzo othi, ‘Ingaba eneneni ikho imfuneko yefashoni?’ Zathuzela impendulo yakho. (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/NOVEMBA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 5 1.6 Ungayichaza uthi yintoni ifashoni? (1) 1.7 Ngokwakwisicatshulwa sithini isizathu sokuba umbhali athi ii-mini zilokhwana? (1) 1.8 Xela into ibe-NYE engalunganga enokwenziwa ngabafana kwimbelukazi enxibe i-mini. (1) 1.9 Ucinga ukuba kutheni abafana besiyana ngamehlo xa kudlula imbelukazi enxibe i-mini? (2) 1.10 Xa kusithiwa isinxibo siyamhlala umntu kuthethwa ukuba: A Siyamfanela B Sihleli phezu kwakhe C Siyamngcungcuthekisa D Asimlungeli (1) 1.11 Isifanekisozwi esikrwelelwe umgca ngaphantsi sisetyenziswe njani kwesi sivakalisi silandelayo? Lo mhlobo ukholisa ukuthi mfi apha esinqeni. (1) 1.12 Xa uthelekisa phakathi kolutsha nabantu abadala ungathi ngabaphi abayithanda kakhulu ifashoni? Cacisa. (2) 1.13 Ukunxiba iibhulukhwe kuwanceda njani amantombazana? (2) 1.14 Sebenzisa isenzi esikrwelelwe umgca ngaphantsi kwisivakalisi sithabathe iinjongosenzi ezimbini ngaphandle koncedo lwesimamva. Krwelela iinjongosenzi ezo. Le lokhwe inika isidima kulowo uyinxibileyo. (2) 1.15 Ufunde ntoni kwesi sicatshulwa? (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 6 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2016) ISICATSHULWA B: OKUBONWAYO 1.16 Phendula imibuzo esekwe kule mifanekiso ingezantsi: UMFANEKISO A UMFANEKISO B [Uthatyathwe kwi-intanethi [Uthatyathwe kwi-intanethi www.elle.com] www.evogue.com] 1.16.1 Kwenzeka ntoni kule mifanekiso ingasentla? (1) 1.16.2 Ingaba ivakalelwa njani intombazana ekumfanekiso B? Xhasa impendulo yakho. (2) 1.16.3 Ingaba ilokhwe enxitywe yintombazana ekumfanekiso A ihambelana nowuphi umhlathi kwisicatshulwa A? Cacisa. (2) 1.16.4 Xa ujonge ezi lokhwe zikumfanekiso A nomfanekiso B ungathi uthanda eyiphi? Cacisa. (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/NOVEMBA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 7 ICANDELO B: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2 ISICATSHULWA C  Funda ngocoselelo esi sicatshulwa singezantsi uze ushwankathele ngamazwi akho ungacaphuli kwitekisi.  Impendulo yakho mayingadluli kumagama angama-70.  Shwankathela ngokomhlathi kuphela. Bhala inani lamagama owasebenzisileyo kwizibiyeli.  Iingongoma zakho mazibe-7 (7)  Akulindelekanga ukuba ubhale isihloko sesishwankathelo.  Qaphela indlela echanekileyo yokusetyenziswa kolwimi, iimpawu zobhalo nococeko. (3) UBUHLE NEENDLEKO ZABO 1 NgokwasemaXhoseni ubuhle bendoda ziinkomo. Ingade ibe ingxolisiwe indoda ebusweni kodwa ukuba inazo iinkomo ebuhlanti loo ndoda yinzwana. Kwangokunjalo xa sesithethela phantsi wena obona buhle bomntu obhinqileyo busekuziphatheni kwakhe kakuhle; athozame, athobeke, abe nesidima. Ukuba bekungenjalo ngekutshata iimbelukazi zodwa. 2 Wonke umntu ngoku unqwenela ukuba mhle ngolona hlobo; omdala nomncinci, obhinqileyo noyindoda. Abantu bachitha iimali ezinkulu bezama ukuphucula inkangeleko yobuso nomzimba ngokubanzi. Ayisekho into yokuba umntu azingce ngobuhle bakhe bendalo kuphela; wonke ubani ngoku uthe phithi bubuhle obenziweyo. 3 Kukho iindawo zokulungisa iinwele ezibizwa ngokuba zii-saluni, apho abantu baphuma bengena khona beye kwelula iinwele. Abanye bayaphenywa, abanye bayakhelishwa, abanye benziwa imicwe yamaRastafari. 4 Ubuso yeyona ndawo ibisakuxatyiswa kunene ekulungisweni komzimba womntu, kuba yeyona ndawo ivezwayo nokuba sezigqunyiwe ezinye. Ulusu lobuso lubuthathaka, luyakhawuleza ukutshintsha phantsi kweemeko ezithile. Kukho iindawo apho ubuso bomntu benziwa bube buhle khona ngeyona ndlela, nekuthi xa zibizwa zii-beauty parlours. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 8 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2016) 5 Zikho iisepha zomzimba ezinuka kamnandi eziziindidi ngeendidi eziyikhucula intsila ziwushiye umzimba ucoceke ngokwenene. Abantu abaninzi abahlamba umzimba ebhafini abasahlambi ngamanzi nesepha nje kuphela, koko bagalela nee-oyile zokubhafa ezisitsho isikhumba esi sithambe, sigude, uvakale nomzimba uhlaziyekile. 6 Umzimba omkhulu uphumile efashonini, kungoku nje ingulowo ubani uthe phithi ngumzimba onciphileyo. Abanye abazityi iinyama nezonka ezithile kuba besithi ezi zinto ziyatyebisa. Abanye bavalwa imilomo ngokuthi kubotshwe amazinyo ngocingo ukwenzela ukuba bangatyi, koko basele kuphela kuzokuhla ubunzima bomzimba. 7 Xa kuthethwa ngokuhoywa kobuhle bomntu akubhekiswa kwabadala kuphela, neentsana ziyabandakanyeka. Kukho into eseyingxamele ukuxhaphaka ngoku, le yokhuphiswano lobuhle beemveku zayizolo. Ziyafotwa kwezo ndawo zifotwa kuzo ngabazali ngemali yabo, baze bathumele iifoto ezo kwii-ofisi zokhuphiswano. Amabhaso afunyanwa zezi mveku ayancumisa. [Sicatshulwe kwincwadi ethi ‘Unambitheko’ ebhalwe nguM. Yekela, amaphepha 33−38, saze sahlelwa] AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/NOVEMBA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 9 ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI UMBUZO 3: UKUCAZULULA ISIBHENGEZO-NTENGISO ISICATSHULWA D Funda esi sibhengezo singezantsi uze uphendule imibuzo elandelayo. IZIHLANGU ZOKUZILOLONGA ZAKWA − SGUBHU Ingaba ufuna ukukhangeleka umhle? Amaxabiso aphantsi ngokumangalisayo. Fumana iiperi zibe mbini ngexabiso leperi enye. Idilesi: 23 Terminus Street, Ibika, eGcuwa. Umnxeba: 047-2000007/www.stungu@gmail.com Kuvulwa: 07h00 kusasa...kuvalwe 19h00 malanga. INKANGELEKO YAKHO LUXANDUVA LWETHU!!! Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 10 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2016) 3.1 Xela igama lomnikazi wale venkile ithengisa ezi zihlangu. (1) 3.2 Sithini islogani sesi sibhengezo? (1) 3.3 Yintoni isizathu sokuba umnikazivenkile asebenzise imifanekiso kwesi sibhengezo? (2) 3.4 Nika isithethantonye segama elikrwelelwe umgca ngaphantsi kwesi sivakalisi silandelayo: Fumana iiperi zibe mbini ngexabiso leperi enye. (1) 3.5 Chonga umqolo obonisa ulwimi olujija ingqondo. (1) 3.6 Sibonakalisa ntoni isakhi esikrwelelwe umgca ngaphantsi? Izihlangu zokuzilolonga zakwa-Sgubhu. (1) 3.7 Ingaba sijoliswe koobani esi sibhengezo? Khetha kwezi mpendulo: A Kulutsha B Kumntu wonke C Kubantu abadala D Kubafana (1) 3.8 Yinyani okanye luluvo ukuba xa uthe wanxiba ezi zihlangu uza kukhangeleka umhle? Cacisa. (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/NOVEMBA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 11 UMBUZO 4: UKUCAZULULA IKHATHUNI ISICATSHULWA E Kha ujongisise okwenzeka kule khathuni ingezantsi wandule ukuphendula imibuzo esekwe kuyo. Ndingene kumatshonisa Abam abantwana Kubalulekile ngenxa yentombi yam bayayazi ibhanti yam. ukuthetha- ethanda ifashoni! Andisoze ndigezelwe thethana Iingxaki zam ngumntwana ndakugqiba nabantwana zindongamele. ukumzala. Yhini le! ukuze bazive bexabisekile. 1 2 3 [Le khathuni ithatyathwe kwi-intanethi-www.condenaststore.com, yaze yahlelwa] 4.1 Ngokwamaxesha okutya owaziyo leliphi eli xesha livezwe kule khathuni? (1) 4.2 Ubonakalisa yiphi imvakalelo u ‘Yhini le!’kwiqam lesi-2? (1) 4.3 Guqula esi sivakalisi silandelayo sibe kwingxelo ntetho. Umzali wathi, “Ndingene kumatshonisa ngenxa yentombi yam.” (2) 4.4 Ibinzana ‘bayayazi ibhanti yam’ lisivezela yiphi intsingiselo ngokusetyenziswa sisithethi kwiqam lesi-2? (2) 4.5 Yakha iqhalo eliphikisana nale ntetho ingezantsi usebenzisa igama elikwizibiyeli: Iingxaki zam zindongamele. (indlovu) (2) 4.6 Ingaba ilungile into yokuba umzali ade angene ematyaleni ngenxa yokuthengela umntwana iimpahla zefashoni? Zathuza. (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 12 ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2016) UMBUZO 5 ISICATSHULWA F Funda lo mhlathana ukule bhokisana ingezantsi wandule ukuphendula imibuzo elandelayo: Imeko egumbini yayingathi kwakha kwadlula isitshingitshane. Itafile ekufutshane nomandlalo yayingqengqe ngecala, lwaza uthuthu kunye nentlaninge yentsalela yemidiza yahombisa loo mgangatho umfumamfuma. Izitulwana ezitofotofo zasegumbini lokulala zazijikeke izinqe, ecaleni kwesinye sazo kukho iingceba zeglasi. Ecaleni komandlalo isihlangu esasilele ngecala sasifunana nowaso ukuba ukweliphi na icala. Kude kufutshane nesigcinimpahla kwakulele unomtidili, ingubo yokuvuka ithiwe jwi phezu kwesinye isitulo esasingxongxe kalusizi. Njengokuba ucangwana lwesigcinimpahla lwalungavalwanga nje, uninzi lwempahla exhonyiweyo lwalukrobe lubukele loo mbono. Iingubo zazirhuqa phantsi zingenamhlanguli, uDora ezithe wambu ngengutyana yangaphantsi engqiyame ngomqamelo, eveze amagxa atsolo okwenqawa yethambo. Iminwe emide ebhityileyo eyayitsho ngeenkcalankcala zeenzipho ezaziqatywe mvubomazimba, yayithe chu ugqajolo lomdiza owawenze usinga olugosogoso lomsi ukubheka entungo. Ubuso babuzinyeliswe ngumsi owawumana uphokoka ngomlomo neempumlo. Amehlo akhe ayemana egungquza ezinkolobeni okomntu ojamelene nendlala. Iinwele zona yayingathi lihlathi elalikhe labethwa yinkanyamba. Wathi uBantu esacinga ngendlela aza kuyingena ngayo inyewe awayeyihambele, wothuswa lilizwi awayengalilindelanga. “Undijonga ntoni, ndifana nawe?” idubuleka isitsho intokazi enkulu. [Sicatshulwe kwincwadi ethi ‘Unyana womntu ̛ ebhalwe nguN. Saule, iphepha le-10,saze sahlelwa] 5.1 Isimamva esibhalwe ngqindilili kwigama elikwisivakalisi esingezantsi sibonakalisa ntoni? Ecaleni komandlalo isihlangu esasilele ngecala sasifunana nowaso ukuba ukweliphi icala. (1) 5.2 Nika isichasi segama elikrwelelwe umgca ngaphantsi kwesi sivakalisi silandelayo: Itafile ekufutshane nomandlalo yayingqengqe ngecala. (1) 5.3 Safobe sini esi sibhalwe bukekela? Khetha kwiimpendulo ozinikiweyo: ‘... eveze amagxa tsolo okwenqawa yethambo.’ A Sisikweko B Sisimntwiso C Sisifaniso D Lunxulumaniso (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/NOVEMBA 2016) ISIXHOSA ULWIMI LOKUQALA – IPHEPHA 1 13 5.4 Xela igama lesi sigaba sentetho silandelayo: Egumbini. (1) 5.5 Guqula esi sivakalisi silandelayo sibe kwixesha langoku: Ubuso babuzinyeliswe ngumsi. (2) 5.6 Sebenzisa igama ‘mgangatho’ kwisivakalisi livelise ntsingiselo yimbi, ingeyiyo le iveliswe ligama elibhalwe ngqindilili kulo mhlomlo. (2) 5.7 Lungisa isiphene sobhalo kwesi sivakalisi singezantsi: Naxa uBantu wayengazanga wambona ugqoloma, ngalemini wamalama. (1) 5.8 Dibanisa ezi zivakalisi zilandelayo ngokusebenzisa isihlanganisi osinikwe kwizibiyeli: UDora wayehleli ezolile. UDora zange ambone uBantu. (kodwa) (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 11 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all
XHOSA HL P1 GR11 QP NOV2016 hlayiso.com | Hlayiso