You're offline
Skip to content
Memorandum

XHOSA HL P1 GR11 MEMO NOV. 2022

Subject: Isixhosa HlGrade 1120228 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2022 (EXEMPLAR) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 70 Le memorandam inamaphepha asi-8.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2022) ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1 Qaphela oku kulandelayo xa umakisha uvavanyo lokuqonda:  Eyona njongo yalo mbuzo kukuvavanya ukuqonda, ngoko ke umvavanywa makanganyityelwa manqaku ngeempazamo zopelo nezolwimi ngaphandle kokuba iimpazamo ezo zithi zitshintshe intsingiselo (itsho impendulo ingabiyiyo echanekileyo).  Xa umvavanywa esebenzise amagama angengawo awesiXhosa ncakasana, ibe yona impendulo iyechanekileyo, makanikwe amanqaku apheleleyo ngempendulo yakhe.  Kwimibuzo evulelekileyo, makunganikwa manqaku ngo-EWE/HAYI, NDIYANGQINELANA/ANDINGQINELANI, YINYANI/BUBUXOKI/LULUVO. Amanqaku mawanikwe kujongwe ukuzixhasa kwakhe umvavanywa (makujongwe ukuzixhasa kwakhe/isizathu esibambekayo esibangela ukuba abhale ewe/hayi okanye yinyani/bubuxoki/luluvo, ndiyangqinelana/andingqinelani).  Ukuba umvavanywa ubhale isivakalisi esipheleleyo endaweni yegama/ibinzana ebelilindelekile, makanyityelwe amanqaku xa engalikrwelelanga/engaliqaphulanga igama/ibinzana elo lilindelekileyo.  Xa kulindeleke ukuba umvavanywa abhale amanqaku amabini/amathathu ze yena anike angaphezulu kwabelindelekile, makuhoywe la mabini/mathathu okuqala kuphela.  Xa umvavanywa esebenzise isiXhosa sengingqi makawanikwe amanqaku ukuba impendulo yechanekileyo.  Xa kulindeleke ukuba umvavanywa akhethe impendulo echanekileyo kwazinikiweyo, makaphiwe amanqaku xa abhale unobumba nempendulo echanekileyo esecaleni konobumba/unobumba osecaleni kwempendulo echanekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 3 ISICATSHULWA A 1.1 Kukuntshula kwezithombo zovelwano ebantwini.  (1) 1.2 Sibonakalisa isandiso.  (2) 1.3 Luphelile / lunyamalele.  (2) 1.4 Umbuzo-buciko.  (1) 1.5 Sandulelwa sisenzi u-thi.  (1) 1.6 Ingcangcazeliswa bubudala / ingcangcazeliswa yingugo.  (Nayiphi na kwezi) (2) 1.7 Yathi inkonde abantwana  mabathandane.  (2) 1.8 Ndiyangqinelana, kuba akwanelanga ukuvela umntu kuphela kufuneka ukubonakalise nangokumnceda. / ndiyangqinelana, kuba ukuvelana kuhambelana nokuncedana.  (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.9 Uvelwano lubalulekile ukuze sikwazi ukunceda abantu singajonganga nzuzo nabume bamntu.  (2) 1.10 Musa ukuyidibanisa kulusu le nyama, kuza kusa yonakele.  (Nasiphi na isivakalisi esibhekiselele kulusu oluyinyama) (2) 1.11 Lizisa intsingiselo yokuba uvelwano luza nokuthwala ubunzima.  (2) 1.12 D /D. Abashiywe nelifa ngabazali /Abashiywe nelifa ngabazali.  (Nayiphi na kwezi) (1) 1.13 'Akunje kumadoda odwa, koko nasebafazini.'  (2) 1.14 Umbhali ubaveza njengabantu abangenavelwano,  kuba abanamdla wokwazi iingxaki zabasebenzi babo.  (2) 1.15 Kukho umntu ongumama ojongene nokuphekela aphakele abaqeshi bakhe abasebhedini, ebeleke umntwana, acoce indlu, ahoye nomnye umntwana.  (2) 1.16 Alukho uvelwano, kuba esi sibini sisebhedini asikhangeleki sinomdla wokuphungulela lo mama kulo msebenzi wakhe mninzi.  (2) 1.17 Kuhambelana nomhlathi wesi-6,  kuba kulo mfanekiso sibona abaqeshi abangenavelwano noxanduva lomsebenzi wabo, kube kumhlathi wesi-6 kukwathethwa ngezityebi ezingazikhathazi ngeengxaki zabaqeshwa bazo.  (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2022) ICANDELO B: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2 UKUMAKISHWA KWESISHWANKATHELO  Amanqaku abiwa ngolu hlobo lulandelayo: o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (Ingongoma nganye linqaku) o Amanqaku ama-3 olwimi o Amanqaku ewonke: 10  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1−3 iingongoma ezichanekileyo: Nika inqaku eli-1 o 4−5 iingongoma ezichanekileyo: Nika amanqaku ama-2 o 6−7 iingongoma ezichanekileyo: Nika amanqaku ama-3  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa umlingwa ecaphule njengoko kubhaliwe kwisicatshulwa: o 6−7 iingongoma ezicatshulweyo ngqo: 0 amanqaku olwimi (Akanikwa nqaku lolwimi umfundi) o 1−5 iingongoma ezicatshulweyo ngqo: nika inqaku eli-1 lolwimi. o 2 -3 iingongoma ezicatshulweyo ngqo: nika amanqaku ama-2 olwimi. QAPHELA  Imo o Nokuba isishwankathelo sibhalwe ngemo engachanekanga, masiphononongwe.  Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda de uye kusigqiba isivakalisi eso, ze ungakuhoyi okulandelayo. o Izishwankathelo ezibhalwe zazifutshane kodwa zinazo zonke iingongoma ezifunekayo okanye ezilindelekileyo mazinganyityelwa manqaku. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 5 UMFUNDI ANGACANGCATHA KWEZI NGONGOMA UCAPHULO IINGONGOMA 1. Kubalulekile ke ngoko ukuba abantu 1. Eyona nto ingundoqo kukuba abantu bazifundise ukuqelelana. Oku bahlale ngokuqelelana, ngakumbi xa kuqelelana kubaluleke nangakumbi kukho abaneempawu zomkhuhlane. xa uhleli nabantu abakhohlelayo kungenjalo abathimlayo. 2. Zikhwebule kwiindibano ezinabantu 2. Abantu mabazinxweme kwiindawo abaninzi, kuba ingxinano ezineenginginya zabantu, kuba ingxinano ingangunobangela wokosulelana ingakhokelela ekosulelekeni. ngale ntsholongwane. 3. Hlala ekhaya xa uziva ngathi awuziva 3. Umntu makazigcine ekhayeni xa eziva mnandi, kuba oko kuyakuncedisa ngathi akaphilanga ukuze angosuleli ukuba ungosuleli abanye xa kuthe abanye ngale ntsholongwane. kanti unayo le ntsholongwane 4. Ukuhlambisisa izandla rhoqo 4. Abantu mabasoloko behlamba izandla ngamanzi nesepha kungakugcina ngamanzi anesepha ukuze bangosuleleki ukhuselekile kusuleleko yintsholongwane. lwentsholongwane yeKhorona 5. Nxiba i-mask egquma umlomo 5. Kucetyiswa ukuba ugqume umlomo nempumlo maxesha onke. nempumlo nge-mask maxa onke. 6. Musa ukubamba umlomo, impumlo 6. Nciphisa amathuba okubamba umlomo, kunye namehlo kuba impumlo namehlo kuba awukwazi kusenokwenzeka ukuba ububambe ukuqiniseka ukuba khange ubambe indawo eneKhorona ungaqondanga. indawo enale ntsholongwane. 7. ...kucetyiswa ukuba sanithayiza 7. Hlamba izandla ngesanithayiza maxesha izandla zakho rhoqo. onke. UKUBHALA NGOKOMHLATHI Eyona nto ingundoqo kukuba abantu bahlale ngokuqelelana, ngakumbi xa kukho abaneempawu zomkhuhlane. Abantu mabazinxweme kwiindawo ezineenginginya zabantu, kuba ingxinano ingakhokelela ekosulelekeni. Umntu makazigcine ekhayeni xa eziva ngathi akaphilanga ukuze angosuleli abanye ngale ntsholongwane. Abantu mabasoloko behlamba izandla ngamanzi anesepha ukuze bangosuleleki yintsholongwane. Kucetyiswa ukuba ugqume umlomo nempumlo nge-mask maxa onke. Nciphisa amathuba okubamba umlomo, impumlo namehlo kuba awukwazi ukuqiniseka ukuba khange ubambe indawo enale ntsholongwane. Hlamba izandla ngesanithayiza maxesha onke. (70) AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2022) ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI UKUMAKISHA ICANDELO C  Upelo o Iimpendulo eziligama elinye mazimakishwe njengezichanekileyo nokuba upelo aluchanekanga, ngaphandle kokuba isiphene silahla intsingiselo efunwayo yegama. o Kwiimpendulo ezizizivakalisi ezipheleleyo, upelo olungachanekanga luya kohlwayelwa xa isiphene sikweso sakhi solwimi sivavanywayo. o Xa kuvavanywa izifinyezi, impendulo mayifakwe iziphumlisi ngokuchanekileyo. o Ulwakhiwo lwezivakalisi kufuneka luchaneke ngokwemigaqo yolwimi kwaye lusetyenziswe kwizivakalisi ezipheleleyo njengoko umbuzo uyalela. o Ngokubhekiselele kwimibuzo ekhethisa impendulo echanekileyo, yamkela ZOMBINI, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE impendulo ebhalwe ngokupheleleyo. UMBUZO 3: UKUCAZULULA INTENGISO 3.1 Kukuhlamba amazinyo.  (1) 3.2 Kumntu wonke.  (1) 3.3 Kukutsalela umdla kwigama layo /kukuba abathengi bayo bayibone besekude /kukuqaqambisa igama layo.  (Nayiphi na kwezi) (2) 3.4 Ewe liyahambelana, kuba nalo inenekazi elikulo mfanenekiso libukeka lisempilweni  (2) 3.5 D /D. Ikwenza ube mhle / ikwenza ube mhle.  (2) 3.6 Kubethelela ingcinga yokuba ungathi wakuyisebenzisa le mveliso nawe ube mhle.  (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 7 UMBUZO 4: UKUCAZULULA IKHATHUNI 4.1 Basesibhedlele,  kuba kukho umntu olele ebhedini yasesibhedlele / basesibhedlele,  kuba kukho idriphu. / basesibhedlele,  kuba kukho oogqirha.  (Nayiphi na kwezi) (2) 4.2 Intloko yesigulana izotywe njengelizwe loMzantsi Afrika / intloko yesigulana izotywe njengeflegi yoMzantsi Afrika.  (Nayiphi na kwezi) (1) 4.3 Zikhusele ungosuleleki.  (2) 4.4 Banxibe ii-mask / banxibe iiglavuzi / banxibe iiplastikhi ezinyaweni.  (Nayiphi na kwezi) (1) 4.5 Kungenxa yorhwaphilizo lweemali zikaRhulumente olugqubayo kweli lizwe.  (2) 4.6 Lunefuthe elibi kuba ludodobalisa uphuhliso lwelizwe. / linefuthe elibi kuba libangela amanye amazwe angafuni ukurhwebelana neli lizwe.  (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2022) UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI NGOKUCHANEKILEYO 5.1 Abaxhalabelanga.  (1) 5.2 Isakhi sokuzenza.  (1) 5.3 Sibonakalisa isenzeko esenzeka macala.  (2) 5.4 Baninzi.  (1) 5.5 Ngumfundi omnye kuphela ofumene amanqaku aphezulu.  (2) 5.6 Bebonakala bengonwabanga, bengatyhilekanga.  (2) 5.7 Indawo.  (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE EPHEPHA: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 11 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all