You're offline
Skip to content
Question paper

XHOSA HL P3 QP GR11 NOV 2022

Subject: Isixhosa HlGrade 1120225 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2022 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EXEMPLAR) AMANQAKU: 100 IXESHA: 2 iiyure Olu viwo lunamaphepha ama-5.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/NOVEMBA 2022) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO amaBINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala ICANDELO ngalinye kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njalo njalo.), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-290–340. 1.1 Ndazibonela ngawam amehlo. [50] 1.2 Urhwaphilizo kwiinkonzo zikaMasipala. [50] 1.3 Umbane ongucimi-cimi eMzantsi Afrika. [50] 1.4 Isala kutyelwa sibona ngolophu. [50] 1.5 Ilizwe emva kweKhorona. [50] 1.6 Ukusetyenziswa ngokuchanekileyo nagwenxa kwamalungelo. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.images.com waza wahlelwa.] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 (EC/NOVEMBA 2022) 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.images.com waza wahlelwa] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P3 5 ICANDELO B: IMIHLATHI UMBUZO 2 Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali- 100−120 (umxholo kuphela). 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta eya kumhlobo wakho umncome ngesenzo sokuhlangula umfundi obetshona elwandle. [25] 2.2 ILETA ESESIKWENI Bhala ileta eya kuMphathiswa wezeMpilo, ucele angenelele ngeenkqubo zokuphelisa uxinzelelo lwengqondo ezikolweni. [25] 2.3 INGXOXO Bhala ingxoxo ephakathi kwakho nomzala wakho malunga novoto lukaZwelonke. [25] 2.4 I-AJENDA NEMIZUZU YENTLANGANISO Bhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso yabahlali bengingqi yakho emalunga nokuxhatshazwa kwabasetyhini. [25] 2.5 INGXELO ESESIKWENI Bhala ingxelo yotyelelo kwikhaya leenkedama ningabafundi bebanga leshumi elinanye. [25] 2.6 INTETHO ENGEKHO SESIKWENI Bhala intetho oza kuyenza koogxa bakho malunga nokuziphatha kolutsha. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 11 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all