Skip to content

isiXhosa HL Grade 11 P3 Eastern Cape November 2020 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1120204 pages

Grade 11 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the Eastern Cape November 2020, 4 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2020 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EXEMPLAR) AMANQAKU: 100 IXESHA: 2½ iiyure *IXHOHL3* Olu viwo lunamaphepha ama-4.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/NOVEMBA 2020) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha linamaCANDELO amaBINI angala: ICANDELO A: IZINCOKO (50) ICANDELO B: IMIHLATHI (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala ICANDELO NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/ itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/ amagama angundoqo, njl.njl) uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 3 ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-290–340. 1.1 Ndandicinga ukuba ndiyamazi. [50] 1.2 Uxinzelelo lwengqondo eluntwini. [50] 1.3 Ifuthe lokuvaleleka endlwini ngenxa yeKhorona kuqoqosho lwelizwe. [50] 1.4 Umthathi uyawuzala umlotha. [50] 1.5 Iinguqu endingazenza njengoMphathiswa wezeNtlalontle. [50] 1.6 Ukulunga nokungalungi kokufunda ngamaqonga onxibelelwano. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi -intanethi www.images.com waza wahlelwa] [50] 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.images.com waza wahlelwa] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 3 (EC/NOVEMBA 2020) ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali- 100−120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta eya kumhlobo wakho uvelane naye ngexa elele ngandletlananye esibhedlele. [25] 2.2 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari yetitshala ebalasele ekuhlohleni izifundo zeziBalo. [25] 2.3 UDLIWANO NDLEBE Bhala udliwano ndlebe oluphakathi kwakho nomchola-choli wendaba. [25] 2.4 IRIVYU Bhala irivyu yencwadi obe uyifunde ngexesha lekhefu. [25] 2.5 INTETHO ESESIKWENI Bhala intetho esesikweni oza kuyenza kubafundi bebanga leshumi elinanye ubakhuthaze ngokubaluleka kwethemba. [25] 2.6 INQAKU LEMAGAZINI Bhala inqaku lemagazini elimalunga neendlela zokuzigcina usindile kwisifo seKhorona. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 11 isiXhosa HL

View all