You're offline
Skip to content
Memorandum

XHOHL GRADE 11 MEMO NOV 22 CHANGES ACCEPTED

Subject: Isixhosa HlGrade 11202216 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2022 (EXEMPLAR) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 80 Le memorandam inamaphepha ali-15.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2022) EMAKUQATSHELWE XA KUMAKISHWA  Le memorandam ilungiselelwe ukuba ibe sisikhokelo kubakorekishi.  Le memorandam iza kuxoxwa nesigqeba sokukorekisha phambi kokuba kuqalwe ukukorekisha kumaziko okukorekisha.  Iimpendulo zabaviwa kufuneka zinikwe ingqwalasela ngokokufaneleka kwazo. IZIKHOKELO ZOKUKOREKISHA 1. Xa umviwa ebhale iimpendulo ezingaphezulu kwezilindelekileyo, makisha impendulo esekuqaleni kuphela. (Umviwa akuvumelekanga ukuba aphendule umbuzo osisincoko nombuzo omfutshane kudidi olunye kwijenri enye.) 2. Xa umviwa ephendule yomine imibuzo kwiCANDELO A (imibongo efundisiweyo), korekisha kuphela emibini yokuqala. 3. Xa umviwa ephendule imibuzo emibini emifutshane okanye imibuzo emibini esisincoko kwiCANDELO B nakwiCANDELO C, makisha umbuzo wokuqala kuphela ungawuhoyi owesibini. Ukuba umviwa uphendule yomithathu imibuzo (kwiNoveli/kuNcwadi Lwemveli) okanye yomine imibuzo (kwiDrama), korekisha kuphela impendulo yokuqala kwiCANDELO ngalinye, xa kwenzekile ukuba uphendule umbuzo omnye omfutshane nomnye osisincoko. 4. Xa umviwa enike iimpendulo ezimbini ibe eyokuqala ingachanekanga, elandelayo ichanekile, korekisha eyokuqala ungayihoyi elandelayo. 5. Xa iimpendulo zinonjolwe ngokuchanekileyo, korekisha ngokwendlela ekunonjolwe ngayo kwimemorandam. 6. Xa upelo olugwenxa luguqula intsingiselo, yihlabe loo mpendulo. Xa intsingiselo ingaguqukanga ngenxa yopelo olugwenxa, yimakishe loo mpendulo. 7. Imibuzo esisincoko Xa impendulo yombuzo osisincoko imfutshane kunoko kulindelekileyo ngokwenani lamagama, musa ukumohlwaya umviwa kuba sele ezohlwaye ngokwakhe. Xa impendulo yombuzo osisincoko inde kakhulu, phicotha ngokwempendulo ayibhalileyo wandule ukuyigqithisela kumkorekishi ophezulu. Sebenzisa irubriki yokuhlola ekwisihlomelo esinguA nesinguB ukuhlola izincoko zabaviwa. 8. Imibuzo emifutshane Musa ukumohlwaya umviwa ongasebenzisanga iimpawu zocaphulo xa ecaphula. 9. Kwimibuzo evulelekileyo, musa ukunika amanqaku ngoHAYI/EWE okanye ngoNDIYANGQINELANA/ANDINGQINELANI. Korekisha impendulo exhasayo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 3 10. Akukho manqaku abelwa uYINYANI/ BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO. Makisha impendulo exhasayo. 11. Iimpendulo zemibuzo emifutshane mazihlolisiswe ngokupheleleyo kwayanywe kwiingxoxo eziqhubeke ngexesha lobekomgangathweni lwesikhokelo sokukorekisha. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2022) ICANDELO A: ISIHOBE ISINGQI SENKULUNGWANE-P.M QANGULE-M.G MDLIVA UMBUZO 1 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) INTYATYAMBO M.G MDLIVA Amanqaku ali-10 ewonke kulo mbuzo. Ama-6 ngawomxholo aze ama-4 abe ngawolwimi kunye nesimbo. Sebenzisa irubrikhi esisihlomelo A.  Sebenzisa ezi ngongoma zilandelayo, njengesikhokelo sokukorekisha lo mbuzo.  Iimpendulo zinokwahluka ngokuxhomekeka kwindlela umfundi awuve ngayo umbongo.  Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-15 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma zilandelayo  Imbongi ithiye isihloko ngeyona nto intle, ibukekayo intyatyambo ikwekwa ubuhle bentombazana.  Umqolo woku-1 imbongi isebenzise isakhi sokuzenza “izimisile” ukuphuhlisa ukuba kwezi meko zinobungozi ikhula phakathi kwazo ayinikezelanga iyabuzama ubomi obufunwa yiyo ngokwayo. Ikwasebenzise isikweko ukuphuhlisa ubugxwayiba, iinzima okanye imingeni ejongene nayo njengentombazana encinane.  Kumqolo wesi-2 imbongi idandalazisa ukuba ubomi abukho lula kwaphela kuyo iyazama ukuphumelelisa iphupho layo kodwa iingxaki ejongene nazo ziliqela.  Umqolo wesi-3 imbongi isityhilela ukuba le ntyatyambo ilulambele ngamandla uncedo olunokuyincedisa ukuba ibufumane ubomi enqwenela ukubuphila.  Umqolo wesi-4 imbongi isityhilela ukuba nangona bungekho lula ubomi kuyo ngenxa yemiceli mingeni ejongene nayo, ayikwazi ukunikezela iyazama ukuthubeleza phakathi kwezo nzima ayililahlanga ithemba.  Umqolo wes-5 nowe-6 imbongi ikhankanya isilingo esilutywala njengomceli mngeni kwiintyatyambo zeli lizwe kuba amantombazana amaninzi ikamva lawo litshatyalaliswa lutywala olusoloko luncekelele ukubizela ulutsha kulo.Ikwakhankanya iziyobisi nazo ezingayeka ukwenza amantombazana asakhulayo ixhoba lazo nto leyo ebonakala ziyivuyela into yokuzuza le ntyatyambo loo nto imbongi iyibonakalisa ngokusebenzisa isifaniso ukuveza iindlela ezixhentsa ngokuzidla nokuzingca ngayo njengeyona ntaka intle ipikoko.  Umqolo wesi-7 imbongi iveza ukuba abasekho ootata benene nabanobuntu abanokuyinceda le ntombazana, abakhoyo ngabo bazidla ngemali yabo beyisebenzisa ngendlela engeyiyo ukuxhaphaza amantombazana amahle asakhulayo anekamva. Lawo asokolayo ebomini abazizisulu zootata abanjalo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 5  Umqolo we-8 imbongi ithi ubuntu abusekho baphela ebantwini kusuke kwakhula izigebenga ezinentlonti ezilambele nezonwabela ukwenza okubi nezitshabalalisa ikamva lamantombazana asakhulayo.  Umqolo we-9 ukuya kowe-11 imbongi iqinisa, yomeleza le ntombazana ngethemba elifanisa nelanga lona lizisa ukukhanya kwimeko yobumnyama njengale yale ntombazana ingxaki.Ithi ithemba liziphethe ngobunono esandleni iindlela ezingcono zokuphila ebomini kule ntombazana, kwaye liyibizela kweyona ndawo imnandi ezele lulonwabo.  Kumqolo we-12 ukuya kowe-13 imbongi ibethelela ukuba ithemba libizela le ntombazana kwindawo enobushushu obuhamba nokufuma eyakonwaba kuyo ilibale ngeengxondorha apho bekunzima inxanelwe namanzana la angumthombo wobomi. Ikwanika ithemba kwintombazana nto leyo eyokutshintsha ubomi bayo ibuye ikhule kakuhle iphila impilo entle ifumana izinto ezenza ubomi ngcono bube mnandi kananjalo.Imbongi ngoko ibethelelela ukuba le ntombazana ingaze ililahle ithemba. [10] UMBUZO 2 (UMBUZO OMFUTSHANE) ISELULA M.G MDLIVA 2.1 Linika intsingiselo yokuba iselula izihambisa ngokukhawuleza iindaba.√√ (2) 2.2 (a) „Ziyagigithek‟ izihlobo kub‟ ungenelele. √ (b) „Zinkcenkceza ngezidlel‟ iinyembez‟ uthumekile”.√/ Qaphela: [le mpendulo ilandelayo iziqulethe zombini] „ukhuthuk‟ umqolo kukubelek‟(a) okuhle (b) nokubi.‟ √√ (2) 2.3 Ngumfanekiso ngqondweni wendlebe√/ wokuva. √ (1) 2.4 Zizihlobo√ namakholwa√ (2) 2.5 Icelela abantu unyamezelo kwiiselula. √ / uyithiya amagama amnandi anokwenza inyibilike iselula kwisicelo sakhe. √ (1) 2.6 Masiwajonge omabini amacala eselula. √√/ masazi ukuba iselula iluma ivuthela. √√ (2) [10] UMBUZO 3 (UMBUZO OMFUTSHANE) UGODUKILE UNJINGALWAZI ZITHOBILE SUNSHINE QANGULE: P.M QANGULE 3.1 Linika intsingiselo yokuba isikhalo sasisenziwa ngabantu abadandatheke emphefumlweni nanjengoko isingqala isisandi esenziwa ngumntu osentlungwini. √√/ babekhala kabuhlungu.√√ (2) 3.2 “Umth‟ omkhulu √/ mthi mni√ nguxholovane.√ wengqanga yolwimi”.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 3.3 Ngumfanekiso ngqondweni wendlebe √ / wokuva√ (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2022) 3.4 Intshuntshe√/igqudu√/ Izagweba√/ amaza.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 3.5 Kububungqina ukusetyenziswa kweziqwengana, „Kusutyw‟uvimba√/ Ezulwini bazuzile√/sithe lasithel‟ilanga.√ (1) 3.6 Umyalezo walo mbongo ngowokuba masingalili siqalekise ngokusweleka kukaNjingalwazi wesiXhosa ongasekhoyo uQangule obekwanguye nombhali weencwadi zesiXhosa. √√/ uQangule usishiye novimba. √√ (2) [10] UMBUZO 4 (UMBUZO OMFUTSHANE) UMONA: M.G. MDLIVA 4.1 Kunika intsingiselo yokuba umona usukela engqondweni, uqhutywa yingcinga engasukeli kulwazi olwaneleyo.√√ (2) 4.2 Umtshabalalisi√ umxabanisi√ (2) 4.3 Ngumfanekiso ngqondweni weliso.√ (1) 4.4 Iwufanisa nenyoka√/ ulovane√/ izembe.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 4.5 Imtyhafisa ngokumbonisa ubungozi bomona kulowo uthe wanawo.√ (1) 4.6 Musa ukufukama umona kuba uya kukutshabalalisa okanye awusayi kuze wonwabe naphakade.√√/ Musa ukusebenzisa umona kuba uyakwahlukanisa nezihlobo√√/ Musa ukuwunika isihlalo emzimbeni nasengqondweni yakho umona kuba awukwazi ukuba sahlukana nawo. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) [10] ISIHOBE ESINGAFUNDISWANGA (SINYANZELEKILE UKUBA USIPHENDULE) UMBUZO 5 (UMBUZO OMFUTSHANE) UMNYHADALA WAMA-2010 BEWUZANA M.P. 5.1 Sisetyenziswa xa iqela lifake inqaku.√ (1) 5.2 Yindebe yehlabathi yebhola ekhatywayo eyayisingethwe nguMzantsi Afrika ngonyaka wama-2010.√√ (2) 5.3 Yimfanozandi.√ (1) 5.4 Eyokuba wonke umntu mkhulu kweyakhe indawo.√√ (2) 5.5 Isitanza soku-1 sinemiqolo eli-14√ ukanti isitanza sesi-2 sinemiqolo esi-7.√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 7 5.6 Yonwabile.√kuba ulwimi elusebenzisayo luqhayisa ngempumelelo.√ (2) [10] AMANQAKU ECANDELO A: 30 ICANDELO B: INOVELI/UNCWADI LWEMVELI INOVELI UMBUZO 6 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) NGENXA YESITHEMBISO - MCEBISI NKOHLA  Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela.  Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo.  Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo.  Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-16 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo Lo mxholo umbhali uwuxhasa ngokuthi abeke uDumile ukuba aphande ngezaphuli mthetho eziwophule umthetho ade etha amandla azo. Uphando lwakhe uDJ ufumanisa ukuba izaphulimthetho aziphelelanga kwisithandathu samabanjwa koko ulwaphulomthetho lunabile lubandakanya nabantu abengakhange abacingele ukuquka nesipolisa asebenza naso ekulweni ulwaphulomthetho. Amanye amabanjwa uDJ uze nawo ephila ngokomnqweno kaKapteni Nakeni aze amanye afunyanwa kodwa ngelishwa afela ezandleni zophando kwiimeko ezahlukileyo.  UDumile uzigqatsela ukuphanda yedwa ngamabanjwa aqhweshe ejele.  Xa eya kuMhleli ufumanisa ukuba umhleli buqu uyabandakanyeka kulwaphulo mthetho kuba isibini kumabanjwa amathandathu ngabatshana bakhe.  Kwindlela yophando lwakhe ubeka emngciphekweni amanye ala mabanjwa.  Ukungqina ukuba amlingene amabanjwa, uthi esazilolonga ahlangane nebanjwa ekuthe kanti nguNeo oye wathi ngokuzama ukuhlutha imoto kaNomvuyo kanti akabhungisanga wafa ngokudubuleka kujijiswano lwakhe noDJ lwale mini.  UDumile uncina inenekazi eMthatha efuna ukwazi kanobom ngezikrelemqa, ufumane ulwazi lokuba imigewu iliqela kunesithandathu acinga ukuba uyasazi atsho afumanise nokuba barhubuluzisa iziyobisi. Ngaphezulu ufumanisa ukuba uSajini Ndaba olipolisa naye uyasebenzisana namabanjwa. Inenekazi lidiza iinjongo zokubandakanyeka kwesipolisa kubugewu ukuba sifumana imali ewuphindaphinda kaninzi umvuzo wepolisa. Ukunyoluka ke ukutsho oko.  Amapolisa athunyelwe nguDJ agagane noDada kwidolophu iMaclear amyalela ukuba ame.  Uye wazama ukubaleka, wadubula emapoliseni. Ngelishwa wachana lalinye ipolisa embonjeni kanti elinye limvelele ngasemva laze lamosela yaba kukusweleka kwalo.  Akuba exhokonxwa ngumhleli –uTshezi, uDJ uthumela amapolisa ukuba ambambe uyabanjwa engxwelerhekile abe phantsi kogcino lwamapolisa.  Kuphando lwakhe eRhawutini ufumana indawo yokuhlala ehotele. Inenekazi elinguNontsasa Ngewu kwindawo yokusela limcela ukuba bazikhuphele kwenye [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2022) yeerestyu eyayikwalapho eRhawutini. Esaye kuoda, kungena izikrelemnqa zijolise zifuna imali, ubucwebecwebe esinye seza kuDumile sifuna ikhamera awayeyiphethe. Iqala apho ingxabano athulule iimbumbulu kufike amapolisa athelele zibanjwe izikrelemnqa ezo.  UNontsasa ufa ngokubulawa kukuqhushumba kwesigcayiseli ebesaya kubulala ngaso uDumile.  Esenza ugqogqo kwaNontsasa ufumana into ethi makayophuthuma iimpahla kwisikhululo seenqwelo moya saseRhawutini, kukhale umnxeba kuthethe uMavis ofuna uncedo kanti uthinjwe zizikrelemnqa ezimyalela ukuba angaxeleli mapolisa naliphi na isebe lezokhuseleko kwaye ahambe yedwa ukuze zibe zingamkhululela. Kanti uDumile ucele icandelo lezobugwinta nobugewu limlandele. Izikrelemnqa zifuna izitshixo zemoto, uyazinika zithi xa zisiya emotweni zihlangana namapolisa ziyabanjwa.  UmLungukazi ubanjwa kwisikhululo senqwelomoya kufunyanwa ukuba uphethe iziyobisi azifake kwibhokisana yesepha engumgubo kwathi kanti naye usebenzisana nezikrelemnqa ezifunwayo.  UDumile ushiya iRhawuti, Liyaxoxwe ityala. UDada, uMhleli, kunye nezikrelemnqa bafumana izohlwayo eziqatha ngolu hlobo: USajini uDada ufumana ingqawule, abengumbhexeshi wekwayala iNal‟ithemba. Umsebenzi wale kwayala kukujikeleza izikolo ifundisa ngobungozi beziyobisi. UTshezi owayengumhleli wephephandaba yena sele egqibe umqulu wencwadi yakhe eyayingoxinzelelo, ubulolo, umvandedwa ozalwa ziziyobisi. Umfo kaMguqulwa omnye wamabanjwa waphuma waba ngumchweli wezitulo ingakumbi ezezikolo. Ukufumana izohlwayo, nokufa kwamanye amabanjwa kungumboniso wokuba ngenene athe kanti amlingene uDJ loo mabanjwa. (Nayiphi impendulo echanekileyo iya kwamkeleka) UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE) 7.1 UDada makanikwe umsebenzi owodwa kwinkampu ekude naseMthatha√/ umsebenzi awunikwayo mawube ngoyakufuna ingqalelo yakhe enzulu√/ Ixesha lomsebenzi awunikwayo malibe lelikhethekileyo kwaye lingxamiseke√/ makaphelekwe sisithathu samapolisa ukuze angabi nalurhano ngokuhanjiswa kwakhe√/ omnye kwisithathu samapolisa aze abe ngungcothoza oza kumane ethela thsuphe ooDJ ngeentshukumo zikaDada.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 7.2 UDada ubedukisa zonke iinkcukacha malunga norhano nezimangalo ezivuka malunga neqela lemigulukudu. √/ ubeqinisekisa ukuba ovalelweyo kweli qela azipheli iiveki ezimbini eseseluvalelweni√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo iya kwamkeleka.) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 9 7.3 Libali lophando kuba kukho umcuphi ongumlinganiswa oyintloko.√/ kukho ulwaphulomthetho olusungule ibali√/ izaphulimthetho zingabachasi bomcuphi kungenjalo zibekela umcuphi izabatha √/ ababaliselwa balandela imikhondo bekhokelwa ngumcuphi.√/ iindawo ekuhanjwa neliqhubeka kuzo ibali zinobungozi√ (Nasiphi na isibini esichanekileyo) (2) 7.4 UDada uphele ebanjwa wanikwa ingqawule sele etshintshile wangumbhexeshi wekwayala√√/ elumkisa nangobungozi beziyobisi.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 7.5 EMaclear√/ eRhawutini√/ kuTsolo√/ enkundleni kaMantyi√ (Nasiphi isibini sendawo echanekileyo) (2) 7.6 Kukunika amapolisa imali eyaneleyo ehambelana nenxaxheba ayidlala kulwaphulomthetho.√ Kukuwaleqa ngomthetho amapolisa athe aphukaneka.√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo iya kwamkeleka.) (2) 7.7 Sisiganeko sokudubuleka kukaNeo.√ kunye nesiganeko sokudutyulwa kubulawe uNdaba.√ (2) 7.8 Yinto yokuba xa besweleka abantu usibona singayi kuhamba ngokwesicwangciso isithembiso asenzileyo sokubuya nabo bephila abenzi bobubi.√√ (2) 7.9 Ubukho beenqwelo zezigulana√/iinqwelo zamagosa alwa umlilo√/iinqwelo zamagosa endlela.√ kunye neenqwelo zamapolisa.√/ ubukho bemipu√/ ubukho bomhleli wephephandaba√ (Nasiphi na isibini kwezi.) (2) 7.10 Uthando lukaSasa lungcolile kanti olukaNomvuyo lunyanisekile/ lolobuhlobo. √√/ OlukaSasa beluneenjongo zokubulala uDJ kanti olukaNomvuyo lumncedile uDJ lwade lwasindisa/lwabuyisa uMavis ekuthinjweni. √√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 7.11 Amabanjwa abegwetywe intambo aqhweshe entolongweni.√/ amabanjwa ashishina ngeziyobisi azithengisa kuluntu nakubantwana besikolo. √/ amapolisa asebenzisana nezaphulimthetho ukwaphula umthetho√/ amapolisa engeza imivuzo yawo ngokuhlawulisa izaphulimthetho ukuze ziphephe umthetho.√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2022) 7.12 Ndiyangqina umthetho uloyisile ulwaphulomthetho kuba onke amabanjwa abeqhweshile afunyenwe, aphinda agwetywa avalelwa.√/ uSasa obezama ukubulala uDumile uye wabulawa kwasisiqhushumbisi abethiyisele ngaso uDumile√/ imigulukudu ebisasithele ingekaziwa nayo iye yafunyanwa eminye yabulawa, yaze eminye yabanjwa√/ Izabatha ebezibekelwe uDumile ziye zaphanza√/ amapolisa abencedisana nemigulukudu aphele evalelwe.√ (Nasiphi na isithathu sempendulo ezichanekileyo) (3) [25] UMBUZO 8 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) UMTHOMBO WOBOM-NONDUMISO MDEKAZI, TOMMY KABANYANE Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina. bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo.  Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo.  Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-16 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: Kwisibongo A! Dalibhunga inkosi yinkosi ngokuzalwa ukanti nakule ntsomi iyazalwa.  Inkosi ekwintsomi ingumzekelo ombi kubantu ebakhokelayo ngeli xesha ekwisibongi ingumzekelo omhle.  Kwintsomi inkosi ayinagama yinkosi yeemfene kuwonke wonke negama, kanti kwisibongo itshintshatshintsha amagama ngokweendawo ngeendawo esebenza kuzo. Igama elithiywe kwikhaya lokuzalwa nguRholihlahla, kumakhaya nguMadiba, kubeLungu nguNelson.  Kwintsomi inkosi ixhwitha abantu amalungelo abantu kanti ekwisibongo iwalwele amalungelo abantu.  Ekwisibongo inkosi itshutshiswe egameni lokulwela amalungelo abantu kanti ekwintsomi ibitshutshisa abantu ineenkundla zayo zokugweba abantu  Kwisibongo inkosi ingcikiveke yaphumelela ide ithi imbongi, „wantingela phezulu okwentaka‟, kwintsomi inkosi ingcikive abantu yade yohlwaywa, yathobeka isidima.  Inkosi ekwintsomi iyarhwaphiliza ide ibe into eyiyeyayo yakugqiba ityala ilisulele kwabahlelelekileyo abantliziyo zimsulwa zithembekileyo kanti le ikumbongo ithembeke kwilizwe elingathembekanga.  Ekwisibongo inkosi isebenzela ukudala uxolo kanti ekwintsomi isebenzela ukuchitha uxolo.  Isohlwayo inkosi ebicinga ukusisulela kuDengetyana sigqibele sifunyanwa yiyo. Le ikwintsomi inkosi ithengisa ngabantu bayo ngeli xesha le ikwisibongo ingcikiveka ngenxa yokufuna ukusindisa abantu bayo. (Nayiphi na impendulo echanekileyo) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 11 UMBUZO 9 (UMBUZO OMFUTSHANE) 9.1 Kukuhlala nabantwana abajonge bangaphumi phandle bodwa√ abatyise abalalise√/ abazise kwingonyama yakubuya ibabone√/athathe ukutya kwabo kwengomso. √ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 9.2 Utye abantwana bengonyama wabazisa ngabanye abantwana ukuze ingonyama ingaqondi ukuba ubatyile. √ukhohlise ingonyama√/ wasaba√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 9.3 Kubekho ubuhlobo obungebubo √kukho isigqibo ekungenwe kuso ngabahlobo√/kukho ukophulwa kweso sigqibo√/ kubekho ubuqhetseba obenziweyo nguDyaki√/kubekho ukukhohliseka√ nokusaba kukaDyaki. √ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 9.4 Ubalekile/ usabile√/waduka√/wasinda√ (Nayiphi kwezi) (2) 9.5 Kwangonyama√/ emzini kaNgonyama. √ (1) 9.6 Abantu mababalumkele abantu abazenza ngathi bangabahlobo kuba bathi kanti bazizona ntshaba√√/ abantu mabahlale besazi ngeendidi zabantu abangoontliziyombi.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 9.7 Ngokwale ntsomi wabatya. √√ (2) 9.8 Zisenayo indawo. Imfundiso yazo iza konwatyiwe ibe sisixhobo sokudlulisa nokululeka esingaphelelwa xesha. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 9.9 Yesizwe samaNgqika. √ (1) 9.10 Wayenazo zonke iindidi zeenkomo, ezihamba ngamanqina, neziyimali. √√ (2) 9.11 Kukudala undindwano√√ / isingqisho.√√/ kukwenza imvumelwano√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 9.12 Kukunika umntu isipho kumfana owalukileyo ngexesha lokwaluka. √ (1) 9.13 Ndiyangqina kuba intombi yakhe ilotyolwa ngekhulu leenkomo√√/ kuba imbongi ithi uyayimfimfitha indoda. √√ (2) 9.14 Umbongo ungenkosi yamaNgqika uElijah Mgijima, esisityebi kangangokuba iqesha nabeLungu kwaye xa esoka usoka ngenkomo. √√ (2) [25] AMANQAKU ECANDELO B : 25 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2022) ICANDELO C: IDRAMA UMBUZO 10 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) NATHI SINGABANTU – C.S HOBONGWANA  Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela.  Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo.  Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo.  Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-16 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo: Umbhali kulo mdlalo ubonakalise ubuhlungu obuqhubeka kwisizwe esintsundu apho isizwe esintsundu sibulawa kwangabantu abamele ukusakha. Umviwa angatyeba anqaphele esebenzisa ezi ngongoma njengesikhokelo seengxoxo zakhe;  USikhulu oliqhawe lentlekele kulo mdlalo, umele umbutho wopolitiko iAUP, ivula nje incwadi uthetha eziphikisa. Ngomlomo ufuna ubutyebi beli lizwe buxhanyulwe nguwonke wonke kodwa inguqu ayibonela abantu bakubo yeyokuba abantu benyuselwe izibonelelo ezifana nendodla hayi ukuba babe nemihlaba eyiyeyabo ukuze bazilimele baziphilise. Oku kuvela kakhulu kwizigxeko ezenziwa nguNohenjisi xa exoxa nomyeni wakheuSikhulu, emva kweminyaka engama-20 ilizwe lisezandleni zabo. Kwizinto azikhalimelayo uNohenjisi, ukhankanya urhwaphilizo, ukutyeshelwa kokwakha iikliniki, izibhedlele, izikolo, ukutyeshelwa kwamasiko nezithethe. Kwelinye icala uMpilo udikiwe kukuhlala emazantsi engaxhamli njengoSikhulu naye ufuna ukuya esityeni akhe axhamle ekutyeni imali ngelithi naye ulungiselela abantu abahlelekileyo.  UNohenjisi iyamkhamnqisa eyokuba emva kweminyaka emashumi mabini abantu abakwazi ukusebenzisa iilwimi zabo kwiinkundla zamatyala kusafuneka batolikelwe .  Abantu abamele kukhusela abafazi, abayeni babo ngabona babacinezelayo okanye abafazi abazaziyo iintlupheko suke bacinezelane bodwa phantsi kwegama lobuqaba nesikolo.  USikhulu onesihlalo sokumela amalungelo oluntu nguye intshatsheli yokuxhaphaza abafazi nabantwana kule drama.  USikhulu ude enze amasikizi okwenza amayelenqe wokude azame kubulawe owesizalo sakhe umntwana emva kokuphanza kwamayelenqe aquka elokumdlisa ityhefu, nelokumdlwengula.  USikhulu omngummeli wamalungelo oluntu nguye oneentloni ngokuba nomfazi oliqabakazi, ukuba nomntwana ongakwazi kuzenzela nto, ndibala ntoni na.  Ude uSikhulu acenge namapolisa ukuba ayeke ukuphanda ityala lokuxhaphazeka komntwana kaSikhulu ngenxa yokufuna ukubonwa njengomntu ongenaye umntwana onesikhwasilima somzimba. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 13  Ukugqamisa uluvo lokuba isizwe esintsundu sibulawa kwangabantu abamele ukusakha ugqamisa amalinge kaNohenjisi okusindisa konke okubulawa nguSikhulu ongumyeni wakhe amenze aphumelele uNohenjisi zidake iindlela zikaSikhulu.  UNohenjisi ubetha ngenqindi phantsi ngelithi ityala lakhe malithethwe ngesiXhosa kwaye akafuni nokutolikelwa elizweni lakhe Noxa ehlekwa uyazingisa ade aphumelele. Kuthe kanti kokokuqala, ezimbalini ukuthethwa kwesiXhosa kwinkundla yejaji yalandela imithetho evulela oku.  UNohenjisi uvakalisa elubala ukuba lilungelo lakhe ukusebenzisa ulwimi lwakhe naphi na ngokomgaqosiseko weli.  Liyathethwa ityala aphumelele uNohenjisi ohlule isifundiswa esinguNokwakha.  Ulwela ukuba umntwana wakhe nabanye bangaze bayekwe bangawenzi amasiko abo aphumelele.  Uyemisa enkundlleni abantu bengqina ukuba bafuna konke okuphucukileyo ezilalini athi noko engakhange azibandakanye kupolitiko afumane iivoti ngokumela amalungelo abantu basezilalini ukuba bafumane iikliniki izikolo izibhedlele njalo-njalo. Isigulo sakhe sezifundiswa ezizidenge sinyangekile kuba umthetho uzingqinile njengenyani zonke izinto abezikhalazela, kwaze kwenziwa utshintsho. UMBUZO 11 (UMBUZO OMFUTSHANE) NATHI SINGABANTU– C.S HOBONGWANA ISICATSHULWA A 11.1 Ziindaba zokuba uSonke uyayazi ukuba bubuxoki ukuba uSikhulu ufike ngomhla we-16 kuMeyi hayi ngowe-18 njengokuba esitsho.√/ uSonke uyayazi ukuba uSikhulu wenzele uMpilo iyelenqe lokufaka iziyobisi emotweni yakhe.√/ uSikhulu ufumanisa ukuba umntwana uyakwazi ukunxibelelana ngeselfowuni nangekhompyutha.√/ uSikhulu ufumanisa ukuba ukuzoba kukaNkosunaye ngekhompyutha kuquka ukuzoba bantu abamenze izinto ezimbi. √ (Nasiphi na isithathu kwezi.) (3) 11.2 Amasikizi enziwa kukuba lo mlwelwe kufuneka ebulewe nguNkosunaye okwangumntwana wesizalo sikaSikhulu. √√ (2) 11.3 Kunika ingcinga yokuba uSikhulu uyinkokeli kweli yelenqe.√√/ kunika ingcinga yokuba uSikhulu nguyena uqhuba le nqwelo yokubulawa konyana wakhe.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 11.4 Owokuqala liyelenqe uNkosunaye alenzelwe nguyise lokuba agalelelwe ityhefu√/ owesibini kukudlwengulwa kwanguyise/ √/Liyelenqe alenzelwa nguyise lokuba abulawe nguMzingisi noNtsokolo.√ (Nasiphi na isibini kwezi.) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
14 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2022) 11.5 Sonke! Ubuxoki bakho bokuthi uswelekile uNkosunaye asibukhaleli kuba busindise imiphefumlo ebisemngciphekweni√/ Siyakubulela kuba umntwana obecalulwa uvelise icala elihle kwathi kanti unezinto ezifana nokusebenzisa ikhompyutha nokuzoba ezisindisa ubomi√/ Sonke uliphande ngempumelelo wazibamba izaphulimthetho, waqinisekisa ukuba ziseluvalelweni. √ (Nasiphi na isithathu esichanekileyo) (3) 11.6 Waye wazifisa.√ wazilwela kuMzingisi wamsusa icala lendlebe.√ (2) 11.7 Ude wawalwela ezinkundleni zamatyala amalungelo abantwana√ Ulwele ukuthethwa kwesiXhosa kwiinkundla zeli√/ ulwele amasiko nezithethe√/ abantwana bakhe ubalwele kungcikivo lukayise onguSikhulu obebadlwengula, efuna ukubabulala ngenxa yezikhwasilima zomzimba. √ (Nayiphi na isibini esichanekileyo)√ (2) 11.8 Abalinganiswa bayazithethela ngokwabo.√izinto abazenzayo nendlela abazenza ngayo zixelwa kumagama abukekela akwizibiyeli.√/ingxoxo yabalinganiswa.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 11.9 NguNtsokolo.√ (1) 11.10 USikhulu wothukile akayikholelwa into ayibonayo.√√ (2) 11.11 UNokuthula uxokise amapolisa malunga noSikhulu Mpinda wathi babebonke ngosuku okwadlwengulwa ngalo uNkosunaye.√ ukanti uNtsokolo ubanjelwa ukuzama ukubulala uNkosunaye.√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 11.12 Ingadala umoya wokungabathembi ngakumbi xa umfundi ephulaphula izibakala ezibekwa nguNohenjisi ngokungakwazi kwabo ukulwela izinto zexabiso basuke balwele izisu zabo baxabane kwabodwa√√/ Ingabenza bangabathembi xa uSikhulu enguntliziyombi njengoko epeyintwe yile drama njengombulali ode abulale nesizalo sakhe esithi uzilungiselela ukuba abonwe emhle ngabantu. √√ okanye Ingabenza babathembe kuba akho amaxesha apho bebebanika ubuntwanantwana abantu baze ke abo bahluphekileyo bahiliteke bangaqondi ukuba bakhelelwa ngomnwe kobu busi bulilizwe labo. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) AMANQAKU ECANDELO C: 25 AMANQAKU EWONKE: 80 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC NOVEMBA 2021) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 15 ICANDELO A: IRUBRIKI YESINCOKO SONCWADI: ISIHOBE [10 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 5–6 4 3 2 0–1 -Isihloko sitolikwe -Ubonisa ukuqonda -Isihloko sitolikwe -Ayanelisi indlela -Akanalwazi kwaphela Ukuhlalutywa ngokunzulu. nokutolika kakuhle ngokwanelisayo ekutolikwe ngayo ngesihloko kwesihloko, ubunzulu -Iingxoxo ezinomtsalane isihloko okanye umbuzo -Akho amanqaku axhasa isihloko/umbuzo -Impendulo ayikho bengxoxo indlela ezixhaswe -Impendulo inazo isihloko kakuhle -Anqongophele kakhulu mxholweni wesihobe. azakuzela ngayo ngokuvokothekileyo iinkcukacha ezanelisayo -Ezinye iingxoxo amanqaku okuxhasa -Impendulo ibonisa ingxoxo ukuwulandela Kusetyenziswa isihobe -Izimvo ezibambekayo zixhasiwe nangona isihloko ukulambatha kulwazi kakuhle umhobe. -Impendulo ibonisa zinikiwe nangona ingezizo zonke -Impendulo ibonakalisa lwesihobe. ulwazi olugwesileyo ingezizo zonke nje ezixhaswe ukuqhwalela kulwazi 6 AMANQAKU lwesihobe. ezixhaswe njengoko ngokwanelisayo lwesihobe. bekufanelekile -Impendulo ibonakalisa -Impendulo ibonakalisa ulwazi olusisiseko ulwazi lwesihobe. sesihobe. 4 3 2 1 0–1 ISAKHIWO NOLWIMI -Isakhiwo -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Isakhiwo sife amanqe siyathungelana. ingxoxo iyathungelana besakhiwo iziphene zoyilo. -Iziphene zolwimi Isakhiwo, ukuthungelana -Ingxoxo ixongxwe kuhle -Ukuthunegelana -Isincoko sibonakalisa -Ingxoxo ezingamkelekanga kwezimvo nendlela kwaye zikhuliswe kwengxoxo ukusilela ayicwangciswanga konke konke yokubhala. Ulwimi ithoni ngokugqwesileyo kuyalandeleka. kukuthungelana ngokukuko. nesimbo nesimbo sokubhala nangokucacileyo -Ulwimi, ithoni nesimbo nokunamathelana -Bukho ubungqina esingachanekanga isincoko -Ulwimi ithoni, nesimbo zichanekile ubukhulu Kwezimvo. beziphene zolwimi. zivuthiwe, zinomtsalane becala. -Iziphene zolwimi -Ithoni nesimbo 4 AMANQAKU zichanekile zimbalwa, ithoni sokubhala - Igrama, upelo nesimbo sokubhala azichanekanga. neziphumlisi zichanekile ikakhulu. azinaziphene kwaphela. QAPHELA: Ukuba umviwa akawuchaphazelanga nakancinci umxholo, ubhale nje isincoko makanikwe i-0 kumxholo, isakhiwo nolwimi. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
16 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBER 2022) ISIHLOMELO B: AMACANDELO B NO C: IRUBRIKI YOKUHLOLA ISINCOKO SONCWADI- INOVELI NEDRAMA [25 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 12–15 9–11 6–8 4–5 0–3 -Impendulo igqwesile. -Ubonisa ukuqonda -Impendulo iphakathi, -Buncinane ubungqina -Buncinci kakhulu 14–15 nokutolika kakuhle asiyiyo yonke imiba obubonakalisa ukusazi ubungqina obububo 15 AMANQAKU -Impendulo ebalaseleyo. isihloko okanye umbuzo. ekungenwe kuyo nzulu. isihloko yaye kunqabile ukuqonda isihloko. 12-13 -Impendulo inazo -Akho amanqaku ukungena nzulu kwimiba -Iimpendulo zisilele -Ukutolikwa okunzulu iinkcukacha ezanelisayo. asixhasa ekubhalwa ngayo. kakhulu ukuphendula kwesihloko Izimvo ezibambekayo ngokufanelekileyo isihloko -Ambalwa amanqaku umbuzo. -Iingxoxo ezinomtsalane zinikiwe nangona -Ezinye izimvo zixhasiwe axhasa isihloko. -Izimvo zibekwe ezixhaswe ingezizo zonke nje kodwa ubungqina -Iimpendulo ngendlela engacacanga abusoloko busamkeleka. konke konke. ngokuvokothekileyo ezixhaswe njengoko ezichanekileyo zimbalwa -Ulwazi lwejenre/netekisi -Alukho kwaphela ulwazi kusetyenziswa uncwadi. kufanelekile. kakhulu. alugqibelelanga. lwejenre netekisi. -Ukuqonda -Impendulo ibonisa -Luncinane ulwazi okubalaseleyo kwejenre ulwazi lwejenre netekisi. ngejenre netekisi. netekisi. ISAKHIWO NOLWIMI 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 -Isakhiwo -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Ukungabikho koyiloo siyathungelana. ingxoxo iyathungelana besakhiwo iziphene zoyilo. kwenza ukuba 10 AMANQAKU -Intshayelelo nesiphelo kakuhle. obungagqibelelanga. -Izimvo azithungelelani kungabikho esigqwesileyo. -Intshayelelo nesiphelo -Unamathelelwano kakuhle. thungelelwano lwezimvo. -Ingxoxo yakheke kunye nemihlathi nothungelelwano -Iziphene zolwimi -Iimposiso zolwimi ngokufanelekileyo yaze zicwangciswe ngendlela lwezimvo lukho, kodwa ziyabonakala. nesimbo sokubhala esife yakhuliswa edala uthungelwano. kukho iziphene. -Ithoni nesimbo amanqe kwenza ngokucacileyo -Izimvo zithungelana -Zikho iziphene zolwimi sokubhala ukungavakali ngokuchanekileyo. kokubhaliweyo. -Ulwimi, ithoni nesimbo ezithile, ithoni, nesimbo asichanekanga. -Ulwimi, ithoni nesimbo -Ayichanekanga ithoni sokubhala sivuthiwe, sokubhala sichanekile -Imihlathi ineziphene. sokubhala sisetyenziswe nesimbo sokubhala sinomtsalane, ikakhulu. Ngokuchanekileyo -Ulwakhiwo lwemihlathi sichanekile. ikakhulu. -Imihlathi ichanekile ludlakadlaka. ikakhulu. AMANQAKU 20–25 15–18 10–13 6–8 0–4 QAPHELA: Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo umxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepa lesithathu, mnike u-0. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 11 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all
XHOHL GRADE 11 MEMO NOV 22 CHANGES ACCEPTED | Hlayiso