You're offline
Skip to content
Question paper

XHOSA HL P1 QP GR11 NOV 2022

Subject: Isixhosa HlGrade 11202212 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2022 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) (EXEMPLAR) AMANQAKU: 70 IXESHA: liyure 2 Olu viwo lunamaphepha ali-12.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2022) IPHEPHA LEMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha lemibuzo LINAMACANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Isicatshulwa (30) ICANDELO B: Isishwankathelo (10) ICANDELO C: Izakhi nemigaqo yokusetyenziswa kolwimi (30) 2. Funda YONKE imiyalelo ngocoselelo. 3. Phendula YONKE imibuzo. 4. Qala ICANDELO NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Krwela umgca ekupheleni KWECANDELO NGALINYE. 6. Nombola iimpendulo zakho kanye ngokwendlela ekunonjolwe ngayo kweli phepha lemibuzo. 7. Shiya umgca emva kwempendulo nganye ukuze umsebenzi wakho ungaxinani. 8. Qwalasela ngeliso elibukhali upelo nolwakhiwo lwezivakalisi. 9. Yaba ixesha lakho ngolu hlobo: ICANDELO A: Imizuzu engama-50 ICANDELO B: Imizuzu engama-30 ICANDELO C: Imizuzu engama-40 10. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 3 ICANDELO A: ISICATSHULWA SOKUQONDA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA Funda ISICATSHULWA A, uze uphendule imibuzo esekwe kuso. ISICATSHULWA A UVELWANO 1 Nawuphi na umntu obenokuthi ashumayele ngovelwano, ukuze ithi intshumayelo yakhe intshulise izithombo zovelwano ebantwini ngale mihla, angathatyathwa njengomntu ongoyena wenze into enkulukazi. Kaloku uvelwano oluqulathwe yiyo yonke intlalo yakudala esiXhoseni, luthe shwaka. Lubiwe ziimpembelelo zobomi bedolophu nobasemLungwini. 5 Singangabantu abayintoni ukuphulukwa luvelwano oluyenye yeemfihlelo ezibaluleke gqitha endalweni? Andithi lunamandla okutyhefa ukungcola ezintliziyweni, lusunduza ugrwangxuliswano ebantwini ukanti lukwanyibilikisa neyona ntliziyo iqinileyo? 2 Uvelwano luzalwa luthando, iimbekelelo ekubekelwe phezu kwazo 10 ubuKrestu. Le nyaniso iqinisekiswa libalana endakhe ndalifunda. Kuthiwa wathi uYohane oNgcwele sele emdala kakhulu wacelwa ukuba aye kuyala indimbane yabantwana. Kangangobudala bakhe wayengasakwazi ukuhamba. Wathwalwa ke ngamadoda amsa kule ndawo wayeza kuthetha kuyo. Kuthiwa yazama ukuphakama indoda enkulu, ngemizamo emikhulu. 15 Abantwana bawancina amehlo bamthi ntshoo, iindlebe bazithi ntaa ukwenzela ukuba bawabambe onke amazwi ayeza kuwa kuloo milebe yayingcangcazela, bavisisise naloo ntetho yayiza kwenziwa ngelizwi elidekedeke lobudala obugqithileyo. Yathi inkonde, ‟Bantwana, thandanani.” Bonke abantu bothuka bakumbona esithi cwaka akugqiba. 20 Bambi bathi nqa ukuba bangasindwa ngumntu bemzisa ukuba axhobise abantwana, aze yena athethe eli lizwana. Abanye babantwana badanduluka bathi, ‟Akukho nto yimbi uza kusixelela yona?” Yena uphendule ngokuthi, ‟Ndiniyalela oku qho, kuba ukuba niyasigqala esi siyalelo, akukho nto yimbi ningangayenza.” Le nyaniso imi imi elizweni liphela. Xa sivelana nomntu, 25 sizibeka emekweni yengqondo yakhe. Kwakho siyazilibala ezethu iziqu, sithabathe imo yalowo simvelayo. 3 Ukuvelana nomntu akufanele kuphelela ekumveleni kuthi ngaphakathi okanye ezingqondweni zethu qha. Lowo simvelayo masimncede simphungulele loo mthwalo umsindayo. Akukho buhlobo apho kungekho 30 luvelwano lulolu hlobo. Ungadakumbi, udane kangangokuba uzimisele ukungancedi nawuphi na omvelayo xa uthe akwafumana no-enkosi lo, emva kokumnceda umntu. Abanovelwano mababanyamezele abanje. Noyena uphantsi unebango kuncedwano olufanele ukubakho phakathi kwabantu. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2022) 4 Kuzo zonke izinto ezinokwenza umntu abe nothando komnye, ayikho 35 egqitha uvelwano. Kukangaphi ebomini bethu sibona umntu eguqulwa imo yakhe lilizwi elithambileyo nenkangeleko esuka kulusu oluvuza ububele, imo ebingenakuguqulwa zizigalo, izithuko nezinyeliso? Uvelwano emntwini luthi lukhule lude lube luvelwano emzini ngokubanzi. Olu ke luzonda ukuphakamisa abo bongqulwe yindlala nokutsala nzima kunye 40 nokusasaza impucuko ebantwini nokuzama ukungciba iintanda ezisezindongeni zemitshato yamakhaya ngamakhaya. 5 Olu ncedo luxanduva olubekwe emagxeni omntu ngamnye ngenxa yale nyaniso. Sidalwe asalingana ngeziphiwo. Omnye akanakho nokuba sethanda ukuba angafunda aye kufikelela emagqabini kwezobugqi 45 nezinye. Wumbi uyoyiswa kukulondoloza iisenti ade abe sisityebi nokuba senelo bhongo. Ongenakufunda aye kufikelela kwiincwadi eziphambili uthi kanti unesiphiwo somsebenzi wezandla njalo njalo. Xa kunje ke lowo ube nethamsanqa lokutyeba ngemali nemfuyo, lokuba nengqondo ebukhali kunabanye, makathabathe intwana aphe abalambayo, aphe 50 abangenazinkabi indima, achazele abantu ngeemfihlelo zobugqi abangenakuzazi bona ngokwabo. 6 Into ecace nasesidengeni yeyokuba ukungabikho kovelwano kuduba-duba intlalo. Izityebi zizithi geqe kwizilambi, nezilambi kwizityebi. Lo nto ibangela ukuba iinzima neengxaki zabatsala nzima zingaziwa kanye kanye okanye 55 zingakwazi ukulikhathaza ngokwaneleyo iliso kuzokuvakala laa ntlungu itsho kuthi xhokro entliziyweni. Yile ke enokubangela umntu abone imfuneko yeyakhe indima ekunciphiseni intlungu yabatsala nzima. Udidi lwezityebi luzigcinela kulo uvelwano nobunkokheli, lube olwezilambi luzigcinele inkonzo nembeko. Yile ntswela-luvelwano ebanga okokuba 60 bathi abasebenzi xa befuna imivuzo inyuswe, basuke bathi, ‟Asiyi kuphangela ide inyuswe imivuzo.” Iba buhlungu intliziyo yakho inge yopha igazi, xa ubona umsebenzi ongaphangelanga ngoMvulo kuba egulelwe ngumfazi, egxothwa emsebenzini. Umqeshi umgxotha esithi, ‟A suka! Musa ukucinga ukuba obo buqhinga bokuthi ubugulelwa ngumfazi ndiza 65 kubukholelwa. Thabatha ibhatyi yakho uhambe. Into ecacileyo akufun' ukusebenza, baninzi abantu abadingayo. Aliz' ukutshona eli ndingafumananga mntu.” Akunje kumadoda odwa, koko nasebafazini. Uvelwano lufuneka ngamandla nangamandla kuthi thina bantu baNtsundu beli leRepublic. Ingathi ikhe yenziwa le nto uphuculo lwesizwe 70 lungakhawuleza ngephanyazo, kuthi ngephanyazo umgangatho wenkqubela phambili yethu ube uphezulu. [Sicatshulwe kwincwadi ethi 'NDITHUNGILE SELANI', ebhalwe ngu:Tom D.V., amaphepha 87–94, saze sahlelwa] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 5 OKUBONWAYO: ISICATSHULWA B [Sicatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com] ISICATSHULWA A Jonga kumhlathi woku-1. 1.1 Xela iziphumo zentshumayelo engovelwano ngokwalo mhlathi. (1) 1.2 Sibonakalisa ntoni isimamva esikrwelelwe umgca ngaphantsi kwesi sivakalisi silandelayo? ‘... angathatyathwa njengomntu owenze into enkulukazi.’ (2) 1.3 Nika intsingiselo yeli binzana lilandelayo: '... luthe shwaka.' (2) 1.4 Xela isafobe esisetyenziswe ngumbhali kwimiqolo yesi-6 ukuya kweye-9. (1) Jonga kumhlathi wesi-2. 1.5 Sisetyenziswe njani isifanekisozwi esikrwelelwe umgca ngaphantsi? ‘Abantwana bawancina amehlo bamthi ntshoo ...’ (1) 1.6 Ucinga ukuba sithini isizathu sokungcangcazela kwemilebe kaYohane Ongcwele? (2) 1.7 Guqula esi sivakalisi silandelayo sibe kwimo yengxelo-ntetho: ‘Yathi inkonde, ‟Bantwana thandanani.” (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2022) Jonga kumhlathi wesi-3. 1.8 Ingaba uyangqinelana noluvo lombhali lokuba abo sibavelayo masibancede ngokubaphungulela loo mithwalo ibasindayo? Xhasa impendulo yakho. (2) 1.9 Shwankathela lo mhlathi ngesivakalisi esinye. (2) Jonga kumhlathi wesi-4. 1.10 Sebenzisa igama elibhalwe ngqindilili linike intsingiselo eyahlukileyo kuleyo ikwisicatshulwa. (2) Jonga kumhlathi wesi-5 1.11 Lizisa ntsingiselo ni ngovelwano igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi? (2) 1.12 Khetha impendulo engangqinelaniyo kwezi zilandelayo: Umbhali uthi aba bantu balandelayo mabathabathe intwana baphe abalambayo: A Abaneziphiwo zomsebenzi wezandla B Abanethamsanqa lokutyeba ngemali nemfuyo C Abanethamsanqa lokuba nengqondo ebukhali kunabanye D Abashiywe nelifa ngabazali. (1) Jonga kumhlathi wesi-6. 1.13 Caphula isivakalisi esibonakalisa ukuba intlungu eyehlela abasebenzi ayikhethe sini. (2) 1.14 Ingaba la mazwi womqeshi kwesi sicatshulwa aveza luphi uluvo lombhali ngabaqeshi? Xhasa impendulo yakho. (2) ISICATSHULWA B 1.15 Kwenzeka ntoni kulo mfanekiso? (2) 1.16 Xa uqwalasele okwenzeka kulo mfanekiso ingaba lukhona uvelwano phakathi komqeshi nomqeshwa? Xhasa impendulo yakho. (2) 1.17 Ingaba oku kwenzeka kulo mfanekiso ukwisicatshulwa B kuhambelana nowuphi umhlathi kwisicatshulwa A? Xhasa impendulo yakho. (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 7 ICANDELO B: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAMAZWI AKHO • Funda ngocoselelo esi sicatshulwa singezantsi singeengcebiso ngezinto onokuzenza ukuzikhusela kwintsholongwane yeKhorona, uze usishwankathele ngamazwi akho ungacaphuli kwitekisi. • Impendulo yakho mayingadluli kumagama angama-70. • Shwankathela ngokomhlathi kuphela, kodwa isishwankathelo sakho masiquke iingongoma ezi-7. (7) • Bhala inani lamagama owasebenzisileyo kwizibiyeli. • Akulindelekanga ukuba ubhale isihloko sesishwankathelo. • Qaphela indlela echanekileyo yokusetyenziswa kolwimi, iimpawu zobhalo nococeko. (3) ISICATSHULWA C INTSHOLONGWANE YEKHORONA 1 Ihlabathi lijongene nomceli-mngeni wempilo ogqugqisayo ngokungenalusini. Lo mceli-mngeni nekungekafunyanwa chiza lililo ubizwa ngokuba yi-Covid 19. Okwangoku kucetyiswa ukuba uluntu luzame kangangoko ukuzikhusela kulo bhubhane unwenwa nobulala uluntu ngendlela emangalisayo. 2 Uphando lubonakalisa ukuba lo bhubhane unwenwa ngokudibana kwabantu. Kubalulekile ke ngoko ukuba abantu bazifundise ukuqelelana. Oku kuqelelana kubaluleke nangakumbi xa uhleli nabantu abakhohlelayo kungenjalo abathimlayo. Zikhwebule kwiindibano ezinabantu abaninzi, kuba ingxinano ingangunobangela wokosulelana ngale ntsholongwane. Kukho nemithetho ngokwamazwe ngamazwe elawula omakwenziwe kwiimeko zeendibano zoluntu. 3 Hlala ekhaya xa uziva ngathi awuziva mnandi, kuba oko kuyakuncedisa ukuba ungosuleli abanye xa kuthe kanti unayo le ntsholongwane. Masikhumbule ukuba amajoni omzimba kwabanye abantu awanawo amandla okulwa nezifo ezingoozungulichele. Iingcali zempilo zithi amathuba okuphila emva kokuba unayo le ntsholongwane maninzi xa uzigcine ekhaya. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2022) 4 Ukuhlambisisa izandla rhoqo ngamanzi nesepha kungakugcina ukhuselekile kusuleleko lwentsholongwane yeKhorona. Lo ngoyena ndoqo uncedisana nokulwa ukunwenwa kwale ntsholongwane kuba kukholeleka ukuba ayihambi ngomoya. Iingcali zezempilo zinobungqina bokuba le ntsholongwane yosulela ngendibano nalowo unayo. 5 Nxiba i-mask egquma umlomo nempumlo maxesha onke. UMongameli weli loMzantsi Afrika uwise umthetho wokuba nabani na ofunyenwe engasinxibanga isicheme kufanele atshutshiswe ngokwasemthethweni. Oku kubonakalisa ukuzimisela kweli lizwe ukunqanda ukunwenwa kwale ntsholongwane. 6 Musa ukubamba impumlo, umlomo kunye namehlo kuba kusenokwenzeka ukuba ububambe indawo eneKhorona ungaqondanga. Yiyo ke loo nto kucetyiswa ukuba sanithayiza izandla zakho rhoqo. Uya kufika ke kuzo zonke iindawo ezingena uluntu zinabantu abaqeshelwe ukusanithayiza abantu. Oku kuquka iivenkile, amaziko ezempilo, izikolo kunye nawo onke amaSebe kaRhulumente. 7 URhulumente weli loMzantsi Afrika umanxadanxada umisela imiqathango engqongqo yokuthotyelwa kwezi ngcebiso zingentla. Eyona nto ibalulekileyo kukuba umntu ngamnye aluthabathele kuye uxanduva lokukhusela impilo yakhe. [Sicatshulwe kwi-intanethi, www.googlesearch.com, saguqulelwa saze sahlelwa] AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 9 ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI UMBUZO 3: UKUHLALUTYA INTENGISO Funda le ntengiso ingezantsi (ISICATSHULWA D) uze uphendule imibuzo esekwe kuyo. ISICATSHULWA D [Sicatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com, saguqulelwa saze sahlelwa] 3.1 Xela umsebenzi wale mveliso ikule ntengiso. (1) 3.2 Ijoliswe koobani le ntengiso? (1) 3.3 Yintoni injongo yokusebenzisa ifonti enkulu xa kubhalwa igama lale mveliso? (2) 3.4 Ingaba igama 'ESEMPILWENI' liyahambelana nomfanekiso wenenekazi elikule ntengiso? Xhasa impendulo yakho. (2) 3.5 Khetha impendulo engangqinelaniyo kwezi zingezantsi. I-Colgate i: A Ilwa iintsholongwane B Igcina amazinyo esempilweni C Igcina iintsini zisempilweni D Ikwenza ube mhle (2) 3.6 Kubethelela ngcinga ni ukusetyenziswa komfanekiso wenenekazi elibukekayo kule ntengiso? (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2022) UMBUZO 4: UKUCAZULULA IKHATHUNI Funda le khathuni ingezantsi uze uphendule imibuzo esekwe kuyo. ISICATSHULWA E [Icatshulwe kwi-intanethi, MADAM AND EVE CARTOONS www.googlesearch.com, yaguqulelwa yaze yahlelwa] 4.1 Babonakala bephi aba bantu bakule khathuni? Xhasa impendulo yakho. (2) 4.2 Nika ubungqina obubonakalisa ukuba lilizwe loMzantsi Afrika eli lifakwe kwikhwarantini. (1) 4.3 Uthini umyalezo odluliswa yindlela abanxibe ngayo oogqirha kule khathuni? (2) 4.4 Xela into ebonakalisa ukuba oogqirha abafuni ukosuleleka yile ntsholongwane. (1) 4.5 Ucinga ukuba sithini isizathu sokuba uMzantsi Afrika ufakwe kwikhwarantini kwezorhwebo namazwe ehlabathi? (2) 4.6 Lunafuthe lini urhwaphilizo kuphuhliso lwelizwe loMzantsi Afrika? (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2022) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 11 UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI NGOKUCHANEKILEYO Funda ISICATSHULWA F, uze uphendule imibuzo esekwe kuso. ISICATSHULWA F U-‘ENKOSI’ OSUK’ ENTLIZIYWENI 1 Kule mihla uninzi lwabantu baxhalabele kakhulu iziqu zabo. Oko kuchasene kakhulu nomoya wokuba nombulelo, athi umntu xa enawo acingele nabanye, aluvakalise lula uxabiso ngezinto ezilungileyo ezenziwa ngabanye. Uya kufumanisa ukuba, ukuba uzifundisa ukuba nomdla onyanisekileyo kwabanye, uluvakalise ngokukhululekileyo noxabiso lwakho ngabakwenzayo, uya kuba ngumntu owonwabileyo. 2 Ukungabi nambulelo kugawula kanye ezantsi kweyona nto iyimfuneko ukuze siqhubeke siphila, ukuncedana. Umntu ngamnye engumntu anguye akanakuba nobuchule kwinto yonke eyimfuneko ukuze ubomi buphileke. Akakho umntu onezinto zonke. Bambalwa phakathi kwethu abafuna ukuba ngamakheswa, okanye abangaphila bengawo. Ke omnye uyimfuneko komnye. 3 Xa ke imigudu yethu yokunceda abanye ithatyathwa lula ngabo bantu sibancedayo; xa abantu besisebenzela bentshingintshingi ebusweni ukanti bayahlawulwa ngomsebenzi abasenzela wona; xa sithi sizama ngokuzimisela ukwenzela umntu ububele asuke asikrokrele; xa sithi sakubonisa ulwazelelelo kwabanye sisuke sicingelwe ukuba senziwa bubuthathaka, kusuka ke ukungabi nambulelo kwabo kubethe kufike entliziyweni. Ukuba kwakha kwenzeka oku kuwe, uyazi ukuba kwenzakalisa kangakanani ukungaxatyiswa kwemigudu yakho yobubele. [Sicatshulwe kwincwadi ethi ̔RHWEBA UBULUMKO ̛ ebhalwe ngu:O.S. Dzingwa, amaphepha 48-49, saze sahlelwa] 5.1 Guqula isenzi esibhalwe bukekela sibe kwimo yesilanduli. (1) 5.2 Xela isakhi esikrwelelwe umgca ngaphantsi kwisicatshulwa. (1) 5.3 Xela umsebenzi wesimava esikrwelelwe umgca ngaphantsi kwesi sivakalisi silandelayo. 'Ukungabi nambulelo kugawula kanye ezantsi kweyona nto iyimfuneko ... ukuncedana.' (2) 5.4 Nika isichasi segama elikrwelelwe umgca ngaphantsi kwisivakalisi esilandelayo. ‘Bambalwa phakathi kwethu abafuna ukuba ngamakheswa ...’ (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2022) 5.5 Sebenzisa igama elibhalwe ngqindilili linike intsingiselo eyahlukileyo kuleyo ikwisicatshulwa. (2) 5.6 Nika intsingiselo yegama elikrwelelwe umgca kwesi sivakalisi silandelayo. '... xa abantu besisebenzela bentshingintshingi ebusweni ...' (2) 5.7 Sisetyenziselwe ukubonisa ntoni isihlomelo esibhalwe bukekela kwesi sivakalisi silandelayo? '... kusuka ke ukungabi nambulelo kwabo kubethe kufike entliziyweni.' (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 11 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all
XHOSA HL P1 QP GR11 NOV 2022 | Hlayiso