You're offline
Skip to content
Question paper

XHOSA HL P1 GR11 NOV 2020

Subject: Isixhosa HlGrade 11202013 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2020 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EXEMPLAR) AMANQAKU: 70 IXESHA: Iiyure 2 Olu viwo lunamaphepha ali-13.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2020) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha lemibuzo linamaCANDELO AMATHATHU angala: ICANDELO A: Uvavanyo lokuqonda (30) ICANDELO B: Isishwankathelo (10) ICANDELO C: Izakhi nemigaqo yokusetyenziswa kolwimi (30) 2. Funda YONKE imiyalelo ngocoselelo. 3. Phendula YONKE imibuzo. 4. Qala ICANDELO NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Krwela umgca ekupheleni kweCANDELO NGALINYE. 6. Nombola iimpendulo zakho kanye ngokwendlela ekunonjolwe ngayo kweli phepha lemibuzo. 7. Shiya umgca emva kwempendulo NGANYE ukuze umsebenzi wakho ungaxinani. 8. Qwalasela ngeliso elibukhali upelo nolwakhiwo lwezivakalisi. 9. Yaba ixesha lakho ngolu hlobo: ICANDELO A: Imizuzu engama-50 ICANDELO B: Imizuzu engama-30 ICANDELO C: Imizuzu engama-40 10. Bhala ngokucacileyo nangokucocekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 3 ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA Funda ISICATSHULWA A, uze uphendule imibuzo esekwe kuso. ISICATSHULWA A UKUTHONTELANA KWABANTU EZIDOLOPHINI 1 Mihla le iibhasi neekhombi, akasaxatyiswanga kambe uloliwe, zithutha zithuthile zithuthela abantu ezidolophini. Azihambi nje zithwele abantu ababini nabane, koko zilayisha ziphuphume zibashiye bentshingintshingi abafike sezizele. Zihamba emini nasebusuku, azinaxesha litheni. Azibaleki ngako endleleni zisusa amaphepha. Azihlali edolophini kuba zifika ityhu 5 seyikho yabo bafuna ukukhe bathi tsi emakhaya baze kulungisa imicinjana ethile. Abaqhubi bezi zithuthi wofika bezizinqininqini beloba abantu oku kwabalobi beentlanzi elwandle. Abaphathi bamashishini othutho batyebe banamalukuluku amaqeba ngenxa yezi zithonga zingena mihla le. Ngelinye ixesha ngabantu abakhulu bahamba bodwa. Ngelinye ixesha 10 ngabantwana bazihambela bodwa. Maxa wambi lusapho lonke. Yeyani le mfuduko ingaka? 2 Abantu babeka izizathu ngezizathu bakubuzwa ukuba baleqa ntoni na edolophini beshiya amakhaya abo ngemva nje. Esona sizathu sidla ngokubekwa phambili sesokuba akukho misebenzi emakhaya, imisebenzi 15 isezidolophini. Engaba ikho emakhaya ayihlawuli mali ixolisayo anokuthi aphile ngayo umntu nentsapho yakhe. Imali iyafuneka kule mihla kuba yonke into yenziwa ngemali. Ngubani oza kube engungqikana ezilalini, elamba, babe oontanga bakhe besebenza, besitya, benxiba edolophini? Kaloku abantu abaNtsundu sebaba ngamakhoboka omsebenzi 20 wasemLungwini. Asisalimi njengakuqala singasenayo namfuyo ingako, nto ke leyo ebangela ukuba siphile yivenkile. 3 Esesibini isizathu sesokuba izinto ziyafumaneka ezidolophini kunjalonje zifumaneka ngamaxabiso aphantsi. Nayiphi na into oyifunayo uyayifumana edolophini xa uthe wazimisela ukuba uyayifuna. Edolophini baninzi abantu 25 abasoloko belangazelela abantu abafuna izinto ezithile abanendlela yokuzifumana lula ngayo bona. Mininzi imizi-mveliso esezidolophini apho kwenziwa khona ezi zinto sizisebenzisa emakhaya mihla le. Iivenkile ezinkulu ezinento yonke zikwafumaneka ezidolophini. Masikhumbule ukuba kwezi mini iimfuneko zomntu oselalini ziyafana nezalowo 30 uselokishini. Ilali yilali nje ngegama, hayi ngokwendlela ekuphilwa ngayo. Abantu batya i-fish nee-chips ne-Kentucky phakathi elalini bakugqiba bathobe nge-Coke. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2020) 4 Esesithathu isizathu kukudikwa yintlalo yasezilalini, njengochuku phakathi kwabazalanayo nokunukana kwabantu. Abantu bomzi omnye 35 ixhaphakile into yokuba bachukelane xa besondelelene ekuhlaleni njengoko kukholisa ukuba njalo ezilalini. Kubakho iingxabano nokungathethisani amaxesha ngamaxesha. Kwasoloko kwakhelenwe umkhanya, abanye belindele ukuba abanye benze isiphoso bazokuba nento yokuthetha. Bathi bakungahambeli ndawo abanye banuke abanye 40 kwalapha phakathi komzi. Oomakoti abahlali kakuhle ngamadodakazi angendanga okanye angoomabuy' ekwendeni. Ngalo lonke elo xesha ulwimi lugqubile, kuthethwa le nale ngobani nobani. Abanye abantu buyabadina obu bomi bakhethe ukuya kuzihlalela phiphiphi. 5 Abanye badiniwe nje kukuhlala ezilalini, bafuna ukukhe beve obunye 45 ubomi kungekho nto ibatshutshisayo ekhaya. Bakho abantu abazalelwayo endaweni baze bakhulele, batshatele, basebenze, babhubhele kwakuloo ndawo. Bakho aba bathanda ukutshintsha impilo, bafuna ukuya kuvela kwezinye iindawo bengakhathalelanga nokuba bangcwatyelwe phi xa bebhubhile. Abanye bafuduka kuba befuna ukuba kufuphi neendawo 50 zonyango ezisemgangathweni. Bayafa abantu ezilalini ngenxa yokuba kude kwiindawo ezinoogqirha abaziingcaphephe kwizifo ezithile. Uqhaqho olucekethekileyo lwenziwa kuphela kwizibhedlele ezikwiidolophu ezinkulu. Zininzi izigulo ezingaqhelekanga ezikhathaza abantu kule mihla ezifuna ukuba bafumane unyango kwizibhedlele ezinento yonke. 55 6 Abasemagunyeni ezidolophini bamelwe yingqondo ngenxa yokukhula kwamanani abantu ngendlela exhomisa amehlo. OoMaspala bayazama ukwakhela abantu izindlu kodwa babethwa ngamanani angavumiyo ukuhla. Le nto ibangela ukuba kubekho ingxinano eyoyikisayo nengeyompilo eluntwini. Kuhlala abantu abaninzi kwindlwana encinane ze 60 kubekho abahlala kumagumbi angemva kwakule yadi inye. Izifo, ubusela, ingxabano, intswela-mbeko nezinye izinto ezingatshongo khona ziyaqhubeka apha. Abanye abantu bakhetha ukumisa amaxhobongwana emathafeni okanye ematyholweni kuba bengenandawo iyeyabo bayinikiweyo ngabasemagunyeni. Nalapho iba yiloo ngxinano ede yathi 65 kratya kube kungekho zindlwana zangasese zakhiwe ngambeko kungekho nazitephu zamanzi. [Sicatshulwe kwincwadi ethi 'AMAXESHA EMPUCUKO, SISINGISE PHI NA?', ebhalwe ngu:Yekela M., amaphepha 44–46, saze sahlelwa] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 5 OKUBONWAYO: ISICATSHULWA B [Sicatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com] ISICATSHULWA A Jonga kumhlathi woku-1. 1.1 Khankanya uhlobo lothutho olungasaxatyiswanga ngabantu abaya ezidolophini. (1) 1.2 Mfanekiso-ngqondweni mni ovezwa libinzana elikrwelelwe umgca ngaphantsi? (1) 1.3 Sisetyenziswe njani isifanekiso-zwi kweli binzana lilandelayo: '... ukukhe bathi tsi emakhaya ...' (2) 1.4 Nika intsingiselo yegama elikrwelelwe umgca ngaphantsi njengoko lisetyenziswe kwisicatshulwa. 'Abaqhubi bezithuthi wofika bezizinqininqini beloba abantu oku kwabalobi beentlanzi elwandle.' (2) Jonga kumhlathi wesi-2. 1.5 Xela unobangela wokuba abantu bathontelane ezidolophini ngokwalo mhlathi. (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2020) 1.6 Bhala esi sivakalisi silandelayo ngawakho amazwi. 'Imali iyafuneka kule mihla kuba yonke into yenziwa ngemali' (2) Jonga kumhlathi wesi-3. 1.7 Ingaba uyangqinelana noluvo lombhali lokuba ezidolophini izinto zifumaneka ngamaxabiso aphantsi? Xhasa impendulo yakho. (2) 1.8 Libonakalisa ntoni igama elikrwelelwe umgca ngaphantsi kwisivakalisi esilandelayo? 'Edolophini baninzi abantu abasoloko belangazelela abantu abafuna izinto...' (2) Jonga kumhlathi wesi-4. 1.9 Nika igama elinye endaweni yebinzana elibhalwe ngqindilili. (1) 1.10 Caphula isivakalisi esithetha ukuba uthi umntu akungaqhubeli phambili ebomini athi uthakathwa kwalapha ekhayeni. (1) 1.11 Yintoni umabuy' ekwendeni? (2) Jonga kumhlathi wesi-5. 1.12 Khetha impendulo engangqinelaniyo kwezi zilandelayo: Abantu bafuduka ezilalini kuba: A Bafuna oogqirha abangcono B Bafuna ukutshintsha impilo C Badiniwe kukuhlala ezilalini D Bafuna ukukhwela iimoto (2) Jonga kumhlathi wesi-6. 1.13 Xela into enokubangela ukosuleleka ngamandla sisifo seKhorona kulo mhlathi. (1) 1.14 Ubunokwenza njani wena njengoRhulumente ukusombulula ingxaki yokunqongophala kweendawo zokuhlala? (2) Jonga isicatshulwa sonke. 1.15 Ufunde ntoni kwesi sicatshulwa? (2) ISICATSHULWA B 1.16 Xa ujonge aba bantu bakulo mfanekiso ungathi bayayithobela imithetho yokukhusela ukwanda kwesifo seKhorona? Xhasa impendulo yakho. (2) 1.17 Ucinga ukuba uRhulumente woMzantsi Afrika uyenze ngcono impilo yabantu baseMzantsi Afrika? Xhasa impendulo yakho. (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 7 ISICATSHULWA A no B 1.18 Ingaba okwenzeka kulo mfanekiso ukwisicatshulwa B kuhambelana nowuphi umhlathi wesicatshulwa A? Xhasa impendulo yakho. (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2020) ICANDELO B: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAMAZWI AKHO QAPHELA:  Funda ngocoselelo esi sicatshulwa singezantsi singeengcebiso ngezinto omawuzenze nomawungazenzi xa ugalela amafutha egaraji, uze usishwankathele ngamazwi akho ungacaphuli kwitekisi.  Impendulo yakho mayingadluli kumagama angama-70.  Shwankathela ngokomhlathi kuphela, kodwa isishwankathelo sakho masiquke iingongoma ezi-7. (7)  Bhala inani lamagama owasebenzisileyo kwizibiyeli.  Akulindelekanga ukuba ubhale isihloko sesishwankathelo.  Qaphela indlela echanekileyo yokusetyenziswa kolwimi, iimpawu zobhalo nococeko. (3) ISICATSHULWA C INKQUBO YOKUGALELA AMAFUTHA 1 Uninzi lwamabhinqa luya kundingqinela xa ndisithi alujongi yonke into eyenzekayo xa lugalela amafutha egaraji. Usuke uwabone elungisa i-make-up okanye ecofa iifowuni. Ngaphandle kwemiqathango eyaziwayo efana nokungalayiti icuba, kubonakala ngathi asizihoyi izinto nje ezilula ekumele sizenze nekumele singazenzi kwigaraji yamafutha. 2 Yijonge into eyenziwa ngulo mntu ugalela amafutha, kuba kungenzeka kuthi kanti akakuvanga ukuba uthe makagalele ngamalini, kwaye ungazibhaqa sele usifa isiqaqa xa egalele amafutha e-R1000 endaweni yawe-R100. Maxa wambi angagalela idizili endaweni yepetroli. Musa ukucofa-cofana nefowuni ngexesha ugalelelwa amafutha emotweni. Ewe kona kuyarhaleleka ukuphendula imiyalezo ekudala ingena kwii-emails nakumaqonga onxibelelwano. Kodwa iigaraji ezininzi zinophawu olukhulu oluthi ayisetyenziswa ifowuni apha. 3 Hlala emotweni ngalo lonke ixesha kugalelwa amafutha emotweni yakho. Kumaxesha amaninzi abantu badla ngokushiya imoto ezimpompeni baze baye kuthenga. Kungcono ulinde kude kugqitywe ukugalelwa amafutha uze uye kumisa endaweni ekhuselekileyo, nitsho nehle niye kuthenga. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 9 4 Musa ukuyeka abantwana badakase bengagadwanga, kuba iigaraji zamafutha ziyathanda ukugcwala ziimoto. Nanjengoko ungasokuze uluyeke usana lwakho luwele indlela lodwa, kumele ungaluyeki nasegaraji. Abanye abaqhubi ungaqiniseka xa besuka ezimpompeni ukuba baqhuba emdyarhweni weemoto. Awungethandi ke ngoko ukuba iintsana zakho zichaphazeleke. 5 Yehlisa umculo okanye uwucime emotweni yakho ude ube kanti ugqibile ukugalela amafutha, okanye ude uhambe. Nangona nje ingekho into emnandi ukodlula loo ngoma yakho kuwe ngaloo mzuzu, kodwa ke iyabangxolela abanye abantu. Musa ukuzixakekisa ngezinye izinto xa kuvulwa ibhonethi yakho. Ewe ke mhlawumbi awazi kwa nto ngenjini, kodwa ke kuhle ukwehla emotweni uze ubukele ukuba kwenziwani. 6 Yiba noncumo kwaye ube nenceba kubasebenzi basegaraji. Nokuba belunjani na usuku lwakho, kodwa bacingele abantu abakugalelela amafutha, abakuhlambela ifestile, abakujongela i-oyile, nabakujongela amavili. [Sicatshulwe kwimagazini iBONA kaJanuwari 2019, amaphepha 62 – 63, saze sahlelwa] AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2020) ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI UMBUZO 3: UKUHLALUTYA INTENGISO Funda le ntengiso ingezantsi (ISICATSHULWA D) uze uphendule imibuzo esekwe kuyo. ISICATSHULWA D [Sicatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com, saguqulelwa saze sahlelwa] 3.1 Ingaba umzobo wokutya kule ntengiso uwayamanisa neliphi ilungu lomzimba? (1) 3.2 Ijoliswe koobani le ntengiso? (1) 3.3 Yintoni injongo yokusetyenziswa kwefonti enkulu xa kubhalwa uphawu lwesikhuzo kule ntengiso? (2) 3.4 Kuzisa ngcinga yiphi ukusetyenziswa kwenenekazi elibukekayo kule ntengiso? (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 11 3.5 Khetha impendulo engangqinelaniyo kwezi zingezantsi. Izinto ezandisa ubomi ebantwini ziquka oku kulandelayo: A Ukuzilolonga B Ukutya ukutya okusempilweni C Ukulala kakhulu D Ukusela amanzi. (2) 3.6 Xa uqwalasele indlela oluziphethe ngayo uninzi lwabantu baseMzantsi Afrika ucinga ukuba luyakulandela okucetyiswa kule ntengiso? Xhasa impendulo yakho. (2) [10] UMBUZO 4: UKUCAZULULA IKHATHUNI Funda le khathuni ingezantsi uze uphendule imibuzo esekwe kuyo. ISICATSHULWA E [Icatshulwe kwi-intanethi www.zitscartoons.com, yaguqulelwa yaze yahlelwa] 4.1 Babonakala bephi aba bantu bakule khathuni? Xhasa impendulo yakho. (2) 4.2 Iveza ntoni intetho kaOyama ethi '... isesisiqalo nje eso' kwisakhelo soku-1? (1) 4.3 Ngaphandle kokugalela amafutha emotweni zeziphi ezinye izinto ekufuneka ezenzile umnikazi-moto? Khankanya zibe-2. (2) 4.4 Ucinga ukuba yintoni le iqwalaselwe ngu Oyama noWanda kwimpompo yamafutha kwisakhelo sesi-2? (1) 4.5 Kuphuhlisa ntoni ukusebenza imisebenzi emibini kuka-Oyama ukuze akwazi ukuba nemoto eyeyakhe? (2) 4.6 Ngqina ukuba intetho kaWanda kwisakhelo sesi-3 inochasaniso. (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 (EC/NOVEMBA 2020) UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI NGOKUCHANEKILEYO Funda ISICATSHULWA F, uze uphendule imibuzo esekwe kuso. ISICATSHULWA F UMYEZO WASEKHAYA 1 Nangona umntu wakhutshelwa phandle wagxothwa emyezweni wase- Eden emveni kokuba onile, ayizange iphele kuye inkumbulo yobuncwane awayekubo kuloo Myezo nentlalo yolungelwano phakathi kwakhe nezinye izidalwa ezazilapho. Wathi nalapho waphaphatheka waya kuma khona wazimisela ukuzenzela umyezo oya kuthi usondele kakhulu ngokufana nalowo wase-Eden. 2 Naye ke umntu ekuzenzeleni kwakhe umyezo kwafuneka ukuba makacingisise. Akukho nto iduba umphefumlo ityhafise intliziyo njengokuthi xa izityalo zakho egadini zizile kufike inkomo iqhawule olo cingwana lwakho beluhleli luwokowoko kakade, ingene itshabalalise. 3 Ekuyilweni komyezo wase-Eden yayingalityelwe indawo yobuhle. Kungoko umntu athe nakweyakhe igadi wenza indawo yeentyatyambo ezithi zakudubula zithi qhasha zivuyise iliso, ziphakamise nomphefumlo wakhe. Hayi ukuba kuhle xa umnikazi-mzi ephuma nesipha seentyatyambo egadini esiya kuhombisa indlu yakhe. Hayi ukuba kuhle xa abantwana bephuma bengena egadini beqhawula besitya kwezo ziqhamo zincindi iyolisa umxhelo, bengazibi. Umyezo wase-Eden wawuyilwe ngobuchule obungummangaliso kuba akukho nto eyondla umzimba ihlaziye igazi njengeziqhamo nemifuno. Kungoko nomntu athe wazamela ukuba zibe kho ezi zinto nakowakhe umyezo. [Sicatshulwe kwincwadi ethi ̔AMAVO AMAFUTSHANE ̛ ebhalwe ngu:A. Madala, amaphepha 58–59, saze sahlelwa] 5.1 Bhala eli binzana libe kwixesha langoku. '... umntu wakhutshelwa phandle ...' (1) 5.2 Xela umsebenzi wesakhi esikrwelelwe umgca ngaphantsi. '... wagxothwa emyezweni wase-Eden ...' (1) 5.3 Guqula esi sivakalisi silandelayo sibe kwimo yentetho ngqo. Qala ngolu hlobo: Umntu uthi ... 'Umntu uthe, ekuzenzeleni kwakhe umyezo kwafuneka ukuba makacingisise.' (2) 5.4 Nika isichasi segama 'ityhafise'. (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – IPHEPHA 1 13 5.5 Guqula esi sivakalisi silandelayo sibe kwimo evumayo. 'Ekuyilweni komyezo wase-Eden yayingalityelwe indawo yobuhle.' (2) 5.6 Sebenzisa igama elibhalwe ngqindilili kwisicatshulwa linike intsingiselo eyahlukileyo kuleyo yesicatshulwa. (2) 5.7 Sisetyenziswe njani isikhombisi kweli binzana lilandelayo? '... zibe kho ezi zinto nakowakhe umyezo.' (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 11 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all
XHOSA HL P1 GR11 NOV 2020 | Hlayiso