You're offline
Skip to content
Memorandum

XHOSA HL P2 MEMO GR11 NOV 2020

Subject: Isixhosa HlGrade 11202021 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2020 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA (EXEMPLAR) AMANQAKU: 80 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha angama-21.
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 2 EMAKUQATSHELWE XA KUMAKISHWA  Le memorandam ilungiselelwe ukuba ibe sisikhokelo kubakorekishi.  Le memorandam iza kuxoxwa nesigqeba sokukorekisha phambi kokuba kuqalwe ukukorekisha kumaziko okukorekisha.  Iimpendulo zabaviwa kufuneka zinikwe ingqwalasela ngokokufaneleka kwazo. IZIKHOKELO ZOKUKOREKISHA 1. Xa umviwa ebhale iimpendulo ezingaphezulu kwezilindelekileyo, makisha impendulo esekuqaleni kuphela. (Umviwa akuvumelekanga ukuba aphendule umbuzo osisincoko nombuzo omfutshane kudidi olunye kwijenri enye.) 2. Xa umviwa ephendule yomine imibuzo kwiCANDELO A (imibongo efundisiweyo), korekisha kuphela emibini yokuqala. 3. Xa umviwa ephendule imibuzo emibini emifutshane okanye imibuzo emibini esisincoko kwiCANDELO B nakwiCANDELO C, makisha umbuzo wokuqala kuphela ungawuhoyi owesibini. Ukuba umviwa uphendule yomithathu imibuzo (kwiNoveli/kuNcwadi Lwemveli) okanye yomine imibuzo (kwiDrama), korekisha kuphela impendulo yokuqala kwiCANDELO ngalinye, xa kwenzekile ukuba uphendule umbuzo omnye omfutshane nomnye osisincoko. 4. Xa umviwa enike iimpendulo ezimbini ibe eyokuqala ingachanekanga, elandelayo ichanekile, korekisha eyokuqala ungayihoyi elandelayo. 5. Xa iimpendulo zinonjolwe ngokuchanekileyo, korekisha ngokwendlela ekunonjolwe ngayo kwimemorandam. 6. Xa upelo olugwenxa luguqula intsingiselo, yihlabe loo mpendulo. Xa intsingiselo ingaguqukanga ngenxa yopelo olugwenxa, yimakishe loo mpendulo. 7. Imibuzo esisincoko Xa impendulo yombuzo osisincoko imfutshane kunoko kulindelekileyo ngokwenani lamagama, musa ukumohlwaya umviwa kuba sele ezohlwaye ngokwakhe. Xa impendulo yombuzo osisincoko inde kakhulu, phicotha ngokwempendulo ayibhalileyo wandule ukuyigqithisela kumkorekishi ophezulu. Sebenzisa irubriki yokuhlola ekwisihlomelo esinguA nesinguB ukuhlola izincoko zabaviwa. 8. Imibuzo emifutshane Musa ukumohlwaya umviwa ongasebenzisanga iimpawu zocaphulo xa ecaphula. 9. Kwimibuzo evulelekileyo, musa ukunika amanqaku ngoHAYI/EWE okanye ngoNDIYANGQINELANA/ANDINGQINELANI. Korekisha impendulo exhasayo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 3 10. Akukho manqaku abelwa uYINYANI/ BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO. Makisha impendulo exhasayo. 11 Iimpendulo zemibuzo emifutshane mazihlolisiswe ngokupheleleyo kwayanywe kwiingxoxo eziqhubeke ngexesha lobekomgangathweni lwesikhokelo sokukorekisha. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 4 ICANDELO A: ISIHOBE ISINGQI SENKULUNGWANE – P.M QANGULE noM.G MDLIVA UMBUZO 1 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) UMONA – M.G. MDLIVA Amanqaku ali-10 ewonke kulo mbuzo. Ama-6 ngawomxholo aze ama-4 abe ngawolwimi kunye nesimbo. Sebenzisa irubrikhi esisihlomelo A.  Sebenzisa ezi ngongoma zilandelayo, njengesikhokelo sokukorekisha lo mbuzo.  Iimpendulo zinokwahluka ngokuxhomekeka kwindlela umfundi awuve ngayo umbongo.  Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-18 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi kulindeleke ukuba achankcathe kwezi ngongoma zilandelayo  Lo mbongo usebenzisa izafobe, isikweko, isifaniso, isigama esingundileyo, uphindaphindo ngenjongo yokuxabhela/ ukudala imifanekiso ntelekelelo yomona njengento enganqwenelekiyo.  Isitanza sokuqala kumqolo woku-1 ukuya kowesi-4 sisebenzisa uphindaphindo oluthe ngqo ngegama ‘Yingcinga” ukuphuhlisa ukuba umona yinto esukela engqondweni kwaye ingaphinda isuke.  Sisebenzisa uphindaphindo ngezifanokuthi olubonakalisa ukuba lowo unomona akacingisisi, ingqondo akayisebenzisanga ngokupheleleyo size sisebenzise isigama esityhila ukungcokocha komona.  Okunye usebenzisa igama, ’enyolukileyo’ ukubonakalisa ukuba onomona ubangelwa kukucinga nokubona izinto ezintle ezenziwa ngabanye abantu ze athi ngenxa yentliziyo embi anqwenele ukuba inga ingazezakhe.  Umbongo uwuchaza umona njengomtshabalalisi, umxabanisi ongenanceba, onoburhalarhume. Esi sigama siqaqambisa ukungcola kulowo uthe wanomona. Siyawugxibha sibonakalisa ukungalungi komona.  Ukubonisa ukuba awulunganga umona, imbongi ikwasebenzise isigama ‘umzingeli wothando noxolo’. Ukuzingela kusetyenziswa ngenjongo yokugqamisa ukukhangela ngenjongo yokutshabalalisa oku komzingeli efuna isilwanyana aza kusitshabalisa asitye. Apha uxolo nothando zizinto ezakhayo kodwa umona wona udala ukuba zingabikho.  Usebenzisa isikweko, ‘ngumzondo’ ukudala umfanekiso ntelekelelo wento engafunekiyo: umzondo osisinambuzane esibhabhayo esinevumba elibi ukuphuhlisa ukuba eneneni umona awenzi kube mnandi kungahlaleki kamnandi apho ukhoyo umona.  Uwuthiya ixelegu, ixixilili lexumbululu likaxam, athi, yihagu esisu sixumbululu’ ngesikweko esinjongo ikukuwufanisa nesilwanyana sasekhaya esaziwa ngobuxelegu-ihagu. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 5  Ithoni iyodwa edlawa zizandi oo'x' zizisa uluvo lokuba iyacatshukelwa nanjengokuba nabani xa engayithandi into esebenzisa ezi zandi oo’nxa’ abadiza ukucaphuka, nokungahambisani.Kuko konke uyifanisa nehagu egqamisa ukungcola okuhamba nokwenza izenzo zomona.  Kumqolo wesi-6 imbongi isebenzise isikweko ukuphuhlisa ukuba umntu onomona usoloko elwisa abanye abantu kwaye unobungozi.  Kwisitanza sesi-2 isebenzise isikweko. igama ‘ngumzingeli’ elikumqolo wesi-7, ngokwakwaXhosa lithetha umntu osukela iinyamakazi ngeenjongo zokufumana inyama kodwa ngokwalo mbongo imbongi iphuhlisa ukuba ngumntu ongathandi ukubona abantu bonwabile uthi wakubona konwatyiwe acinge into engaphelisa lonke olo lonwabo.  Kumqolo wesi-8 imbongi isebenzise imfanozandi ukuphuhlisa ukuba umona ufana nevumba elibi olivayo kodwa ube ungalazi ukuba lisukaphi kodwa izandi ezi ziphindiweyo zidiza ukoyikeka komona.  Imbongi kwesi sitanza ikwagxininisa ukungcola nobumdaka bezenzo zomona nokuchitha-chitha ngenxa yokungoneli kwawo.  Kwisitanza sesi-3 kumqolo we-13 ukuya kowe-16 imbongi isebenzise isifaniso. Izakhi sifaniso njenge, nqwa ne, nokukhelelela ewufanisa nezinto ezitshabalalisayo ezingenabuhle ziwenza umona kungabikho bani uwufunayo ngaphandle kwalowo uwenzayo. Ukufanisa nemhemfu yehagu kudiza kanye ukungabi nandima, ukwenza izinto zingahambeli phambili nangona amandla eqhuba esetyenziswa, kuyabambezela kutya amandla.  Konke oko ikwenza ngenjongo yokuqaqambisa umonakalo osele wenziwe ngumona ekungekho lula ukuwulibala. Umona udala iingxabano phakathi kwabantu baxabane, baphelelwe ngumdla wokwenza izinto ezintle. [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 6 UMBUZO 2 (UMBUZO OMFUTSHANE) UNKOSI UJONGUMSOBOMVU MAQOMA – P.M QANGULE 2.1 Luphindaphindo lwesandi u'rh'. √ yimfanozandi √ (1) 2.2 Ukubon’ uJongumsobomvu evath’ iqaqa entlantlath’ intlungu. √ Siboneni isilo sikaRharhabe silephuz’ amadangatye. √ (2) 2.3 Athathe umhlaba wabamnyama √ athathe uNkosi uJongumsobomvu aya kumvalela ejele. √ (2) 2.4 Sisikweko. √ (1) 2.5 Ngumfanekiso ngqondweni wendlebe √/ wokuva. √ (1) 2.6 eRobben island. √ (1) 2.7 Lo mbongo ubhalwe ngenjongo yokuncoma uNkosi uJongumsobomvu Maqoma ngemizamo yakhe yokulwela okukokwamaRharhabe kumadlagusha ngexesha lokufika kwamaSetlani ngeminyaka yoo1800. √√ (2) [10] UMBUZO 3 (UMBUZO OMFUTSHANE) INTYATYAMBO – M. G. MDLIVA 3.1 Lubizwa ngokuba yimvanosiphelo √/ yirayim’. √ (1) 3.2 Itsitsitheka kunzim’ubomi, √ ishixiza √ (2) 3.3 Butywala √/ziziyobisi √/ngabantu abangootata √/ngabantu abangamadoda √/ yindlala emenza ayokuzigalela kubantu abangamadoda abaxhaphazayo. √ [Nasiphi isibini kwezi] (2) 3.4 Sisifaniso. √ (1) 3.5 Ngumfanekiso ngqondweni weliso √/ wokubona. √ (1) 3.6 Kwintombazana. √ (1) 3.7 Lo mbongo ubhalwe ngenjongo yokutyhila iingxaki ahlangabezana nazo amantombazana kwindlela yawo yobomi. √√ (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 7 UMBUZO 4 (UMBUZO OMFUTSHANE) IQUL’ELINGATSHIYO – M.G. MDLIVA 4.1 Lubizwa ngokuba yimvano siphelo √/ yirayim’ esekupheleni komqolo. √ (1) 4.2 Ziyanyalasa iimfazwe √/ liyagqugqisa √/ ithemba lixhom’izandla √ umphefumlo uyajijitheka √ [Nasiphi isibini kwezi] (2) 4.3 Zezomoya √/yindlala √/izifo √/uphelelwe lithemba √ /kuyafiwa √/ kuyagulwa √/ [Nasiphi isibini kwezi] (2) 4.4 Lubaxo. √ (1) 4.5 Ngumfanekiso ngqondweni weliso √/ wokubona. √ (1) 4.6 Kwinkolo. √ (1) 4.7 Lo mbongo ubhalwe ngenjongo yokutyhila iingxaki abahlangabezana nazo abantu kwindlela yabo yobomi nokunika isisombululo kwezo ngxaki banazo. √√ (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 8 ISIHOBE ESINGAFUNDISWANGA (KUNYANZELEKILE UKUBA USIPHENDULE) UMBUZO 5 (UMBUZO OMFUTSHANE) IYUNIVESITHI YASEFORT HARE – M.P.BEWUZANA 5.1 YiYunivesithi yaseFort Hare. √ (1) 5.2 Kungokuba iinkokeli ezininzi ezizizazi zeAfrika iphela ziphuma kule yunivesithi. √ (1) 5.3 Oliver Tambo √/ Nelson Mandela √/ Govan MBEKI √/Robert Sobukwe √/ noMangosuthu Buthelezi. √ [Nasiphi isibini kwezi] (2) 5.4 Yeyokuba abapheli abantu ababalulekileyo abafunde kule yunivesithi xa ubabala ngabanye. √√ (2) 5.5 Ilitha yinto eyenza kukhanye xa bekumnyama. √/Le Yunivesithi idlale indima yokwenza bantu baseAfrika bafunde batsho bayibone ingcinezelo elikuyo ilizwekazi labo batsho bafumana amacebo okuzikhulula ngokufunda kwabo. √ (2) 5.6 Sisibongo kuba siqala ngesikhahlelo sibuye sivale ngaso √√/ Sisibongo kuba sibonga indawo ebalulekileyo esizweni. √√ (Nayiphi impendulo echanekileyo eluphawu lwesibongo esikhoyo kulo mhobe.) (2) [10] AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 9 ICANDELO B: INOVELI/UNCWADI LWEMVELI INOVELI UMBUZO 6 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) NGENXA YESITHEMBISO – MCEBISI NKOHLA  Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela.  Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo.  Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo.  Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-17 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo Intetho yesiXhosa ethi, ‘Ingcibi yamanzi ifa ngamanzi’, ithetha ukuba umntu ufa ngale nto alichule layo. Isohlwayo sakhe sihambelana nesenzo esigwenxa asenzileyo. Isenokuthetha ukuba umntu ufumana isohlwayo esihambelana nakwenzileyo. Nakule noveli bubonakele ubunyani bale ntetho malunga namabanjwa okanye nemigulukudu/ imigewu/ amatshijolo akule ncwadi.  Ukubuya nje umva kancinci, amabanjwa amathandathu aqhwesha kwintolongo iCentral Prison yaseMthatha kuze oko kudale ukusekwa kwephulo lokuwabamba nguKapteni Nakeni.  Iphulo libandakanye isipolisa sisonke kodwa uphando lufuna konyulwe umphandi omnye kuphela waba ke uyazigqatsa uDumile Jojo okwasesipoliseni.  Kuphando alwenzileyo kufumaniseka ukuba amapolisa uSajini Ndaba noSajini Dada ayabandakanyeka kulo mkhonyovu ngenxa yokuba beneenjongo zabo zokwengeza umvuzo wabo ngokunikisa ngolwazi lwasesipoliseni ukuze izaphulimthetho zizikhusele kumapolisa kwangoko.  USajini Ndaba obesebenzisana nemigulukudu ngokuyinika ulwazi malunga nokucetywa ngamapolisa ngayo ufe ngokubulawa ngamapolisa eMaclear xa naye ebewadubula.  UNeo oyinkokheli yemigewu, ubulawa ehlutha imoto kaNomvuyo nguDJ, ngemini uDJ ekhweliswe emotweni nguNomvuyo eziyela nje yena kwaMavis. Woselwe nguDJ ngompu okwangowakhe engazazanga naye uDJ ukuba uhlangene nenkokeli yemigulukudu. Lilonke uDJ uqale ngenkokheli yemigulukudu.  UTshezi ufunyenwe wasesibhedlele phantsi kweliso lamapolisa emva kokusokolisana namapolisa ekuthe kanti amathathu ahlukene nobomi bawo. Nangomhla wesigwebo uTshezi wafumana isigwebo esiqatha.  Indoda kaSasa ethubelezisa iziyobisi, ekwakhokela imigulukudu eGoli ibanjiwe yasiwa kwijele yaseMthatha.  USasa udutyulwe sisigcayiseli abesithiyisele ukuba sibulale uDJ lahlanza iselwa kwakuye. Lilonke isigcayiseli alichule lokusisebenzisa usisebenzise sibe lichule lokubulala kwayena.  UDada obesebenzisana nemigulukudu ubanjiwe naye.  Umgewu obubulala amanenekazi uphelele ejele emva kokuba ubuthwebule uMavis. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 10  UmLungukazi obehambisa iziyobisi naye uphele eseluvalelweni.  Bonke abantu abafe kule ncwadi bafe ngezinto ebebethanda ukuzisebenzisa ukubulala abanye abantu ukusukela kuNeo, uNdaba kunye noNontsasa Ngewu. [Nayiphi na impendulo echanekileyo] [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 11 UMBUZO 7 (UMBUZO OMFUTSHANE) 7.1 Sesokuqhwesha kwamabanjwa amathandathu abegwetyelwe intambo kwintolongo yaseMthatha. √√ (2) 7.2 Uhlangene nayo ngokuba imkhwelise xa ebehayikha esiya kwaMavis emva kokwenza imithambo yokubaleka. √√ (2) 7.3 Kuthe kanti lo mgulukudu lelinye lamabanjwa elinguNeo. √ (1) 7.4 Yidolophu yaseMthatha. √ / iHeshele √/ Maclear √/ eRhawutini √ [Nasiphi isithathu kwezi] (3) 7.5 Uzisa umxholwana wolwaphulomthetho okukuphathwa gadalala kwabasetyhini. √ (1) 7.6 Kukungahluleli phakathi kwamagunya nolwaphulomthetho √/ Yintlawulo encinci yasesipoliseni √/ ukungakwazi ukwahlulela phakathi kwentlawulo ngenkonzo karhulumente nomvuzo. √ [Nayiphi kwezi] (1) 7.7 Luphawu lokusebenzisa kwakhe umntu wokuqala kubaliso lwakhe.√ (1) 7.8 Ingasinika isilumkiso kuba xa izohlwayo ezifunyenwe ngabaphulimthetho zihambelana nezenzo zolwaphulomthetho abazenzileyo, kulula ukuba abasafuna ukwenza ulwaphulo mthetho balumke bazi ukuba abayi kuvuna nto ngaphandle kwezohlwayo. √√ [Nayiphi na impendulo echanekileyo] (2) 7.9 Wayelithembise ngokuba liya kuphuma eluvalelweni xa lithe lamnika ulwazi alufunayo. √√ (2) 7.10 Kukuba uDJ azokufumana umkhondo nolwazi olunzulu ngendlela abasebenza ngayo beliqela lemigulukudu. √√ (2) 7.11 USajini Dada uvelisa uphawu lokuba ulipolisa elaphula umthetho √√/ luphawu lokurhala afune ngaphezu kokuba enikwa ngumsebenzi wakhe √√/ luphawu lokungathembeki emsebenzini. √√/ luphawu lokuthanda imali ngaphezu komsebenzi. √√ [Nayiphi impendulo echanekileyo] (2) 7.12 Loo nto ibisenza ukuba amapolisa axakwe kuba ebesithi esiya kwelo xhwayelo abe sele elunyukelwe yimigulukudu. √√ (2) 7.13 U’kodwa’ unika ingcinga yokuba umsebenzi ofeziweyo wokufumana uSajini Ndaba awugqibelelanga kuba akasaphili nanjengoko bebeyalelwe ukuza naye ephila. √√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 12 7.14 Isihloko sale noveli esithi ‘Ngenxa yesithembiso’ siyahambelana nomxholo wayo kuba uDJ owathembisa ukulwa ubugewu wakwenza oko ngempumelelo noxa oko kwakubeka ubomi bakhe emngciphekweni. √√/ kuba uDJ owathembisa uMavis ngokufa naye wade waxolela ukuba ityala likhe lime lingaxoxwa kunokuba angayi kunceda uMavis owayesengozini ngenxa yokuba esazana naye, ngenxa yesithembiso awayesenze kuye. √√/ kuba umntwana kaMavis wathiywa igama lokuba nguSithembiso ngenxa yesithembiso uDJ awayesenze kuMavis. √√ [Nayiphi impendulo echanekileyo] (2) [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 13 UMBUZO 8 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) UMTHOMBO WOBOM – NONDUMISO MDEKAZI, TOMMY KABANYANE Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela. Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina. bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo.  Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo.  Jonga kwirubrikhi ekwiphepha lama-17 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo: Imizekelo ngokwentsomi okanye isibongo asikhethileyo ISAKHIWO Isakhiwo sezibongo neseentsomi siyahluka kwizibongo ezithile ezifana nezibongo zeenkosi. Kanti siyafana xa isibongo eso sisekwe kubaliso kuba amanqanaba esakhiwo sebali njengakuzo zonke iijenra ezibalisayo siba sesiya sinengabula zigcawu, ukuyondelelana nokujiya kwezinto, uvuthondaba, ukusonjululwa kwezinto nesiphelo. Kwizibongo Izibongo zinendlela eziqala ngayo eyahlukayo kweyentsomi noxa injongo inye ikukucela indlebe. Umzekelo: iqhelekile le ithi Ho-oo-yina, ho-o-o-yina. Zimbi zisebenzisa ikhwelo. Umzekelo: Vi-vi-vi-i-ityo. Kwakhona zikho eziqala ngezikhahlelo Umzekelo: Aa! Dalibhunga. Kukho enye indlela yokuqala isibongo nangona yona ingaxhomekeke kumazwi omlomo. Umzekelo: Isuka ichwechwe ihambe kancinane ngokungathi inanto iyichwechwelayo. Isiqu Kwisiqu esinjongo ikukuncoma umntu/iqhawe/inkosi okanye umntu obalulekileyo, isiqu singahambelana novakalelo lwembongi. Xa iva kabuhlungu itsho ngomrhutyululu wento engenabume ncam kanti ngokovakalelo lwayo yonwabile ingawahlula umbongo ngokuhambelana nomoya wayo. Kwizibongo ezingabantu, kuxhaphake ukwahluka kabini okanye kathathu ngokwale mixholwana. Kungachazwa imvelaphi, inkangeleko yenkosi xa kubongwa inkosi nezinto ezenzileyo. Isiphelo Kwisiphelo sesibongo zikho iindlela zokusonga isibongo Umzekelo: Ncincilili, Ndee gram iyho! Kuyenzeka ke kwezinye iintsomi isakhiwo sichakwe ngokweembono zeengcali ezizizazi zesakhiwo njengoko kuza kuchakwa ngokwale ingezantsi apha. Ngokwezinye iintsomi; kubakho inqanaba lesidingo, kuze kwinqanaba lesidingo kutyhilwe into edingekayo nezakwenza ukuba abalinganiswa bashukume. Kulandela iinzame zokuhlangabezana nesidingo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 14 Umzekelo kwintsomi yezilwanyana kuzanywa iindibano ukuze kuzanywe iindlela zokuhlangabezana okanye nokuza necebo lokuhlangabezana nesidingo. Kuye kufikelelwe kwisigqibo esithile. Kuthi kwakubakho isigqibo kubekho umdubadubi waso aze asidubadube: Kweli nqanaba kuthi kubekho umlinganiswa othile odubaduba izigqibo ebekufikelelwe kuzo ngokuthi enze izinto ezichaseneyo nesigqibo. Kuyazanywa ukuba abanjwe umdubadubi lowo athi ke akubanjwa libe liyaphela ke ibali lentsomi. [Nayiphi na impendulo echanekileyo] [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 15 UMBUZO 9 (UMBUZO OMFUTSHANE) UMTHOMBO WOBOM-NONDUMISO MDEKAZI, TOMMY KABANYANE 9.1 Umsebenzi wala magama kukutsala umdla kubaphaphuli. √ (1) 9.2 Kukulondolozwa kwamagqabi enkosi. √√ (2) 9.3 Abethelela uluvo lokuba uDengetyana akathembekanga. √√ (2) 9.4 Umbalisi umbona ewenza ngentembeko umsebenzi wakhe ngeli xesha iimfene zimbona njengesela. √√ (2) 9.5 Zilumelo lwenyani nokugcinwa kwezigqibo √√/ zilumelo lokwenziwa kokulungileyo √√ (2) 9.6 Liqhubeke emyezweni √ nasemlanjeni √ (2) 9.7 Siyothusa kuba inkosi akulindelekanga ukuba ibe amagqabi ayo √√/ akulindelekanga ukuba inkosi ithengise ngabantu bayo. √√ (2) 9.8 Ifundisa ukuba ungabokuthemba mntu √ kuba inkosi ibithenjiwe kanti yiyo ebe amagqabi ayo. √ Wonke umntu uyona nokuba angahlonipheka kangakanani √ kuba inkosi ibihlonitshwe ngumntu wonke kanti yiyo isela √ [Nayiphi impendulo echanekileyo] (2) 9.9 Kungani bekudubulela emzini wakho? √ (1) 9.10 YiANC √ / African National Congress √ neSACP, South African Communist Party √ (2) 9.11 Abantu babefika ngokufika bebaninzi bengamaqela ngamaqela ngamaxesha ngamaxesha. √ (1) 9.12 Isibongo singokufa ngokudutyulwa kukaChris Hani okothusayo ebulawelwa emzini wakhe. √√ (2) 9.13 Ubulewe nguJanus Walus √ noDerby Lewis √ (2) 9.14 Ivakalelwa kabuhlungu √/ ikhathazekile √ kuba siva xa isithi ngombuzo buciko wayo obika ukuxakwa nokothuka. √ [Nayiphi impendulo echanekileyo] (2) [25] AMANQAKU ECANDELO B: 25 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 16 ICANDELO C: IDRAMA UMBUZO 10 (UMBUZO OSISINCOKO SONCWADI) NATHI SINGABANTU – C.S HOBONGWANA  Apha ngezantsi sisikhokelo sokuphendula esi sincoko, sisebenzise njengesikhokelo kuphela.  Mazamkelwe iimpendulo ezahlukileyo nezichanekileyo ezibonisa ubungqina bokucinga nzulu nokutolika ngendlela eyahlukileyo.  Uluhlu lwemizekelo lunokusetyenziswa ukuxhasa izimvo zabo.  Jonga kwirubrikhi ekwiphepha le-17 ukuhlola lo mbuzo. Umfundi angachankcatha kwezi ngongoma zilandelayo:  UNohenjisi kule drama, okweqhawe kanye, ibali liqala ejongelwa phantsi esisigculelo, ejongelwa phantsi nguSikhulu umyeni wakhe. USikhulu ubemjongela phantsi ngobuqaba nenzala yakhe ibingabantwana abanezikhwasilima zomzimba. Uyaninwa nguNokwakha ngobuqaba bakhe nokubamba amasiko.  Usisixhobo sokulwa kooMpilo. Konke oko kumnika amava okuqobisela izinto ezijongene kakubi nomxhelo wakhe. Njengeqhawe liphela ibali sele inguye oqhwatyelwa izandla de abe uSikhulu urhuqeke phantsi wabe usejele xa seliphela ibali. Waziwa njengeqhawe elilwele amalungelo olwimi, abantu abahlelelekileyo, izithethe zikaNtu, sele inguye inkokeli.  UNohenjisi zisuka nje uvela engahambiselani kwaphela nokuphatheka gadalala kwabantu abangenanto namaqaba.Umele umyeni wakhe ngelithi imfundo yabo yeyani xa besoyiswa kukuza nesisombululo sokwabelana ngomhlaba. Ummele umyeni wakhe onguSopolitiki ngelithi baxakwa kukubhala imithetho emitsha.  Uvula umlomo malunga norhwaphilizo alubonayo apho imali kaRhulumente ingasetyenziselwa ukwakha izikolo, iikliniki, izibhedlele ngakumbi ukusebenzisa ulwimi lwakhe umntu.  Uyayimela eyokusebenzisa ulwimi lwakhe kude kuye esiphelweni apho ade wavunyelwa yinkundla wade wabhalwa umthetho wokusebenzisa ulwimi ngokukhululekileyo.  Ukumele ngomzimba ongenaxhala ukusetyenziswa kwamasiko nezithethe zakwaNtu nokuba abantu bayakhumsha.  Uyawamela amalungelo abafazi nokuxhatshazwa kwabantu abangamaqabakazi ngabantu abathi bafundile ngempumelelo apho kusetyenziswe inkosikazi yomyeni wakhe angakhange ayiphe thuba oko batshata.  Umlwa aphumelele uNokwakha uNohenjisi ngokuvuma ukuba umntwana athathwe nguNokwakha esazi ukuba yena ufuna afunde isiNgesi. Xa esayina amaphepha okunikezela umntwana kuNokwakha ubeka u-X emaphepheni ezazi ukuba uyakwazi ukusayina. Ivela enkundleni into yokuba kanti uyakwazi ukubhala igama nefani yakhe. Ume ngelithi U-X akanasihlahla kuba yena uyakwazi ukubhala, uma emkhumbini acele onke amaqaba amxhase. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 17  Uyaphumelela ukwenza ukuba umntwana wakhe odlwengulweyo ancedeke ngokuthi angayiqhusheki phantsi kwetafile into yokuba intombi yakhe idlwengulwe nanjengoko omnye umntu ebeya kwenza kumntwana ongakwazi nokuzithethela.  Uyaphumelela ukusindisa uNkosunaye xa edliswa ngokuthi angavumi anyanzelwe ngokutya suka kunikwe inja kuvele ngokufa kwenja ukuba ukutya bekufakwe idliso wabe uyaphumelela ukusindisa umntwana wakhe. Konke oku ukubonakalisa ngokuba ngumama onomqaphela kumntwana wakhe ngokuthi ayazi into umntwana aqalayo ukuyibona emntwaneni wakhe.  Isithethe sikaNtu uyasisebenzisa simncede uNohenjisi kuba xa kufika umbiko wokufa komntwana wakhe akavumi ukulungiselela umngcwabo engabonwanga umntwana ngeli xesha umyeni wakhe agcadiyayo efuna kulungiselelwe ukumngcwaba engambonanga enjalo. Ukhalima alungelwe nalapha uNohenjisi.  Amagama abantwana bakhe ngamagama okhuselo uBaphantsi, uNkosunaye anjongo ikukuqinisekisa ukhuselo oluluqilima ngaphaya kwawakhe amandla iminyanya kunye noThixo.  UNohenjisi ubetha ngenqindi phantsi ngelithi ityala lakhe malithethwe ngesiXhosa kwaye akafuni nokutolikelwa elizweni lakhe Noxa ehlekwa uyazingisa ade aphumelele. Kuthe kanti kukuqala, ezimbalini ukuthethwa kwesiXhosa kwinkundla yejaji yalandela imithetho evulela oku.  UNohenjisi uvakalisa elubala ukuba lilungelo lakhe ukusebenzisa ulwimi lwakhe naphi na ngokomgaqo siseko.  Ulwela ukuba umntwana wakhe nabanye bangaze bayekwe bangawenzi amasiko abo avulelwe.  Uyemisa enkundlleni abantu bengqina ukuba bafuna konke okuphucukileyo ezilalini athi noko engakhange azibandakanye kupolitiko afumane iivoti ngokumela amalungelo abantu basezilalini ukuba bafumane iikliniki izikolo izibhedlele njalo-njalo.  Isigulo sakhe sezifundiswa ezizidenge sinyangekile kuba umthetho uzingqinile zonke izinto abezikhalazela, kwaze kwenziwa utshintsho. [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 18 UMBUZO 11 (UMBUZO OMFUTSHANE) NATHI SINGABANTU – C.S HOBONGWANA ISICATSHULWA A 11.1 Sesokudlwengulwa kukaNkosunaye √ nesokudliswa kukaNkosunaye ityhefu. √ (2) 11.2 Yindlela aphendule ngayo xa ebuzwa imibuzo nguSonke √ nokungabizi umhla ochanekileyo wokufika kwakhe kwisikhululo senqwelomoya. √ (2) 11.3 Anobunyani kuba uSikhulu wenze ilinge lokumbulala uNkosunaye ngokuthutha ngemoto yakhe uMzingisi noNtsokolo abathengileyo ukuba bambulalele kwindawo agcinwe kuyo uNkosunaye. √√ (2) 11.4 Asebenza kuba ngawo awancedisa ekubanjweni kukaSikhulu nanjengoko kwathi kanti nguye umenzi wobubi. √√ (2) 11.5 Udlale indima yokuba ngumcuphi. √/ Unike uNkosunaye icebo lokufota abantu abaze kumenza nokuba yintoni ayikrokrelayo. √/ Umthathe wamsa esibhedlele eqinisekisa ukuba uphilile. √/ Uthe akubona ukuba bamfuna efile kunjalo wamfihla. √/ Waze wagquka umkhondo ngokwazisa ikhaya lakhe ukuba akasekho ukuze baxakeke kukwazisa amaphephandaba ngeli xa bona basebenza ukubamba abenzi bobubi. √ [Nasiphi isithathu kwezi] (3) 11.6 Isikhululo senqwelo moya. √/ Abacuphi √/ Amaphephandaba √/ abantu abamnyama kwizikhundla zepolitiki √/ ukudlwengulwa kuthethwa ngako phandle √/ amapolisa ayithathela ingqalelo into yokudlwengulwa √/ abantwana abanezikhwasilima zomzimba bathathelwa ingqalelo. √ [Nasiphi esibini kwezi] (2) 11.7 Yintlekele siyoliso. √ kuba intlekele siyoliso ibonakala ngokuthi ibe neziganeko ezihlahlambisa umzimba kodwa kuko konke oko liphele ibali kulungisiwe, izinto zihamba kakuhle kumntu wonke obesengxakini, √ nakulo mdlalo, nangona umdlalo ubuqhutywa zizenzo zodlwengulo nempalalogazi labantu abahlelelekileyo, uNohenjisi nabantu abahlelelekileyo baye bagwetyelwa kuzo zonke ezo zinto saza isizwe naso salungisa iimposiso zaso ngakubantu abangakwazi kubhala nakukhumsha. √/ ukwenzakalisa abantwana, kusenza sihlale sibambe amazinyo, uloyiso olufunyanwa nguNohenjisi lokuphumelela ekulweleni amalungelo abantwana lulona lusinika ulonwabo singabafundi bencwadi kwakunye nabantwana batsho bakhululeka. √ [Nayiphi inkxaso kwezi] (3) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 19 11.8 Ndibaxelele ngento enaziwa ngayo kulo Mzantsi Afrika uphela,-ubufede √/ Ngathi nezi bhulukhwe nizinxibileyo ngenizinika abafazi kuba bangenza ngcono kunani √/ zidengendini! √ [Nayiphi enye kwezi] (2) 11.9 Kukuthenga ixesha ukuze ade agqibe uphando lwawo. √ (1) 11.10 Sisekubeni uSikhulu ebecingela ukuba uwafumene amapolisa kanti aseza kufumana yena ade abanjwe kwangawo. √√ (2) 11.11 Abalinganiswa bazithethela ngokwabo. √ Ingxoxo yabalinganiswa √ Intshukumo yabalinganiswa ixelwa kumagama abukekela akwizibiyeli. √/ uvakalelo lwabalinganiswa silunikwa kwintetho ende azithethela yedwa kuyo umlinganiswa. √ [Nasiphi na isibini kwezi] (2) 11.12 Ivuselela ingcinga yokuba useza kubabulala √√ (2) AMANQAKU ECANDELO C: 25 AMANQAKU EWONKE: 80 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
20 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 (EC/NOVEMBA 2020) ICANDELO A: IRUBRIKI YESINCOKO SONCWADI: ISIHOBE [10 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 5–6 4 3 2 0–1 -Isihloko sitolikwe -Ubonisa ukuqonda -Isihloko sitolikwe -Ayanelisi indlela -Akanalwazi kwaphela Ukuhlalutywa kwesihloko, ngokunzulu. nokutolika kakuhle ngokwanelisayo ekutolikwe ngayo ngesihloko ubunzulu bengxoxo -Iingxoxo ezinomtsalane isihloko okanye umbuzo -Akho amanqaku axhasa isihloko/umbuzo -Impendulo ayikho indlela azakuzela ngayo ezixhaswe -Impendulo inazo isihloko kakuhle -Anqongophele kakhulu mxholweni wesihobe. ingxoxo ukuwulandela ngokuvokothekileyo iinkcukacha ezanelisayo -Ezinye iingxoxo amanqaku okuxhasa -Impendulo ibonisa kakuhle umhobe. Kusetyenziswa isihobe -Izimvo ezibambekayo zixhasiwe nangona isihloko ukulambatha kulwazi -Impendulo ibonisa ulwazi zinikiwe nangona ingezizo ingezizo zonke ezixhaswe -Impendulo ibonakalisa lwesihobe. 6 AMANQAKU olugwesileyo lwesihobe. zonke nje ezixhaswe ngokwanelisayo ukuqhwalela kulwazi njengoko bekufanelekile -Impendulo ibonakalisa lwesihobe. -Impendulo ibonakalisa ulwazi olusisiseko ulwazi lwesihobe. sesihobe. 4 3 2 1 0–1 ISAKHIWO NOLWIMI -Isakhiwo siyathungelana. -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Isakhiwo sife amanqe -Ingxoxo ixongxwe kuhle ingxoxo iyathungelana besakhiwo iziphene zoyilo. -Iziphene zolwimi Isakhiwo, ukuthungelana kwaye zikhuliswe -Ukuthunegelana -Isincoko sibonakalisa -Ingxoxo ezingamkelekanga konke kwezimvo nendlela ngokugqwesileyo kwengxoxo ukusilela kukuthungelana ayicwangciswanga konke yokubhala. Ulwimi ithoni nangokucacileyo kuyalandeleka. nokunamathelana ngokukuko. nesimbo nesimbo sokubhala -Ulwimi ithoni, nesimbo -Ulwimi, ithoni nesimbo Kwezimvo. -Bukho ubungqina esingachanekanga isincoko zivuthiwe, zinomtsalane zichanekile ubukhulu -Iziphene zolwimi beziphene zolwimi. zichanekile becala. zimbalwa, ithoni nesimbo -Ithoni nesimbo 4 AMANQAKU - Igrama, upelo sokubhala zichanekile sokubhala neziphumlisi ikakhulu. azichanekanga. azinaziphene kwaphela. QAPHELA: Ukuba umviwa akawuchaphazelanga nakancinci umxholo, ubhale nje isincoko makanikwe i-0 kumxholo, isakhiwo nolwimi. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/NOVEMBA 2020) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P2 21 ISIHLOMELO B: AMACANDELO B NO C: IRUBRIKI YOKUHLOLA ISINCOKO SONCWADI- INOVELI NEDRAMA [25 AMANQAKU] Imiqathango Egqwesileyo Esemagqabini Eyanelisayo Eyinxalenye Engaphumelelanga neqaqambileyo nefanelekileyo UMXHOLO 12–15 9–11 6–8 4–5 0–3 -Impendulo igqwesile. -Ubonisa ukuqonda -Impendulo iphakathi, -Buncinane ubungqina -Buncinci kakhulu 14–15 nokutolika kakuhle asiyiyo yonke imiba obubonakalisa ukusazi ubungqina obububo 15 AMANQAKU -Impendulo ebalaseleyo. isihloko okanye umbuzo. ekungenwe kuyo nzulu. isihloko yaye kunqabile ukuqonda isihloko. 12-13 -Impendulo inazo -Akho amanqaku ukungena nzulu kwimiba -Iimpendulo zisilele -Ukutolikwa okunzulu iinkcukacha ezanelisayo. asixhasa ekubhalwa ngayo. kakhulu ukuphendula kwesihloko Izimvo ezibambekayo ngokufanelekileyo isihloko -Ambalwa amanqaku umbuzo. -Iingxoxo ezinomtsalane zinikiwe nangona ingezizo -Ezinye izimvo zixhasiwe axhasa isihloko. -Izimvo zibekwe ezixhaswe zonke nje ezixhaswe kodwa ubungqina -Iimpendulo ngendlela engacacanga ngokuvokothekileyo njengoko kufanelekile. abusoloko busamkeleka. ezichanekileyo zimbalwa konke konke. kusetyenziswa uncwadi. -Impendulo ibonisa ulwazi -Ulwazi lwejenre/netekisi kakhulu. -Alukho kwaphela ulwazi -Ukuqonda okubalaseleyo lwejenre netekisi. alugqibelelanga. -Luncinane ulwazi lwejenre netekisi. kwejenre netekisi. ngejenre netekisi. ISAKHIWO NOLWIMI 8–10 6–7 4–5 2–3 0–1 -Isakhiwo siyathungelana. -Isakhiwo sicacile kwaye -Bukho ubungqina -Isakhiwo sibonakalisa -Ukungabikho koyiloo -Intshayelelo nesipheloingxoxo iyathungelana besakhiwo iziphene zoyilo. kwenza ukuba 10 AMANQAKU esigqwesileyo. kakuhle. obungagqibelelanga. -Izimvo azithungelelani kungabikho -Ingxoxo yakheke -Intshayelelo nesiphelo -Unamathelelwano kakuhle. thungelelwano lwezimvo. ngokufanelekileyo yaze kunye nemihlathi nothungelelwano -Iziphene zolwimi -Iimposiso zolwimi yakhuliswa ngokucacileyo zicwangciswe ngendlela lwezimvo lukho, kodwa ziyabonakala. nesimbo sokubhala esife -Ulwimi, ithoni nesimboedala uthungelwano. kukho iziphene. -Ithoni nesimbo amanqe kwenza sokubhala sivuthiwe, -Izimvo zithungelana -Zikho iziphene zolwimi sokubhala ukungavakali sinomtsalane, ngokuchanekileyo. ezithile, ithoni, nesimbo asichanekanga. kokubhaliweyo. sichanekile. -Ulwimi, ithoni nesimbo sokubhala sichanekile -Imihlathi ineziphene. -Ayichanekanga ithoni sokubhala sisetyenziswe ikakhulu. nesimbo sokubhala Ngokuchanekileyo -Imihlathi ichanekile -Ulwakhiwo lwemihlathi ikakhulu. ikakhulu. ludlakadlaka. AMANQAKU 20–25 15–18 10–13 6–8 0–4 QAPHELA: Ukuba umviwa uwutyeshele ngokupheleleyo umxholo, suka wabhala isincoko esiya sephepa lesithathu, mnike u-0. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 11 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all
XHOSA HL P2 MEMO GR11 NOV 2020 | Hlayiso