Skip to content

isiXhosa HL Grade 11 P1 Eastern Cape November 2014 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 11201416 pages

Grade 11 isiXhosa HL Paper 1 question paper from the Eastern Cape November 2014, 16 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape November 2014

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2014 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 AMANQAKU: 70 IXESHA: 2 iiyure *IXHOHL1* Olu viwo lunamaphepha ali – 12.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 (NOVEMBA 2014) IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMATHATHU: ICANDELO A: Uvavanyo lokuqonda (30) ICANDELO B: Isishwankathelo (10) ICANDELO C: Ulwimi (30) 2. Funda YONKE imiyalelo ngocoselelo. 3. Phendula yonke imibuzo. 4. Qala iCandelo ngalinye kwiphepha ELITSHA. 5. Nombola impendulo nganye kanye ngokwendlela enonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 6. Shiya umgca emva kwempendulo nganye ukuze umsebenzi wakho ungaxinani. 7. Qwalasela ngeliso elibukhali upelo nolwakhiwo lwezivakalisi. 8. Yaba ixesha lakho ngolu hlobo: ICANDELO A: Imizuzu engama-50 ICANDELO B: Imizuzu engama-25 ICANDELO C: Imizuzu engama-45 9. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. 10. Krwela umgca ekupheleni kwecandelo ngalinye. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (NOVEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 3 ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1 ISICATSHULWA A Funda esi sicatshulwa singezantsi wandule ukuphendula imibuzo esekwe kuso. ANDINAMAMA UNJE MNA 1. Esi sihelegu sehla kula lali yaseMponzo ekwisithili saseCacadu. Xhegokazi lithile laliphila kukuthengisa icuba lesiXhosa elalililima kwindawo enomthonyama emazantsi othango lomzi. Oonyana balo babetshiphile laze lasala nabantwana ababini bokugqibela, inkwenkwe enguZenzele nentombazana enguNolitha. Kuthe kuba intliziyo ingaphezi ukunqwena nokuba awunazo iintsiba, naye lo mama ngokubona abanye abahlolokazi befundisa abantwana babo wazeka mzekweni. Wawa evuka etyhala intombazana le kuba yona yayisele isenza ibanga lesixhenxe kwalapho elalini. Akuphumelela uNolitha waya kufunda ibanga lesibhozo kwisinala ekufuphi yakwaNonkululeko. Waqalisa mpela ke ngoku ukusebenza icuba lakhe ukuze akwazi ukutyisa umntwana wakhe kuloo mzi wayemcelele kuwo. 2. Ngenye imini waxhela ihagu uNosingili esenzela ukuba athengise ukuze azifumanele ubutikana. Waqonda ukuba makathathe izijunqe zibe zithathu zomqolo, neeponti ezimbini ase entombini yakhe esinaleni, ukuze intombi yakhe ingeva ngembali ukuba bekuxheliwe kokwayo. Iiponti ezimbini wayesenzela ukuba ikwazi ukuzithengela isepha. 3. 2. Wavuka kwakusasa ngale mini kuba ilali le wayesiya kuyo yayithe qelele. Nanko ehamba echabasa ehlatywa yinkunzane kwezo nyawo zichachambileyo ngamasentse, yabe ingca ingayekanga ukuzixhaphazela kwezo ndonga zamasa. Ude waya kufika kuloo ngxukuma yesinala yakwaNonkululeko. Ufumene wema esangweni exakiwe ukuba uza kungena kweliphi icala. Nako kusiza kuye umfo othe qhiwu isigqigqana sentonga. “Ufuna ntoni mfana?” ubuzile uNosingili. “Ndingumantshingilane mama, thetha wena into oyifunayo,” uphendule watsho umantshingilane. Ndifuna uNolitha Goqo, mntwana wam, ndimphathele ilungwana kulaa hagu bendiyixhelile, kwaye ndifuna ukumpha itikana ukuze akwazi ukuzithengela isepha. Ngoku ke andifuni itiki ibonwe ngulaa mfazi kuba angasuka ayithathele kuye.” Utshilo uNosingili. “Ungumama wakhe wena?” ubuzile umantshingilane. “Ewe ndinguye, mbize.” Waphendula uNosingili. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 (NOVEMBA 2014) 4. Akubanga mzuzu wabuya nayo intwazana umantshingilane eyithe chu ngengalo, ehamba eyincokolisa. Uthe akuthi mandla ngonina uNolitha wasitsho esofelweyo. Wothuka umantshingilane seso sikhalo salo mntwana. “Tat’umantshingilane. Undisa phi, ungathini ukundibiza ngathi undibizela umama kanti uthetha ubuxoki? Andinamama unje mna, umama akabhinqi majikolo, asingomama wam lo.” Ngokothuka umantshingilane wayithi ntshi le ntwazana engaziva nokuba uyibambile. Koko kukhwaza ekhanyelwa uNosingili yena uzingisile eyicenga intombi yakhe ukuba izole. Ngeli xesha akhanyelwayo yintombi yakhe, yena uNosingili ingqondo yakhe imkile mpela, ucinga ukuba ulandeliswe ngezinto ezimdaka ukuze intombi yakhe iphambane yakumbona. Ingqondo yakhe ilele tu kwinto yokuba uNolitha ngoku akafuni kwaziwa ukuba uzalwa lelinjalo ixhegokazi. Oko kukhwaza nokukhanyelana kudale isiphithanyongo kumagumbi okufundela kuba isango elo lalikufuphi kuwo. 5. Inqununu inxule isekela layo basondela kwesi sithathu. Nabo bafike kuseshushu ukukhanyelana phaya ngasesangweni. Bafike bazama ukuzolisa loo ntshawuto kaNolitha ephokoka izithuko nezinyeliso, ukuhlala lihlale irhoqololo elinje lize kuphoxisa ngaye phakathi kweetitshala nabanye abantwana. Unina uthe nqumama akubona ezi titshala zifika. Zibuze kumantshingilane okwenzekayo ze wayithi gca yonke ingcombolo okomntu obotshwe emnweni. Zabonakala zinqwala zibonakala zisetyisa le nkcazelo. Ziye zaphethukela kuNosingili zabuza, naye athe wayicivotha indlela asokola ngayo efundisa uNolitha. Wabaxelela ukuba ebezisele loo mbulu inyama yehagu nemali yesepha. Emva kokuhlatyaniselwa ngemibuzo uNolitha, uye wee khanxanxa kodwa emana ukuzidlikidla elikrwaqula kakubi elo xhegokazi, phofu emi kwinto yokuba akalazi. Inqununu ibize uNomawethu othanda ukuhamba noNolitha ukuza kusombulula esi sishiqi ze uNomawethu walazi njengonina kaNolitha. Zema nematha iititshala. Kuthethe uNosingili engcangcazelisa ilizwi, “Uthini Nolitha, uthi akundazi, kulungile mntanam akukho nto.” Wahamba wagoduka intliziyo ilijaja ligazi. Wathi akuhamba uNosingili eyinyhididi ziinyembezi, inqununu yayalela uNolitha ukuba abuyise iincwadi zesikolo aphume aphele kuloo masango esinala. [Icatshulwe kwincwadi “Uzungatsho” ngokubhalwe ngu W.N. Mbovane amaphepha 41–45; yaza yahlelwa] 1.1 Ikusiphi isithili ilali yakuMponzo? (1) 1.2 Igama “umthonyama” lichaza: A Ubulongwe B Amalongwe C Umgquba omtsha D Umgquba omdala nosele uvundile (1) 1.3 Chonga apha kwisicatshulwa ibinzana okanye isivakalisi esibonisa ukuba uNosingili lo wayehlupheka. (2) 1.4 Wayeyiphathele ntoni intombi yakhe uNosingili mhla wayeyokuyibona esikolweni? Xela ibenye. (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (NOVEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 5 1.5 Yakha isaci usebenzisa igama elikwisibiyeli, eso saci sithethe into enye nentetho leyo: Wavuka kwakusasa ngale mini (iimpondo) (2) 1.6 Wakhaliswa yintoni uNolitha? (1) 1.7 Ingaba yinyani okanye asiyonyani ukuba uNosingili usakholelwa ekuthakatheni? Cacisa. (2) 1.8 Ingaba igama ‘zisetyisa’ livelisa yiphi intsingiselo ngokwakwisicatshulwa, ube sele unika enye intsingiselo engeyiyo le ikwisicatshulwa. (2) 1.9 Chonga apha kwisicatshulwa igama elisinika umfanekiso ngqondweni womntu omdaka, ombi nokhangeleka esokola. (2) 1.10 Ukuba wena wawunguNosingili ukhanyelwa ngumntwana osokolela yena ngewathini? (2) 1.11 Ngokoluvo lwakho kulungile okanye akulunganga ukukhanyela umzali wakho? Cacisa. (2) 1.12 Xa inqununu yayigxotha uNolitha esikolweni, leliphi eli lungelo likaNolitha lalinyhashwa? (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 (NOVEMBA 2014) ISICATSHULWA B: OKUBONWAYO Qwalasela lo mfanekiso ungezantsi uze uphendule imibuzo elandelayo. USibongile Mazibuko udityaniswa nomama wakhe ekudala emkhangela, uNomvula Rhadebe ngoncedo lwenkqubo uKhumbul’ekhaya. [Lo mfanekiso uthatyathwe kwimagazini iMove yama- 22 kaJuni 2011 iphepha lama-25 waza wahlelwa] 1.13 Ngokwasemfanekisweni ingaba esi sibini sonwabile? Cacisa. (1) 1.14 Xa uqikelela inokuba kwenzeka ntoni kwesi sibini ngale mini sasiqala ukubonana? (1) 1.15 Ngaphandle kukaKhumbul’ekhaya, yiyiphi enye indawo engakunceda ufunise ngomntu wakho olahlekileyo? (2) 1.16 Ukuba wena wawunguSibongile ushiywe ngumama wakho ngewazihlupha ngokumkhangela? Kuba kutheni? (2) 1.17 Kha uthelekise izimo zezi ntombi zimbini, uNolitha kwisicatshulwa A noSibongile kwisicatshulwa B. (2) 1.18 Ngokoluvo lwakho yintoni enokubangela ukuba umzalikazi amshiye umntwana wakhe? (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (NOVEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 7 ICANDELO B: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2 ISICATSHULWA C Funda ngononophelo nangocoselelo esi sicatshulwa silandelayo wandule ukusishwankathela ngawakho amazwi ulandela le miyalelo:  Shwankathela ngawakho amazwi ngeengongoma ezisi-7, ngamagama angama-70.  Shwankathela ngokomhlathi ungaphumi emxholweni. (7)  Qaphela ukusetyenzisa kolwimi, iimpawu zobhalo nococeko. (3)  Bhala inani lamagama owasebenzisileyo kwizibiyeli xa ugqibile. USANA LWAM LWEBIWA 1. UMercy Mabaso owayeqala ukuba nomntwana lwaphela kwamsinyane uvuyo xa usana lwakhe lwebiwa ngoEpreli kulo nyaka. Ukukhulelwa kwam, utata womntwana wathi unethemba lenkwenkwe. Sasingenayo imali yesipopoli ukuze sibone isini, ndalinda de ndabeleka. Ndafumana inkwenkwe ndayithiya ukuba nguBlessing. Kwangaloo mini, kwabakho ibhinqa eliza kum elalihleli ebhentshini. Lavuyisana nam ngokufumana inkwenkwe esempilweni ndacinga ukuba ngunompilo. Wayethetha ulwimi lwam, yaye ndimthemba. Ngosuku olulandelayo emva kokukhululwa esibhedlele, laphinda lakhona eli bhinqa. Xa siphuma kwisango lesibhedlele, landixelela ngevawutsha yokuthenga endiyiphumeleleyo ngokuzikhathalela ngexesha ndikhulelwe. Wayenxibe kakuhle ngoko akazange andinike sizathu sokungamthembi. Ixesha elininzi wayethetha emnxebeni ngokungathi ngumsebenzi wokwenene, wacebisa ukuba siye kuloo venkile ukuze silande ivawutsha leyo ukuze ndithengele usana ukutya neempahla. 2. Ndandinemincili xa ndandisiya kulanda itroli, ngexesha yena ebambe usana. Kungekapheli nemizuzu emihlanu ndimkile, ndathi ndibuya wabe ephele emehlweni nosana. Ndasothula isikhalo ndinga ndiyaphambana. Kaloku utata womntwana wayengekamboni, ndandiza kumxelela njani yena nosapho ukuba izibulo libiwe. Umntu owayedlula ngendlela wandibuza ukuba kutheni ndamxelela, kwabizwa amapolisa. Into eyayimbi kukuba iiCCTV cameras zasesibhedlela zazingasebenzi ngoko amapolisa ayengenakubona. Lalingekho ithemba lokulubona usana lwam kwakhona. Ubusuku ngabunye ndandithandazela ukufumaneka kosana lwam, kodwa akuzange kubenjalo. Yaphela inyanga, ndingalali ebusuku ndilila. 3. Ndiyambulela uThixo ngosapho lwam olwalusoloko lundomeleza. Ngamanye amaxesha ndandiye ndiyokuchitha usuku lonke kulaa venkile ndinethemba lokubona elaa bhinqa. Eyona nto yenza imeko yam ibembi kakhulu kukuba ndingenayo ifoto yosana. Imithandazo yam yaphendulwa ekugqibeleni xa ndafumana umnxeba osuka emapoliseni usithi bafumene usana abakholelwa ukuba lolwam yaye kubanjwe ibhinqa elinama-24 eminyaka. Nangona kwakunjalo ndandingenakho ukumfumana uBlessing, kwafuneka kwenziwe uvavanyo lweDNA ukuqinisekisa ukuba ngowam. Emva kwenyanga lwabuya usana lwam kwaye ngoku ndonwabile. [Icatshulwe kwiBona kaAgasti 2013; iphepha lama-92; yaza yahlelwa] AMANQAKU ECANDELO C: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 (NOVEMBA 2014) ICANDELO C: ULWIMI UMBUZO 3: UKUCAZULULA ISIBHENGEZO–NTENGISO ISICATSHULWA D Funda esi sibhengezo-ntengiso singezantsi uze uphendule imibuzo elandelayo. [Ucatshulwe kwimagazini iBona kaJanuwari 2014, iphepha le-11] 3.1 Yiyiphi le mveliso ithengiswa apha? (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (NOVEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 9 3.2 Nguwuphi umzi osididiyelela le mveliso? (1) 3.3 Sithini islogani sesi sibhengezo? (1) 3.4 Ngokwakwesi sibhengezo imnceda njani umntu oyisebenzisayo le mveliso? (1) 3.5 Phinda ubhale esi sivakalisi sibe kwimo elandulayo: IDove yohlukile kwezinye izibulala-vumba. (1) 3.6 Yakha isaci usebenzisa igama ‘Ikhwapha’ size eso saci sinike intsingiselo ebonisa ukusondeza umntu kuwe. (2) 3.7 Khetha intsingiselo ephuhliswa ligama ‘empuluswa’ kwesi sivakalisi: Ikunika amakhwapha athambileyo, ampuluswa ... A Agudileyo, acocekileyo nabukekayo B Anevumba nangajongekiyo C Aneenwele ezinde (1) D Abilileyo nanevumba 3.8 Xa ujonge lo mfanekiso ungathi eli nenekazi liyayithanda kwaye lizithembile xa lisebenzise le mveliso? Ewe okanye hayi uze uzixhase. (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 (NOVEMBA 2014) UMBUZO 4: UKUCAZULULA IKHATHUNI ISICATSHULWA E Qwalasela le khathuni ingezantsi uze uphendule imibuzo elandelayo. [Le khathuni ithatyathwe kwincwadi Ukhanyo, iNcwadi yoMfundi iBanga 10, iphepha le-160] 4.1 Ingaba aba bantu bakulo mfanekiso bonwabile? Ewe okanye hayi, uze uzixhase. (1) 4.2 Esi sine sithetha apha ngaba sisizobela yiphi imeko yentlalo? (2) 4.3 Lo uneqam elingabhalwanga nto inokuba kutheni kuye? (1) 4.4 Nika isifanokuthi segama ‘ndidendiwe’ njengoko lisetyenziswe sisithethi sesibini. (1) 4.5 Nika igama eliNYE endaweni yale ntetho ebhalwe ngqindilili kwesi sivakalisi: Yiminyaka ndiphila kukubamba imisebenzi yethutyana. (2) 4.6 Igama ‘ndinkonye’ lisivezela yiphi intsingiselo ngokokusetyenziswa sisithethi soku-1? (1) 4.7 Ngokolwazi lwakho ingaba kweli lizwe lethu le ngxaki ibekwa zezi zithethi iyasichaphazela okanye ayisichaphazeli? Cacisa. (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (NOVEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 11 UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI ISICATSHULWA F Funda esi sicatshulwa, wandule ukuphendula imibuzo elandelayo. Wagxothwa uFaleni emva komsebenzi ongako. Uthe esukile apho, wabhadula etyhutyha kuloo masimi amakhazi-khazi yimithi exakathe loo matyumtyum eediliya. Kwifama yokuqala adibene nayo uhlangene neqela lamadoda lisimba umsele ecaleni kwendlela. Umphathi welo qela yayingumfo osisu sikhulu sithe luxu phezu komtya wesinqe noko zona iindawo zokuchopha zibunqaba. Usondele uFaleni efuna ukucela umsebenzi. Uthule umnqwazi ukunika imbeko, wabeka ingxaki yakhe. Ithe imondele le nqeberhu, yabuza igama, isiduko, ikhaya nemvelaphi. Uthe akuba ephendule, yambizela bucala imana ukujonga phezulu kubonakala ukuba ibambe iinyembezi. Kwelo gunjana labo lingenazindonga babebhungela kulo kwabonakala ukuwolana kwabo besangana okwabantu abazanayo. Kwathi kanti loo mini uFaleni uyifumene inkulu yakhe, uLanga. Kwa-oko wathatyathwa ngenqwelo-mafutha wasiwa kumzi omkhulu kaLanga, ingqili yomzi. Emva kokwaziswa kukaFaleni kolo sapho, kwaphinda kwabuzwana impilo kwakhona. Indlu yayizele ngabazukulwana. Kwaba nzima ukuphindela emsebenzini kuLanga loo mini, evuyela uyise ekwaphethwe ludano lokubona uyise elelo dlavu, yena ehlala kwezimlandelayo izichopho. Emva kokubukwa okungazenzisiyo, uLanga wazikhulula zonke iimpahla zikayise wamnxibisa ezinye. [Sicatshulwe kwincwadi “Uzungatsho” ngokubhalwe nguW.N. Mbovane iphepha lama-55] 5.1 Lenze msebenzi mni igama elinomgca ngaphantsi kwesi sivakalisi: singezantsi: Wagxothwa uFaleni emva komsebenzi ongako. (1) 5.2 Kwesi sivakalisi silandelayo xela ukuba igama elibhalwe ngqindilili lisetyenziswe njani: Umphathi welo qela yayingumfo osisu sithe luxu phezu komtya wesinqe. (1) 5.3 Nika isichasi segama ‘nemvelaphi’ njengoko lisetyenzisiwe kwesi sivakalisi: Ithe imondele le nqeberhu, yabuza igama, isiduko, ikhaya nemvelaphi. (1) 5.4 Isimamva esikrwelelwe umgca ngaphantsi sibonisa ntoni? Kwabonakala ukuwolana. (1) 5.5 Guqula esi sivakalisi sibe kwixesha eliya kuza: ULunga wazikhulula zonke iimpahla zikayise. (2) 5.6 Fakela simaphambili simbi kwesi sibizo ukuze sinike enye intsingiselo ube sele uxela ukuba eso sibizo usakhileyo siveza yiphi intsingiselo. Ukunika imbeko (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 (NOVEMBA 2014) 5.7 Hlahlela esi sivakalisi singezantsi ukhuphe igatya eliyintloko negatya elayamileyo: UFaleni, akuba ethule umnqwazi, ubike ingxaki yakhe. (2) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com
Downloaded from hlayiso.com

Study this subject

More from Grade 11 isiXhosa HL

View all