Skip to content

isiXhosa HL Grade 11 Paper 1 Eastern Cape November 2014 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 1120147 pages

Grade 11 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the Eastern Cape November 2014, 7 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Eastern Cape November 2014

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 11 NOVEMBA 2014 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 IMEMORANDAM AMANQAKU: 70 Le memorandam inamaphepha asi – 7.
Downloaded from hlayiso.com 2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 (NOVEMBA 2014) ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA ISICATSHULWA A UMBUZO 1 1.1 Kwisithili saseCacadu.  (1) 1.2 D / Umgquba omdala nosele uvundile.  (1) 1.3 ‘nokuba awunazo iintsiba’  (2) 1.4 Izijunqe ezithathu zomqolo wenyama yehagu /iiponti ezimbini.  (1) 1.5 Xa kumpondo zankomo.  (2) 1.6 Wakhaliswa kukubona eziswa kunina ngumantshingilane njengoko wayemlandile.  (1) 1.7 Yinyani kuba wayecinga ukuba ulandeliswe ngezinto ezimdaka ukuze intombi yakhe iphaphazele iphambane yakumbona.  (2) 1.8 Zicingisisa/zizikisa ukucinga/zinambithisisa  Inkomo xa ithi sele iyekile ukutya ingca edlelweni ilele ngecala imana ibuyisela ingca esele isesiswini iphindle iyihlafune kuthiwa iyetyisa.  (2) 1.9 Irhoqololo  (2) 1.10 Ngendacela ukuba ndishiywe naye ukuze ndimbuze ukuba uyazi na ukuba ndisokolela yena /Ngendamxelela ngoko ukuba angaphinde awubeke owakhe umcondo kowam umzi.  (Naluphi uluvo olunomhluzi oluza nomfundi) (2) 1.11 Akulunganga kuba kungakuzisel amashwa uphulukane neentsikelelo/  Umzali ngenxa yomothuko nentlungu angaquleka afe /angafa isiqaqa/awe afe.  (Naluphi uluvo oluvakalayo) (2) 1.12 Lilungelo lokufunda.  (2) 1.13 Bonwabile kuba omnye uhlekile kanti omnye uncumile.  (1) 1.14 Balilelana iinyembezi zovuyo /Bothuka /Bahleka bangana.  (Naluphi uluvo olunomhluzi oluza nomfundi) (1) 1.15 Kunomathotholo /Kumaphephandaba /Kwimagazini / emapoliseni /kumabonakude.  (Nayiphi na indawo eza nomfundi enokuba luncedo) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (NOVEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 3 1.16 Ewe kuba ikhaya likhaya ngomama / Hayi kuba naye akandikhathalelanga wandishiya.  (Nayiphi na indlela azixhasa ngayo umfundi evakalayo) (2) 1.17 UNolitha ukhanyela umama wakhe nangona sixelelwa ukuba uwa evuka esebenzela yena efuna afunde.  USibongile uyamthanda umama wakhe ude wabhalela kuKhumbul’ekhay ukuba amfunele yena nangona engamenzelanga nto.  (2) 1.18 Kukungakhathali nokuthanda izinto zobomi /Kukuba nomntwana ungekakulungeli oko ze ugqibe kwelokuba umshiye /kukusokola nokuhlupheka uxolele ukumshiya ukuze ungamboni xa ekhula nzima.  (Naluphi uluvo oluvakalayo) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 (NOVEMBA 2014) ICANDELO B: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2 UKUKOREKISHWA KWESISHWANKATHELO:  Ulwabiwo lwamanqaku  Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7.  Amanqaku ama-3 olwimi  Amanqaku ewonke: 10  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo:  1–3 amanqaku achanekileyo: nika inqaku eli-1.  4–5 amanqaku achanekileyo: nika amanqaku ama-2.  6–7 amanqaku achanekileyo: nika amanqaku ama-3. QAPHELA  Imo Nokuba isishwankathelo sibhalwe ngemo engachanekanga, masiphononongwe.  Ubalo-magama  Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo.  Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga.  Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kumagama ama-5 ngaphezulu kwaqingqiweyo, ungawahoyi alandelayo.  Izishwankathelo ezibhalwe zazifutshane kodwa zinazo zonke iingongoma ezifunekayo okanye ezilindelekileyo mazinganyityelwa manqaku. UMFUNDI ANGACANGCATHA KWEZI NGONGOMA IINGONGOMA  UMercy Mabaso wazibula ngenkwenkwe enguBlessing.  Esibhedlele kweza kuye ibhinqa livuyisana naye wacingela ukuba lingunesi kuba nangosuku olulandelayo xa ekhutshwa esibhedlele lalikho.  Lamkhohlisa ngevawutsha ayiphumeleleyo yokuthenga iimpahla zosana ze lathembisa ukumgcinela usana ngelixa athengayo.  Ekubuyeni kwakhe lalingekho ibhinqa nosana, wakhala wancedwa ngumhambi.  Amapolisa akancedanga kuba ikhamera zesibhedlele zazingasebenzi.  Usapho lwamxhasa nangona wayehlala ngokulila de wafowunelwa ngamapolisa elufumene usana.  Labanjwa ibhinqa usana walunikwa emva kwenyanga. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (NOVEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 5 NGOKOMHLATHI UMercy Mabaso wazibula ngenkwenkwe enguBlessing. Esibhedlele kweza kuye ibhinqa livuyisana naye wacingela ukuba lingunesi kuba nangosuku olulandelayo xa ekhutshwa esibhedlele lalikho. Lamkhohlisa ngevawutsha ayiphumeleleyo yokuthenga iimpahla zosana ze lathembisa ukumgcinela usana ngelixa athengayo. Ekubuyeni kwakhe lalingekho ibhinqa nosana, wakhala wancedwa ngumhambi.Amapolisa akancedanga kuba ikhamera zesibhedlele zazingasebenzi. Usapho lwamxhasa nangona wayehlala ngokulila de wafowunelwa ngamapolisa elufumene usana. Labanjwa ibhinqa usana walunikwa emva kwenyanga. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com 6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 (NOVEMBA 2014) ICANDELO C: ULWIMI UMBUZO 3: UKUCAZULULA ISIBHENGEZO-NTENGISO 3.1 Isibulali- vumba samakhwapha /Isiqholo samakhwapha / i roll-on  / isipreyi.  (1) 3.2 Dove.  (1) 3.3 Ukhuseleko olusebenzayo. Iziphumo ezisebenzayo.  (1) 3.4 Ikunika amakhwapha athambileyo ngeli xa ikugcina uhlaziyekile yaye womile.  (1) 3.5 IDove ayohlukanga kwezinye izibulala-vumba.  (1) 3.6 Ukufaka ekhwapheni.  (2) 3.7 A. Agudile, acocekileyo nabukekayo.  (1) 3.8 Ewe kuba likhangeleka lihlekile kwaye liphakamise iingalo zalo ukuze amakhwapha alo avele elubala abonwe ngumntu wonke.  (2) [10] UMBUZO 4: UKUCAZULULA IKHATHUNI 4.1 Hayi abonwabanga kuba bafinge iintshiya, bajije imilomo kwaye baqumbile.  (1) 4.2 Intsokolo /intlupheko /ukuhamba nzima.  (Nayiphi kwezi) (2) 4.3 Akathethi nto yena kuba neyakhe intetho ngeyibhalwe kwiqam eliphezu kwakhe.  (1) 4.4 Ndiyekisiwe /ndigxothiwe /ndinqunyanyisiwe /ndikhutshiwe.  (Nayiphi kwezi) (1) 4.5 Kukungxungxa /Isingxungxu /zizingxungxu.  (2) 4.6 Umntu ogcine/obambe into kodwa ingeloncedo kuye.  (1) 4.7 Iyalichaphazela kuba loo nto idizwa luqhankqalazo esilubona umhla nezolo kukhalwa ngemisebenzi engekhoyo, ukukhalazela imirholo, ukufumana imisebenzi yethutyana nokudendwa kwabantu emisebenzini.  (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com (NOVEMBA 2014) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P1 7 UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI 5.1 Lisebenze njengenjongosenzi yesivakalisi /umenziwa  (1) 5.2 Lilandela isenzi u-sithe.  (1) 5.3 Nentsingaphi.  (1) 5.4 Isenzo esenzeka macala omabini /isenzo esenziwa ngomnye komnye nomnye komnye.  (1) 5.5 ULunga uya  kuzikhulula  zonke iimpahla zikayise. (2) 5.6 Umbeko> ukutya okushiyekileyo ze kwalala kutyiwe ngosuku olulandelayo.  (Naliphi na elize nomfundi igama) (2) 5.7 UFaleni ubike ingxaki yakhe  Igatya eliyintloko akuba ethule umnqwazi  Igatya elayamileyo (2) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 11 isiXhosa HL

View all