You're offline
Skip to content
Question paper

Gr 9 Xhosa QP_hlayiso.com_.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 9201113 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com Province of the EASTERN CAPE EDUCATION ISIGABA ESIPHEZULU IBAKALA 9 EYESILIMELA 2011 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA AMANQAKU: 100 IXESHA: 21/2 iiyure Olu viwo lunamaphepha ali - 13
Downloaded from hlayiso.com IMIYALELO 1. Fundisisa yonke imibuzo kakuhle. 2. Cinga, uqiqe phambi kokuba ubhale. 3. Phendula yonke imibuzo ngesiXhosa. 4. Sebenzisa amagama amkelekileyo xa uphendula. 5. Bhala ngokucacileyo, nangokucocekileyo. 6. Qiniseka ukuba uwaphendule OMATHATHU amacandelo. ______________________________________________________________________________ 2
Downloaded from hlayiso.com ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1 Funda isicatshulwa esilandelayo, uze uphendule imibuzo ebuzwe kuso: Umbethi wexilongo nombhali weengoma odume kwihlabathi lonke liphela, uHugh Masekela uhamba ecula kwiindawo ngeendawo zehlabathi njengase London, eNew York, eParis nanini na, kodwa uyithanda ngokungazenzisiyo idolophu yase Witbank akhulele kuyo kangangokuba ucinga nokwenza ifilim ethetha ngaloo minyaka. “Ndifun‟ ukwenza ifilim eza kubonisa ukuba iWitbank yayinjani ngaloo minyaka. Ininzi kum into endayamanisa nale dolophu nkqu nanamhlanje”, utsho uMasekela. Sele icetywa le filim kodwa uHugh uyakwazi akufunayo kuyo. “Zimbalwa iifilim ezibonisa ulonwabo e-Afrika, ngoko yiloo nto endifuna iboniswe yile filim. Ndandiphila ubomi obumnandi kakhulu khona, ngoko ndifuna le filim ibonise ulonwabo lwaloo minyaka.” UHugh nodade wabo, uBarbara (ongunozaku-zaku waseMzantsi Afrika e-USA), bakhuliswa nguninakhulu wakulonina eWitbank. Ubomi bobuntwana bakhe babungumxube wokukhuliswa phantsi kwengqeqesho nenkolo nobomi obunezimanga zaselokishini. Waqal‟ukuthand‟umculo xa wayewuva ukhala ezirhoxweni nasemizini yaselokishini. Kodwa emva kweminyaka engama-50 waqala ukucula kwiHuddleston Jazz Band, udume emculweni wejazz ehlabathini njengo-“Bra Hugh”. Ukwangusomashishini yaye inkampani yakhe ekuthiwa yiChissa Entertainment ishicilela amacwecwe, inecandelo eliphethe iimvumi, neliququzelela imisitho yolonwabo. Nangona kunjalo usakuthanda ukucula, kwaye kungoku nje ushicilela icwecwe lakhe elitsha. Nangona uMasekela enemisebenzi emininzi kangaka usabonakala ekhululekile kwaye omelele. Uthi oko kubangelwa ngumthambo weTai Chi awenza yonke imihla. “Uyandinceda ekupheliseni uxinzelelo lwengqondo. Ukubanomsindo andisakwazi nokuba yinto enjani. Xa ndibona umntu onomsindo, ndiyamjonga nje ndingazi ukuba ndingamnceda njani aphelise loo msindo”, utshilo. “ITai Chi ikomeleza kumalungu ongaziyo ukuba ungawomeleza njani kwaye ikwenza uzinze.” Indlela aphila ngayo ngoku yahluke mpela kwiminyaka eyadlulayo apho wayelikhoboka lotywala neziyobisi – zinto ezo azichazayo kwincwadi engobomi bakhe ethi Still Grazing (Crown Publishers, 2004). Wazifumana elikhoboka lezo zinto xa wayeselubhacweni, kodwa uqale ukuzikhwebula kuzo ngoDisemba ka – 1997. Ngoku uzimisele ukunceda ezinye iimvumi ezambethwe yiloo ngxaki. Ngumculo eyona nto alikhoboka layo ebomini uHugh. “Kwasekuqaleni umculo wawusoloko usegazini kum, yiloo nto ke ndingasokuze ndohlukane nawo. Ndathi ndakuya e-USA, abantu bakhona bathi: „Kutheni ufuna ukuba yimvumi yejazz sele zininzi kangaka apha iimvumi zejazz?‟ Kwakufuneka ndiphande ngeengcambu zam ndibe ndizisola nangokuba bekutheni ndizimisele ngokuba yimvumi 3
Downloaded from hlayiso.com yejazz. Ngethamsanqa uMiriam Makeba wayengumntwana wegqirha yaye wayeyimvumi ecula kamnandi ecula iingoma zesintu zasemazantsi e-Afrika. Bandifundisa iingoma ezandenza ndanomculo owahlukileyo kwiimvumi zaseMelika.” UHugh wakhuthazwa ngu Harry Belafonte ukuba angabuyeli eMzantsi Afrika emva kokuba uNelson Mandela wayegwetywe ubomi entolongweni. Wahlala eMelika wazenzela igama njengemvumi ecula yodwa edume ngengoma ethi Grazing In The Grass. Wabuyela kweli emva kokukhululwa kukaMandela entolongweni, kwaye ngoku unemisebenzi emininzi ayenzayo. Kungoku nje wenza nophando ngembali yosapho lwakowabo,kuquka nokuzalana kukayise omkhulu nabantu baseScotland. “Ndiyafuna ukwazi ngokwakusenzeka mandulo, kwaye ndifuna iilwimi ezinjengesiVenda, isiShangane nesiNdebele. Ndakhula eWitbank sithetha isiNdebele. Sasisithetha kakhulu nesiBhulu. Ndifun‟ukuqala ukubhala nangezo lwimi.” Uceba nokubhala incwadi eya kuthetha ngokubaluleka “kwezithethe zama-Afrika.” Eyona nto ndiyoyikayo kukuba umzukulwana wam xa ebuzwa ngembali yakhe angathi, „Sasikade singabantu abaNtsundu.‟ “Ndifuna ukwenza izinto eziza kukhuphisana nezinto azibona kwi MTV. Ungazi njani apho uya khona xa ungazazi apho usuka khona? Imbali yethu inezinto ezininzi eziqaqambileyo, kwaye inobungangamsha, kodwa sikulibele oko ngenxa yokwenziwa amathanga amanye amazwe nokufundiswa inkolo ethi imbali yethu yayibubuhedeni.” IMIBUZO 1.1 Chaza izinto zibe MBINI adume ngazo uBra Hugh. (2) 1.2 Bhala igama elipheleleyo endaweni yeli likrwelelweyo kwesi sivakalisi silandelayo: UMnu. Hugh Masekela wakhulela eWitbank. (1) 1.3 Zeziphi iilwimi afuna ukuzazi uBra Hugh? Khetha kwezi: 1.3.1 isiXhosa nesiZulu 1.3.2 IsiShangane nesiVenda 1.3.3 IsiSwati nesiBhulu (1) 1.4 Ingaba yinyani okanye asiyonyani le ntetho ilandelayo? Xhasa impendulo yakho. UHugh Masekela zange abelixhoba leziyobisi. (3) 1.5 Umhlobo wakho ungene nzulu kwiziyobisi. Ungamcebisa ntoni ukuze 4
Downloaded from hlayiso.com ahlukane nazo? (2) 1.6 Bhala igama elichaseneyo neli: ngethamsanqa. (1) 1.7 Nika indawo ibe nye athe wacula kuyo kumazwe aphesheya. (1) 1.8 Nika iintsingiselo zala magama njengoko esetyenziswe apha kwisicatshulwa: 1.8.1 Ikhoboka 1.8.2 ubuhedeni (2) 1.9 ITai Chi kucacile ukuba lichiza. Ingaba inceda kwintoni ngokwesicatshulwa? Bhala iingongoma zibe MBINI. (2) 1.10 Caphula amazwi abonakalisa ukuba kubalulekile ukuba siyazi imvelaphi yethu. (2) 1.11 Ucinga ukuba uHugh Masekela wayonwabile okanye wayekhathazekile ngoku abuyela eMzantsi Afrika? Xhasa impendulo yakho. (2) 1.12 Ufunde ntoni wena kubomi buka Hugh Masekela engakunceda nawe? (1) [20] 5
Downloaded from hlayiso.com UMBUZO 2 UKUSETYENZISWA KOLWIMI Khangela izibizo nezimelabizo zala mahlelo alandelayo kulo mfanekiso ungasezantsi uze uzibhale kule theyibhile ingezantsi: IHLELO ISIMAPHAMBILI ISIBIZO 6 9 11 [6] 6
Downloaded from hlayiso.com UMBUZO 3 Funda isivakalisi esilandelayo, uze uphendule imibuzo ebuzwe kuso: Umbethi wexilongo nombhali weengoma odumileyo uhamba iindawo ngeendawo. 3.1 Nika isigaba sentetho segama elinomgca ngaphantsi. (1) 3.2 Hlahlela igama elinomgca ngaphantsi ukhuphe isimaphambili nesiqu. (2) 3.3 Nika isininzi segama elinomgca ngaphantsi. (1) 3.4 Nika isenzi ekwakhiwe kuso eli gama. (1) [5] UMBUZO 4 Isibizo siyakwazi ukusebenza njengentloko (umenzi wesenzo) nanjengenjongosenzi (umenziwa) kwizivakalisi. Xela ke wena umsebenzi wesibizo ngasinye kwezi zikrwelelwe Umgca ngaphantsi: 4.1 UHugh uvuthela ixilongo. (1) 4.2 UMiriam Makeba undifundise umculo omnandi wase-Afrika. (1) 4.3 Umbethi wexilongo uhamba ecula iingoma kwihlabathi lonke. (1) 4.4 Abemi boMzantsi Afrika bayawuthanda gqitha umculo kaHugh Masekela. (1) 4.5 Ixilongo livuthelwa nguHugh Masekela. (1) [5] UMBUZO 5 Qwalasela izivakalisi ezilandelayo, uze ke uxele ukuba kutheni izibizo ezinomgca ngaphantsi zingenamaceba azo: 5.1 Iyathandwa le mvumi apha eMzantsi Afrika. (1) 5.2 Abona bantu bawuthandayo umculo ka Hugh Masekela ngamaxhego. (1) 5.3 Andifuni mculo womnye umntu mna ngaphandle kowakhe. (1) [3] 7
Downloaded from hlayiso.com UMBUZO 6 Izimamva zinika iintsingiselo ezithile kwizibizo. Xela ezi zinomgca ukuba zinika eziphi iintsingiselo kwizibizo ezikuzo: 6.1 Ndikholwa ukumamela umculo mna, hayi umculwana nje ongacacanga. (1) 6.2 Amanenekazi kanti nawo ayakwazi ukucula. (1) [2] UMBUZO 7 Funda esi sicatshulwana singezantsi: Iyathandwa kakhulu yona le mvumi yabo. Ifanele ke phofu ibaphathela owona mculo umnandi. Okunye malunga nayo, yeyona mvumi indala neyaziwayo kweli lizwe. Ngqamanisa ubuhlanti A nobuhlanti B, udibanisa ezihambelanayo: UBUHLANTI A UBUHLANTI B 7.1 yona (i) Isiphawuli 7.2 le (ii) Isimnini 7.3 yabo (iii) Isimelabizo soqobo 7.4 owona (iv) Isibaluli 7.5 indala (v) Isimelabizo sokugxininisa. (vi) Isimelabizo sokwalatha [5] UMBUZO 8 Xela ukuba izenzi ezinomgca ngaphantsi zikwawaphi amaxesha ukhetha kula: Ixesha elizayo; ixesha eladlulayo; ixesha eliza kuza; ixesha elidlulileyo; ixesha langoku. 8.1 UHugh Masekela uceba ukubhala incwadi eya kuthetha ngokubaluleka kwezithethe namasiko. (1) 8.2 UHarry Belafonte wakhuthaza uHugh ukuba angabuyeli eMzantsi Afrika. (1) 8.3 Imvumi ebalaseleyo iyamkele into yokuba yayilikhoboka leziyobisi. (1) 8.4 Wayezazi ukuba uza kubuyela kwelaseMzantsi Afrika kwakukhululwa uMandela.(1) [4] 8
Downloaded from hlayiso.com UMBUZO 9 ISISHWANKATHELO Phinda ufunde isicatshulwa esikumbuzo wokuqala, uze emva koko usishwankathele Ngamagama angama-70 – 80 usebenzisa awakho amazwi. Landela esi sikhokelo;  Bhala kuphela iingongoma eziphambili.  Isakhiwo sesicatshulwa sakho nolwakhiwo lwezivakalisi mayibe zezifanelekileyo.  Sebenzisa ulwimi, isigama, upelo neziphumlisi ngendlela efanelekileyo. [10] AMANQAKU ECANDELO A: 60 9
Downloaded from hlayiso.com ICANDELO B: UNCWADI UMBUZO 10 Fundisisa lo mbongo ulandelayo, wandule ukuphendula imibuzo ebuzwe kuwo: IMFUNDO 1 Yitsho ndikutyel‟indaba, 3 Mzi kantu vulan‟amasango Fuman‟imfundo uzokonwaba, engqondo, Kuvuthuluke iingxaki zomhlaba, Nifunde kuqhekek‟umqondo Okwemfuyo namhla kuyalaba- wengqondo. laba. Ulwazi luselwa ngengqondo. Isitshixo sobom ke yimfundo. 2 Ehleli nje umntu unebhongo, 4 Ikhanyis‟isizwe nohlanga, Ehleli nje umntu uneenjongo, Liqula lobuntu nenkcubeko, Namhl‟umntu ufun‟ukuqonda, Sisiseko sokhanyo nembeko, Namhl‟umnt‟uqulath‟iingcinga. Ayinamkhethe ibandakanya zonk‟iintlanga. 10
Downloaded from hlayiso.com 10.1 Ucinga ukuba kutheni imbongi isibhalela lo mbongo? (2) 10.2 Xela izafobe ezinomgca ngaphantsi. (2) 10.3 Imbongi ithetha ukuthini ngezi zivakalisi: 10.3.1 Ulwazi luselwa ngengqondo. (2) 10.3.2 Isitshixo sobom ke yimfundo. (2) 10.4 Kwisitanza sesibini bhala imigca emiBINI enemvano siqalo. (2) 10.5 Ucinga ukuba imbongi iveza ntoni ngokuphinda-phinda igama „ingqondo‟ kwisitanza sesine? (2) 10.6 Bhala izinto zibe NTATHU ezenziwa yimfundo kubomi bomntu ezikulo mbongo. (6) 10.7 Umhlobo wakho ongafuniyo ukufunda ungamcebisa ngawaphi amazwi? (2) [20] AMANQAKU ECANDELO B: 20 11
Downloaded from hlayiso.com ICANDELO C: UBHALO LWESINCOKO UMBUZO 11 Kwizincoko ezilandelayo khetha sibe siNYE kuphela ubhale ngaso. Ubude besincoko sakho mabube phakathi kwamagama angama-250 – 300. 11.1 Xa kusondele ixesha lonyulo loomasipala, onke amaqela ezopolitiko abazizinxada-nxada ezibonakalisa kwizizwe indlela abanokuzisa ngayo iinkonzo ebantwini. Wena ke zithathe nje ngomlawuli weqela lakho lezopolitiko uchaze zonke izithembiso eninazo ngeenkonzo eniza kuzizisa ebantwini ngendlela ezakwenza iqela lenu livotelwe. [20] OKANYE 11.2 Umzali ngumntu onobuntu, onothando nonobubele, owenza nomnye umntu azive amkelekile. Khawusibalisele ngezinto akwenzele zona lo mntu ebomini bakho ezikwenze ugqibele ngokuthi “Inene! Lo yile nto kuthiwa ngumzali”. [20] 12
Downloaded from hlayiso.com OKANYE 11.3 Iteknoloji kule mihla siphila kuyo ibenza ubomi buhambe lula kuluntu nangona nje kwelinye icala iye ibe neengxaki. Velisa ke wena kwisincoko sakho icala elilungileyo kunye necala elingalunganga leteknoloji kubomi esibuphilayo. [20] AMANQAKU ECANDELO C: 20 EWONKE AMANQAKU: 100 13

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 9 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all
Grade 9 · Isixhosa Hl · 2011 · June Common · Question paper | Hlayiso | Hlayiso