You're offline
Skip to content
Memorandum

XHOSA HL P1 MEMO GR12 SEPT 2017.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 12201710 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2017 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 IMEMORANDAM AMANQAKU: 70 Le memorandam inamaphepha ali-10.
2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2017) ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1 Qaphela oku kulandelayo xa umakisha uvavanyo lokuqonda:  Eyona njongo yalo mbuzo kukuvavanya ukuqonda, ngoko ke umvavanywa makanganyityelwa manqaku ngeempazamo zopelo nezolwimi ngaphandle kokuba iimpazamo ezo zithi zitshintshe intsingiselo (itsho impendulo ingabiyiyo echanekileyo).  Xa umvavanywa esebenzise amagama angengawo awesiXhosa ncakasana, ibe yona impendulo iyechanekileyo, makanikwe amanqaku apheleleyo ngempendulo yakhe.  Kwimibuzo evulelekileyo, makunganikwa manqaku ngo- EWE/HAYI, NDIYANGQINELANA/ANDINGQINELANI, YINYANI/BUBUXOKI/LULUVO. Amanqaku mawanikwe kujongwe ukuzixhasa kwakhe umvavanywa (makujongwe ukuzixhasa kwakhe/isizathu esibambekayo esibangela ukuba abhale ewe/hayi okanye yinyani/bubuxoki/luluvo, ndiyangqinelana/andingqinelani).  Ukuba umvavanywa ubhale isivakalisi esipheleleyo endaweni yegama/ibinzana ebelilindelekile, makanyityelwe amanqaku xa engalikrwelelanga/engaliqaphulanga igama/ibinzana elo lilindelekileyo.  Xa kulindeleke ukuba umvavanywa abhale amanqaku amabini/amathathu ze yena anike angaphezulu kwabelindelekile, makuhoywe la mabini/mathathu okuqala kuphela.  Xa umvavanywa esebenzise isiXhosa sengingqi makawanikwe amanqaku ukuba impendulo yechanekileyo.  Xa kulindeleke ukuba umvavanywa akhethe impendulo echanekileyo kwazinikiweyo, makaphiwe amanqaku xa ebhale unobumba nempendulo echanekileyo esecaleni konobumba/unobumba osecaleni kwempendulo echanekileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 3 ISICATSHULWA A 1.1 1.1.1 Abazali bakhaliswa kukuba abantwana beli xesha abeva, √ banenkani, √ benza unothanda. √ (Nasiphi na isibini) (2) 1.1.2 ‛Abantwana bayazihleka iingcebiso eziphuma ebazalini, kanti nabazali kwelabo icala bazithatha njengobuvuvu izizathu ezibekwa ngabantwana.’√ (1) 1.1.3 Umzali ubenolwazi oludlula olo lomntwana ngento yonke. √√/ Umntu omdala ebenolwazi olungaphezu kolo lomntwana. √√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 1.1.4 Sisifaniso. √ (1) 1.1.5 Ndiyangqinelana, kuba bathe abantu bakudibana nempucuko yaseNtshona batsho bayeka ukwenza amasiko nezithethe zabo ngenxa yokuba besithi zizinto zabahedeni. √√ OKANYE Andingqinelani, kuba nangona impucuko yaseNtshona ikho nje kodwa basekhona abantu abasawenzayo amasiko nezithethe zabo. √√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 1.1.6 Uveza ingcamango yokuba abazali abaphumeleli kwiinzame zabo zokuqeqesha abantwana, √ kuba basaqhubekeka nezimilo ezigwenxa kunye nobuvila. √ (2) 1.1.7 Ukunxibelelana. √ Unyana wam khange akwazi ukunxibelelana nam kuba bendibhala iimviwo. √ (Nasiphi na isivakalisi esichanekileyo, esinegama ukunxibelelana.) (2) 1.1.8 I-intanethi. √/ Imfonomfono. √/Ikhompyutha. √/Imagazini. √/ Ileta. √ (Nasiphi na isibini) (2) 1.1.9 C. √√/ Isandiso √√/ C. Isandiso. √√ (2) 1.1.10 Uthetha ukuthi, umqeqesha njani umntwana osele esazi yonke into? √√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2017) 1.1.11 Sibonakalisa intsingiselo yokwenzana, omnye komnye nomnye komnye.√√ (2) 1.1.12 Uzama ukusibonisa ukuba amaxesha atshintshile nezinto ziguqukile kwindlela ebezisaya kuba yiyo ngaphambili. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo, ebonakalisa imfundiso.) (2) [22] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 5 ISICATSHULWA B 1.2 1.2.1 Kwisicatshulwa A konwatyiwe, kanti kwisicatshulwa B kuyaxatyanwa. √√/ Kwisicatshulwa A kukho abantu abangamadoda, kanti kwisicatshulwa B kukho amabhinqa. √√ /Kwisicatshulwa A kukho abantu abancumeleneyo kanti kwisicatshulwa B abancumelananga. √√/ Kwisicatshulwa A bayovana kanti kwisicatshulwa B akubonakali mvisiswano. √√ [Nayiphi na kwezi.] (2) 1.2.2 Bonwabile, √ kuba bayahleka/bancumelene √/ Bayavuya, √ kuba bade bajongana. √/ Bayathandana, √ kuba bancumelene. √ [Nayiphi na kwezi.] (2) 1.2.3 Ngumfanekiso, B √ kuba kumfanekiso B kubonakaliswa abantu abangavaniyo, kanti nakumhlathi woku-1 kwisicatshulwa A kuthethwa ngokungabikho kwemvisiswano phakathi kwabazali nabantwana. √ (2) 1.2.4 Ngumfanekiso A, √ kuba ukuze unxibelelwano lube lolululo kufuneka kubekho umoya woxolo nemvisiswano. √/ Ngumfanekiso A, √ kuba xa sukube kuxatyanwa akubikho kunxibelelana ngokukuko. √/ Ngumfanekiso A, √ kuba xa kuboniswana akukho nto ilwisayo. √ [Naluphi na uluvo lomfundi olululo oluxhasa umfanekiso A.] (2) [8] AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2017) ICANDELO B: ISISHWANKATHELO UMBUZO 2 UKUMAKISHWA KWESISHWANKATHELO:  Amanqaku abiwa ngolu hlobo lulandelayo:  Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (Ingongoma nganye linqaku)  Amanqaku ama-3 olwimi.  Amanqaku ewonke: 10.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi:  1–3 iingongoma ezichanekileyo: nika inqaku eli-1.  4–5 iingongoma ezichanekileyo: nika amanqaku ama-2.  6–7 iingongoma ezichanekileyo: nika amanqaku ama-3.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa umlingwa ecaphule njengoko kubhaliwe kwisicatshulwa:  6–7 iingongoma ezicatshulweyo ngqo: 0 amanqaku olwimi (Akanikwa nqaku lolwimi umfundi)  1–5 iingongoma ezicatshulweyo ngqo: nika inqaku eli-1 lolwimi QAPHELA  Imo Nokuba isishwankathelo sibhalwe ngemo engachanekanga, masiphononongwe.  Ubalo-magama  Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo.  Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga.  Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kumagama ama-5 ngaphezulu kwaqingqiweyo, ungawahoyi alandelayo.  Izishwankathelo ezibhalwe zazifutshane kodwa zinazo zonke iingongoma ezifunekayo okanye ezilindelekileyo mazinganyityelwa manqaku. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 7 UMFUNDI ANGACANGCATHA KWEZI NGONGOMA UCAPHULO IINGONGOMA 1. Imbeko asiyiyo nanto 1. Intlonipho yeyona nto inexabiso elikhulu ukuba yigolide kwaXhosa. kwisizwe samaXhosa. √ 2. Isiseko sembeko 2. Ikhaya yeyona ndawo apho athi umntwana sisekhaya. aqale khona ukufundiswa indlela eyiyo yokuziphatha. √ 3. Umzalikazi xa eqeqesha 3. Eyona njongo ibalaseleyo xa kuqeqeshwa umntwana umsukela umntwana kukuba kube lula kuluntu ukuba athandeke ukumthanda. √ eluntwini. 4. Xa umfazi etshatile okanye 4. Kumfazi otshatileyo akukho nto idlula endile uyayazi into ukuhlonipha abantu bomzi wakhe yokokuba kufuneka abeke ngokwamabakala abo, omncinci uyisezala noninazala, nomdala. √ abakhuluwa nabakhuluwakazi kunye nomyeni wakhe. 5. Nasebantwaneni imbeko 5. Abantwana nabo kuyafuneka bazifundise iyafuneka, yaye nalapha ukuhloniphana, kwaye le ntlonipho ihamba isekelezwe ebudaleni. nobudala. √ 6. Emadodeni ubudala 6. Ubudala bendoda buxhomekeka bubalwa ngezilimela. kwizilimela enazo xa ithelekiswa namanye amadoda. √ 7. Iyephi le mbeko sigqiba 7. Kufumaniseka ukuba kumaxesha kuthetha ngayo apha ekuphilwa kuwo ngoku ayisekho ngasentla? Yathiwa intlonipho. √ nywam nywam sisilo siphi? UKUBHALA NGOKOMHLATHI Intlonipho yeyona nto inexabiso elikhulu kwisizwe samaXhosa. Ikhaya yeyona ndawo apho athi umntwana aqale khona ukufundiswa indlela eyiyo yokuziphatha. Eyona njongo ibalaseleyo xa kuqeqeshwa umntwana kukuba kube lula kuluntu ukumthanda. Kumfazi otshatileyo akukho nto idlula ukuhlonipha abantu bomzi wakhe ngokwamabakala abo, omncinci nomdala. Abantwana nabo kuyafuneka bazifundise ukuhloniphana, kwaye le ntlonipho ihamba nobudala. Ubudala bendoda buxhomekeka kwizilimela enazo xa kuthelekiswa namanye amadoda. Kufumaniseka ukuba kumaxesha ekuphilwa kuwo ngoku ayisekho intlonipho. [70 amagama] AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2017) ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI UMBUZO 3: UKUMAKISHA ICANDELO C  Upelo o Iimpendulo eziligama elinye mazimakishwe njengezichanekileyo nokuba upelo aluchanekanga, ngaphandle kokuba isiphene silahla intsingiselo efunwayo yegama. o Kwiimpendulo ezizizivakalisi ezipheleleyo, upelo olungachanekanga luya kohlwayelwa xa isiphene sikweso sakhi solwimi sivavanywayo. o Xa kuvavanywa izifinyezi, impendulo mayifakwe iziphumlisi ngokuchanekileyo. o Ulwakhiwo lwezivakalisi kufuneka luchaneke ngokwemigaqo yolwimi kwaye lusetyenziswe kwizivakalisi ezipheleleyo njengoko umbuzo uyalela. o Ngokubhekiselele kwimibuzo ekhethisa impendulo echanekileyo, yamkela ZOMBINI, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE impendulo ebhalwe ngokupheleleyo. UKUCAZULULA ISIBHENGEZO-NTENGISO 3.1 Ligama leshishini. √/ Ligama lenkampani. √ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.2 KuCentane. √ (1) 3.3 Ungena unxunguphele, uphume uchwayitile. √ (1) 3.4 Kukuba abantu babone le nto kuthethwa ngayo. √√/ Kukuveza izinto ezilungiswa apha. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 3.5 Ngabantu abanolwazi olunzulu ekulungiseni ubuxhakaxhaka boqhagamshelwano. √√ (2) 3.6 B. √/ Kubantu abanezixhobo zoqhagamshelwano. √ B. Kubantu abanezixhobo zoqhagamshelwano. √ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.7 Luluvo, kuba usenokuphuma ungachwayitanga xa uthe waphatheka kakubi. √√/ Luluvo, kuba usenokuphuma ungachwayitanga xa singalungisekanga isixhobo sakho. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
(EC/SEPTEMBA 2017) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 9 UMBUZO 4: UKUCAZULULA IKHATHUNI 4.1 Yikatala √/ Sisiginkci √/ Yigitha √ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.2 Linika intsingiselo yokuba asiyonto intle le ayenzayo. √√/ Linika intsingiselo yokuba bekungafanelekanga ukuba uyayenza le nto ayenzayo. √√/ Linika intsingiselo yokuba ayilunganga le nto ayenzayo. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 4.3 Iveza ukuba amadoda afanele ukuba ngamakroti √√/ Iveza uluvo lokuba izinto ezingahambi ngendlela zimele ukulungiswa ngamadoda. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 4.4 Eshushu. √ (1) 4.5 Uyacaphuka, √ kuba ude athi uyafundekela. √/ Uyacaphuka, √ kuba ude athi tatandini. √ /Unomsindo, √ kuba kude kwakho uphawu lwesikhuzo olubonakalisa ukuba uyamkhwaza. √ (Nayiphi na kwezi) (2) 4.6 Ayilunganga, kuba ayilunganga into yokubetha omnye umntu. √√/ Ayilunganga, kuba izinto azilungiswa ngokubetha. √√/ Ayilunganga, ukuba izinto zilungiswa ngokuthetha. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA P1 (EC/SEPTEMBA 2017) UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI 5.1 Yinjongosenzi. √/ Ngumenziwa. √ (Nayiphi na kwezi.) (1) 5.2 Sisivumelanisi sentloko. √ (1) 5.3 B. √/Sisihlomelo sendawo. √/ B. Sisihlomelo sendawo. √ (Nayiphi na kwezi.) (1) 5.4 Esi siziba sale lokhwe simdaka. √√/ Umama usebenzise isiziba selokhwe endala ukosula iinyawo zakhe. √√ (Nasiphi na isivakalisi esiveza isiziba esahlukileyo kweso sisetyenziswe kwisicatshulwa) (2) 5.5 Sisetyenziswe emva ko-thi. √/ Silandela u-thi. √ (Nayiphi na kwezi.) (1) 5.6 Tyhini! Y √ intini, iyazimela elutshabeni lwayo.’ (1) 5.7 Sikwixesha langoku. √/ Sikwixesha elimiyo. √ (Nayiphi na kwezi.) (1) 5.8 ‛Nantso into emnyama ingaziphosi esizibeni apho.’ √√ (2) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all
Grade 12 · Isixhosa Hl · 2017 · Eastern Cape Mock Exam · Memorandum · Paper 1 | Hlayiso | Hlayiso