Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 3 NSC June 2025 Question Paper

Question paperisiXhosa HLGrade 1220255 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC June Exam 2025, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC June Exam 2025

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Confidential SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS/ NATIONAL SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) CANZIBE/SILIMELA 2025 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 3 Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC Confidential IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba ucwangcise (usebenzisa isazobe/iflowutshathi/ amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngokucwangcisa PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo ukuba uthe wenza uyilo. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-(2 x 40) 80 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. 2025 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC Confidential ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. UMBUZO 1 1.1 Lade lazaliseka ithemba [50] 1.2 Wayeyincutshe ke loo mcuphi [50] 1.3 Isiphumo sihambelana nesenzo hayi iminqweno yodwa [50] 1.4 Wandipheka endophula [50] 1.5 Akukho lula ukukhetha phakathi kwabazali [50] 1.6 Bafana twatse ngezenzo, makangazithetheleli [50] Qwalasela uze ukhethe ubemNYE kwimifanekiso engezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. Nombola impendulo yakho ngolu hlobo (1.7 OKANYE 1.8). 1.7 [Uthathwe ku-www.foodtruckempire.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC Confidential 1.8 [Uthathwe ku-https://www.thoughtco.com/drought-causes-stages-and-problems] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC Confidential ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibeMIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta eya kumhlobo wakho ucele indawo yokuhlala ngethuba usafuna umsebenzi kwidolophu ahlala kuyo. [25] 2.2 INTETHO ESESIKWENI Isikolo esikwingingqi yakho siza kubanenkonzo yokukhuthaza nokomeleza abafundi abaza kuhlalela iimviwo. Uchongiwe njengesithethi esimele abafundi. Bhala intetho yokukhuthaza nokomeleza abafundi bebanga le-12. [25] 2.3 I-OBHITSHUWARI Ulilungu leforam yokugcina ucwangco kwingingqi yakho, kusweleke ipolisa ebelizinikele emsebenzini walo kule foram. Bhala i-obhitshuwari yalo. [25] 2.4 ILETA EYA KUMHLELI Bhala ileta eya kumhleli uphalaze izimvo zakho ngendlela exazalala ekulahlwa ngayo inkunkuma kwiindawo ezingafanelekanga. [25] 2.5 IRIVYU Uceliwe ngumpapashi ukuba uphawule ngefilim okanye ngomdlalo weqonga ekulungiselelwa ukuba uyokudlalwa ezikolweni. Bhala irivyu yefilim okanye umdlalo weqonga utyhile izinto ezinokuzuzwa nezinokususwa ukuze ikulungele ukufundisa. [25] 2.6 INQAKU LEPHEPHANDABA Ungumgwebi kukhuphiswano lokubhala iijenre ezahlukileyo; njengamabali amafutshane, isihobe, iinoveli needrama. Bhala inqaku lephephandaba uncoma izakhono zolutsha zokukhetha imixholo, ukukhula kwetalente nobuchule bokusebenzisa ulwimi kwezi jenre. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all