Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 3 NSC June 2024 Question Paper

Question paperisiXhosa HLGrade 1220246 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC June Exam 2024, 6 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

NSC June Exam 2024

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Confidential SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS/ NATIONAL SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) MEYI/JUNI 2024 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 3 Olu viwo lunamaphepha ama-6. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Meyi/Juni2024 SC/NSC Confidential IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba ucwangcise (usebenzisa isazobe/iflowutshathi/ amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngokucwangcisa PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kulo lonke uyilo ukuba uthe walwenza. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-(2 x 40) 80 8 Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Meyi/Juni2024 SC/NSC Confidential ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. UMBUZO 1 1.1 Zaxananaza iingcinga ndakubizwa kuloo ofisi [50] 1.2 Ndibuchaza ndiphelelwe ngamagama ubuhle baloo ndawo [50] 1.3 Ukuba ndingaze ndiphinde ndingayithethi inyani [50] 1.4 Imfundo neziyobisi yinyoka nesele [50] 1.5 Ukuwongwa ngokusebenza kuyakhuthaza kutyhafise ngamanye amaxesha [50] 1.6 Kusenza amayilo ukukhetha phakathi kwemali nothando [50] Qwalasela uze ukhethe ubemnye kwimifanekiso engezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. Nombola impendulo yakho ngolu hlobo (1.7 okanye 1.8). 1.7 [Uthathwe kuwww.pinterest.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Meyi/Juni2024 SC/NSC Confidential 1.8 [Uthathwe kuwww.gotreequotes.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Meyi/Juni 2024 SC/NSC ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibeMIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 I-IMEYILE Bhala i-imeyile eya kumhlobo wakho uvuyisane naye ngokuzuza isixamali kwilotto. [25] 2.2 ISIVI NELETA EYIKHAPHAYO UTofu Mbinana unomdla kwisithuba somsebenzi esikwisibhengezo esingezantsi. Bhala isivi yakhe neleta eyikhaphayo yokufuna lo msebenzi. ISITHUBA SOKUBA NGUMTHENGISI WEZINDLU UXANDUVA LWALO MSEBENZI 1. Ukuthengisa izindlu. 2. Ukucebisa abathengi ngexabiso lezindlu zabo. 3. Ukunceda abathengi ekurenteni nasekurentiseni ngezindlu zabo. IZIQINISEKISO ZEMFUNDO EZIDINGEKAYO 1. Isatifiketi sematriki. 2. Idiploma/Isiqinisekiso sokuthengisa. 3. Isiqinisekiso sezifundo zekhompuyutha. IZAKHONO NAMAVA 1. Ukukwazi ukuthetha nabantu. 2. Ukukwazi ukusebenzisa ikhompyutha 3. Amava onyaka kulo msebenzi. [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 6 DBE/Meyi/Juni 2024 SC/NSC 2.3 IRIVYU Bhala irivyu ngotyelelo lwakho kwirestyurenti ngosuku loomama/lootata. [25] 2.4 INQAKU LEPHEPHANDABA Esikolweni sakho bekukho umsitho wokuwonga abafundi abaphumelele emagqabini kwizifundo, kwezemidlalo nakwezobugcisa. Bhala inqaku lephephandaba ungumfundi obecholachola obekusenzeka kulo msitho. [25] 2.5 INTETHO ESESIKWENI Bhala intetho oza kuyenza kulutsha lwengingqi yakho ngosuku lwamagugu malunga nokubaluleka kwenkcubeko yomntu. [25] 2.6 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo ephakathi kukaNathi noThobela. UNathi umele imbono yokuba ulutsha lucule iGospeli ngeli xesha uThobela amele eyokuba lukhe luyekwe luwucule umculo wAmapiyano. [25] AMANQAKU ECANDELO C: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all