Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC June 2024 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 1220248 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC June Exam 2024, 8 pages. Read online or get the free PDF download, question paper linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

NSC June Exam 2024

Document textSearch extracted text and jump to a page.
SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS/ NATIONAL SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) MEYI/JUNI 2024 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 70 Olu viwo lunamaphepha asi-8. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Meyi/Juni 2024 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha QAPHELA • Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi. • Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo. • Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo. • Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni. • Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda: • Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa. • Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile. • Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe. • Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala. • Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Meyi/Juni 2024 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Kungokuba akulinganwa ngokuzinza engqondweni nangokomoya.√ (1) 1.2 Abantu bathatha izigqibo ngokwahlukileyo.√ (1) 1.3 Ukuzazi√/ ukukwazi ukuzifaka ezihlangwini zabantu√/ ukukhuthazeka okungazenzisiyo okusuka kumnini√/ ukuzilawula√/ kunye nezakhono zokuphilisana nokuhlalelana nabantu.√ (Nayiphi kwezi.) (1) 1.4 Babeka isizathu sokungaqiqisisi.√/babeka ukuvuya kakhulu√/ukukhathazeka kakhulu√/ukungaqondi.√ [Nayiphi kwezi.) (1) 1.5 Kukuba iimvakalelo zimenza avakalelwe ngohlobo angamelanga ukuvakalelwa ngalo ngokwemeko ajongene nayo.√/Iimvakalelo zimlahlekisile zamvisa ngohlobo olungelulo ebekumele eve ngalo.√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (1) 1.6 Ndiyangqina kuba kube sisimanga ukubhubha komntu ogqityelwe evuya ngexesha elincinci.√√ OKANYE Andingqini ukuba lisisimanga kuba ikho ezincwadini into yokuba ukwahlulelana kovuyo nentlungu ngokuqhwanyaza kweliso kunganesiphumo esikukufa xa umntu engenawo amandla okulawula iimvakalelo njengeli nenekazi.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 1.7 Ndiluxhasa ngokuthi xa uPlato esithi ukuzinza ngokomoya kudlula kwisihluzo seemvakalelo abe noAristotle esithi wonke umntu unako ukucaphuka kodwa makawulawule umsindo wakhe, kuthetha ukuthi bobabini bangqina ukusebenzisana kweemvakalelo nokuzinza ngokomoya.√√ (2) 1.8 UMsinduselunyaweni√/Umsindusemaqatheni√/ uZekakadumsindo√/ uQiqa√/ uNobulali/√ uMsinduzakade √ kuba yena owakhe umsindo ufika kade.√ (2) 1.9 Ziyafuneka xa zinokubakhona kuba ngokwalo mhlathi u-Aristotle uthi ukucaphuka yingxaki yomntu wonke.√√/Ngokwalo mhlathi kuthiwa zikhona izifundo ezinikwa abaphangeli.√√/Ngokwalo mhlathi kubalwa izifundo zoluleko eziquka ukumelana nokucaphuka komntu nezifundisa abantu ukumelana nokucaphuka kwabanye abantu kanti zikho nezijongene nokucaphuka ngengqiqo.√√ (2) 1.10 'Kuyabonakala ukuba sikwilizwe apho kufundelwa nokucaphuka ngengqiqo.'√/ (1) ‘ Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Meyi/Juni 2024 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha 1.11 Kukucinga phambi kokwenza√/Kukwaphulela√/Kukwenza ngathi uyayiqonda into.√/ Umntu ongaphulukwayo√/ ongaphuhlukiyo√/ozilindayo√/ oqiqayo phambi kokwenza.√ (Nasiphi isibini kwezi.) (2) 1.12 Kukukrobisa umntu ofundayo kwinkcaza eza kulandela emva kwalo.√ (1) 1.13 Bubuxoki kuba ngokwalo mhlathi abazali ababexolelanisa babengakuyelanga esikolweni ukuxolelanisa.√√ (2) 1.14 Lokuziqonda√ kuba umntwana obengakwazanga ukulawula iimvakalelo zakhe uzibona kwangokwakhe iimpazamo zakhe kungekho luxinzelelo.√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 1.15 Yeyokuzinza engqondweni nasemoyeni ngokweemeko ophantsi kwazo.√√ (2) 1.16 B/B. Waba uziphelelise ngomsebenzi./ Waba uziphelelise ngomsebenzi.√ (1) 1.17 Sesokuqiqa phambi kokwenza.√ Sesokuzilinda.√ (Naziphi na izakhono ezikhankanywe kumhlathi we-6.) (2) 1.18 Makafunde ukwaphulela kwiimeko ezithile.√√/Makangaphenduli yonke into.√√/ Makacinge phambi kokwenza.√√/ Makazinze angamane aphuhluke nje.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo ethetha le ikwimpendulo.) (2) 1.19 Ngabantu abangenalwazi ngemiba yokulawula iimvakalelo.√ Zinika ingcaciso zenze nemiboniso ekholelekayo nefundisa ngokulawula iimvakalelo.√/ Ngabantu abasasilela kwizakhono ezifundiswe zezi zicatshulwa ezifana nokuzilinda, ukucaphuka ngengqiqo nezinye√ kuba iingcaciso ekwezi zicatshulwa iyazinika izisombululo zezi ngxaki.√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Meyi/Juni 2024 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi na iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane) UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Umntu olungileyo ngokwazi ukuhlala 1. Umntu olungileyo akayijiki into elizwini lakhe angagungqi.' ayithethileyo nokuba imeko ithini. 2. 'Ulungile umntu ongabiluxanduva 2. Akabingumthwalo mntwini umntu kwabanye abantu.' olungileyo. 3. 'Xa ukwamkela ukungaboni 3. Xa ukwazi ukumamela izimvo ngasonye kwakho nabanye zabanye abantu unganyanzelisi ungumntu olungileyo.' ezakho kuphela ulungile. 4. 'Kukho abantu abangacingi kabini 4. Umntu olungileyo usoloko phambi kokuba bancede omnye ekulungele ukunceda abantu umntu.' maxa onke. 5. 'Xa usoloko ubona okuhle ngaphezu 5. Iimpazamo zabanye abantu kokungalunganga kwabanye abantu akaziqapheli koko uqaphela izinto ulungile.' ezintle abazenzayo kuphela nezimenza esoloko ebajonga ngeliso lothando. 6. 'Ukukhuthaza nokomeleza abanye 6. Abalahlekelwe lithemba ubanika sisenzo sokulunga kosenzayo.' ithemba ngokubapha amandla okujongana nemingeni. 7. 'Ukuba uyakwazi ukuzibamba, uhle, 7. Umntu olungileyo iimvakalelo ungakhalazi, wenze konke zakhe uyakwazi ukuzilawula, okusemandleni akho, uqhoboshe akathethi xa kungekho mfuneko ulwimi lwakho, ungaphenduli konke, kwaye yonke into ayenzayo ulungile.' uyenza ngokuzimisela oko. [70 amagama] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Meyi/Juni 2024 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Umntu olungileyo akayijiki into ayithethileyo nokuba imeko ithini. Akabingumthwalo mntwini umntu olungileyo. Xa ukwazi ukumamela izimvo zabanye abantu unganyanzelisi ezakho kuphela ulungile. Umntu olungileyo usoloko ekulungele ukunceda abantu maxa onke. Iimpazamo zabanye abantu akaziqapheli koko uqaphela izinto ezintle abazenzayo kuphela nezimenza esoloko ebajonga ngeliso lothando. Abalahlekelwe lithemba ubanika ithemba ngokubapha amandla okujongana nemingeni. Umntu olungileyo uyakwazi ukuzilawula iimvakalelo zakhe, akathethi xa kungekho mfuneko kwaye yonke into ayenzayo uyenza ngokuzimisela oko. [70 amagama] Ukumakisha isishwankathelo: Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: • Ulwabiwo- manqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10 • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa becaphule. o 6–7 iingongoma ezicatshulwe ngqo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 4–5 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela inqaku libe-1 lolwimi. o 2–3 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela amanqaku abe ma-2 olwimi. QAPHELA: • Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kumagama ama-5 ngaphezulu kwaqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Meyi/Juni 2024 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Ukumakisha iCANDELO C Umakisho lweCANDELO C: • Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi eziphelelyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo. • Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO NTENGISO 3.1 Yingxaki yokusindwa yimithwalo.√ (1) 3.2 Nokuba uphi√/nanini.√ (2) 3.3 C√/Utsala iinkumbulo ezichukumisa intlungu ayoyikayo yokusindwa.√ (1) 3.4 Nokuba.√ (1) 3.5 Ufaniso/lubaxo/isikweko√ kukudala umfanekiso ntelekelelo wengxaki akuyo.√ (2) 3.6 Lokuba amabhinqa ngabantu abanamandla√ kuba indlovu ayilibotyozanga ibhinqa nayo ayiwanga nangona liyithwele.√ (Makuqatshelwe ukuba impendulo mayisekwe kwisibhengezo-ntengiso hayi kulwazi ahleli enalo umviwa ngabantu ababhinqileyo nasemakhaya. Makujongwe nokufunqulwa nokubelekwa.) OKANYE Lokuba ngabantu bokusizelwa√ kuba xa efuna bazithengele le nkonzo usebenzisa ubungcekengceke bomzimba wabo ukubathundeza ukuze baqale ngokuzisizela.√ (2) 3.7 Isibhengezo xa sisithi umntwana wesine uthathwa mahala sithetha ukuba umntu ufumana isaphulelo emva kokuba sele ehlawulele isithathu sonke.√/ siloba ngenjongo yokubakhohlisa xa isaphulelo sifumaneka kowesine kuphela umntwana kuba amakhaya amaninzi anabantwana ngababini hayi abane.√/ Umntwana wesine simthatha mahala.√ [Nayiphi impendulo echanekileyo.] (1) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Meyi/Juni 2024 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 'Mhlekazi'.√ (1) 4.2 (a) UBhuqa uqolozele efownini.√(b) 'Ke?√/Hlukana nam mntandini'.√ (2) 4.3 Imigca engqonge isandla sikaSikho.√ (1) 4.4 UBhuqa uyithatha ngokuba ayibalulekanga kanti umzobi uyithatha ngokuba ibalulekile.√√ (2) 4.5 Uza kuwa!√/...wa√/ uza kukhubeka√/ uza kulimala. √ (1) 4.6 Zifundisa ukuba umntu ongabamameliyo abantwana njengoBhuqa uyohlwaywa.√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (1) 4.7 Ewe, umele ukuziva ephoxekile akuqonda ukuba uwe kuba engakhange ammamele umntwana onguSikho.√√ OKANYE Hayi, akamelanga kuziva ephoxekile kuba ebehleli kakade ehamba ejonge efowunini, usengacinga ukuba uwiswe kukujonga ifoni.√√/Hayi, akamelanga kuziva ephoxekile kuba ebehleli engakhathalelanga mntwana kakade.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) [10] UMBUZO 5: IPROZI 5.1 Ziimpawu zocaphulo.√/ Iimpawu zokhuzo.√ (Nayiphi kwezi.) (1) 5.2 Isiza√ /ikhemezela√ indlandlatheka√. (Nasiphi isibini kwezi.) (2) 5.3 Ivenkile yakwaMehlomane yatshona√/ Iivenkile zasezilalini zithengisa yonke into.√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (1) 5.4 Bubuxoki u'wakhe' uthetha ukuba yekabani.√√/ ‘Wakhe’ – uyambanga√√/ Bubuxoki u‘wakhe’ sisimnini.√√ (2) 5.5 Kwangentsasa√/ngokuya. √ (1) 5.6 Kwigama 'intwanazana' u-ana uzisa intsingiselo yokuba intombazana iselula/ incinci ngokobudala.√ Kwisenzi 'sajongana', u'ana' uzisa intsingiselo yokuba isenzeko senzeka macala.√ (2) 5.7 Izingqi.√ (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all