Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 NSC November 2025 Question Paper

Question paperisiXhosa HLGrade 1220255 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC November Exam 2025, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

NSC November Exam 2025

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Confidential NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NKANGA 2025 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 3 Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Nkanga 2025 NSC Confidential IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba ucwangcise (usebenzisa isazobe/iflowutshathi/ amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngokucwangcisa PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kulo lonke uyilo ukuba uthe walwenza. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-(2 x 40) 80 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Nkanga 2025 NSC Confidential ICANDELO A: IZINCOKO 2025 Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso isincoko. Bhala amagama angama-340–390. UMBUZO 1 1.1 Sakhangela, sakhangela, uvalo lungongoza, gqi yena encumile [50] 1.2 Iitshomi [50] 1.3 Akuziwanga kwezo zinto apha! Umntu ... [50] 1.4 Kunyanisiwe, uvuna okulimileyo [50] 1.5 Kuqala yiphi, kugqibele yiphi impumelelo nokuzinikela? [50] 1.6 'Nathi yeyethu ibhajethi ... Masibandakanywe' [50] Imifanekiso efumaneka kwiphepha lesi-3–4 ingavuselela iingcinga ichukumise imibono engqondweni yakho. Khetha umfanekiso ubeMNYE uze uphendule ngokubhala isincoko. Nombola impendulo oyikhethileyo ngokubhala (1.7 OKANYE 1.8) uze usinike isihloko isincoko osikhethileyo. QAPHELA: Makubekho unxulumano phakathi kwesincoko sakho nomfanekiso owukhethileyo. 1.7 [Uthathwe kwi-intanethi: Adobestock/#1236074364] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Nkanga 2025 NSC Confidential 1.8 [Uthathwe kwi-intanethi: www.iptc.org] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Nkanga 2025 NSC Confidential ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibemiBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA ESESIKWENI Iqela lamavolontiya, iQinamhlali liphumelele ukuseka ingxowamali yokuncedisa kwiimfuno zezifundo ezongezelelweyo esikolweni sakho. Ungunobhala weRCL bhalela usihlalo weli qela ileta ubulele iinzame zamavolontiya, nendlela awusingethe ngayo umsebenzi. [25] 2.2 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari yomlinganisi obemele ubulungisa kwifilimu oyithandayo. [25] 2.3 INQAKU LEPHEPHANDABA UMasincedane ongumbutho owayilwa ngabasebenzi basemakhaya kwindawo yakho womelele kangangokuba sele unikezela nangeebhasari kubantwana abenza izifundo ezijoliswe kwimisebenzi yezandla. Bhala inqaku lephephandaba ngesi senzo. [25] 2.4 I-AJENDA NEMIZUZU YENTLANGANISO Ungunobhala wabahlali, beninentlanganiso yabahlali enenjongo yokonwabisana niluluntu lonke ngomhla weKrisimesi. Bhala i-ajenda nemizuzu yale ntlanganiso. [25] 2.5 INTETHO ENGEKHO SIKWENI Ungumfundi wesifundo seNzululwazi yezeNdalo. Benisenza uphando ngegalelo lamanzi emizimbeni yabantu. Bhala intetho engokubaluleka kokusela amanzi oza kuyinikezela kubantu abakwikliniki ekufuphi kuwe. [25] 2.6 IRIVYU Bhala irivyu yevenkile yeempahla yakwaMju ongumthengi kuyo ngenjongo yokubizela abathengi bazozibonela nabo. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all