Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC November 2025 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 1220258 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC November Exam 2025, 8 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

NSC November Exam 2025

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) ISIKHOKELO SOKUMAKISHA NKANGA 2025 AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha asi-8. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Nkanga 2025 NSC – Isikhokelo Sokumakisha QAPHELA • Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi. • Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo. • Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo. • Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni. • Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda: • Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa. • Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile. • Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe. • Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala. • Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Nkanga 2025 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO A: ISICATSHULWA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Kukwahluka kwendlela okutolikeka ngayo ukusebenza komlilo.√/siyawoyika, siyawufuna.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.2 Ziintetho zabantu zemihla ngemihla√/zizenzo zabantu zemihla ngemihla√/ ziimvakalelo zabantu zemihla ngemihla.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 1.3 Bawusebenzisele ukubhiyozela unyaka omtsha√/ukugxotha umshologu√/ ukuqhankqalaza√/ukunyanzelisa urhulumente ukuba asombulule ingxaki yabo.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 1.4 Ziimvakalelo zokonwaba√/ezokubanomsindo√/ezokoyika.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 1.5 Mhlawumbi√/ingathi √ (2) 1.6 Iwathatha kokuya kufanekiswa kwento namanqanaba okuvutha komlilo.√ (1) 1.7 kuba.√ (1) 1.8 Ii-emoji ezingumlilo zifukama zichukumise iimvakalelo zothando, ezovuyo nolonwabo kutsho kuphele ukoyika. √ (1) 1.9 Sisebenze ukuncoma kuba intsingiselo yesimamva iveza ukubuka iziphumo zalo mlilo kwezi ntliziyo. √√ OKANYE Sisebenze ukuphoxisa kuba ngokwenjongo ayiphoxisi kodwa ingagqibela iphoxisa kumntu oyifunda ngenjongo yokugxeka isimbo sobebhala. √√ (2) 1.10 Sikukubobotheka√/ sikukuncuma√/ ukuxhuma√/ ukunyuka usehla√/ ukwakha amaxhaga.√ (Nayiphi na kwezi) (Impendulo mayibe ngento ebonakalayo.) (1) 1.11 Sesokukhumbula iziqwenga ozenzayo umlilo. √ (Makubekho ukukhumbula ukuze yamkeleke impendulo.) (1) 1.12 Kuchanekile kuba umsindo odlwayizayo awulawuleki ungenza umnikazi adale ingozi nanjengokuba nomlilo ovutha amalangatye ungalawuleki uze udale ingozi√√ /kuba umsindo odlwayizayo ufuna ukulindwa uthothe nomlilo odlwayizayo ufuna ukulindwa ude uthothe√√/ kuba umsindo odlwayizayo awuqandeki nomlilo odlwayizayo awunqandeki.√√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Nkanga 2025 NSC – Isikhokelo Sokumakisha 1.13 Yeyokuba umlilo nokuba mncinci kangakanani kumntu osengxakini unika ithemba.√√ (2) 1.14 Abupheleli ubuchule bokuchaza ukubangumlilo komlilo de oqondiswayo abe wayekhe wawubona ukwimeko ekuqondiswa ngayo.√ (1) 1.15 Sizithatha izagwelo kwiintlungu ozenza ebantwini umlilo√/ kulonwabo abantu abalufumana kuwo.√ (1) 1.16 Ngabantu abafuna ukwazi ngokuxaka komlilo√ kuba isicatshulwa sinabe ngokuxaka komlilo kwiimeko osetyenziswa kuzo ekuthetheni.√/Ngabantu abazi icala elinye lomlilo√ kuba isicatshulwa siveze amacala amaninzi omlilo.√ (Nayiphi impendulo echanekileyo) (2) 1.17 Kuyaphekwa√ kuyothiwa√ /uyakhanyisa.√ (2) 1.18 Uyaluxhasa kuba umntu osemfanekisweni wonwabele ubushushu bomlilo ngokuwotha. √√/ Uyaluxhasa kuba emfanekisweni kukho iimbiza ezibonisa ukuba bekuphekiwe.√√/ Uyaluxhasa kuba emfanekisweni kukho iimbiza nto leyo ebonisa ukuba kuphekwa kwangalo mlilo. √√ (Makathethe ngomfanekiso angathethi ngomlilo.) (2) 1.19 Uyazithoba kuba udaba lobuso bomntu okumfanekiso ludiza ukonwaba kwaye umlilo uwubase ngendlela efundisa ukuwusebenzisa khuselekileyo.√√ OKANYE Uyazinyusa kuba kohleli ewoyika umlilo angoyika ukuvaleleka ekuthethwa ngako kumhlathi wesi-6.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Nkanga 2025 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaliseni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane.) UCAPHULO IINGONGOMA 1. Unokuqinisekisa ukuzola ngokulawula 1. Ukuze abenozinzo xa esenza indlela aphefumla ngayo ukwenzela intetho kubalulekile ukulawula omameleyo abone kufanelekile ukuba indlela aphefumla ngayo ukuze aphulaphule ukuze aqonde. azole azithembe. 2. Makathethe ngethoni ephantsi, azole 2. Unokukuthethela phantsi ukuze ubetheleleke umyalezo wakhe. angakhwazi ukuze umyalezo ubetheleleke kubantu abamameleyo. 3. Abantu banokukusebenzisa 3. Makasebenzise ukunqumama ngengqiqo ukunqumama ukuze ngengqiqo ukuze ahlale ezolile bahlale bezolile bangaphahluki. angaphahluki. 4. Icebiso lisekubeni aze seleziqwebile 4. Makazilungiselele ukuze iimpendulo zemibuzo enokuvela. abenokuzola azithembe Kumenza azole, angoyiki, azithembe ngokuqweba iimpendulo zemibuzo nokuzithemba kwintetho yakhe. enokuvela engekayinikezeli intetho. 5. Makazihloniphe izithethi 5. Makahloniphe ezinye izithethi kunxibelelwano nabantu okanye kunxibelelwano ngokuthatha umntu axoxa naye nangokumana amanqakwana engxoxo ukuze eshwankathela iziqanaqwana abenokuzola. zengxoxo yabo kanye apha phakathi engxoxweni. 6. Zola ukhulise umyalezo wentetho 6. Makazisebenzise okanye ingxoxo okuyo ngokuchana ngokuchanekileyo izijekulo izijekulo kuba ziqinisekisa ezihambelana namazwi ukuze ukubandakanyeka komntu wonke. aqinisekise ukubandakanyeka kwabaphulaphuli. 7. Qinisekisa ukuzola nokuzithemba 7. Ngokukhulula umzimba ekudluliseni umyalezo angawubambi abantu ngokusebenzisa umzimba bangambona njengomntu okhululekileyo. ozithembileyo. [75 amagama.] [63 amagama.] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Nkanga 2025 NSC – Isikhokelo Sokumakisha UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Ukuze umntu abenozinzo kwiintetho neengxoxo zakhe kubalulekile ukulawula indlela aphefumla ngayo kuba uyazola azithembe. Unokuthethela phantsi angakhwazi ukuze umyalezo ubetheleleke kubantu abamameleyo. Makakusebenzise ukunqumama ngengqiqo ukuze ahlale ezolile angaphahluki. Makazilungiselele engekayinikezeli intetho ngokuqweba iimpendulo zemibuzo enokuvela ukuze abenokuzola azithembe. Makazihloniphe ezinye izithethi kunxibelelwano ngokuthatha amanqakwana engxoxo ukuze naye abenokuzola. Makazisebenzise ngokuchanekileyo izijekulo ezihambelana namazwi ukuze aqinisekise ukubandakanyeka kwabaphulaphuli. Okokugqibela makakhulule umzimba angawubambi ukuze abantu bambone njengomntu ozithembileyo. [67 amagama] Ukumakisha isishwankathelo: Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni kuphela iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: • Ulwabiwo lwamanqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7 (inqaku ngengongoma nganye). o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abaviwa becaphule ngqo. o 6–7 iingongoma ezicatshulwe ngqo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 4–5 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela inqaku libe-1 lolwimi. o 2–3 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela amanqaku abe ma-2 olwimi. QAPHELA: • Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umviwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kuma ekupheleni kwesivakalisi eliphele kuso inani eliqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Nkanga 2025 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Umakisho lweCANDELO C: • Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizizivakalisi ezipheleleyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo. • Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO NTENGISO 3.1 Ifonti eyahlukileyo yombhalo Ray-Ban.√/Ngumfanekiso weendondo zeeRay Ban okhatshwa ngowetapile elintshwencileyo.√/ziindidindidi zeefonti.√ (2) 3.2 Ndiyangqina kuba ngokwesibhengezo ukuthi, 'de uthi gxogxe ezakwaRay-Ban' kuyazahlula kwezinye iindondo kuba wakuzinxiba ubangumntu owahlukileyo.√√ (2) 3.3 'Uzibhutyule nobuso.' √√ (2) 3.4 3.4.1 Ngumfanekiso-ngqondweni wesikhumba/wokuphatha/wokubona√ (1) 3.4.2 Umqweqwedisa ngokudala uvakalelo lokuqhotseka kwamehlo okudala uloyiko/ngokuchukumisa izivo zesikhumba/zokubona kwaboyika ukuqhotseka kwamehlo/ngokugrogrisa ngokude abhalwe ngoonobumba abakhulu u'UQHOTSE' atsho afune iindondo zakwaRay-Ban zizomnqandela.√ (Angamqweqwedisa nangokumoyikisa.- Xa esoyika ukuqhotseka angaya kuzithenga ezi ndondo.) (1) 3.5 Lichanekile kuba umntu ove intsingiselo ka 'Ungade' ekukuba iindondo zakwaRay Ban ziza kunqanda ukuqhotseka kwamehlo angenza unako nako wokuyithenga.√√ OKANYE Alichanekanga kuba omnye angacinga ukuba amazwi athi, u'ungade' angathetha ukuba xa uzithengile uza kuqhotseka amehlo ubhutyuke nesikhumba.√√ (2) [Nayiphi impendulo echanekileyo.] [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Nkanga 2025 NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 Ngowokubonakalisa ukuba uTito uqhawulwe esathetha kwintetho yakhe/ akagqibanga ukuthetha. √√ (2) 4.2 'ndiza kuxe ...'.√ (1) 4.3 B/B/olucengayo/olucengayo.√ (1) 4.4 Unenjongo yokuxela uZuzu ngokuzenza ngathi akaboni nto. √√/ Ngokuzigquma ufuna ukumxela ekholelwa ukuba xa ekwimeko yokungaboni nto akasaphulanga isithembiso sokungaxeli. √√ (2) 4.5 Ndiyangqina kuba isenzo sikaTito sokuxela uZuzu kwisakhelo sesithathu asihambelani nenjongo equlethwe yintsingiselo yegama u'nokuba' kuba u'nokuba' uqulethe intsingiselo yokuba nanini/naphantsi kwaziphi iimeko akazumxelela umama.√√ (2) 4.6 Masingabomthemba umntu oqinisekisa ukuba akazukuyenza into kuba uTito uthembise, waqinisekisa ngegama u 'nokuba' kodwa wamthengisa uZuzu kunina.√√/Masibothi xa simoshile siye kuzixela ngokwethu kuba indlela kaTito yokuxela idala ukungathembakali kukaZuzu kunina kuthenjwe uTito.√√/ Masibalumkele abangcatshi esihlala nabo emakhaya. √√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] UMBUZO 5: IPROZI 5.1 Ngowokubonakalisa ukuba acatshulwe ngqo amazwi esithethi.√ (1) 5.2 ZooMasoka.√ (1) 5.3 Ngowokuba isihlobo singumntu osisiphumo sokuhlobana ngeli xesha ubuhlobo busisiphumo sesenzo sokuhlobana.√ (1) 5.4 ezintle√ ezinkulu√/babo. √ (Nasiphi isibini kwezi) (2) 5.5 Bubuxoki, kuba isakhi siqulethe intsingiselo yokuba iimbono zabo ziwa ngokuwa/ ziyahluka√√/bathetha izinto ezingafaniyo. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 5.6 Yenza.√ (1) 5.7 Musa ukumcingela/sukumcingela. √ (1) 5.8 Yeyokuba umntu makenze abanye benze.√ (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all