Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 Amended SC June Exams 2017 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 12201710 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the Amended SC June Exams 2017, 10 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Amended SC June Exams 2017

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) 2017 IMEMORANDAM AMANQAKU: 70 Le memorandam inamaphepha ali-8. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/2017 SCE – Imemorandam QAPHELA • Le memorandam yenzelwe ukuba ibe sisikhokelo kubamakishi. • Ayenzelwanga ukuba ibe ngummiselo ogqibeleleyo. • Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo. • Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni. • Imemorandam iya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda: • Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa. • Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile. • Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe. • Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala. • Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/2017 SCE – Imemorandam ICANDELO A: ISICATSHULWA SOKUQONDA 1.1 Kwenziwa bubuninzi bezinto ehlabathini ezibenza abantu bakhathazeke, banganeliseki.√ (1) 1.2 Kubonakala ngokungambombi/ kubonakala ngokungakhalazi√ nangokungabek'ityala abanye abantu√. (2) 1.3 Umntu onqwenela ukuba abe ebeqeshwe komnye umsebenzi ongenguwo lo akuwo√/umntu onqwenela ukuba abe ebenomzi ongenguwo lo anawo√/ umntu onqwenela ukuba abe ebenenye indoda engeyiyo le anayo√/umntu onqwenela ukuba abe ebenomfazi ongomye ongenguye lo anaye√/umntu ominqweno ingasamlalisiyo ebusuku.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.4 Kumelwe ukuba baxakekise ingqondo yabo ngezinto eziluncedo ezinokuba semandleni abo.√√ (2) 1.5 Isityebi sisengavumela usizi oluthile lisibekele imihla yobomi bakhe ngesithokothoko sobumnyama ukanti umntu onokuncinanana uhlala enovuyo ngaphakathi imihla ngemihla√√/isityebi asisaboni neentsikelelo ezininzi ezisijikelezileyo ukanti umntu onokuncinanana uhlala enovuyo ngaphakathi imihla ngemihla.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.6 Umnqweno ongalawulekiyo wobunye ubunewunewu phezu kobunye uyalutshabalalisa ulonwabo lomntu.√ (1) 1.7 Abantu abaphangela ixesha elongezelelweyo bayabufumana ubunewunewu ababufunayo√ kodwa abakonwabeli ngenxa yokudinwa kakhulu√/abantu abaphangela ixesha elongezelelweyo bayabufumana ubunewunewu ababufunayo√ kodwa impilo yabo iyophuka√/abantu abaphangela ixesha elongezelelweyo bayabufumana ubunewunewu ababufunayo√ kodwa basweleka phambi kwexesha.√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.8 B. Bangabonakali tu√/B.√/bangabonakali tu.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.9 Bahlazeka kwiintsapho zabo√√/bazibeka elusizini√√/bayazihlaza nokuzihlaza√√/baguqukela kwiziyobisi√√/abanye baye bazixhome.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.10 Ngumntu oqiqayo ophila ngokwamandla akhe√√/ngumntu oqiqayo√√/ ngumntu ophila ngokwaneliseka nganako√√/ngumntu ongazihluphiyo ngobunewunewu babanye.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/2017 SCE – Imemorandam 1.11 Umntu oqiqayo uyakuphepha ukuthenga nantoni na ngetyala√√/ xa siziqhelise ukulawula umnqweno wethu wobunewunewu nobutofotofo√√/xa siziqhelise ukwanela sisabelo sethu ebomini kuphela kuxa kunjalo esithi sikhululeke ngokupheleleyo emaxhaleni√√/umntu oqiqayo uziqhelisa ukwanela sisabelo sakhe ebomini.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.12 '… kwande ngendlela engazange ibonwe nanini na embalini'√/ '… kwande ngendlela engazange ibonwe ...' √ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.13 Umbhali ukhuthaza ukuba ulutsha lufunde√√/umbhali ukhuthaza ulutsha ukuba lufunde lungalibali yipolitiki√√/umbhali ukhuthaza ukuba ulutsha malufunde lungazifaki kwizinto ezingasifuniyo√√/umbhali ukhuthaza ukuba nokuba ulutsha luyayikhalazela ipolitiki kodwa malungayeki ukufunda.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.14 Ewe iyakha kuba ikusindisa kuxinzelelo lwengqondo ngenxa yokuba namatyala amaninzi ongakwaziyo ukuwahlawula.√√ OKANYE Hayi iyachitha kuba uza kuphela ungenanto ngenxa yokoyiswa kukunyamezela uxinzelelo lwamatyala.√√ OKANYE Inakho ukwakha ukanti ingakuchitha. (azixhase umfundi)√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.15 Iqam lengcingane√/ukubeka isandla/inqindi esilevini√/ukondela phezulu.√ (Nayiphi na kwezi). (1) 1.16 Uveza amaphupha okuphila ubomi obuphucukileyo bokuba nendlu, imali, unomathotholo nemoto.√√/uveza umnqweno wezinto ezininzi ngexesha elinye.√√ (Nayiphi na kwezi). (2) 1.17 Zifana ngokuba zozibini zimalunga nokuba ubani akanelisekanga sisabelo sakhe√√/zifana ngokungoneliseki√√/zifana ngokungoneliseki nokufuna ubunewunewu.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/2017 SCE – Imemorandam 1.18 Sisicatshulwa A singanefuthe elimandla kuba sivelela zonke iinkalo ngokwaneliseka√√/sisicatshulwa B singanefuthe elimandla kuba into oyibona emfanekisweni iyabetheleleka engqondweni.√√/Zizo zozibini kuba umba wokunganeliseki sisabelo ubani anaso ziwuvelela ngeendlela ezahlukeneyo.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/2017 SCE – Imemorandam ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Naziphi na iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane) UCAPHULO IINGONGOMA 1. Umntwana ukhula exelelwa ngabazali 1. Ekukhuleni uyachazelwa ukuba bakhe ukuba imbeko yakha umntu siyintoni isimilo ngabazali nendlela kungoko wonke umntu eyazi esibumba ngayo umntu nokuba uza intsingiselo yayo nokuba akayilandeli kukutyeshela oko. ngezenzo. 2. Iimfundiso zabazali zibaluleke kakhulu 2. Iingqeqesho zekhaya zidlala indima ebomini bethu. enkulu ekukhuleni komntwana. 3. Umntwana ekhula kufuneka 3. Luxanduva lwabazali ukuxongxa elungiselelwe ikamva ngabazali umntwana esakhula ebunjelwa bakhe. ikamva lakhe. 4. Umzali yena kuqala kufuneka abe 4. Umzali kufuneka enze kakuhle ngumzekelo kumntwana wakhe lowo khon'ukuze umntwana noluntu nakuluntu ngokubanzi. lwenze njalo nalo. 5. Imbeko sisiqalo sobuntu emntwini 5. Ukuziphatha kakuhle sisiseko kwaye yayisinika indili isizwe. sobuntu kwaye yayisinika isidima isizwe loo nto. 6 Ngoku umntwana uthethiswa ngumzali 6. Kula maxesha siphila kuwo wakhe kuphela. umntwana uqeqeshwa kuphela ngulowo umzeleyo. 7. Ngummiselo ukuba umntu abe nento 7. Ngumthetho omiyo ukuba umntu ayihloniphayo nangenako ukuyenza abe nento ayoyikayo kwaye phambi kwabantu. engenako ukuyenza esidlangalaleni. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/2017 SCE – Imemorandam UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Ekukhuleni uyachazelwa ukuba siyintoni isimilo ngabazali nendlela esibumba ngayo umntu nokuba uza kukutyeshela oko. Iingqeqesho zekhaya zidlala indima enkulu ekukhuleni komntwana. Luxanduva lwabazali ukuxongxa umntwana esakhula ebunjelwa ikamva lakhe. Umzali kufuneka enze kakuhle khon'ukuze umntwana noluntu benze njalo nabo. Ukuziphatha kakuhle sisiseko sobuntu kwaye kusinika isidima isizwe loo nto. Kula maxesha siphila kuwo umntwana uqeqeshwa kuphela ngulowo umzeleyo. Ngumthetho omiyo ukuba umntu abe nento ayoyikayo kwaye engenako ukuyenza esidlangalaleni. (70 amagama) Ukumakisha isishwankathelo: Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: • Ulwabiwo- manqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10 • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa becaphule. o 6–7 amanqaku acatshulweyo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 1–5 amanqaku acatshulweyo: nikezela inqaku libe li-1 lolwimi. QAPHELA: • Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kumagama ama-5 ngaphezulu kwaqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/2017 SCE – Imemorandam ICANDELO C: ULWIMI NGOKUSEMXHOLWENI Ukumakisha iCandelo C Umakisho lweCANDELO C: • Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi eziphelelyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo. • Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: UKUHLALUTYA IINTENGISO 3.1 Yibhalbhu√/yibhalbhu yombane√/yiglowbhu√/yiglowbhu yombane.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.2 NguPhillips.√ (1) 3.3 Yonga umbane√/Vela kukhanye√/Inexabiso kwaye uyisebenzisa lula.√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (1) 3.4 Kuye wonke umntu osebenzisa umbane√/kubaninimzi√/koosomashishini√/ kwimizi- mveliso.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.5 Kunika enye inzuzo onokuyifumana ngokusebenzisa le mveliso√√/kunika enye into eyenziwa yile mveliso√√/kunika inzuzo eyongezelelekileyo yomnye umsebenzi owenziwa yile mveliso.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 3.6 Esi simnini u-zakho simenza wonke ubani azive kubhekiswa kuye ngqo√√/ esi simnini u-zakho simenza wonke ubani azive ebandakanyekile.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 3.7 Ewe uwudlulisa ngokugqibeleleyo kuba umfanekiso webhalbhu emile okwe- aysikhrim ethoba ubushushu emzimbeni uhambelana nomyalezo othetha ngokuthotywa kweendleko zombane yile glowbhu.√√/ Hayi ayiwudlulisi ngokugqibeleleyo kuba ukumila kwale bhalbhu njenge- aysikhrim akuthethi kuthi ixabiso lombane liyathotywa njengoko ukutya i- aysikhrim kungabuthobi ubushushu emzimbeni ngalo lonke ixesha.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/2017 SCE – Imemorandam UMBUZO 4: UKUQONDA EMINYE IMIBA YEMIDIYA 4.1 Basedolophini√ kuba kukho irobhothi√/kuba kukho imoto√/kuba kukho izakhiwo zale mihla eziphakamileyo√/kuba basesitalatweni√/basendleleni√ kuba kukho imoto√/basendleleni√ kuba kukho iirobhothi.√ (Nayiphi na kwezi) (2) 4.2 Akamjonganga√√/ ujonge ecaleni√√/ umfulathele√√/ uyazithengisela√√/ uthengisa amaphepha.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 4.3 Ubonisa ukothuka√/ ubonisa ukumangaliswa√/ ubonisa ukungakholelwa.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.4 Umntu obhalwe A kwibhokisi yoku-1 unxibe kakuhle kanti lo ukwibhokisi yesi- 3 uxazalala√√/ umntu obhalwe A kwibhokisi yoku-1 unxibe ndilisekileyo kanti lo ukwibhokisi yesi-3 akanxibanga ndilisekileyo.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 4.5 A. Ukuwa kwerandi√/ A.√/ukuwa kwerandi.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.6 Idlulisa umyalezo wokuba bobabini bothukile kukuhla kwexabiso lerandi kangaka.√√/bobabini bothukile.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) [10] UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI NGOKUCHANEKILEYO 5.1 Ubukheswa.√ (1) 5.2 Sisetyenziselwe ukubonisa indawo.√ (1) 5.3 Siveza isenzo esenzeke calanye√/siveza isenzo esenzeka mayana.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.4 Sikhokela isibizo√/sandulela isibizo√/silandelwa sisibizo√/sihamba nesibizo.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.5 A. Sicacisa isenzi√ / A√ / sicacisa isenzi.√ (Nayiphi na kwezi) (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 10 DBE/2017 SCE – Imemorandam 5.6 Kwizilwanyana nakwii√ntaka kukwanjalo. (1) 5.7 Umhlambi weempahla zokunxiba kumele ukuba ahlawulwe kakhulu.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 5.8 Inkomo edla yodwa.√√ (2) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all