Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC November Exams 2017 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 1220179 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC November Exams 2017, 9 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC November Exams 2017

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) NOVEMBA 2017 IMEMORANDAM AMANQAKU: 70 Le memorandam linamaphepha asi-9. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Novemba 2017 NSC – Imemorandam QAPHELA • Le memorandam yenzelwe ukuba ibe sisikhokelo kubamakishi. • Ayenzelwanga ukuba ibe ngummiselo ogqibeleleyo. • Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo. • Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni. • Imemorandam iya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda: • Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo.Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa. • Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile. • Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/ nokuzakuzelela impendulo. • Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe. • Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala. • Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Novemba 2017 NSC – Imemorandam ICANDELO A: ISICATSHULWA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Lithemba lokuphumelela√√/yimpumelelo.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.2 'Sonke sizama impumelelo ngemigudu esithi siyenze sinethemba sakuphumelela ngayo.'√ (1) 1.3 Abantu abaxhabashileyo bephangela√ abantu abafinyeze umbhinqo bezama impumelelo ngokuziphilela.√ (2) 1.4 Abantu basemaXhoseni balima amasimi abo ukanti ezidolophini apho kuphilwa ngemali bazama ngandlela zonke√√/ abantu basemaXhoseni balima amasimi abo ukanti ezidolophini bathengisa izinto ezahlukeneyo nokutya.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.5 Ibanceda ngokuthi bagqibele ngokuvula amashishini amakhulu√/ ibanceda ngokuba baba nako ukufundisa abantwana babo.√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (1) 1.6 Ukuphumelela ngokuphanga√/ukuphumelela ngokuqhekeza.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.7 Kukuzibizela ukufa√/kukuzibizela amabhadi√/kukuzibizela ukwenzakala√/ kukuzibizela ukubanjwa√. (Nasiphi na isibini) (2) 1.8 C. Ukusebenza nzima√/C√/ukusebenza nzima.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.9 Umntwana uye asiyeke isikolo√/ umntwana uye azibone sele esebenza.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.10 Ndifunde ukuba ekunyamezeleni mkhulu umvuzo√√/ndifunde ukuba imeko yekhaya lakho ayinakuba ngumqobo kwimpumelelo yakho.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo esekelwe kwibali legatyana elikumhlathi wesine) (2) 1.11 Utyhila ukuba kubakho izinto ezikuvalelayo kwindlela eya empumelelweni √√/utyhila ukuba kubakho imingeni kwindlela eya empumelelweni√√/utyhila ukuba indlela eya empumelelweni ineziphazamiso.√√ (Nayiphi na echanekileyo) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Novemba 2017 NSC – Imemorandam 1.12 Kukuthabatheka ngoonobenani utsho uphume endleleni√√/ kukukhukuliswa zizinto nje ohamba udibana nazo√√/ kukuthi xa ub'usenza kakuhle suke uphume endleleni ulandele izinto ezimbi.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.13 Ndiyavumelana kuba ngamanye amaxesha into iqala kakuhle ekuhambeni kwexesha yonakale.√√ OKANYE Andivumelani kuba kuyaxhomekeka ukuba iphethwe kanjani.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.14 Yinyani kuba awukwazi kuphumelela ungazamanga okanye usebenze√√/ yinyani kuba umntu akufuneki athembe ithamsanqa ukuze aphumelele koko kufuneka asebenze.√√ Bubuxoki kuba omnye umntu ushiywa nelifa ngabazali bakhe okanye aphumelel imali.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.15 Kukho indoda ezama ukunyuka intaba√√ kukho indoda eyisencochoyini yentaba izama ukunceda le ingezantsi√√/ amadoda amabini ayancedana ukunyuka intaba.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.16 Wolule isandla√/uphakamise isandla.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.17 Injongo yomzobi kukuveza ukuba ebomini ugqitha kwimingcipheko ukuze uphumelele√√/injongo yomzobi kukuveza ukuba indlela eya empumelelweni inamahla-ndinyuka.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.18 SISICATSHULWA A kuba sigxile kwizinto-yinto ezinokwenziwa ngumntu ukuze aphumelele kwimizamo yakhe nemingeni anokuthi ahlangane nayo ukanti ISICATSHULWA B kuba siveza uhlobo olunye lokuzama olomntu ozama ukunyuka intaba encedwa ngomnye umntu√√/ SISICATSHULWA A kuba sikunika izinto yinto ezinokwenziwa ngumntu ukuze aphumelele kwimizamo yakhe kunye nemingeni anokuthi ahlangane nayo√√/ SISICATSHULWA B kuba siveza umfanekiso obonisa ukuncedana kwabantu ukuze baphumelele.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Novemba 2017 NSC – Imemorandam ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Ukumakisha isishwankathelo: Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: • Ulwabiwo- manqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10 • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 iingongoma ezichanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 iingongoma ezichanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 iingongoma ezichanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo naxa becaphule. o 6–7 iingongoma ezicatshulweyo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 1–5 iingongoma ezicatshulweyo: nikezela inqaku libe li-1 lolwimi. QAPHELA: • Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kumagama ama-5 ngaphezulu kwaqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. UMHLATHI Kwixesha langoku iimeko zokuphila ziye zinyanzele ukuba ube sisithethi ufuna ungafuni. Izithethi ezaziwayo ziye zixakwe kukuthetha esidlangaleleni xa zingazilungiselelanga kwiindibano ezahlukeneyo. Kukho udidi lwezithethi oluxakwa kwa isaqala intetho. Kwizinto ezijongwayo yindlela esinxibe nesifaneleke ngayo isithethi. Umdla wabamameleyo utsalwa sisakhono sesithethi sokuqulunqa intetho yaso. Isithethi masibazi abantu esiza kuyibhekisa kubo intetho yaso siqinisekise ukuba ilungiselelwe abo bantu. Bubuchule ukuba isithethi sithethe ngento esiyaziyo kungenjalo kuyinto elungileyo ukuba asikwazi emasithethe ngako masixolise. [70 amagama] [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Novemba 2017 NSC – Imemorandam Naziphi na iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane) UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Kule mihla siphila kuyo kuye kube 1. Kwixesha langoku iimeko zokuphila yimfuneko ukuba senze intetho ziye zinyanzele ukuba ube sisithethi esidlangalaleni, sithanda ufuna ungafuni. singathandi.' 2. 'Amaciko awaziwayo aye afumane 2. Izithethi ezaziwayo ziye zixakwe ubunzima xa aye aqutyulwa ukuba kukuthetha esidlangaleleni xa athethe phambi kweemeko ezithile.' zingazilungiselelanga kwiindibano ezahlukeneyo. 3. 'Ezinye izithethi zoyisakala zisaqala 3. Kukho udidi lwezithethi oluxakwa kwa ukuwuvula umlomo.' isaqala intetho. 4. 'Enye into ekhangelwa ngabantu 4. Kwizinto ezijongwayo yindlela yimbonakalo yesithethi.' esinxibe nesifaneleke ngayo isithethi. 5. 'Ukuphulaphula kuxhomekeke 5. Umdla wabamameleyo utsalwa kubuchule besithethi.' sisakhono sesithethi sokuqulunqa intetho yaso. 6 'Intetho nganye ilungiselelwa abo 6. Isithethi masibazi abantu esiza bantu iza kwenziwa kubo.' kuyibhekisa kubo intetho yaso siqinisekise ukuba ilungiselelwe abo bantu. 7. 'Bubulumko ukuthetha ngombandela 7. Bubuchule ukuba isithethi sithethe owaziyo, ngoko ukuba ucelwa ukuba ngento esiyaziyo kungenjalo kuyinto wenze intetho ngomcimbi elungileyo ukuba asikwazi ongawuqondiyo zicelele uxolo.' emasithethe ngako masixolise. AMANQAKU ECANDELO B: [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Novemba 2017 NSC – Imemorandam ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Ukumakisha iCandelo C Umakisho lweCANDELO C: • Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi eziphelelyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo. • Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: UKUHLALUTYA IINTENGISO 3.1 Ngumzi mveliso wakwaDettol.√ (1) 3.2 Ijoliswe kumntu wonke√/ijoliswe kubantu abakhathalele impilo yabo√/ijoliswe kumntu wonke osebenzisa izandla zakhe ephatha izinto ezahlukeneyo.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.3 Uphuhlisa ukuba isandla esinye siphatha izinto ezahlukeneyo√√ / iphuhlisa ukuba kuyo yonke into oyiphathayo zikhona iintsholongwane√√/ uphuhlisa ukuba akakho umntu ongachaphezelekiyo ziintsholongwane√√/ uphuhlisa ukuba isandla siphatha izinto ezininzi ezahlukeneyo.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 3.4 Injongo yomthengisi kukuveza ukuba imveliso noxa incinci inamandla okubulala iintsholongwane ezininzi√√/injongo yomthengisi kukuveza ukuba awuchithi kakhulu kodwa ubulala iintsholongwane ezininzi.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 3.5 Ikhaka umsebenzi walo kukulwa notshaba ukanti le mveliso ilwa neentsholongwane√√/zombini umsebenzi wazo kukulwa√√/ ikrele/ intshuntshe zizixhobo zokulwa notshaba ukanti le mveliso ilwa neentsholongwane√√/ uphawu lomnqamlezo lufumaneka ecaweni apho abantu bahlanjwa khona izono ukanti le mveliso ihlamba iintsholongwane√√/uphawu lomnqamlezo lufumaneka kwiindawo zempilo apho kufumaneka khona ukuphila ukanti le mveliso izisa impilo.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Novemba 2017 NSC – Imemorandam 3.6 Le mveliso isetyenziswa nanini√ na xa kuyimfuneko√/ Le mveliso isetyenziswa rhoqo√ emva kokuphatha nayiphi na into ngezandla√/ le mveliso isetyenziswa phambi kokuba uphathe into etyiwayo√√/ le mveliso isetyenziswa emva kokusebenzisa izinto yinto obuziphethe ngesandla√√/ le mveliso isetyenziswa xa uhlamba√√/ le mveliso isetyenziswa xa ucoca inxeba√√/emva kokusebenza ngezandla√ usebenzisa le mveliso ukubulala iintsholongwane.√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] UMBUZO 4: UKUQONDA EMINYE IMIBA YEMIDIYA 4.1 Umntu ongaphambili uthulisa abafundi abangxolayo√/omnye umfundi ulele phezu kwedesika√/ababini abafundi bemi ngeenyawo, bayafotana√/ omnye umi phambi komntu omi ngaphambili uphethe ibhaloni√/ababini abafundi bahleli phantsi babonakala befunda√/omnye ucinga ngezothando√/ bonke benza izinto ezahlukeneyo ngoku bathuliswayo ngutitshala√/ omnye umfundi ujula iphepha okanye ikayiti√/kukho umfundi ophethe isilingi.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 4.2 Nqwa neentsana.√ (1) 4.3 Umlomo okhamisileyo√/umnwe okhombileyo√/amehlo amakhulu√/ukusonga inqindi√/uphakamise iintshiyi.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 4.4 Cwaka√/zole√/zola√/thula√/shhh!√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.5 Luveza ukuba ingcinga zakhe zingothando.√√ (2) 4.6 Injongo yomzobi kukuveza ukuphela kwembeko ezikolweni√√/ injongo yomzobi kukuveza ukungalawuleki kwabafundi ezikolweni.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI NGOKUCHANEKILEYO 5.1 Siphuhlisa intsingiselo yokuzenza wena ngokwakho√/ukuzenza ngokwakho ukuba mawuzikhulule. (Nayiphi na kwezi) (1) 5.2 Onke la magama aveza ixesha izenzo ezenzeke ngalo.√ (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/Novemba 2017 NSC – Imemorandam 5.3 Lithetha ukuba kuza kutshona ilanga.√ (1) 5.4 Usana nokuba lolwaluphi√na uhlanga nokuba lolotshaba lwakho olukhulu. (1) 5.5 Umntu oya kuphakamisa isandla sakhe.√ (1) 5.6 Umbhali uthe zikho nezinye iintlobo zokuhleka, kodwa kokwakhe√ ukucinga ubuninzi bazo busuka kukuzikhulula kwiimeko ezibuhlungu, ezilusizi nezingathwalekileyo. (1) 5.7 Khangelani√ xa nifuna √ ukuphelisa ukudinwa okanye isithukuthezi. (2) 5.8 Ukungakrazuki√ kwebhulukhwe engamlinganiyo umniniyo noxa engayithandi√ yena. (2) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all