Downloaded from hlayiso.com
NATIONAL
SENIOR CERTIFICATE
IBANGA 12
ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL)
IPHEPHA LESITHATHU (P3)
NOVEMBA 2017
AMANQAKU: 100
IXESHA: Iiyure 2½
Olu viwo lunamaphepha ama-5.
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
You're offline
Skip to contentQuestion paper 

View all
IsiXhosa HL P3 Nov 2017_hlayiso.com_.pdf
Isixhosa Hl · Grade 12 · NSC November Exams · 2017 · isixhosa. Question paper, 5 pages. Read online or download the PDF.
- Subject
- Isixhosa Hl
- Grade
- Grade 12
- Language
- Isixhosa
- Document type
- Question paper
- Year
- 2017
- Exam period
- NSC November Exams
- Paper
- 3
- Pages
- 5
- File size
- 772.2 KB
Loading document…
Loading document…
1 of 5
Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya/P3 2 DBE/Novemba 2017
NSC
IMIYALELO NENGCACISO
1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI:
ICANDELO A: Isincoko (50)
ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50)
QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI
kweli candelo.
2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI
kwiCANDELO B.
3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo.
4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA.
5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa
ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze
uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale
izincoko nemihlathi.
6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele
umgca onqumlayo kuyilo lonke.
7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo:
ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80
ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35)
8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo.
9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama.
10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya/P3 3 DBE/Novemba 2017
NSC
ICANDELO A: IZINCOKO
Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama
angama-340–390.
UMBUZO 1
1.1 Ndingulo mntu ndinguye ngokomelezwa ngabantu. [50]
1.2 Iimpawu zomntu onesidima. [50]
1.3 Ulutsha nenkcubeko. [50]
1.4 Ukuzithwalisa amacangci kukho umoya. [50]
1.5 Ifuthe lokukhulelwa kwabafundi kwinkqubela-phambili yabo. [50]
1.6 Ukuba ndinganefuthe ekomelezeni iqondo lerandi eMzantsi Afrika. [50]
1.7 Qwalasela lo mfanekiso ungezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko
esifanelekileyo.
1.7.1
[Ucatshulwe kwi-intanethi: www.googlesearch.com, waza wahlelwa] [50]
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya/P3 4 DBE/Novemba 2017
NSC
1.7.2
[Ucatshulwe kwi intanethi: www. googlesearch.com, waza wahlelwa] [50]
AMANQAKU ECANDELO A: 50
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya/P3 5 DBE/Novemba 2017
NSC
ICANDELO B: IMIHLATHI
Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama
ali-100–120 (umxholo kuphela).
UMBUZO 2
2.1 ILETA YOBUHLOBO
Bhala ileta uvelane nomhlobo wakho ongafumananga ndawo yakufunda
eYunivesithi. [25]
2.2 ILETA YOBURHULEMENTE
Bhalela uNobhala weSebe lebhasi leempahla ezilahlekileyo, ucele
ukukhangeliswa ibhegi yakho elahlekileyo kwibhasi obuyikhwele. [25]
2.3 I-OBHITSHUWARI
Bhala i-obhitshuwari ulungiselele umngcwabo oza kubakho. [25]
2.4 INQAKU LEPHEPHANDABA
Bhala inqaku lephephandaba ngokuxhwilwa kwabantwana. [25]
2.5 I-AJENDA NEMIZUZU YENTLANGANISO
Bhala i- ajenda nemizuzu yentlanganiso obuye kuyo. [25]
2.6 INTETHO ESESIKWENI
Bhala intetho esesikweni. [25]
AMANQAKU ECANDELO B: 50
AMANQAKU EWONKE: 100
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha
Recommended for this subject
Published documents with matching subject and grade metadata.
Related documents
Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

Question paper
IsiXhosa HL P3 May-June 2017_hlayiso.com_.pdf
Question paper
IsiXhosa HL P3 Nov 2019_hlayiso.com_.pdf

Question paper
IsiXhosa HL P3 Nov 2018_hlayiso.com_.pdf
Question paper
IsiXhosa HL P3 Nov 2016_hlayiso.com_.pdf
Memorandum
IsiXhosa HL P3 May-June 2017 Memo_hlayiso.com_.pdf
Memorandum
IsiXhosa HL P3 Nov 2015 Memo_hlayiso.com_.pdf
More from Grade 12 Isixhosa Hl
Explore more published documents in this catalogue.







