Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 NSC November Exams 2016 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220165 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC November Exams 2016, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC November Exams 2016

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2016 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 2½ Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Novemba 2016 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko: (50) ICANDELO B: Imihlathi: (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kweli candelo. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala ICANDELO NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Novemba 2016 NSC ICANDELO A: IZINCOKO UMBUZO 1 Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390 kwisincoko ngasinye. 1.1 Ndaqonda ngaloo mini ukuba ukungaphumeleli ayisosiphelo sobom. [50] 1.2 Imfundo kule mihla siphila kuyo. [50] 1.3 Iinguqu kwezemidlalo. [50] 1.4 Isikhuni sibuya nomkhwezeli. [50] 1.5 Ukutshatyalaliswa kwezakhiwo zikaRhulumente. [50] 1.6 Singayintoni ngaphandle kwetekhnoloji. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-Intanethi www.googlesearch.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Novemba 2016 NSC 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.iol.co.za] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Novemba 2016 NSC ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA ESESIKWENI Bhalela uManejala wekliniki ekwingingqi yakho. [25] 2.2 INQAKU LEMAGAZINI Bhala inqaku lemagazini ngomdlalo owuthandayo. [25] 2.3 INGXELO ESESIKWENI Bhala ingxelo yentlanganiso njengoNobhala wequmrhu labameli babafundi. [25] 2.4 UDLIWANO-NDLEBE Bhala udliwano-ndlebe. [25] 2.5 ISIVI NELETA EKHAPHAYO Bhala isivi neleta ekhaphayo. [25] 2.6 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo malunga nemfundo yasimahla. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all