Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC June 2025 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 1220259 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC June Exam 2025, 9 pages. Read online or get the free PDF download, question paper linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC June Exam 2025

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS/ NATIONAL SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) CANZIBE/SILIMELA 2025 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha ali-9. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha QAPHELA • Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi. • Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo. • Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo. • Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni. • Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda: • Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa. • Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lisetyenziswe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile. • Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMELANA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe. • Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala. • Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Izenzo√/izangotshe zolwimi.√ (2) 1.2 Yeyokuba odlala ngexesha, udlala ngemali.√ (1) 1.3 Kukuba ixesha alibolekeki.√ (1) 1.4 Lifana nesixhobo xa sukuba umntu elisebenzisa njengento enokumncedisa afumane okuthile okanye asombulule ingxaki ethile.√√ (2) 1.5 Likuncedisa ukufikelela ekuqondeni ngokuchukumisa iinkumbulo zokuba into ebhabhayo ayifumaneki okanye ayifikeleleki njengokuba nexesha xa libhabha aliphindi lifumaneke kulowo limshiyileyo/ngokulifanisa nento ebhabhayo engasenakufumaneka.√√ (2) 1.6 Ingcamango yalo mhlathi ngokwahluka kwezidingo zabantu ithi abanamanxeba omphefumlo bafuna lifinyezwe ukuze likhawuleze bazokukhawuleza baphile emphefumlweni abanye abonwabileyo bafuna longezwe.√√/Kwabalilayo lingumphilisi bafuna lixheshwe, likhawuleze, ophazamileyo yena walichitha kakubi ngempazamo ufuna longezwe azokulungisa.√√ (Makuqinisekiswe ukuba ukwahluka kwezidingo nefuthe lazo liyavela kwiimpendulo zabaviwa.) (2) 1.7 Eyokuhlala ecingana/ ejikajikana nento emkhathazayo angadluli kuyo.√ (1) 1.8 Sesokuba sukuyikokosa ixesha elide ingxaki ojongene nayo kuba ingakugqibela amandla ikulibazise ebomini.√√ (2) 1.9 Bubuxoki kuba ngokwalo mhlathi baziintetho zabantu abadlala ngexesha.√√ OKANYE Yinyani kuba inganyanisa xa umntu ofundayo enokuzenza eza ntetho zimele abantu abazithethayo ngenxa yokuxhaphaka kwazo kwiintetho zakhe.√√/ kuba nanjengoko kuxhaphake ukuba isimaphambili esingu”oo’ sibhekise kwizibizo zehlelo le-2(a) ngolo hlobo kungakhe kucingwe ukuba ngabantu. √√ (Impendulo iya kuxhomekeka kwinkxaso yomviwa.) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha 1.10 Kuchanekile kuba impoxo inga iyayikhotha kanti iyayixathula into, ibanendawo ekrwelayo. Ingamkrwela umntu owenze impazamo/ofuna ukongezelwa ixesha enze izilungiso.√√ OKANYE Akuchanekanga njengempoxo kuba nabani na angakuvuyela ukuthoba iminyaka engenanjongo yakwenza zilungiso.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 1.11 Ndiyangqina kuba ukuba besiyazi le ntetho ukuba ithetha ukuba limkile ixesha ngesingakhange sizifake ezihlangwini zenja ezimenze wanomsindo.√√ (2) 1.12 Yahluke ngokuba iminqweno kwigenge kaYOLO yeyokuba ixesha lifutshane malongezwe xa besiva ubumnandi kanti umntu ova kabuhlungu iminqweno yeyokuba maliphungulwe kuba efuna ukusuka kwangoko kwingxaki akuyo.√√ (2) 1.13 B.√/B yokubethelela/yokubethelela.√ (1) 1.14 Ngumyalelo kuba u'khawu' sisakhi somyalelo ocengayo/odombozayo.√√/ Licebiso kuba kuxhomekeka kwimeko yokuthi kanti umntu ebedinga icebiso okanye ebengayazi ukuba ingasisisombululo.√√ (2) 1.15 NguInstagram√ noFaceBook.√ (2) 1.16 Umfanekiso ubonakalisa ngemigca esemva komntu ukuba utsalatsalana nzima nezinto ezifuna ixesha lakhe.√√/Izinto ezisemfanekisweni zithatha ixesha lakhe engasafuni nalo.√√/Imbonakalo yobuso bakhe ibonakalisa ukungakonwabeli ukuphelelwa lixesha.√√/Izandla ezincinci ezitsala ixesha elikhulu zibonisa ukuba ixesha linamandla kwaye akanalulawulo lwalo.√√/ Ukungxabalaza nokuwa komhlaba kubonisa ukuxhathisa ukunqwenela ukuba ixesha lingamshiyi.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 1.17 Ndiyangqina ziphumelele ukubonisa imfuneko yokuxabisa ixesha kuba isicatshulwa A sinemizekelo neemfundiso ezingemfuneko yokulisebenzisa ngobuchule saze isicatshulwa B sayiphumeza ngokruthakruthwano olubonakele phakathi komntu nezinto ezitya ixesha lakhe.√√ (2) AMANQAKU ECANDELO: A 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaliseni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane.) UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Ukuthethela phezulu kwiselula 1. Ukukhwaza xa uthetha kunomyayi kwiindawo zikawonkewonke xa uphakathi kwabantu uncokola.' kuyabaphazamisa abo beva iindaba zakho. 2. 'Ukungawugqumi umlomo xa uthimla 2. Ukukhohlela nokuthimla okanye ukhohlela ... xa uhleli ungabekanga ngqiniba emlonyeni nabanye abantu.' phakathi kwabantu kuyabahlupha abo bakungqongileyo. 3. 'Ukuvula umculo okhalela phezulu 3. Ukungasebenzisi izixhobo kwiselula yakho ngaphandle zokumamela xa umamele umculo kokusebenzisa izixhobo kunomyayi wakho akubonwabisi zokumamela.' abantu abakufuphi kuwe. 4. 'Ukulahla inkunkuma naphi na apho 4. Ukulahla inkunkuma kwindawo uthanda khona.' engeyeyokuyilahla kungcolisa indalo. 5. 'Ukuxaba endleleni yabahamba 5. Ukuthintela abanye abantu kwindlela ngeenyawo nokuba kungasiphi na yabahambi ngeenyawo isizathu.' kuyabalibazisa abantu abangxamileyo. 6. 'Ukungenelela abantu xa ufika 6. Ukweqa abantu emgceni befolile befolile akulunganga akukhathaliseki akuyonto intle konke kuba wonke nokuba ungxame kangakanani.' umntu ungxamile. 7. 'Ukuthatha ixesha elide uku-oda 7. Ukutya ixesha labanye xa uoda ukutya kungakutsalela amehlo.' ukutya, kuyabaxakanisa kakhulu abafole emva kwakho. [70 amagama] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Ukukhwaza xa uthetha kunomyayi uphakathi kwabantu kuyabaphazamisa abo beva iindaba zakho. Ukukhohlela nokuthimla ungawugqumanga umlomo phakathi kwabantu kuyabahlupha abo bakungqongileyo. Ukungasebenzisi izixhobo zokumamela xa umamele umculo kunomyayi wakho akubonwabisi abantu abakufuphi kuwe. Ukulahla inkunkuma kwindawo engeyeyokuyilahla kungcolisa indalo. Ukuthintela abanye abantu kwindlela yabahambi ngeenyawo kuyabalibazisa abantu abangxamileyo. Ukweqa abantu emgceni befolile akuyonto intle konke kuba wonke umntu ungxamile. Ukutya ixesha labanye xa uoda ukutya, kuyabaxakanisa kakhulu abafole emva kwakho. [70 amagama] Ukumakisha isishwankathelo: Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni kuphela iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: • Ulwabiwo lwamanqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abaviwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abaviwa becaphule ngqo. o 6–7 iingongoma ezicatshulwe ngqo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 4–5 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela inqaku libe-1 lolwimi. o 2–3 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela amanqakuabema-2 olwimi. QAPHELA: • Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umviwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kuma ekupheleni kwesivakalisi eliphele kuso inani eliqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Umakisho lweCANDELO C: • Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi ezipheleleyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo. • Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO NTENGISO 3.1 'zakho.'√ (1) 3.2 Yokuthotywa konxano.√/ Yokuhla kamnandi kwesiselo.√/ Yokuphola wakusela.√/Yokukholisa kamnandi.√/ Yokusombulula ingxaki yokunxanwa.√ (1) 3.3 Umcinga wokusela iCoca Cola usebenze njengesikweko kuba ukufanisa ngokungangqalanga ukusela isiselo nokutha ipetrol utsho ufike engqondweni umyalezo wokuba isiselo siyazivuselela iingcinga.√√/Umcinga wokusela iCoca Cola usebenze njengesikweko kuba ufanisa ngokungangqalanga ngokwenza umntu ojonge isibhengezo acinge ukuba isiselo siyafana nepetrol evuselelayo xa impontshwe emotweni.√√ (2) 3.4 Kumfanekiso kuvela umbhobho wokutha ipetroli osetyenziswe njengomcinga wokusela isiselo, kwisigama, kuvela igama elithi 'impompa' elithetha ukwengeza amandla ukuze umntu avuseleleke.√√ (2) 3.5 Liwukhwezela ngokuba lakukhankanywa lidala umnqweno wento efunwa ngumntu wonke ekukucinga ngokukhawuleza.√√ (2) 3.6 Ndiyangqina kuba banele ubugcisa obusetyenzisiweyo ukubiza lula abathengi kuba isibhengezo sisebenzisa izithembiso, izafobe, imifanekiso echukumisayo, isayizi yefonti encinci, isigama esingqala umthengi ezibonakala zibondwe ngokukuko zatsho zenza kwalula nokufikelela kuninzi lwabathengi.√√ OKANYE Ndiyachasa abusetyenziswanga bonke kuba abaxhomekeke kubugcisa ababuqhelileyo bokudida ingqondo obunje ngesilogani, imibala egqamileyo, isigama esigxagxamisa umthengi, izicengo, izingqinisiso, inyani malunga nenani labantu abayisebenzisayo imveliso, ubaxo bangazifumana bengekalotywa sisibhengezo.√√ (2) (Nayiphi impendulo echanekileyo.) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 U-Ali uphethe ifowuni√/ abalinganiswa babeke ifowuni endlebeni√/ amaqamza asuka kokusendlebeni.√ (Nasiphi na isibini.) (2) 4.2 Abonise ngokusetyenziswa kweqamza elikhwazayo√/abonise ngobutsolo bawo ukuba ifowuni iyakhwaza.√ (1) 4.3 Ngokuthi u-Izi akhuphe amehlo akuva impendulo ka-Ali engahambelani nombuzo kwisakhelo sesi-3√ ekubeni ebekade ewancinile kwisakhelo sokuqala.√ (2) 4.4 Kwisakhelo sesi-3 uAli uliqonda ngokuba ungumnini wazo na izinto zokubhala ngeli xesha uSali ebelisebenzisa ngenjongo yokuqonda ukuba zisesandleni sakhe na ukuze abhale, ngala mzuzu.√√ (2) 4.5 B.√/B Yokugqamisa impoxo ekwintetho kaSali.√/Yokugqamisa impoxo ekwintetho kaSali.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 4.6 Iphumelele kuba kuyahlekisa ukuba umyalezo uqondwe yinja endaweni yokuqondwa nguAli ekubhekiswa kuye.√√/Iphumelele ngempoxo emkrwelayo uAli nanjengoko ade acaciselwe ngokuphakama kwelizwi okuboniswe ngeendidi zeefonti.√√ OKANYE Ayiphumelelanga ukwenza isihlekiso kuba ngokweempendulo uAli wonqena nje ukuphakama ayothatha ipensile hayi ukungaqondi ntsingiselo.√√/ Ngokokuthetha kwakhe u-Ali uyazibona ukuba ukrotyelwe ukuba uyonqena ebekuva okuthethwayo.√√ (2) (Nayiphi impendulo echanekileyo.) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/Canzibe/Silimela 2025 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMBUZO 5: IPROZI 5.1 D. √/D. intetho eyinyani. √/intetho eyinyani.√ (nayiphi na kwezi.) (1) 5.2 Njengesihlomelo sexesha.√ (1) 5.3 Kwabangamaziyo.√ (1) 5.4 Wenzelwe.√ (1) 5.5 o√lunye lw√eelwimi/ kwii√lwimi (Nasiphi isibini kwezi.) (2) 5.6 Ndimbuzile ukuba usazi njani isiXhosa, wandiphendula√√/waphendula√√ ngelithi wasifundiswa ngethuba esabunjwa ngabezobuchwephesha. (Nayiphi na kwezi.) (2) 5.7 Kungokuba ligama lalo ilungu/ligama lelungu elinikwe iimpawu zomntu.√√ (2) (Impendulo mayibe ngomsebenzi wonobumba omkhulu.) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all
isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC June 2025 Memo | Hlayiso