Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC November Exams 2019 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 1220198 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC November Exams 2019, 8 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC November Exams 2019

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com GRAAD 12 NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) NOVEMBA 2019 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha asi-8. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Novemba 2019 NSC – Isikhokelo sokumakisha QAPHELA • Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi. • Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo. • Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo. • Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni. • Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda: • Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa. • Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile. • Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe. • Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala. • Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Novemba 2019 NSC – Isikhokelo sokumakisha ICANDELO A: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Akukho mntu uthandabuzayo xa echaza imbeko√/akukho kuthandabuza xa umntu echaza imbeko.√ (1) 1.2 Kukubethelela ukuba kubhekiswa kumntu wonke.√√ (2) 1.3 Intlonipho√/intobeko√/ukuxabisa umntu√/ukumphulaphula√/ukumhoya.√ (Nasiphi na isibini kwezi.) (2) 1.4 Kuthetha ukuba ilizwi lezinyanya lisoloko lifuna ukuphulaphulwa.√/Kuthetha ukuba awukwazi ukungayithatheli ngqalelo into ethethwa zizinyanya.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.5 Abazali.√ (1) 1.6 Sizisa intsingiselo yokuba iyavunywa imeko yokuba abantwana kufuneka beyinikile imbeko kodwa nabantu abadala kuyafuneka bayinike.√√ (2) 1.7 Lo mhlathi uphakamisa ukuba intlonipho ilindeleke kumzali nakumntwana ngokulinganayo√√/intlonipho imacala ekhaya, isemzalini nasemntwaneni√√/ umzali nomntwana mabahloniphane ngokulinganayo.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.8 Abakudala abazali bazi umntwana engowakhe nawuphi na umzali kanti abanamhlanje bathi akuzalelwana.√√ (2) 1.9 Sibethelela ingcinga yokuba isenzo senzeka macala.√ (1) 1.10 Ingundile kuba ayisasetyenziswa√/Kuba baninzi abazali nabantwana abayishiye apho ikhedamile √/Kuba baninzi abazali nabantwana abangasayisebenzisiyo.√ (1) 1.11 Usetyenziswe ngokuzingileyo ukuze abafundi bale tekisi bazibone bengqinelana nombhali wetekisi.√√ (Nawuphi umsebenzi wombuzo buciko uyakwamkeleka.) (2) 1.12 Ndiyangqina kuba nokuba umntu unjani kufuneka eyinikiwe imbeko.√√ (2) 1.13 Ubesithi ukuba umntwana ungene engankqonkqozanga ajikiswe ukuba ayokunkqonkqoza alinde kude kuthiwe makangene.√√ (2) 1.14 B.√/Kukuthundeza ngomfanekiso ngqondweni wokuva.√/B.Kukuthundeza ngomfanekiso ngqondweni wokuva√. (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.15 Bangqavulanayo√ bagrwangxulane.√ (2) 1.16 Esi sibini sikhamise kakhulu √√/Iinwele zomntwana ziphakame kangangokuba ziphantse uyokungqubeka kwibunzi likatata√√/Kubaxwe isenzo sokungqavulana kwesi sibini.√√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Novemba 2019 NSC – Isikhokelo sokumakisha 1.17 Sisenzo sokuphendulana√√/Sisenzo sokuba umtwana aphendule umntu omdala.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 1.18 Siyawuchasa kuba isicatshulwa A sithi nika umntu imbeko ungasekanga kubudala nanzuzo kanti aba bayagrwangxulana abanikani mbeko.√√ OKANYE Siyawuxhasa kuba ukuba omnye wabo ebeqalile wangqavula ufumana le nto naye ebeyise komnye umntu kuba kumhlathi woku- 1 kuthiwa yenza kwabanye njengoko ufuna kwenziwe kuwe.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Novemba 2019 NSC – Isikhokelo sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi na iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane) UCAPHULO IINGONGOMA 1. '... Uyazi imveliso oza kushishina 1. Yazi imveliso oza kuyithengisa ngayo nezakhono onazo eziya nezakhono onazo. kukunceda ukulikhulisa.' 2. 'Qala ngokwenza isicwangciso phambi 2. Wucwangcise umbono weshishini kokuba ugxile ekwakheni ishishini.' lakho ukuze ukwazi ukuba nenkqubela-phambili yalo. 3. 'Qinisekisa ukuba sele bebangaphi 3. Yiba nolwazi oluphangaleleyo abantu asele beshishina ngale mveliso ngomyinge wabantu abashishina uzimisele ukushishina ngayo ...' kwangale mveliso ofuna ukuyithengisa. 4. 'Khumbula ukubeka phambili 4. Beka phambili umgangatho ukuthengisa izinto ezisemgangathweni wemveliso kunobuninzi bayo xa kunokuthengisa izinto ezininzi uthengisa. ezingekho mgangathweni.' 5. 'Yiba nekhasi lonxibelelwano 5. Khetha ikhasi lonxibelelwano elinjengofacebook oqamele ngalo oza olithembileyo lokupapasha kuthi uthethe kulo xa uthengisa imveliso yakho kubathengi elifana imveliso yakho.' nofacebook. 6. 'Cela uluvo kumcebisi werhafu ukuze 6. Cela uncedo kubantu ungagilani nemigaqo yokuhlawulwa abanobuchule kwicala lerhafu kwerhafu.' ukuze ungabisengxakini yokuzibona usaphula umthetho. 7. 'Kubalulekile ukwenza isicwangciso 7. Phonononga ishishini lakho sexesha elifutshane nesexesha elide ngokwenza isicwangciso sexesha ukuze ukwazi ukujonga ukuba ubheka elide nelifutshane esiveza phambili na okanye ubuya umva.' impumelelo yeshishini lakho. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Novemba 2019 NSC – Isikhokelo sokumakisha UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Okuphambili ekusunguleni ishishini kukwazi imveliso oza kuyithengisa nezakhono onazo. Wucwangcise umbono weshishini lakho ukuze ukwazi ukuba nenkqubela- phambili yalo. Yiba nolwazi oluphangaleleyo ngomyinge wabantu abashishina kwangale mveliso ofuna ukuyithengisa. Okubalulekileyo kukubeka phambili umgangatho wemveliso kunobuninzi bayo xa uthengisa. Khetha ikhasi lonxibelelwano olithembileyo lokupapasha imveliso yakho kubathengi elifana nofacebook. Cela uncedo kubantu abanobuchule kwicala lerhafu ukuze ungabisengxakini yokuzibona usaphula umthetho. Phonononga ishishini lakho ngokwenza isicwangciso sexesha elide nelifutshane esiveza impumelelo yeshishini lakho. [70 amagama] Ukumakisha isishwankathelo: Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: • Ulwabiwo- manqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10 • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa becaphule. o 6–7 amanqaku acatshulweyo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 1–5 amanqaku acatshulweyo: nikezela inqaku libe li-1 lolwimi. QAPHELA: • Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kuma ekupheleni kwesivakalisi eliphele kuso inani eliqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. [10] AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Novemba 2019 NSC – Isikhokelo sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Ukumakisha ICANDELO C • Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizizivakalisi ezipheleleyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo. • Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO NTENGISO 3.1 Ihlaziya isikhumba√/ilwa iintsholongwane√/ikhanyisa isikhumba√/yenza mhlophe √inika isikhumba impilo.√ (Nasiphi na isibini kwezi.) (2) 3.2 Golden Pearl.√ (1) 3.3 Sinika intsingiselo yokuba yahlukile kwezinye iimveliso ezingaphambili√/ Sinika intsingiselo yokuba itshintshile.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 3.4 Kukuloba abathengi.√√/kukutsala umdla wabathengi.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 3.5 Kubethelela ingcinga yokuba sebenzisa le mveliso kuphela ungayitshintshi.√ (1) 3.6 Ngumqondiso wobunyulu.√ (1) 3.7 Ndiyangqinelana kuba zininzi kakhulu ezi ntsholongwane izibulalayo.√√/ Andingqinelani kuba ayizibulali ngokupheleleyo iintsholongwane.√√/ Andingqinelani kuba kungathi kanti esi sibini seepesenti sishiyekeleyo sesona sinobungozi.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Novemba 2019 NSC – Isikhokelo sokumakisha UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 Phuma.√ (1) 4.2 Ukusetyenziswa kwebinzana 'ukugob'umqolo'√ Ukusetyenziswa kwekhulu leeyure.√/ukuvuleka ngokubaxekileyo komlomo kaZani.√ (Nasiphi na isibini kwezi.) (2) 4.3 Uyindoda ende xa egxothwa, aze xa ebaleka abe mfutshane.√ (1) 4.4 Kunika ingcinga yokuba uya evuya ngokuvuya koku kugxothwa kwakhe.√√ (2) 4.5 Intetho kaLes kwisakhelo sesi-3 inika intsingiselo yokuba kuya kuba mnandi xa engekho uTie.√√ (2) 4.6 Ewe unengcinga ebethelelekileyo ngakubafazi ubaveza ngokungathi ngabantu abathetha rhabaxa nabantu abangamadoda, babathobe isidima ukuze kucace ukuba baphethe.√√ Ewe, unengcinga ebethelelekileyo ngakumadoda angabasebenzi kuba uveza amadoda ngokungathi akafuni ukusebenzisana kakuhle nabaphathi abangabafazi.√√/ngabantu abangamavila.√√/ngabantu abangafuni kusebenza.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) [10] UMBUZO 5: IPROZI 5.1 Yinto enexabiso.√√ (2) 5.2 Igqirha lifunela izinyanya utywala.√√ (Nasiphi na isivakalisi esichanekileyo.) (2) 5.3 Sisebenze njengesakhi salathandawo√/Njengesakhi sihlomelo sendawo.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 5.4 Intombi yakhe yendele ebukhosini.√√ (Nasiphi na isivakalisi esichanekileyo.) (2) 5.5 Isibanayo.√ (1) 5.6 Silandela emva ko-thi.√ (1) 5.7 UThixo uyabaxolela abantu baKhe.√ (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all