Downloaded from hlayiso.com
SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS
ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL)
IPHEPHA LESITHATHU (P3)
2016
AMANQAKU: 100
IXESHA: Iiyure 2½
Olu viwo lunamaphepha ama-5.
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
You're offline
Skip to contentQuestion paper 



View all
IsiXhosa HL P3 May-June 2016_hlayiso.com_.pdf
Isixhosa Hl · Grade 12 · NSC June Exams · 2016 · isixhosa. Question paper, 5 pages. Read online or download the PDF.
- Subject
- Isixhosa Hl
- Grade
- Grade 12
- Language
- Isixhosa
- Document type
- Question paper
- Year
- 2016
- Exam period
- NSC June Exams
- Paper
- 3
- Pages
- 5
- File size
- 441.1 KB
Loading document…
Loading document…
1 of 5
Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 2 DBE/2016
SCE
IMIYALELO NENGCACISO
1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI:
ICANDELO A: Isincoko (50)
ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50)
QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI
kweli candelo.
2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI
kwiCANDELO B.
3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo.
4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA.
5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa
ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze
uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale
izincoko nemihlathi.
6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele
umgca onqumlayo kuyilo lonke.
7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo:
ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80
ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35)
8 Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo.
9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama.
10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 3 DBE/2016
SCE
ICANDELO A: IZINCOKO
UMBUZO 1
Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama
angama-340–390 kwisincoko ngasinye.
1.1 Ndinamaxesha okuba ndithandabuze ukuba ngenene ungumzali wam. [50]
1.2 Iqondo lendlala linyuka umhla nezolo. [50]
1.3 Ukuzalwa wedwa. [50]
1.4 Isala kutyelwa sibona ngolophu. [50]
1.5 Imfundo yasimahla kumaziko emfundo ephakamileyo. [50]
1.6 Xa ndinokuba nguMphathiswa wezoKhuseleko. [50]
1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko
esifanelekileyo.
1.7.1
[Ucatshulwe kwi-intanethi google images waza wahlelwa ] [50]
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 4 DBE/2016
SCE
1.7.2
[Ucatshulwe kwi-intanethi google images waza wahlelwa] [50]
AMANQAKU ECANDELO A: 50
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 5 DBE/2016
SCE
ICANDELO B: IMIHLATHI
Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama
ali-100–120 (umxholo kuphela).
UMBUZO 2
2.1 ILETA YOBUHLOBO
Bhalela umhlobo wakho ileta yombulelo. [25]
2.2 ILETA YASEBURHULUMENTENI
Bhalela uMphathiswa weSebe loPhuhliso loluNtu, ucele ukuba kwakhiwe iziko
loluleko zimilo zolutsha olusebenzisa iziyobisi kwingingqi yakho. [25]
2.3 I-OBHITSHUWARI
Bhala i-obhitshuwari yomngcwabo womntu omaziyo. [25]
2.4 I-AJENDA NEMIZUZU YENTLANGANISO
Bhala i-ajenda nemizuzu yentlanganiso yebhunga labafundi. [25]
2.5 INQAKU LEPHEPHANDABA
Bhala inqaku lephephandaba unika iingcebiso zokulungiselela iimviwo. [25]
2.6 INTETHO ESESIKWENI
Bhala intetho esesikweni ekhuthaza uluntu ngolondolozo lwamanzi. [25]
AMANQAKU ECANDELO B: 50
AMANQAKU EWONKE: 100
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha
Recommended for this subject
Published documents with matching subject and grade metadata.
Related documents
Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.
Question paper
IsiXhosa HL P3 Nov 2016_hlayiso.com_.pdf

Question paper
IsiXhosa HL P1 Nov 2016_hlayiso.com_.pdf
Question paper
IsiXhosa HL P1 Feb-March 2016_hlayiso.com_.pdf

Question paper
IsiXhosa HL P1 May-June 2018_hlayiso.com_.pdf

Question paper
IsiXhosa HL P3 Nov 2024 MG.pdf

Question paper
IsiXhosa HL P3 May-June 2023_hlayiso.com_.pdf
More from Grade 12 Isixhosa Hl
Explore more published documents in this catalogue.







