Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 NSC June Exams 2018 Question Paper

Question paperisiXhosa HLGrade 1220186 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC June Exams 2018, 6 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC June Exams 2018

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) 2018 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 2½ Olu viwo lunamaphepha ama-6. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/2018 SCE IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Izincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8 Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/2018 SCE ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340-390. UMBUZO 1 1.1 Ndabuva ubunzima bokuba ngumzali ndisengumntwana. [50] 1.2 Igalelo lolutsha lwanamhla ekuhlaleni. [50] 1.3 Ukuthontelana kwabantu ezidolophini. [50] 1.4 Ukusa akufiki kabini ukuvusa umntu. [50] 1.5 Ifashoni [50] 1.6 Izinto endinokuzitshintsha kubomi bam ukuba ndinganikwa ithuba lokubuyela ebuntwaneni. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanekileyo, usebenzise umfanekiso ube mnye ukubhala isincoko esinye. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi- www.googlesearch.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/2018 SCE 1.7.2 [Ucatshulwe kwi- www.googlesearch.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/2018 SCE ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100-120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umhlobo wakho umbulele ngokuthabatha iingcebiso zikaNontlalontle ezimncede wahlukana nokusebenzisa iziyobisi. [25] 2.2 ISIVI NELETA EYIKHAPHAYO Bhala isivi yesi sibhengezo somsebenzi silandelayo kunye neleta ekhaphayo. OOTITSHALA BAFUNEKA NGOKUKHAWULEZA! KWISIKOLO ESIFUNDISA NGESIXHOSA UTITSHALA WEZIFUNDO ZENZULULWAZI (Olibhinqa kumabanga aphantsi naphezulu) M.Sc.Zoology UTITSHALA WEZIFUNDO ZOBUCHWEPHETSHA BEKHOMPYUTHA (Indoda/ibhinqa kumabanga aphezulu naphakathi) MSC/BCS Izicelo eziya kuthathelwa ingqalelo: Zezabanamava nabantetho isulungekileyo yesiXhosa. Umhla wokugqibela wokufaka izicelo ngowama-21Julayi 2018, uze ufake isivi kunye nezingqinisiso kwi: Nqununu: 38_47/c-11 Ghabhi Road, Lahore okanye u-imeyile kule dilesi apswc@wol.net.pk [Sicatshulwe kwi-intanethi: www.careers.com saza sahlelwa] [25] 2.3 IRIVYU Bhala irivyu yefilim obuyibukele. [25] 2.4 INQAKU LEPHEPHANDABA Bhala inqaku lephephandaba malunga nokhuseleko lwabahlali bengingqi yakho. [25] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 6 DBE/2018 SCE 2.5 UDLIWANO-NDLEBE Bhala udliwano-ndlebe olenze njengomsasazi wesikhululo sikanomathotholo kwisibini esitshatileyo. [25] 2.6 INTETHO ESESIKWENI Bhala intetho oza kuyenza kwisikolo sakho uncome okanye ugxeke uhlahlo lwabiwo-mali loMzantsi-Afrika olwenziwe nguMphathiswa. [25] AMANQAKU ECANDELO C: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all