Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 Supplementary Exams 2018 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220185 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the Supplementary Exams 2018, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Supplementary Exams 2018

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) FEBRUWARI/MATSHI 2018 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 2½ Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Februwari–Matshi 2018 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi: (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kweli candelo. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8 Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Februwari–Matshi 2018 NSC ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. UMBUZO 1 1.1 Loo mpazamo yabuchaphazela ubomi bam. [50] 1.2 Imfundo luxanduva loluntu lonke. [50] 1.3 Ifuthe leziyobisi ezikolweni. [50] 1.4 Amangomso asa esihogweni. [50] 1.5 Umvuzo wokusebenza nzima. [50] 1.6 Izinto endingazenza ukutshintsha iingqiqo neengqondo zabaphathi belizwe. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanekileyo, usebenzise umfanekiso ube mnye ukubhala isincoko esinye. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-intanethi www.googlesearch.com waza wahlelwa] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Februwari–Matshi 2018 NSC 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.googlesearch.com waza wahlelwa] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Februwari–Matshi 2018 NSC ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ISIVI NELETA EYIKHAPHAYO Bhala isivi yesicelo somsebenzi wobutishala neleta eyikhaphayo. [25] 2.2 IRIVYU Bhala irivyu yefilim obukhe wayibukela. [25] 2.3 ILETA YOBUHLOBO Bhalela ummelwane wakho umbulele ngendima ayidlale kulutsha ekuhlaleni. [25] 2.4 INGXELO ENGEKHO SESIKWENI Bhala ingxelo engekho sikweni. [25] 2.5 UDLIWANONDLEBE Bhala udliwanondlebe phakathi kwakho noCeba wengingqi ohlala kuyo. [25] 2.6 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo yababini. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all