You're offline
Skip to content
Question paper

IsiXhosa HL P3 Nov 2018_hlayiso.com_.pdf

Subject: Isixhosa HlGrade 1220185 pages
Download

Loading document…

Loading document…

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2018 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 2½ Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Novemba 2018 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/iflowutshathi/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Novemba 2018 NSC ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340-390. UMBUZO 1 1.1 Ndafunda ukuba abantu bakusoloko bethetha. [50] 1.2 Ubukhalipha kukoyisa uloyiko. [50] 1.3 Iziphumo zokuxhoma konke ngobom bakho kumaqonga onxibelelwano. [50] 1.4 Usana olungakhaliyo lufela embelekweni. [50] 1.5 Ukuxhwilwa nokubulawa kweemveku nabantu basetyhini. [50] 1.6 Ilizwe xa abantu benokulingana bonke. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.googlesearch.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Novemba 2018 NSC 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.google images.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Novemba 2018 NSC ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umhlobo wakho umbulele ngokukwazi ukumela inyani ebunzimeni. [25] 2.2 INGXOXO YABABINI Bhala ingxoxo phakathi kwabafundi ababini malunga nesohlwayo ezikolweni. [25] 2.3 INTETHO ESESIKWENI Bhala intetho yokukhuthaza iqela lomdlalo weqonga elisanda kuqalwa kwingingqi yakho. [25] 2.4 IRIVYU Bhala irivyu yencwadi oyithandayo. [25] 2.5 INGXELO Bhala ingxelo yomsitho wokwamkelwa kwamalungu amatsha ekomiti yombutho wolutsha. [25] 2.6 ISIVI NELETA EYIKHAPHAYO Bhala isivi neleta eyikhaphayo ujonge kwisibhengezo esingezantsi. ISITHUBA SOKUBA NGUMANEJALA OSISIGXINA KWIVENKILE YAKWASHOPRITE Uxanduva lwalo msebenzi: 1. Ukulawula indlela abasebenzi abasebenza ngayo. 2. Ukulawula abathengi. 3. Ukulawula inkcitho nengeniso yevenkile. IZIQINISEKISO ZEMFUNDO * Ibanga leshumi elinambini elihamba nesatifikethi/Diploma/ Digri kwezoRhwebo. AMAVA * Ubuchule bokusebenzisa ikhompyutha. * Kulindeleke umntu onamava eminyaka emibini kulo msebenzi. Thumela isicelo kule dilesi: shopritestore@webmail.com [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Published documents with matching subject and grade metadata.

Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.

More from Grade 12 Isixhosa Hl

Explore more published documents in this catalogue.

View all