Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC November Exams 2018 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 12201811 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC November Exams 2018, 11 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC November Exams 2018

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com GRAAD 12 NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) NOVEMBA 2018 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha asi-8. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Novemba 2018 NSC – Isikhokelo sokumakisha QAPHELA  Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi.  Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo.  Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo.  Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni.  Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda:  Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa.  Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile.  Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzela impendulo.  AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/ nokuzakuzela impendulo.  Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe.  Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala.  Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Novemba 2018 NSC – Isikhokelo sokumakisha ICANDELO A: ISICATSHULWA A 1.1 Kufuneka umntu aphakame angalindeli ukuba aqhutywe okanye aqale abetheke ukuze enze izinto.√ (1) 1.2 Kukugxininisa.√√/ Kukugxininisa ukuba ukuqulunqa ubomi bakho kuxhomekeke kuwe.√√/ Kukubethelela.√√/ Kukubethelela uluvo lokuba ukuqulunqa ubomi bakho kuxhomekeke kuwe.√√/ Kukuqaqambisa uluvo lokuba ukuqulunqa ubomi bakho kuxhomekeke kuwe.√√/ Kugxininisa ukuba umntu nguye buqu omakathathe uxanduva ngempumelelo yakhe.√√/ Kubonisa ukuba kubhekiswa kulo mntu ufundayo.√√/ Kukuvuselela isazela.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.3 ‘Abantu abaphumelelayo bakwenza oko ngokungasoli mntu, nazimeko okanye imfuzo ngokwenzeka ebomini babo.’√ Abantu abaphumelelayo bakwenza oko ngokungasoli mntu /zimeko/ mfuzo.’√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.4 Yeyokuzifaka ezihlangwini zomntu.√√/ Yinjongo yokuzibandakanya.√√/ Kukuveza ukuba akubhekiswanga komnye umntu kodwa nguwe lo uza kuthatha uxanduva.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.5 Abantu abaphumelelayo bachitha ixesha namandla abo kwizinto abakwazi ukuzilawula kuphela baze abangaphumeleliyo bachithele ixesha labo kwizinto abangenalo ulawulo lwazo kuze kube nzima ukuphumelela.√√ (2) 1.6 Kukuqala ngezinto zokuqala nokuzikhetha ngobuchule izinto emazenziwe.√ (1) 1.7 Eyokuba umntu uzenza ngokwakhe.√/ Sinika intsingiselo yokuba isenzo senziwa yintloko kwakuyo.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.8 A√/A. intsebenziswano endaweni yokhuphiswano√/ intsebenziswano endaweni yokhuphiswano.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.9 Kukurhweba abantu.√√ Kukurhwebela abafunda isicatshulwa kuluvo lombhali.√√/ Kukuqaqambisa uluvo.√√/ Kukuqaqambisa ukubaluleka kwesakhono sokuphulaphula.√√/ Kukubethelela ingcamango.√√/ Kukubethelela ukuba alukho ulolongo olwenzelwe ukuba abantu baqondane nzulu.√√/ Usetyenziselwe ukuba ubani azikhangele ukuba undawoni ekubaqondeni abantu.√√/ Kukunika ubani ithuba lokuzikisa ukucinga ngoko kuthethwayo.√√/ Kukulobela iingqondo zabantu kule nto ithethwayo ukuba bayigqale.√√/ Kukuqweqwedisa abantu.√√/ Kukubonisa ukuba alukho ulolongo olwenzelwa ukuphulaphula.√√/ Kukuzisa isazela kubantu Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Novemba 2018 NSC – Isikhokelo sokumakisha abangazani nabanye abantu.√√/ Injongo yokwenza ukuba abanye abantu baye baqale baziqonde bengabahoyanga abanye abantu. √√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.10 Enye indlela abayenza ngayo le nto.√√/ Okanye.√√/ Ukongeza.√√/ Kanti.√√/ Endaweni yoko.√√/ Ngapha koko.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.11 Ekugqibeleni.√ (1) 1.12 Luluvo kuba akukho bungqina buxhasa ubunyani bayo.√√ (2) 1.13 Kukuzihlaziya ngokwasemzimbeni√/ ngokwasentlalweni√/ ngokwasemphefumlweni√/ ngokwasengqondweni√/ nangokwasemoyeni.√ (Nasiphi na isibini kwezi) (2) 1.14 Ndiyangqinelana kuba baninzi abantu abangonwabanga ngenxa yeemeko zokuphila loo nto ikhokelele ekubeni babe ngamaxhoba eziyobisi okanye benze izinto ezingabaphuhlisiyo.√√/ Ndiyangqinelana kuba abantu abaninzi basoloko bexakeke ngabo, bengafuni ukubona omnye umntu ephumelela, befuna udumo lwabo bodwa kwaye abakwazi kunceda mntu bazixakekise ngezinto abangenalo ulawulo lwazo. OKANYE Andingqinelani kuba bakwabaninzi abantu abenza izenzo ezineempembelelo ezintle kubo nakwabanye abantu ukuze baneliseke bonwabe.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.15 Ewe kuba umbhali wenqaku uyaxhobisa kumhlathi ngamnye ngezithako ezinokusetyenziswa ukuze umntu aphumelele.√√ OKANYE Hayi kuba yintshumayelo nje ngezinto ezinokwenziwa kuphela kuba akukho mizekelo yabantu abaphumelele ngenxa yokusebenzisa ezi zithako.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.16 Abantu abakwisakhelo soku-1 babambene okanye babambisene ukunyusana ukanti abantu abakwisakhelo sesi-2 ababambisananga kuba omnye ufulathele omnye esiwa.√√/ Kwisakhelo soku-1 umntu unceda omnye ukuba afike kule ndawo akuyo naye, kanti umntu okwisakhelo sesi-2 umyekile omnye wayokubetheka phantsi akugqiba wamshiya.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.17 ‘Imbumba yamanyama ineziphumo ezingcono.√√/ Ubambiswano ngamandla luphumeza iinjongo ebezingenakuphunyezwa ngumntu omnye.’√√/ ‘Intsebenziswano nokwamkela iimbono zabanye abantu ziimfihlelo Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Novemba 2018 NSC – Isikhokelo sokumakisha zempumelelo ebomini.’√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.18 Ewe isicatshulwa B siyaluxhasa olu luvo lomhlathi wesihlanu kuba sona kukhuthazwa intsebenziswano hayi ukhuphiswano.√√/ Ewe kuba isenzo sokuncedisana esikwisakhelo sokuqala siyangqinwa ngumhlathi wesi-5 ngoluvo oluthi ukudlelana kukusebenzisana.√√/ Ewe kuba isakhelo sesi-2 siyangqinelana kwanalo mhlathi wesi-5 ngomqolo othi abantu bakhe bayibone impumelelo njengokhuphiswano njengoko izenzo zesakhelo zesi-2 zibonisa.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Novemba 2018 NSC – Isikhokelo sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi na iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane) UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Ela lizwi lincinci ligxekayo 1. Ingcingane enyembayo ngaphakathi engqondweni inempembelelo kwiindlela zakho linamandla, kwaye ukuba uyalihoya kuba, wakuyihoya ingaphazamisana lingaphanzisa ulonwabo lwakho'. nokugcoba kwakho. 2. 'Uhlala uzibekela amangomso izinto 2. Ukusoloko uzibekela ukuzenza ongazithandiyo ukuzenza? ... uya ngelinye ixesha izinto ongazithandiyo kusoloko uneemvakalelo uzidalela iimvakalelo zonxunguphalo zokukhathazeka ezenza ungeva nokungonwabi. kamnandi'. 3. 'Yingxaki enkulu ukuba uhlala unika 3. Akufunekanga uphe abantu ithuba abantu ixesha namandla akho uze namandla akho uze ungalufumani ufumanise ukuba akukho nto uvuyo kokwenzayo. ikonwabisayo koko ukwenzayo'. 4. 'Ukuxabisa ubunewu-newu 4. Ukuxabisa imali ukwedlula ngaphezulu kobubele novelwano okubalulekileyo kungaludodobalisa kwabanye abantu kukhokelela ulonwabo lomntu. ekubeni ungonwabi ngeendlela ezininzi'. 'Ukungayivezi imbilini yakho 5. Ukungaphalazi ukungaxoli kwakho kungakuphosanisa nolonwabo. kungaluthibaza ulonwabo lwakho. Umkhwa wokungavelisi uvakalelo lwakho, utyumza amathuba akho okonwaba ube nomvandedwa'. 6. 'Ukusoloko ukhalaza kunegalelo 6. Ukungaboni nokuhle okwenzekayo lokunika amandla kwicala elingakhiyo kuyalucutha ulonwabo lwakho. kulonwabo lwakho'. 7. 'Ukuzama ukulawula konke kubomi 7. Ukufuna ukulawula konke bethu, ingakumbi xa ubomi kunokukhokelela kwisiphelo busongamele yingxaki yoninzi sokungonwabi. lwethu. Lo mzamo uphela uyilibazisa aze aphanze amacebo okonwatyiswa yimpumelelo …' Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Novemba 2018 NSC – Isikhokelo sokumakisha UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Ingcingane enyembayo inempembelelo kwiindlela zakho kuba, wakuyihoya ingaphazamisana nokugcoba kwakho. Nokusoloko ukubekela ukuzenza ngelinye ixesha izinto ongazithandiyo uzidalela iimvakalelo zonxunguphalo nokungonwabi. Kananjalo ukunikisa ngexesha namandla akho uze ungalufumani uvuyo kokwenzayo. Kwakhona ukuxabisa imali ukwedlula ububele nokubacingela abanye abantu kuyaludodobalisa ulonwabo lomntu. Ukungaphalazi uvakalelo lwakho ingakumbi kungaxoli kwakho kungaluthibaza ulonwabo lwakho. Ukungaboni nokuhle okwenzekayo uhlale ukhalaza kuyalucutha ulonwabo lwakho. Okokugqibela, ukufuna ukulawula konke kunokukhokelela kwisiphelo solonwabo. (65 amagama) Ukumakisha isishwankathelo: Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo:  Ulwabiwo- manqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa becaphule. o 6–7 amanqaku acatshulweyo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 1–5 amanqaku acatshulweyo: nikezela inqaku libe li-1 lolwimi. QAPHELA:  Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kumagama ama-5 ngaphezulu kwaqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Novemba 2018 NSC – Isikhokelo sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Ukumakisha iCandelo C Umakisho lweCANDELO C:  Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizizivakalisi eziphelelyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo.  Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO NTENGISO 3.1 Ngoku.√ (1) 3.2 Kukubuyisela abasebenzisi bakwaMTN abebesele bemshiyile.√/ Kukwenza abasebenzisi bakaMTN ababengasayisebenzisi bayisebenzise isim khadi yabo.√/ Ukunyusa izinga lokuthengwa kwe-airtime yakwa-MTM√/ Ukurhwebela abantu kwinkampani yakwaMTN.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.3 B/B. Eyokuba sele eyiyekile ukuyisebenzisa.√/ Eyokuba sele eyiyekile ukuyisebenzisa.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.4 Kukuxela ukuba imveliso ethengiswayo yeyakwaMTN.√/ Kukuxela ukuba le airtime ingumdliva yeyakwaMTN.√/ Ukwahlula le mveliso kwezinye iimveliso.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.5 ‘Faka nje ...’√ (1) 3.6 ‘Everywhere you go.’√ (1) 3.7 Yeyokuba kuyonwabisa ukusebenzisa le mveliso.√√/ Kukubonakalisa uvuyo lokusebenzisa le mveliso.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/Novemba 2018 NSC – Isikhokelo sokumakisha 3.8 Ewe, kuba kumfanekiso kukho abantu abatsha nabadala ababonakalisa ukuyonwabela le mveliso.√√/ Ewe umntu angazithengela eyakhe isim khadi.√√ Hayi, kuba abantu abasebenzisa ezinye iinethiwekhi ayibabandakanyi intengiso.√√/ Hayi yenzelwe abantu abasebenzisa uMTN.√√ (2) (Nayiphi na impendulo echanekileyo iya kwamkeleka.) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 10 DBE/Novemba 2018 NSC – Isikhokelo sokumakisha UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 Yeyokuba umntu ngamnye uza kuthatha inxaxheba kule ncoko.√√/ Yeyokuba ufuna ukuba nencoko nomama wakhe.√√/ Yingcinga yokuba baza kuthetha bobabini.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 4.2 C.Ndiphulaphule√/C.√/Ndiphulaphule.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.3 Abonakalisa ukuba uVuyo akagqibanga ukuthetha.√/ Intetho ayiphelelanga.√/ intetho inqanyulwe phakathi.√/ Uphazanyiswe esathetha.√/ Intetho isaqhuba.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.4 Umzobo obonisa isandi udlula neentloko zabo ngokuphakama.√/ Amaqamza esandi.√/ Iimpawu zomculo zinyukile ukusuka kwifoni.√/ Uphawu lwengxolo oluboniswa entla kwefoni olungathi ngumsi.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.5 U 'TAP' ugcwele yonke indawo.√ Isandi sokucofa sigubungele indlu yonke.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.6 Amehlo akhe athe gqa.√/ Izandla zakhe zivulekile.√/ Umlomo wakhe uvulekile.√/ Umama upheca izandla.√ (Nasiphi na isibini) (2) 4.7 Umama makathethathethane noVuyo ngendlela yokusebenzisa ifoni.√√ Umama makavumelane noVuyo ngamaxesha okusebenzisa ifoni.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) [10] UMBUZO 5: IPROZI 5.1 Limvumela.√/ Limthuma.√/ Limvula.√/ Limphembelela.√/ Limntyontyela.√/ Limqhuba√/ Limyeka.√/ Limthundeza.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.2 Kukukhokela isibizo.√/ Kukwandulela isibizo.√/ Kukuma phambi kwesibizo.√/ Kukuquka.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.3 Isazela siyafana/ sifana nondlebende ongenasali.√ (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 11 DBE/Novemba 2018 NSC – Isikhokelo sokumakisha 5.4 Sisebenze njengenjongosenzi yesivakalisi.√ Sisebenze njengomenziwa.√/ Siyinjongosenzi.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.5 Ungamva umntu esithi,√/ exelela abantu√/ ukuba isazela sakhe√/asim√vumeli ukuba ayenze√ into enjalo√/ enje ngaleyo.√/ (Nokususa iimpawu zocaphulo.)√ (Nasiphi isibini kwezi) (2) 5.6 Sichaza ubunini.√/ Sichaza ukuba isazela sesikabani.√/ Sibonisa ukuba sesikabani isichazwa.√/ Siyabanga.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.7 Xa kukho ingxaki.√/ Akuba sengxakini.√/ Xa kukubi.√/ Xa kunzima.√/ Xa izinto zingakuhambeli kakuhle.√/ Kwakuba kubi.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.8 Siphuhlisa ukuba isenzo senziwa ngomnye umntu.√√/ Intloko yesivakalisi yiyo ekwenziwa kuyo isenzo.√√/ Siphuhlisa isixando sokwenziwa.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all