Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC June Exams 2018 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 1220188 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC June Exams 2018, 8 pages. Read online or get the free PDF download, question paper linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC June Exams 2018

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) 2018 IMEMORANDAM AMANQAKU: 70 Le memorandam inamaphepha asi-8. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/2018 SCE – Imemorandam QAPHELA • Le memorandam yenzelwe ukuba ibe sisikhokelo kubamakishi. • Ayenzelwanga ukuba ibe ngummiselo ogqibeleleyo. • Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo. • Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni. • Imemorandam iya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda: • Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo.Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa. • Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile. • Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe. • Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala. • Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/2018 SCE – Imemorandam ICANDELO A: ISICATSHULWA SOKUQONDA 1.1 Lilawulelwa umama√/lilawulelwa unina.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.2 Umbongo udandalazisa ukuthanda kwabantwana ukuxelela abazali ngamaphutshana abo, ngakumbi lawo amnandi√/umbongo udandalazisa ukuba amaphupha ayimizobo yeminqweno yabantwana√/abantwana babona abelungu bephucukile.√ (Nasiphi na isibini.) (2) 1.3 Ayiveza ngendlela yokuba xa umntu enento ayinqwenelayo angade ayifumane okanye angenakuyifumana, iya kumana imfikela emaphupheni, azibone enayo.√ (1) 1.4 Amaphupha avela kwiimboni nakubaprofeti ukuze kudluliseke imiyalelo eya ebantwini evela kuThixo wabo/ alikhonkco phakathi koThixo, iimboni nabaprofeti.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 1.5 Ziyakhusela√/ziyakhokela√/zinika iimfefe neentsikelelo√/zithethela abantu kuQamata.√ (Nasiphi na isibini.) (2) 1.6 Lilishwa Iokuba umntu angatyeshela izicelo nemiyalelo yezinyanya zakhe√/ umntu angazibizela ingqumbo enokumenzela amagingxi-gingxi amaninzi ebomini bakhe√/uphoswa bubuncwane bokwetyisa amaphupha amnandi.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.7 Indlela ekubaluleke ngayo ukumamela okuza ngamaphupha, uye ubani athi ephiphiphi agoduke enze oko akuyalelwe ukuba makakwenze aze abe ufumana uxolo emphefumlweni.√√ (Nayiphi na echanekileyo.) (2) 1.8 Kukho angacaciyo√/kukho amabi√/akho angemiyalelo nezicelo zabangasekhoyo √/akwakho angqamane neminqweno yabantu√/ kukho nalawo aziziphithanyongo.√ (2) (Nasiphi na isibini.) 1.9 'Izinto abaziphuphayo abantu zilawulwa sisimo sentlalo ukuba ziya kuba zizinto ezinjani na.' (1) 1.10 A. ukubambisana√/A.√/ukubambisana.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.11 Kukutsalela kwicala elingelilo elilungileyo√√/kukutsalela endenxe.√√ (2) (Nayiphi na impendulo echanekileyo) Akuvumelekanga ukufotokopa le memorandam Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/2018 SCE – Imemorandam 1.12 Ndiyavumelana kuba abantu abangaphuphiyo baphela besebumnyameni bangawafumani amathamsanqa.√√ Andivumelani kuba abantu abangaphuphiyo bengakholelwa kwizinyanya ayibachaphazeli into yokuphupha.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 1.13 Imfundiso ingokubaluleka kwamaphupha kwintlalo yabantu.√√ (2) 1.14 Ubonisa abantu abaphethe izixhobo ezahlukileyo abakhe amanqwanqwa eleli ngeengalo zabo√/ubonisa umntu oxwaye ubhaka oqabela ileli√/ ubonisa umntu ofezekisa amaphupha akhe ngokuqabela ileli√/ ubonisa umntu oxwaye ubhaka/√ ubonisa ukuba impumelelo yomntu ixhomekeke kwinkxaso yabanye abantu√. (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.15 Yimvakalelo yovuyo√/yimvakalelo yokonwaba.√ Imvakalelo ibonakala ngoncumo.√ (2) 1.16 Kukuveza ukuba impumelelo yomntu ixhomekeke kwinkxaso yabanye abantu√√/kukuveza ukuba impumelelo yomntu ngamnye ixhomekeke kwabanye abantu√√/kukuveza ukuba impumelelo yomnye umntu ixhomekeke ekubeni uncedwe ngabantu abanolwazi.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 1.17 Zifana ngokuba zithetha ngamaphupha.√√ Zize zahluke ngokuba isicatshulwa A sithetha ngamaphupha xa ulele ukanti isicatshulwa B singamaphupha ayiminqweno yasebomini.√√ (4) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa le memorandam Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/2018 SCE – Imemorandam ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi na iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane) UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Ayizizo zonke izinto eziza kuhamba 1. Makuqapheleke ukuba ubomi ngendlela yakho ; naxa sele ukwenze abusoloko buhamba konke, ubomi bunendlela yokuvela ngokwezicwangciso zakho, nokuba bukujikele.' ubuxhobele kangakanani na buyakwazi ukukuphoxa. 2. 'Unolawulo lwayo yonke into eyenzeka 2. Ubomi nekamva lakho lonke ebomini bakho nakwikamva lakho.' buxhomekeke kuwe. 3. 'Into ekumele uyenze ngexesha 3. Wakufikelwa ziingxaki leenzingo nezaqhwithi kukufihla nje neenkqwithelo zobomi okona oku kwentloko de zidlule.' kumele ukwenze kukuthi gu bucala okomzuzwana de zidlule. 4. 'Uninzi lwezinto luzilungisa ngokwalo 4. Izinto ezininzi zizisombulula ekuhambeni kwexesha.' ngokwazo ethubeni. 5. 'Impumelelo yangoku mayingakuzi 5. Wakuhanjelwa zizinto ngendlela, entloko, kuba imihla yokujika kwezinto musa ukukhukhumala kuba ayikho kude olo hlobo.' amangomso asiwazi ukuba asiphathele ntoni na. 6 'Bulela okuncinci onakho, 6. Yiba nombulelo nangentwana onayo nakwintsunguzi yobumnyama ikhona kuba nakwisithokothoko sobu- intlantsi yokukhanya.' mnyama likhona ithemba lesitha sokukhanya. 7. 'Bhiyozela onke amathuba onawo, 7. Vuyela lonke ixesha olinikiweyo, iinzingo ziza kude ziphuqeke ziwe izilingo ziya kuzisukela zitshabalale phantsi zide ziphele.' zingabonakali ndawo. Akuvumelekanga ukufotokopa le memorandam Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/2018 SCE – Imemorandam UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Ubomi bakho abusoloko buhamba ngokwezicwangciso zakho, nokuba ubuxhobele kangakanani na ubomi buyakwazi ukukuphoxa. Ubomi nekamva lakho lonke buxhomekeke kuwe. Wakufikelwa ziingxaki neenkqwithelo zobomi, kumele ze ukwenze kukuthi gu bucala okomzuzwana de zidlule. Izinto ezininzi zizisombulula ngokwazo ethubeni. Wakuhanjelwa zizinto ngendlela, musa ukukhukhumala kuba amangomso asiwazi ukuba asiphathele ntoni na. Yiba nombulelo nangentwana onayo, kuba nakwisithokothoko sobumnyama likhona ithemba lesitha sokukhanya. Vuyela lonke ixesha olinikiweyo, izilingo ziya kuzisukela zitshabalale zingabonakali ndawo. [70 amagama] Ukumakisha isishwankathelo: Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: • Ulwabiwo- manqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10 • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa becaphule. o 6–7 amanqaku acatshulweyo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 1–5 amanqaku acatshulweyo: nikezela inqaku libe li-1 lolwimi. QAPHELA: • Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kumagama ama-5 ngaphezulu kwaqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa le memorandam Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/2018 SCE – Imemorandam ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Ukumakisha iCANDELO C Umakisho lweCANDELO C: • Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi ezipheleleyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo. • Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: UKUHLALUTYA ISIBHENGEZO-NTENGISO 3.1 YiCalmettes.√ (1) 3.2 Kubantu abaneendidi ezahlukeneyo zoxinzelelo.√ (1) 3.3 Inceda kuxinzelelo lwemithambo√√/inceda kuxinzelelo olunxulumene nomsebenzi√√/ inceda kuxinzelelo lweemviwo√√/ inceda lokukwazi ukumelana noxinzelelo lwezinto zemihla ngemihla zobomi√√/ inceda kuxinzelelo lokungakwazi ukuphumla√√/ inceda kuxinzelelo lokuziva ungonwabanga emphefumlweni√√ / inceda xa uphuthelwe.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 3.4 Lugxininisa uluvo lokuba imveliso yenziwe ngamachiza endalo.√ (1) 3.5 Uthando lwemithambo lukaThantaswa lumenze wancipha umzimba.√√ (Nasiphi na isivakalisi esichanekileyo.) (2) 3.6 B√/B. olujija ingqondo√/ olujija ingqondo.√ (1) 3.7 Ewe, kuba ndifuna ukuphumla kwiindidi ezahlukeneyo zoxinzelelo lwengqondo kwaye nemveliso ithembisa oko√√/ ewe, kuba ezi pilisi zenziwe ngamachiza emvelo kwaye nam ndikholelwa kwiimveliso zendalo.√√ Hayi, kuba andikholelwa kukusebenzisa iipilisi ndikholelwa kukuphumla nokwenza imithambo xa ndinoxinzelelo.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa le memorandam Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/2018 SCE – Imemorandam UMBUZO 4: UKUQONDA EMINYE IMIBA YEMIDIYA 4.1 Kukho abantu abawileyo√/ kophuke ileli.√ (1) 4.2 Amehlo athe gqa√/omnye ukhamisile√/omnye ujije umlomo√/omnye uvule amaphumlo√/omnye usinekile.√ (Nasiphi na isibini.) (2) 4.3 Imele abafundi abayeke phakathi.√ (1) 4.4 Abatshona.√√ (2) 4.5 Ndicinga ukuba baziyeka phakathi izifundo zabo zematriki√√/ndicinga ukuba kunqongophele abafundi abazinikeleyo emfundweni√√/ndicinga ukuba kunzima esikolweni.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) 4.6 Ukuwa ebomini asikokuphela kobomi√√/wakuwa vuka.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) [10] UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI NGOKUCHANEKILEYO 5.1 Sisibayiyo√/sisibanjalo.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 5.2 Sisetyenziswe njengesivumelanisi sentloko.√ (1) 5.3 Kuthetha ukuba asebenze nzima√/ kuthetha ukuba azimisele.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 5.4 Ukungahambi.√ (1) 5.5 Imilambo.√ (1) 5.6 Sichaza isibizo.√ (1) 5.7 Siphuhlisa ukuba ngomnye umntu ongenguye lo wokuqala.√√ (2) 5.8 Utitshalakazi ubumbisa umntwana ingqayi√√/umama ubumbela abantwana ikamva labo.√√ (2) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all