Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC November Exams 2016 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 12201610 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC November Exams 2016, 10 pages. Read online or download the free PDF.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC November Exams 2016

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) NOVEMBA 2016 IMEMORANDAM AMANQAKU: 70 Le memorandam linamaphepha ali-10. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Novemba 2016 NSC – Imemorandam QAPHELA: • Le memorandam yenzelwe ukuba ibe sisikhokelo kubamakishi. Ayenzelwanga ukuba ibe ngummiselo ogqibeleleyo. • Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo. • Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni. • Imemorandam iya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokufundela intsingiselo nokuqonda: • Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa. • Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lisetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile. • Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMELANA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe. • Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ ezintathu zokuqala. • Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Novemba 2016 NSC – Imemorandam ICANDELO A: ISICATSHULWA SOKUQONDA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Kungenxa yendlela abantu abangaluxabisanga ngayo ulwimi lwabo.√√ (2) 1.2 C.Abantu abasenolwazi oluncinci√/C√/Abantu abasenolwazi oluncinci.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 1.3 Uxambuliswano lubangelwa kukukhalaza kwesizwe saseFransi, sikhalazela ukuxatyiswa kolwimi lwamaNgesi ngabantu abalwimi isisiFrentshi.√√/ Lubangelwa kukufuthaniselwa kolwimi lwesiFrentshi sisiNgesi.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.4 AmaNgesi aziphindezela ngokugrogrisa ukuba azimisele ukuxwantsula onke amagama esiFrentshi kulwimi lwesiNgesi.√√ (2) 1.5 Luyalambatha√/ Luyasilela.√ (Nayiphi na kwezi) Umxholo wesi sincoko uyalambatha.√/ Abantwana bayasilela kumsebenzi wabo wesikolo ngenxa yokonqena.√ (Nasiphi na isivakalisi esiphuhlisa intsingiselo echanekileyo yokulambatha/ ukusilela) (2) 1.6 AmaNgesi aqokelele ulwimi lwesiXhosa alufaka encwadini.√√ (2) 1.7 Umntwana womXhosa usiwe esikolweni akafundiswa nje ukubhala ulwimi lwakhe koko nolo lwasemzini.√√/Imfundo isetyenziselwe ukuba ibe sisixhobo senguquko ngamaNgesi.√√/Imfundo isetyenziselwe ukuba ibe sisixhobo sokuhlumisa, nokukhusela iimbono nezimvo zabasemagunyeni.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.8 Umbhali uveza ingcamango yokuthabatheka√ kwabantu lulwimi lwesiNgesi mandulo nangoku.√ Umbhali uveza ingcamango yokukhukuliseka√ kwabantu lulwimi lwesiNgesi mandulo nangoku.√ Umbhali uveza ingcamango yokuthi phithi√ kwabantu lulwimi lwesiNgesi mandulo nangoku.√ Umbhali uveza ingcamango yokuthimbeka√ kwabantu lulwimi lwesiNgesi mandulo nangoku.√ Umbhali uveza ingcamango yokuthathela phezulu√ kwabantu ulwimi lwesiNgesi mandulo nangoku.√ (Nayiphi na kwezi) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Novemba 2016 NSC – Imemorandam 1.9 Izinxibamxhaka eziziijaji zafika√ ziwunduzelisa ngemithika enkundleni yamatyala.√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.10 Sityhila ukuba umbhali uyanyemba.√√/ Sityhila ukuba umbhali uyenyelisa.√√/ Sityhila ukuba umbhali akababoneli ntweni.√√/ Sityhila ukuba umbhali ubajongele phantsi.√√/ Sityhila ukuba umbhali uyabadelela.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.11 Ubethelela ingcingane yokokuba aba bantu athetha ngabo ngamaXhosa.√√/ Kule nkundla akukho hlanga lumbi ngaphandle kwamaXhosa.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.12 Ewe luyaphela kuba abantu abantetho isisiXhosa abaluxabisanga.√√/Ewe luyaphela kuba lufuthaniselwa sisiNgesi nesiZulu.√√/ OKANYE Hayi alunakubhanga kuba lubhaliwe.√√/Hayi alunakubhanga kuba lusafundiswa.√√ (Nayiphi na impendulo yomfundi echanekileyo iya kwamkeleka) (2) 1.13 Lulwimi lwezandla√ kuba isimboli nganye imele unobumba.√/ Lulwimi lwemiqondiso√ kuba isimboli nganye imele unobumba.√/ Lulwimi lwabantu abangakwazi kuthetha√ kuba isimboli nganye imele unobumba.√/ Lulwimi lwesayini√ kuba luthethwa ngabantu abangakwazi kuthetha.√ (Nayiphi na kwezi) (2) 1.14 Lwahluke ngokuba kusetyenziswa amalungu omzimba okanye izandla xa luthethwa.√√/ Umqondiso osetyenziswayo unentsingiselo enye kwiilwimi zonke.√√ Ulwimi lwemiqondiso uluqonda ngokubona imiqondiso.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 1.15 IsiNgesi√/isi-Afrikansi√/isiXhosa√/isiSuthu√/isiZulu√/isiVenda√ isiTsonga√/ isiPedi√/isiTswana√/isiNdebele√/isiSwazi√/ulwimi lwemiqondiso.√ (Nayiphi na kwezi) (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Novemba 2016 NSC – Imemorandam 1.16 Isicatshulwa A sithetha ngeelwimi gabalala ezifana nesiNgesi, isiXhosa, isiZulu nesiFrentshi ukanti isicatshulwa B sithetha ngolwimi lwezandla/ulwimi lwemiqondiso kuphela.√√ Kwisicatshulwa A kuthethwa ngeelwimi zomlomo ukanti kwisicatshulwa B kuthethwa ngolwimi oluthethwa ngezandla okanye ngemiqondiso.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Novemba 2016 NSC – Imemorandam ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Naziphi na iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (izivakalisi mazinamathelane) UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Ngemihla yakudala kwakunzima 1. Mandulo unxibelelwano phakathi kwabantu ukuqhagamshelana kwabantu.' lwalungelula. 2. 'Abemi bendawo ukuze bazi ukuba 2. Abahlali bendawo babeziva iindaba kuqhubeka ntoni kuleya kwakuye zezinye iindawo ngokuthi bandwendwele kufike abahambi abahambela iindawo xa behambela imicimbi imicimbi ngemicimbi enjengokucela eyahlukeneyo. intombi, ukubika umkhuhlane okanye ukwazisa umphanga.' 3. 'Abanye babeziva emthonjeni 3. Elinye iqela labantu beliziva iindaba xa nasehlathini xa kuthezwa iinkuni, kuyiwa kukhiwa amanzi okanye kuyiwe bazidlulisele kwabangekaziva.' kuthezwa, zenze umtyhutyhumezo ukuya kwabo bangazivanga 4. 'Bekusakuphuma izijoli 4. Izithunywa bezithunywa ukuba ziye ziwutyhutyhe loo mmandla kusasaza iindaba ezivela ezinkosini kuloo zihambisa naluphi na udaba ngingqi. olusuka ezinkosini ezazilawula ngelo xesha.' 5. 'Yonke loo nto yatshintshwa 5. Yonke inquleqhu yokusasaza iindaba kukufika kwala mabandla yaguqulwa kukufika kwabamhlophe aphesheya kolwandle athi eza abazisa iindlela ezintsha zonxibelelwano. neendlela ezintsha zoqhagamshelwano.' 6. 'Ukuvela kweemoto noololiwe 6. Ubukho beemoto noololiwe kuyiphucule kuncede kakhulu ekubeni kakhulu indlela yokundwendwelana kuhanjelwane xa kukho imfuneko.' kwabantu 7. 'Lukho nakwezomoya 7. Abantu banokunxibelelana nangomoya uqhagamshelwano.' hayi ngenyama kuphela Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Novemba 2016 NSC – Imemorandam UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UQHAGAMSHELWANO Mandulo unxibelelwano phakathi kwabantu lwalungelula. Abahlali bendawo babeziva iindaba zezinye iindawo ngokuthi bandwendwele iindawo xa behambela imicimbi eyahlukeneyo. Elinye iqela labantu beliziva iindaba xa kuyiwa kukhiwa amanzi okanye kuyiwe kuthezwa, zenze umtyhutyhumezo ukuya kwabo bangazivanga. Izithunywa bezithunywa ukuba ziye kusasaza iindaba ezivela ezinkosini kuloo ngingqi. Yonke inquleqhu yokusasaza iindaba yaguqulwa kukufika kwabamhlophe abazisa iindlela ezintsha zonxibelelwano. Ubukho beemoto noololiwe kuyiphucule kakhulu indlela yokundwendwelana kwabantu. Abantu banokunxibelelana nangomoya hayi ngenyama kuphela. [70 amagama] Ukumakisha isishwankathelo: Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: • Ulwabiwo-manqaku: o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10 • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa becaphule. o 6–7 amanqaku acatshulweyo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 1–5 amanqaku acatshulweyo: nikezela inqaku libe li-1 lolwimi. QAPHELA: • Isakhiwo: Nokuba isishwankathelo sakhiwe ngesakhiwo esigwenxa masimakishwe. • Ubalo magama: o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umlingwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga o Ukuba umviwa udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kumagama ama-5 ngaphezulu kwaqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. o Izishwankathelo ezifutshane kodwa zinazo zonke iingongoma ezilindelekileyo mazinganyityelwa manqaku. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Novemba 2016 NSC – Imemorandam ICANDELO C: ULWIMI NGOKUSEMXHOLWENI Umakisho lweCANDELO C: • Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi ezipheleleyo, upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi ehlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo. • Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: UKUHLALUTYA INTENGISO 3.1 Kuthengiswa uNandos.√/Kuthengiswa inyama yenkuku.√/Kuthengiswa inyama.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.2 Ulwimi oluthethwa nguNomsa sisiXhosa√/Ndithe xa bendingcamla ikofu eshushu lwatsha ulwimi lwam.√/ Ulwimi analo uMamgobhozi wofika exabanisa abantu ngokuthetha izinto ezingezizo.√UMamgobhozi unolwimi wofika exabanisa abantu ngokuthetha izinto ezingezizo./ Ungakhe ulinge uxelele uNomatse iindaba zakho kuba unolwimi, zakwaziwa ngumntu wonke.√ (Nasiphi na isibini seempendulo zabafundi ezichanekileyo ziya kwamkeleka) (2) 3.3 Le ntengiso ijoliswe kumntu wonke oyityayo inyama yenkuku√/ ijoliswe kubantu abathanda inyama eyojiweyo√/ ijoliswe kubantu abathanda inyama ebabayo.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.4 Umbhali usebenzise ifonti ukutsala umdla wabathengi.√√/ Umbhali usebenzise ifonti ukuloba abathengi.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) 3.5 Ibalasele ngokuba inyama yakhona yenkuku ayiphekwa koko yojiwe emlilweni.√√/ Inyama inongwe ngeperi-peri enambithekayo.√√ Ibalasele ngobumnandi/ ngencasa.√√ (Nayiphi na kwezi) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/Novemba 2016 NSC – Imemorandam 3.6 Ewe, ukwazile ukusebenzisa ulwimi oluchukumisa imizwa yokunambitha/ ulwimi olucengayo/ ulwimi olulukuhlayo noluqhathayo.√√ (2) [10] UMBUZO 4: UKUQONDA EMINYE IMIBA YEMIDIYA 4.1 Baseklasini√/ basesikolweni√/ base-ofisini.√ (1) (Nayiphi na kwezi) 4.2 Kukho ibhodi√/ kukho idesika√/ kukho isitulo√/ kukho itafile√/ kuthethwa ngamanqaku omfundi√/ kukho utitshala, umfundi nabazali.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.3 Isityhilela ukuba udakumbile.√/Isityhilela ukuba ufile ziintloni.√/Isityhilela ukuba udanile.√/ Isityhilela ukuba uyoyika.√/ Isityhilela ukuba uyazisola.√/ Isityhilela ukuba unxunguphele.√/ Isityhilela ukuba uzithobile.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.4 B. Ibonisa umsindo√/ B√/ Ibonisa umsindo.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.5 Ibonisa ukuba usemagunyeni.√/ Ibonisa ukuba uqinisekile ngesiqu sakhe.√/ Ibonisa ukuba uzithembile.√/ Ibonisa ukuba uyaziva.√ Ibonisa ukuba ungutitshala.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 4.6 Umntwana okwibhokisi yokuqala ukhangeleka edakumbile ukanti okwibhokisi yesibini ukhangeleka onwabile.√√/ Umntwana okwibhokisi yokuqala ukhangeleka emathile ukanti okwibhokisi yesibini ukhangeleka ehlekile.√√/ Umntwana okwibhokisi yokuqala ukhangeleka eyekelele umzimba ukanti okwibhokisi yesibini ukhangeleka emi ngokuzithemba.√√ Umntwana okwibhokisi yokuqala ubonakalisa ukuba nembeko ukanti okwibhokisi yesibini ukhangeleka engenambeko.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 4.7 Iveza ukothuka.√/Iveza ukumangaliswa.√/ Iveza umsindo.√/ Iveza ukuxakwa√/ iveza ukoyika.√ (Nayiphi na kwezi) (1) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 10 DBE/Novemba 2016 NSC – Imemorandam 4.8 Imfundiso yeyokuba ngokuye kuhamba amaxesha izinto ziyaguquka ezikolweni.√√/ Indima edlalwa ngabazali nabafundi mandulo yahlukile kweyale mihla.√√/ Zitshintshile indlela ezenziwa ngazo izinto ezikolweni ngenxa yokutshintsha kwamaxesha.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) [10] UMBUZO 5: UKUSETYENZISWA KOLWIMI NGOKUCHANEKILEYO 5.1 Sisetyenziswe njengesivumelanisi senjongosenzi.√ (1) 5.2 Ulu√thi lwale nzwakazi lude.√/ Um√thi ekwakhiwe ngawo le tafile womelele.√/ Abantwana bebanga labaqalayo basebenzisa izi√nti njengezixhobo zokubala.√/ Ubu√thi atyholwa ngabo uNojayithi abunasihlahla.√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo) (2) 5.3 Luhlobo loqhubeko.√ (1) 5.4 Zinqine√/zingcokoce√/ zijace√/ ziceketheke.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 5.5 Izindlu zethu zimkile kanti ezinye uzishiya zidlazalala.√ (1) 5.6 zii√nkohlonkohlo nemikhuhlane ebantwini. (1) 5.7 Sibonisa isenzeko esenziwayo yenye into kwenye√√/ isenzeko senzeka calanye.√√ (2) 5.8 Sizilibele izinto ezintle osenzele zona.√ (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all