Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 Amended SC June Exams 2017 QP

Question paperisiXhosa HLGrade 1220175 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the Amended SC June Exams 2017, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

Amended SC June Exams 2017

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) 2017 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 2½ Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 2 DBE/2017 SCE IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi: (2 x 25) (50) QAPHELA: Abaviwa kulindeleke ukuba baphendule imibuzo emiBINI kweli candelo. 2. Phendula umbuzo ube MNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngesiXhosa esamkelekileyo nesichanekileyo. 4. Qala icandelo NGALINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba uyile (usebenzisa isazobe/itshati ebonisa ukuthungelana kweziganeko/amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngoyilo PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kuyilo lonke. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-80 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-70 (2 x 35) 8 Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 3 DBE/2017 SCE ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibe siNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama- 340–390. UMBUZO 1 1.1 Ube ngumzekelo omhle ebomini bam … [50] 1.2 Indlela esuka entluphekweni isiya empumelelweni. [50] 1.3 Ukuba nethemba. [50] 1.4 Inxeba lendoda alihlekwa. [50] 1.5 Zihloniphe ukuze uhlonitshwe. [50] 1.6 Ukuphila ubomi bamaphupha am. [50] 1.7 Qwalasela le mifanekiso ingezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7.1 [50] [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.googlesearch.com] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 4 DBE/2017 SCE 1.7.2 [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.googlesearch.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya(HL)/P3 5 DBE/2017 SCE ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibe MIBINI kule ilandelayo ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YASEBURHULUMENTENI Bhalela uMphathi-sitishi samapolisa engingqi yakho ukhalazele ulwaphulo- mthetho oluthathe unyawo. [25] 2.2 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari. [25] 2.3 INQAKU LEMAGAZINI Bhala inqaku lemagazini ngoluvo lwakho malunga nentlawulo kumaziko emfundo ephakamileyo. [25] 2.4 INTETHO ENGEKHO SESIKWENI Bhala intetho engekho sikweni. [25] 2.5 IRIVYU Bhala irivyu yencwadi oyifundileyo. [25] 2.6 UDLIWANO-NDLEBE Bhala udliwano-ndlebe. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all