Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 November 2024 NSC Question Paper

Question paperisiXhosa HLGrade 1220245 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the November 2024 NSC, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

November NSC 2024

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Confidential NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2024 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 3 NOVEMBA 2017 Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Novemba 2024 NSC Confidential IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba ucwangcise (usebenzisa isazobe/iflowutshathi/ amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngokucwangcisa PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo kulo lonke uyilo ukuba uthe walwenza. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-(2 x 40) 80 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Novemba 2024 NSC Confidential ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso isincoko. Bhala amagama angama-340–390. Nov UMBUZO 1 1.1 Lalisenza izinto zamehlo elethu iqela [50] 1.2 Indalo nezinto zayo [50] 1.3 Ulilandele ke wethu igama lakhe [50] 1.4 Kuswiti nencindi yekhala apho [50] 1.5 Uthando luyonwabisa lulilisa kananjalo [50] 1.6 So-o-onke sikhe sixakwe [50] Qwalasela uze ukhethe ubemnye kwimifanekiso engezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. Nombola impendulo yakho ngolu hlobo (1.7 okanye 1.8). 1.7 [Uthathwe kuhttps://fiftyflowers.com/blogs/diy-flowers] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Novemba 2024 NSC Confidential 1.8 [Ucatshulwe kwi-intanethi: www.googlesearch.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Novemba 2024 NSC Confidential ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibemiBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta uvuyisane nesizalwane sakho esifumene umsebenzi. [25] 2.2 UDLIWANONDLEBE ULutho ungumfundi onomdla wokufumana ulwazi malunga nendlela afumaneka ngayo amandla okuphumelela, ukukhuthazeka, ukungatyhafi, nokungazoyikiseli. Udlana indlebe noSinako ongumdlali ophume phambili kutshanje kwimidlalo yeParalimpiki. Bhala udliwanondlebe oluza kwenza uLutho afumane ulwazi alufunayo kuSinako. [25] 2.3 INTETHO Izikolo zinengxaki yokucalulana kwabafundi. Wena unamava okusombulula ukucalulana kuba ubungomnye kwigqiza ebelisombulula le ngxaki kwisikolo enimelene naso. Bhala intetho yokunika iingcebiso ngeendlela zokuphelisa ukucalulana ezikolweni. [25] 2.4 I-IMEYILE Ungumhlali, bhala i-imeyile ebulela unogada ngokubhaqa, abambise abantu abenza oosingasiselo abanobungozi kwingingqi yenu. [25] 2.5 INGXOXO YABABINI UBalungile uyimele imbono yokuba izikolo mazikuyeke ukunyanzela abafundi ngokuthetha isiNgesi kuphela esikolweni, ngeli xesha uKungawo esithi abafundi mabanyanzeliswe bathethe isiNgesi sodwa esikolweni. Bhala le ngxoxo iphakathi kukaBalungile noKungawo. [25] 2.6 INGXELO ENGEKHO SIKWENI Bhala ingxelo oyinika usapho lwakho njengomququzeleli wohambo lokuya kuchitha iiholide zalo zokuphela konyaka. Ingxelo yakho mayiquke: Injongo yohambo, osele ukwenzile, okufumanisekileyo okuhambelana nenjongo kunye neengcebiso ngohambo. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all