Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 November 2024 NSC Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 1220249 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the November 2024 NSC, 9 pages. Read online or get the free PDF download, question paper linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

November NSC 2024

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) ISIKHOKELO SOKUMAKISHA NOVEMBA 2024 AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha asi-9. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/Novemba 2024 NSC – Isikhokelo Sokumakisha QAPHELA • Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi. • Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo. • Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo. • Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni. • Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda: • Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa. • Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile. • Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo. • Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe. • Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala. • Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/Novemba 2024 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO A: ISICATSHULWA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Lifana ngenxaxheba yalo kumzi ngamnye, kuhlanga ngalunye nakwisithethe ngasinye.√/ Lifana nomntu ngokunika ukukhanya.√/Lifana nomntu ngokuzisa ivumba elimnandi endlwini.√ (1) 1.2 Zinika ukukhanya.√/Zinika ivumba elimnandi.√ (2) 1.3 Sizisa intsingiselo yokuba omnye wenza komnye nomnye wenza komnye. √√/ Sizisa intsingiselo yokuncedana.√√ (2) 1.4 Umntu uluphungula ngobukho bakhe buqu/ umntu uphungula uxinzelelo lwengqondo nolomphefumlo/ umntu unika amazwi enkxaso kulowo unoxinzelelo lwengqondo nolomphefumlo√/ ikhandlela liphungula ngokulayitwa kwalo.√ (2) 1.5 Sesokufumanisa ukuba yiyiphi evuthayo phakathi komtya namafutha kwikhandlela.√ (1) 1.6 B√/B/I-oksijini zikhuphe ikhabhoni-dayoksayidi.√ (1) 1.7 Le ntetho inokusetyenziswa xa kusomelezwa umntu ofuna ukuzisa ukukhanya abe esetha ithemba namandla.√√/Xa kukhuthazwa into entle/ kunconywa imisebenzi emihle yomntu yokuzinikela.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) 1.8 Ndiyaxhasa ukuba imizekelo ichanekile kuba yomibini ityhila ukufuneka kobumnyama ukuze licace igalelo lokukhanyisa.√√ (2) 1.9 Kulufuthela ngokuba sekukho nezaci ezisekwe kwikhandlela nomntu.√ (1) 1.10 Yeyokuba ulwimi luhlala lukhula ngokuhlalisana kwabantu nezinto ezibangqongileyo.√√ (2) 1.11 'Unyibilika axel'ikhandlela.'√ (1) 1.12 Luluvo√ kuba akukho bungqina bophando olusekwe kulo ibango.√ (2) 1.13 Enye intsingiselo yeyekhandlela eliyimalana engumkhumezelo yokuncedisana nekhaya eliphantsi kwelifu elimnyama√ enye yeyelilumekwayo elibanomlilo obonwa ngamehlo.√ (2) 1.14 Bubuxoki kuba lo mhlathi uthi umntu akaphelelwa, engapheli nokuphela xa esenza okuhle komnye√√/kuba lo mhlathi uthi umntu onceda abanye utsho ngesithatha sokuhle okungapheliyo.√√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/Novemba 2024 NSC – Isikhokelo Sokumakisha 1.15 Ngemisebenzi yabo yangokuya bebesaphila √/Ngemisebenzi yabo yangokuya bebesaphila equka ukukhanyisa/ ivumba /elimnandi/ ukuzola nokuphozisa.√ (Nayiphi kwezi.) (1) ISICATSHULWA B 1.16 Kukutsha kwekhandlela√ ukunyibilika kwekhandlela√Imihlisela yekhandlela ibonakalisa iinyembezi√ nobunzima√/ Ngumntu √nekhandlela.√ (2) ( Nasiphi isibini kwezi.) 1.17 Uluvo lokuba nantoni efuna ukuzisa ukukhanya mayinyamezele ukutsha√√/ Uluvo lokuba iinyembezi zingumqondiso wokunyamezela okusa kwimpumelelo efunekayo.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) 1.18 Ngowokuba ikhandlela nomntu mazijongwe ngokufana kwemisebenzi yazo.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/Novemba 2024 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaliseni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane.) UCAPHULO IINGONGOMA 1. Kuyimfuneko ... ukufumana 1. Kufuneka umntu afumane isivumelwano esibhaliweyo isivumelwano esibhalwe phantsi asiphicothe, aqinisekise ngemo aqiniseke wazi konke ngemo yomsebenzi awufumanayo. yomsebenzi. 2. Ukufumaneka kwesibonelelo 2. Makathathele ingqalelo sezempilo nohlobo lwaso, nemali ukufumaneka nobungakanani esikunika yona kuyafuna besibonelelo sezempilo ukuthathelwa ingqalelo kumsebenzi senkampani entsha. wakho omtsha. 3. Kubalulekile ukwazi inkqubo 3. Makayiqonde inkqubo eyisebenzisayo inkampani yomhlalaphantsi eyisebenzisayo yokubekela bucala imali inkampani. yomhlalaphantsi wabasebenzi. 4. Kunokumnceda umntu ukuphicotha 4. Makazixhobise ngolwazi iinkcukacha malunga neendidi oluchanekileyo ngeentlobo zekhefu ezisetyenziswa kumsebenzi zekhefu ezisetyenziswa awujongileyo. yinkampani. 5. Kuphicotho alwenzayo agqale ulwazi 5. Makaqonde ngamalungelo olubhalwe phantsi malunga abasebenzi abhalwe phantsi namalungelo abasebenzi aquka malunga nebhonasi nentlawulo izibonelelo ezifana nebhonasi, yomsebenzi owenziwe ngaphaya nentlawulo yomsebenzi wamaxesha kweeyure zomsebenzi. ongezelelweyo. 6. Kungakuhle ukubanolwazi 6. Lufuneka kwangoku ulwazi ngamalungelo amalunga ngamalungelo xa bedendwa naxa nokudendwa, nokonzakala belimalele emsebenzini esemsebenzini. abasebenzi. 7. Kulungile nokuqinisekisa indawo 7. Qinisekisa ukuba indawo okuyo okuyo umsebenzi omtsha nokuthi umsebenzi ayengezi zindleko uyawanika amathuba okusebenzela nokuba iyakuvumela na ekhaya. ukusebenzela ekhaya xa kuyimfuneko. [65 amagama] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/Novemba 2024 NSC – Isikhokelo Sokumakisha UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Xa umntu efumana umsebenzi makafumane isivumelwano esibhalwe phantsi esiqinisekisa ukwazi konke ngemo yomsebenzi. Makathathele ingqalelo ukufumaneka kwanobungakanani besibonelelo sezempilo senkampani entsha. Makayiqonde inkqubo yomhlalaphantsi eyisebenzisayo inkampani. Makazixhobise ngolwazi oluchanekileyo ngeentlobo zekhefu ezisetyenziswa yinkampani, ngamalungelo abasebenzi abhalwe phantsi malunga nebhonasi nentlawulo yomsebenzi owenziwe ngaphaya kweeyure zomsebenzi. Lungafuneka engekangeni ulwazi ngamalungelo xa bedendwa naxa belimalele emsebenzini abasebenzi. Aqinisekise ukuba indawo okuyo umsebenzi ayengezi zindleko nokuvumeleka kokusebenzela ekhaya xa kuyimfuneko. [67 amagama] Ukumakisha isishwankathelo: Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni kuphela iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: • Ulwabiwo lwamanqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7 (inqaku ngengongoma nganye). o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi. • Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abaviwa becaphule ngqo. o 6–7 iingongoma ezicatshulwe ngqo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 4–5 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela inqaku libe-1 lolwimi. o 2–3 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela amanqaku abe ma-2 olwimi. QAPHELA: • Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umviwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kuma ekupheleni kwesivakalisi eliphele kuso inani eliqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/Novemba 2024 NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Umakisho lweCANDELO C: • Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizizivakalisi ezipheleleyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo. • Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo. • Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO NTENGISO 3.1 Iyamangalisa√/ayikholeleki.√ (2) 3.2 A√/A/Isutikheyisi encinci isokolisa inyathi enkulu.√ (1) 3.3 Luthuli.√/Ukuxhathisa kwamanqina enyathi.√/Ukuvela kwezoso.√/ Ukugoba komsila.√/Ukufinga iintshiya. √/Iphakamise imilenze yangaphambili. √/ Ivule umlomo ulwimi lungaphandle.√/Ivule amaphumlo.√/Icimele.√/ Igobe iimpondo.√ (Nasiphi isibini seempendulo esityhila iimpawu zokusokola kwenyathi siya kwamkeleka.) (2) 3.4 Zifana ngamandla√ ngokufingana kwinyathi namaqoqo kwisutikheyisi√ Zombini zihamba ngamanqina/ ngamavili amane√/ Zomelele zombini√ Ziyamenyezela√/ Zineendawo zokubamba: iimpondo nomqheba√/Zombini zinombala omnyama√/Zombini zimile.√ (Nayiphi kwezi.) (1) 3.5 Ingwanzilili√/Ikhaphukhaphu.√/ Inobukhaphukhaphu. √/ Obungaphephukiyo.√ (Nasiphi isibini kwezi.) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/Novemba 2024 NSC – Isikhokelo Sokumakisha 3.6 Luyabathundeza abantu ubaxo olukumfanekiso kuba ukubaxeka kobuncinci besutikheyisi xa kujongwe nobukhulu benyathi kungabalukuhla abathabathekayo kuba baza kuyikholelwa eyokuba isutikheyisi encinci ingayohlula inyathi batsho bayinqwenele.√√ Okanye Alubathundezi abantu ubaxo olukumfanekiso kuba ukubaxeka kakhulu ngokobuncinci nobukhulu/ngokobunzima bokutyhala isutikheyisi obubonakaliswe ngokunzinyelwa kwenyathi kuyenza ingakholeleki batsho abaqonda ulwimi lwezibhengezo bangathundezeki√√/Kwabanye abantu ukulwa kwenyathi nesutikheyisi akukholeleki batsho bangayicingi nokuyicinga ukuba isutikheyisi iyathengiswa.√√ (2) (Nayiphi impendulo echanekileyo.) [10] UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 ʹmasivele singeneʹ.√/sizithathele esiyifunayo.√ (1) 4.2 ʹSizithatheleʹ.√ (1) 4.3 Ndingqina ngokuba ukoyika kubonakala kwisenzo sokuwucutha/ nakwesokuzibhekelisa ngokomzimba kule nto ithethwa nguRiya.√√ Kubonakala kunyuso lwamagxa√√ / Kutshoniso lwentloko√√/Ngokumza ngecala.√√ / Kwizandla ezithe nca emacaleni.√√ Ngokubamba umzimba.√√/ Ngentamo etshonileyo.√√Kucutho lwamagxa.√√Kubuso obunxungupheleyo.√√ (Nayiphi na kwezi.) (2) 4.4 A√/mkhulu ngokwahlukileyo√ /A. mkhulu ngokwahlukileyo.√ (1) 4.5 (a) Kukutsalwa komntu ngehempe√ (b) Yiza!/uphawu lwesikhuzo oluhamba nesiyaleli esinguYiza√ /Yiza obhalwe ngefonti enkulu/ engqindilili.√ (Nayiphi kwezi.) (2) 4.6 Ngokuba bakhombisana ade uRiya amtsale uLutho.√ (1) 4.7 Idlelelela abantu abadala kuba umntu ogxagxamisayo ngumntu omdala esebenzisa ubunganga emntwaneni, xa bebelingana ngokobudala besiya kuthi idlelelela ngokwesini.√√ Okanye Idlelelela abasetyhini kuba umntu wasetyhini ubonakaliswa njengomntu ongamniki ithuba lokuzithathela izigqibo umntu wasebuhlanti.√√/ nanjengokuba iikhathuni zilusebenzisa umelo, ukungalingani ngokobukhulu, kungathathwa ngokuba xa enziwe wamkhulu umntu wasetyhini umele ugonyamelo abaqhuba ngalo iincoko zemihla ngemihla ngeli xesha ukwenziwa mncinci kowasebuhlanti kumele isikhundla esisezantsi ababekwa kuso ngabasetyhini kwiincoko eziqhuba emakhaya.√√ (2) (Nayiphi impendulo echanekileyo.) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/Novemba 2024 NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMBUZO 5: IPROZI 5.1 Phambi √ (1) 5.2 Kwemoto ...√ (1) 5.3 'Misa!√, Yehlika!√ Kutheni u√qhuba ngesantya esiphezulu u√qhuba amatakane?√/'Yima.√ (Nasiphi isithathu kwezi.) (3) 5.4 Amadoda abanjiweyo asafuthekile ...√ (1) 5.5 Uʹqhuzuqhuzuʹ ... unika intsingiselo yokuba uhleke kancinci/uhlekele ezantsi kanti uʹGa-ga-ga-ga-ga-!ʹ Unika intsingiselo yokuhleka okunelizwi/uhlekela phezulu.√√ (Mawangaqhekezwa la manqaku.) (2) 5.6 Kuhlekisa impoxo esisiphumo sokusetyenziswa kwesinciphiso esinyembayo.√√ (2) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all