Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 P3 NSC November 2023 Question Paper

Question paperisiXhosa HLGrade 1220235 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC November Exam 2023, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC November Exam 2023

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) NOVEMBA 2023 AMANQAKU: 100 NOVEMBA 2017 IXESHA: Iiyure 3 Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/Novemba 2023 NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba ucwangcise (usebenzisa isazobe/iflowutshathi/ amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngokucwangcisa PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo ukuba uthe walwenza. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-(2 x 40) 80 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/Novemba 2023 NSC ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. UMBUZO 1 1.1 Ndabhaqa imfihlelo yekhaya, batshintsha ubomi bam [50] 1.2 Akalibaleki. Isatsho nangoku ezindlebeni eyokugqibela kwezakhe iingoma [50] 1.3 Waphela nyakandini kaz' ba omtsha uphethe ntoni [50] 1.4 Imbila yaswel' umsila ngokuyalezela [50] 1.5 Ukuzityand' igila kumhlobo kuluncedo kodwa ... [50] 1.6 Ukupheliswa kweeholide zesikolo kungalunga [50] Khetha umfanekiso ube MNYE kule ingezantsi ubhale isincoko. Bhala inombolo yombuzo (1.7 OKANYE 1.8). Nika isincoko sakho isihloko esifanelekileyo. QAPHELA: Makubekho ukuzalana okucacileyo phakathi kwesincoko nomfanekiso owukhethileyo. 1.7 [Ucatshulwe kwi-intanethi: https://www.google.com/search =agriculture+images] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/Novemba 2023 NSC 1.8 [Uthathwe kuwww.ibc24.in%2Flifestyle%2Fmerry-christmas-2021-wishes.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/Novemba 2023 NSC ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibemiBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhalela umhlobo wakho ileta umbulele ngokutyala umoya wenkqubela phambili kumntu othe wasondela kuye. [25] 2.2 ILETA ESESIKWENI Bhala ileta eya kusihlalo wekomiti yethala leencwadi lesikolo sakho uncome amalinge enziwe yikomiti nathe anesiphumo sokuba ithala leencwadi liphuphume ngabafundi, kubuyiselwe neencwadi ebezingasabuyi, de kwancumisa neziphumo zekota yokugqibela. [25] 2.3 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari kaSomashishini obexhasa uphuhliso lwengingqi yakho. [25] 2.4 UDLIWANONDLEBE UnguBuntu, bhala udliwanondlebe olujonge ukufumana ulwazi kuSiya ngohlobo lweeteki azithengisayo. [25] 2.5 INQAKU LEMAGAZINI Kwikhasi likaFacebook u 'Iyanditya le nto', kuvela abantu abachaneke ngenxa yendlela abakhethe ngayo abahlobo. Bhala inqaku lemagazini njengomlandeli weli khasi, ucebise abantu ngendlela yokukhetha abahlobo. [25] 2.6 INGXELO ESESIKWENI Isikolo senu sifuna ukuvala isifundo sezolimo nemfuyo. Ningabafundi besi sifundo nenze uphando ngeendlela esi sifundo esisisombululo ngazo kwiphulo lokukhulisa ezoqoqosho. Bhala ingxelo eya kwiQumrhu elilawula isikolo (SGB) unike iziphumo zolu phando. [25] AMANQAKU ECANDELO B: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all