Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 3 NSC June 2023 Question Paper

Question paperisiXhosa HLGrade 1220235 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 3 question paper from the NSC June Exam 2023, 5 pages. Read online or get the free PDF download, memo linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Loading document…

Loading document…

NSC June Exam 2023

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS/ NATIONAL SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LESITHATHU (P3) 2023 AMANQAKU: 100 IXESHA: Iiyure 3 Olu viwo lunamaphepha ama-5. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/2023 SC/NSC IMIYALELO NENGCACISO 1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI: ICANDELO A: Isincoko (50) ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50) 2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI kwiCANDELO B. 3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo. 4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA. 5. Kunyanzelekile ukuba ucwangcise (usebenzisa isazobe/iflowutshathi/ amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho. Qala ngokucwangcisa PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi. 6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele umgca onqumlayo ukuba uthe wenza uyilo. 7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo: ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100 ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-(2 x 40) 80 8. Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo kwiphepha lemibuzo. 9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama. 10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/2023 SC/NSC ICANDELO A: IZINCOKO Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama angama-340–390. UMBUZO 1 1.1 Ndisancuma nangoku ndakucinga ukuyivula kwam. [50] 1.2 Umthi. [50] 1.3 Namhlanje liyaqala ngqa ikamva lam. [50] 1.4 Akukho nkanga idubul'ingethi. [50] 1.5 Abalandeli bemidlalo bangalakha okanye balichithe ilizwe. [50] 1.6 Ulutsha: 'Ndim ofanelekileyo', abadala: 'Ndim', iyaxaka. [50] Qwalasela uze ukhethe ubeMNYE kwimifanekiso engezantsi wandule ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo. 1.7 [Uthathwe ku: www.literacywithmissp.com] [50] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/2023 SC/NSC 1.8 [Uthathwe ku: www.shutterstock.com] [50] AMANQAKU ECANDELO A: 50 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/2023 SC/NSC ICANDELO B: IMIHLATHI Khetha imihlathi ibeMIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama ali-100–120 (umxholo kuphela). UMBUZO 2 2.1 ILETA YOBUHLOBO Bhala ileta eya kumhlobo wakho uvuyisane naye kuba ephumelele kugqatso lokubangumsasazi wenkqubo kanomathotholo. [25] 2.2 ILETA ESESIKWENI Bhalela uSihlalo wombutho wolutsha umcele athethelele ulutsha ukuba singapheli isibonelelo sama-R350. [25] 2.3 INQAKU LEMAGAZINI Bhala inqaku lemagazini ulumkise ngobungozi bokuhanjiswa kweendaba zobuxoki. [25] 2.4 I-OBHITSHUWARI Bhala i-obhitshuwari yenkosi/yembongi yesizwe. [25] 2.5 UDLIWANONDLEBE Bhala udliwanondlebe olwenziwa ngumsasazi kumfundi obephumelele emagqabini kwibanga le-12 kunyaka odlulileyo. Udliwanondlebe maluqhubele umfundi ekukhuthazeni uninzi ukuba lusebenze ngokuzinikela. [25] 2.6 INGXELO ESESIKWENI Ungunobhala weqela lomdlalo weqonga oxhaswa nguNal'ibali kwisikolo sakho. Bhala ingxelo eya kumququzeleli kaNal'ibali ngempumelelo yephulo lokubonisa ngomdlalo wencwadi eniyifundayo kwizikolo eziningqongileyo. Ingxelo yakho mayiquke: Injongo yephulo, izinto enizenzileyo, okufumanisekileyo ngokuhambelana nenjongo kunye neengcebiso. [25] AMANQAKU ECANDELO C: 50 AMANQAKU EWONKE: 100 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all