Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC June 2023 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 1220239 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC June Exam 2023, 9 pages. Read online or get the free PDF download, question paper linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC June Exam 2023

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS/ NATIONAL SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) 2023 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha ali-9. Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/2023 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha QAPHELA  Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi.  Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo.  Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo.  Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni.  Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda:  Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa.  Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lusetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile.  Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo.  AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzelela impendulo.  Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe.  Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala.  Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/2023 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO A: UVAVANYO LOKUQONDA UMBUZO 1: UKUFUNDELA INTSINGISELO NOKUQONDA 1.1 Kukuqinisekisa ukuba nomnye umntu uyaxhamla kwinto anayo omnye. √√ (2) 1.2 Yeyokuba yinto asele beyiqhelile/yinto abazibona sebeyenza bengasaqhutywa.√ [Nayiphi impendulo echanekileyo.] (1) 1.3 Abantwana bakadadobawo owabuya ekwendeni√/abentombi yasekhapha eyendele kuNxamagele√ aboomolokazana nabeentombi zalapha√/ nabasebukhweni boonyana basekhay' apha abaze kumpelesa.√ (Nasiphi isibini kwezi.) (2) 1.4 Kungenxa yongenelelo lwamaphulo oonompilo.√√/ Kungenxa yezifo ezosulelayo.√√ (2) 1.5 Lolokwabelana ngebhekile yasetywaleni.√√/ Kuyarhatyuliswana ngotywala.√√ (2) 1.6 BUBUXOKI kuba isicatshulwa sithi ebenyenjwa ehlekwa, yena azixolisele.√√ (2) 1.7 Ziphuhlisa ubuncinci benyama ngokobungakanani/ngokomyinge.√√/ ziphuhlisa ubuncinane ngokwenkangeleko.√√ (2) 1.8 Bayayicukuceza kungabikho nalinye ixhewukazi elithi alifumananga.√√ (2) 1.9 Ulwimi lwenkomo√/inkamanzi.√ (Nayiphi kwezi.) (1) 1.10 Unikela umntwana nokuba ngamacephe amathathu awagqume ngesosi athumele kummelwane√/uphakelwa esithebeni utyiwe ngabo bonke ababhinqileyo belo khaya.√ ( Nayiphi kwezi) (1) 1.11 Kukuba omnye udibanisa ingubo yakhe neyomnye ukuze angahleleleki afudumale nalowo unengubo enye.√√ (2) 1.12 B.√/B. olunentobeko√/olunentobeko.√ (1) 1.13 Ngokuthi ummelwane akhe amalahle kwammelwane osel' ephembile angasebenzisi matshisi xa efuna ukwenza umlilo.√√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/2023 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha 1.14 Kukwabelana kuba abezileyo bafika bexule/ bacuntsule/ baphungule/ bacaphule kwintlungu yomfelwa ngokuza kuvela.√√ OKANYE Asikokwabelana kuba kugqibela lowo usentlungwini sekufuneka azipokothe akhathalele iindwendwe zakhe, ngeli xesha asentlungwini.√√/Asikokwabelana kuba ukufa yinto embi abantu xa behambelana omnye ebhujelwe loo nto ayithethi ukuba nomnye uza kubuya nomphanga kuba ehambele usapho olubhujelweyo.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) 1.15 Babelana ngomsebenzi wokwakha.√√/Ngokwakha ibhoma√√ /Babelana ngengca besokha indlu yomkhwetha.√√ (2) 1.16 Isicatshulwa A kumhlathi wesi-6 sikrobise kukwabelana kwabantu ngentlungu injongo ikukwenza umthwalo ubelula kanti nesicatshulwa B singumboniso wokwabelana ngomsebenzi ukuze umthwalo ubelula.√√ (2) 1.17 Zozibini ezi zicatshulwa zifundisa ukuba ukwabelana kwenziwa kwiimeko ezimnandi nakwiimeko ezinzima.√√/ Zisifundisa ukuba xa simanyene sisebenza sonke umsebenzi uba khaphukhaphu.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/2023 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaliseni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane.) UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Ukwenza iinjongo zihambelane 1. Iinjongo zeqela mazihambelane kunye neziphumo zomsebenzi neziphumo zomsebenzi weqela kuyayiqinisekisa ziphicothwe zicacele ilungu intsebenziswano xa zidakancwa, ngalinye. zaziwe, zicace kwilungu ngalinye leqela.' 2. 'Ukunxibelelana kweqela kubaluleke 2. Malungatyeshelwa unxibelelwano, kakhulu ekuqinisekiseni lungenziwa ngokubhala, intsebenziswano.' ukuhlangana nokusebenzisa namaqonga onxibelelwano. 3. 'Konke okufunekayo, okuza 3. Makuthethwe phandle ngako kwenziwa nosele kwenziwe konke okuchaphazela umsebenzi kufuneka kubekwe elubala liqela.' kungabikho okufihlwayo nakuliphi ilungu leqela. 4. 'Kuyalunga ukucakaca umsebenzi, 4. Mawohlulwe ngokulinganayo uwabe ngokulinganayo eqeleni.' umsebenzi, kucaciswe okufanele kwenziwe lilungu ukuze uhambe kakuhle umsebenzi. 5. 'Ukuthathela ingqalelo iziphiwo 5. Umsebenzi mawabiwe nezakhono zelungu ngalinye ngokwetalente yelungu ngalinye ngokuhambelana neenjongo zeqela ukuze aneliseke ungasileli okanye ezomsebenzi umsebenzi. kungayiqinisekisa intsebenziswano.' 6. 'Bubuchule obuqinisekisa 6. Makuqinisekiswe ukuba ixesha intsebenziswano ukumisela ixesha oza kufezwa ngalo umsebenzi lokufezekisa ibakala ngalinye liqingqwa ngokwenqanaba lomsebenzi ukuya kwelokugqiba ngalinye. ngokupheleleyo.' 7. 'Kuyayikhuthaza intsebenziswano 7. Kubalulekile ukuvuyisana ukuncoma nokuvuyisana kwakuphumelela iqela okanye nempumelelo yeqela.' ilungu kuncedisa kwimpumelelo konyuse nenqanaba ebelikuwo umsebenzi. [70 amagama] Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/2023 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Ukuqinisekisa intsebenziswano kumaqela kungalandela la macebo. Iinjongo zeqela mazihambelane neziphumo zomsebenzi ziphicothwe zicacele ilungu ngalinye. Malungatyeshelwa unxibelelwano, lungenziwa ngokubhala, ukuhlangana nokusebenzisa namaqonga onxibelelwano. Makuthethwe phandle ngako konke okuchaphazela umsebenzi kungabikho okufihlwayo nakuliphi ilungu leqela. Mawahlulwe ngokulinganayo umsebenzi, kucaciswe okufaneleke kwenziwe lilungu ukuze uhambe kakuhle umsebenzi. Umsebenzi mawabiwe ngokwetalente yelungu ngalinye ukuze aneliseke ungasileli umsebenzi. Makuqinisekiswe ukuba ixesha oza kufezwa ngalo umsebenzi liqingqwa ngokwenqanaba ngalinye. Kubalulekile ukuvuyisana kwakuphumelela iqela okanye ilungu kuncedisa kwimpumelelo konyuse nenqanaba ebelikuwo umsebenzi. [70 amagama] Ukumakisha isishwankathelo: Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni kuphela iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo:  Ulwabiwo lwamanqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abaviwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abaviwa becaphule ngqo. o 6–7 iingongoma ezicatshulwe ngqo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 4–5 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela inqaku libe-1 lolwimi. o 2–3 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela amanqaku abema-2 olwimi. QAPHELA:  Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umviwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kuma ekupheleni kwesivakalisi eliphele kuso inani eliqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: 10 Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/2023 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Ukumakisha iCANDELO C Umakisho lweCANDELO C:  Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizivakalisi ezipheleleyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo.  Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO-NTENGISO 3.1 Yifonti enkulu√/yifonti engqindilili√/luphawu loshiyelelo.√/Amagama angqindilili.√ (Nayiphi kwezi.) (1) 3.2 C./C Ayihlanjwa nguye imoto/Ayihlanjwa nguye imoto.√ (1) 3.3 Kubantu abaneemoto abangafuni kuzihlambela ngokwabo befuna amaxabiso afikelelekayo.√√/ Kubantu abanemoto abangafuni kuzihlambela ngokwabo.√√ (2) 3.4 Umfanekiso wemoto exhaphe ugwebu ukuncedisa ukuqonda intsingiselo ngokunxulumanisa umfanekiso nesenzo sokuhlamba imoto ngesepha namanzi.√ (1) 3.5 Oongqa phambili√/eyona nkonzo.√ (2) 3.6 Sinefuthe lokuthuma umthengi ukuba angxame ukuya kufumana inkonzo yokuhlamba imoto√/Sinefuthe lokuba umthengi makahambe ayokuhlambisa imoto.√/ Sinefuthe lokuthuma umthengi ukuba makaleqe/makakhawuleze.√ (Nayiphi kwezi.) (1) Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/2023 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha 3.7 Kungamncumisa umthengi osele eyihlambise amatyeli amabini kuba angaxhamla kweli tyeli lesithathu limahala√√/kungamncumisa umthengisi kuba likhulisa intembeko kubathengi batsho baxhabashe ukuzisa iimoto kuba beleqa ukufikelela kwelaa tyeli lesithathu limahala.√√/Kungamncumisa umthengi kuba esazi ukuba kwityeli lesithathu akayi kubhatala.√√ OKANYE Akunakumncumisa umthengi ongekaqali ukuhlambisa kuba kufuneka aqale ahlambise ngemali amatyeli ade abemabini ukuze afikelele kwityeli elimahala elixeliweyo.√√/Akunakumncumisa umthengisi kuba banganqaba abathengi kuba belinde ukubanemali yokuqalisa la matyeli mabini aphambi kokulungela ukufumana ela tyeli limahala.√√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (2) [10] UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 Ucinga ni.√ (1) 4.2 B/B.Ukubanephupha elifana nelikayise/Ukubanephupha elifana nelikayise.√ (1) 4.3 Bayathetha√ kuba kusetyenziswe amaqamza okuthetha.√ (2) 4.4 Ndiyaqonda ke ngoku.√ Ndatsho ndacacelwa.√ (1) 4.5 Intloko enkulu kaNono√/Amehlo athe gqa kaKofi√/Iintshiyi zikaKofi ezinyukileyo√/Umlomo ovulekileyo kaKofi.√/ Ubuhlwitha beenwele zikaNono√/ ubude bempumlo kaNono√/ Impumlo kaNono etsolo√/Impumlo kaNono.√ (Nasiphi isiBINI.) (2) 4.6 Lunika umyalelo onqandayo.√ (1) 4.7 Isihlekiso sidalwe ngokusebenzisa isifaniso, 'njengotata' esinika intsingiselo embolombini okanye etolikeka ngeendlela ezimbini ezahlukileyo kuNono noKofi.√√ (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/2023 SC/NSC – Isikhokelo Sokumakisha UMBUZO 5: IPROZI 5.1 Lalatha indawo onokuphazamiseka kuyo.√ (1) 5.2 Kwesakhe isikolo banazo izixhobo zokubancedisa.√ (1) 5.3 Yeyokuba nangona benazo izixhobo azanelanga/aziphelelanga.√ Zishokoxekile√/azikho kakuhle√/azikho ngokugqibeleleyo√/abanazo ngokupheleleyo.√ (1) 5.4 Intsokolo√/ukusokola.√ (1) 5.5 Yokuxinana.√ (1) 5.6 Uhambisa athi, nonxibelelwano lwe√nethiwekhi belu√qhawuka rhoqo. (2) 5.7 Thina sakhe ipomakazi lendlu ekhaya.√√ (2) (Nasiphi isivakalisi apho u-sakhe asisenzi esichanekileyo.) 5.8 Lixesha eladlulayo.√/Ixesha elimiyo.√ (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa esi sikhokelo sokumakisha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all