Downloaded from hlayiso.com
SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS/
NATIONAL SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS
ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL)
IPHEPHA LESITHATHU (P3)
2022
AMANQAKU: 100
IXESHA: Iiyure 3
Olu viwo lunamaphepha ama-5.
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
You're offline
Skip to contentQuestion paper View all
IsiXhosa HL P3 May June 2022 hlayiso.com
Isixhosa Hl · Grade 12 · NSC June Exam · 2022 · isixhosa. Question paper, 5 pages. Read online or download the PDF.
- Subject
- Isixhosa Hl
- Grade
- Grade 12
- Language
- Isixhosa
- Document type
- Question paper
- Year
- 2022
- Exam period
- NSC June Exam
- Paper
- 3
- Pages
- 5
- File size
- 202.0 KB
Loading document…
Loading document…
1 of 5
Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 2 DBE/2022
SC/NSC
IMIYALELO NENGCACISO
1. Eli phepha LINAMACANDELO AMABINI:
ICANDELO A: Isincoko (50)
ICANDELO B: Imihlathi (2 x 25) (50)
2. Phendula umbuzo ubeMNYE kwiCANDELO A, kunye nemibuzo emiBINI
kwiCANDELO B.
3. Bhala ngolwimi ohlolwa ngalo.
4. Qala ICANDELO ngaLINYE kwiphepha ELITSHA.
5. Kunyanzelekile ukuba ucwangcise (usebenzisa isazobe/iflowutshathi/
amagama angundoqo, njl.njl), uhlele uze uwufundisise umsebenzi wakho.
Qala ngokucwangcisa PHAMBI kokuba ubhale izincoko nemihlathi.
6. Lonke uyilo maluphawulwe ngokucacileyo. Kuyacetyiswa ukuba ukrwele
umgca onqumlayo kulo lonke uyilo ukuba uthe walwenza.
7. Uyacetyiswa ukuba ulabe ixesha ngolu hlobo:
ICANDELO A: Malunga nemizuzu engama-100
ICANDELO B: Malunga nemizuzu engama-80 (2 x 40)
8 Nombola iimpendulo ngokuchanekileyo ngendlela ekunonjolwe ngayo
kwiphepha lemibuzo.
9. Masingathathelwa ngqalelo isihloko xa kubalwa inani lamagama.
10. Bhala ngokucocekileyo nangokucacileyo.
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 3 DBE/2022
SC/NSC
ICANDELO A: IZINCOKO
Khetha isihloko sibesiNYE kwezi zilandelayo ubhale ngaso. Bhala amagama
angama-340–390.
UMBUZO 1
1.1 Unyaka endingasokuze ndiwulibale. [50]
1.2 Abamelwane. [50]
1.3 UNelson Mandela wakha wathi, 'Endaweni yokundigweba ngokujonga
impumelelo yam kuphela, gqala namatyeli endiye ndawa ndaphinda ndavuka
ngawo.' [50]
1.4 Imbila yaswela umsila ngokuyalezela. [50]
1.5 Amaqonga onxibelelwano angasisisombululo. [50]
1.6 Le demokhrasi iyingxaki okanye ililifa esingaliboneli ntweni. [50]
1.7 Qwalasela uze ukhethe ubemnye kwimifanekiso engezantsi wandule
ukubhala isincoko esinesihloko esifanelekileyo.
1.7.1
[Ucatshulwe kwi-intanethi: www.bride-price-in-china.com] [50]
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 4 DBE/2022
SC/NSC
1.7.2
[Ucatshulwe kwi-intanethi:www.britannica.com] [50]
AMANQAKU ECANDELO A: 50
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com
IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P3 5 DBE/2022
SC/NSC
ICANDELO B: IMIHLATHI
Khetha imihlathi ibeMIBINI kule ilandelayo uze ubhale ngayo. Bhala amagama
ali-100–120 (umxholo kuphela).
UMBUZO 2
2.1 ILETA ESESIKWENI
Bhala ileta eya kuSomashishini wengingqi yakho egameni lomthengi
ukhalazele ukunyuswa kakhulu kwamaxabiso. [25]
2.2 ILETA YOBUHLOBO
Bhalela umhlobo wakho ileta uvuyisane naye ngokufumana indebe yehlabathi
kugqatso lokuqamba i'App'. [25]
2.3 INTETHO ESESIKWENI
Bhala intetho ukhuthaze abafundi ngokubaluleka kokufunda bengamaqela. [25]
2.4 INQAKU LEMAGAZINI
Ungumlandeli womculo i'Gqom', niyagxekwa ngabantu. Bhala inqaku
lemagazini ucacisele abantu ngexabiso lomculo we'Gqom'. [25]
2.5 INGXELO ENGEKHO SESIKWENI
Bhala ingxelo oyinika amalungu ngenqanaba asele ekulo amalungiselelo
omsitho wokuvala unyaka wombutho wenu. [25]
2.6 INGXOXO
Wena noLungile aniboni ngasonye ngomba wokuba kuqalwe ngabantu
abanamashumi amathandathu eminyaka nangaphezulu ukugonyelwa isifo
seCovid-19. Bhala ingxoxo ephakathi kwakho noLungile. [25]
AMANQAKU ECANDELO C: 50
AMANQAKU EWONKE: 100
Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha
Recommended for this subject
Published documents with matching subject and grade metadata.
Related documents
Matched using subject, grade, language, document type and exam metadata.
More from Grade 12 Isixhosa Hl
Explore more published documents in this catalogue.
















_hlayiso.com_--e0bfc21f-9053-4dca-af3a-73495767fc72/v1-682ba3c7e04fa8dc02db/card.webp)
