Skip to content

isiXhosa HL Grade 12 Paper 1 NSC June 2022 Memo

MemorandumisiXhosa HLGrade 12202210 pages

Grade 12 isiXhosa HL Paper 1 memorandum from the NSC June Exam 2022, 10 pages. Read online or get the free PDF download, question paper linked when available.

Free to read online, no sign-up needed

Answer online

Loading document…

Loading document…

NSC June Exam 2022

Questions in this paper

Document textSearch extracted text and jump to a page.
Downloaded from hlayiso.com SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS/ NATIONAL SENIOR CERTIFICATE EXAMINATIONS ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA (HL) IPHEPHA LOKUQALA (P1) 2022 ISIKHOKELO SOKUMAKISHA AMANQAKU: 70 Esi sikhokelo sokumakisha sinamaphepha ali-10. . Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 2 DBE/2022 SC/NSC – Isikhokelo sokumakisha QAPHELA  Esi sikhokelo sokumakisha senzelwe ukuba sibe sisikhokelo kubamakishi.  Asenzelwanga ukuba sibe ngummiselo ogqibeleleyo.  Iimpendulo zabafundi mazithathelwe ingqalelo ngokokuchaneka kwazo.  Iimpendulo mazihlolwe ngokupheleleyo namanqaku anikezelwe apho kufuneka anikezelwe khona ngokwezigqibo ezithatyathwe kwintlanganiso yokubeka umakisho emgangathweni.  Isikhokelo sokumakisha siya kuxoxwa phambi kokuba kuqalwe ukumakisha. IMIYALELO KUBAMAKISHI Umakisho lwesicatshulwa sokuqonda:  Ngenxa yokuba kugxininiswa ekufundeni ngokuqonda, akufanelekanga ukuba upelo olugwenxa neemposiso zolwimi kwiimpendulo zezivakalisi zinyityelwe amanqaku ngaphandle kokuba ezo ziphene zitshintsha intsingiselo yempendulo elindelekileyo. Iimposiso ezikhoyo maziqatshelwe ngokukrwelelwa.  Kubaviwa abasebenzisa amagama athatyathwe kolunye ulwimi ngobunjalo bawo, olungesiso isiXhosa, musa ukuwathathela ingqalelo lawo magama anjalo, kananjalo banganyityelwa manqaku xa ngaba iimpendulo ezinikiweyo zinembadla. Ngokunjalo ukuba igama elisuka kolunye ulwimi lisetyenziwe kwitekisi kwaye impendulo ifuna elo gama, oko kwamkelekile.  Kwimpendulo apho ziliqela iimpendulo ezichanekileyo akunikwa manqaku ngeempendulo ezingu-EWE/HAYI, NDIYAVUMA/ANDIVUMELANI kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/nokuzakuzela impendulo.  AKUNIKWA manqaku ngeempendulo ezingu-YINYANI/BUBUXOKI, okanye YINYANI/LULUVO kuphela. Anikwa kuphela ngesizathu/ukuxhasa/ nokuzakuzela impendulo.  Apho kulindeleke iimpendulo ezigama linye aze umviwa anike isivakalisi, nika amanqaku ukuba ngaba igama elifanelekileyo likrwelelwe umgca ngaphantsi okanye ligqanyisiwe.  Kwimibuzo apho kulindeleke iimpendulo ezimbini/ezintathu, aze umviwa adwelise uluhlu lweempendulo, makisha kuphela ezimbini/ezintathu zokuqala.  Iilwimi zengingqi neziyelelani zesiXhosa zamkelekile.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, makwamkelwe zombini, ukutsho oko unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokuzeleyo. Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 3 DBE/2022 SC/NSC – Isikhokelo sokumakisha ICANDELO A: ISICATSHULWA A 1.1 Limangaliswe kukuba abantu basafuna ntoni ezincwadini xa kukho ubuxhakaxhaka betekhnoloji bokwabelana ngezimvo.√ (1) 1.2 Uluvo lokuba iincwadi zilungile.√ (1) 1.3 B. √/B. awunakuqhatheka lula √/awunakuqhatheka lula.√ (1) 1.4 umkhuba.√ (1) 1.5 Bubuxoki kuba uCicero uzakuzela ukuvuselelwa kokufundwa kweencwadi.√√ (Nayiphi impendulo ethathelwa kulo mhlathi ethi uCicero uthi makuqhutyekekwe nokufundwa kweencwadi iya kwamkeleka.) (2) 1.6 Ndiyangqina kuba eneneni uye ulibone ixesha limkile ulibele, kukothula uxhoma oko kuxhonywe ngabahlobo wena kungekho nto iphathekayo uyizuzileyo.√/kuba abantu balahlakelwa yindlela yokubhala amagama ngokuchanekileyo, upelo nezishunqulelo abazisebenzisayo. √ (Nayiphi impendulo engqina ukuba yinkcithaxesha okanye ayinamfundiso iya kwamkeleka.) (1) 1.7 Ngokwalo mxholo kuthetha ukuba ukufunda iincwadi kushiyiselwe bubuxhakaxhaka betekhnoloji.√√ /Ukutyiswa iinzipho kukwenza into iphelelwe yinto yokwenza.√ Ngokwalo mxholo ukufunda akusasetyenziswa kakhulu ngenxa yokuthabatheka bubuxhakaxhaka betekhnoloji bokwabelana ngezimvo.√ (2) 1.8 Luluvo lokusetyenziswa kobuxhakaxhaka betekhnoloji bokwabelana ngezimvo kunye nolokufundwa kweencwadi.√√ (2) 1.9 'sbwl'.√ (1) 1.10 kutwitter.√ (1) 1.11 Ndiyangqina kuba ngokufunda incwadi ufumana ubunzulu, kukhule ubuntu obutsha emntwini obengasajongelwanga ntweni. √/ Ndiyangqina kuba uPhilani owayehlala esitalatweni esitya iziyobisi wakoyisa ngokufunda iincwadi wabhala eyakhe.√ /Ndiyangqina kuba akho amabanjwa abeziiprezidanti zamazwe ngokufunda iincwadi.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.12 Abantu bayaxakwa kukukhetha phakathi kokubukela umabonakude nokufunda incwadi.√√ (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 4 DBE/2022 SC/NSC – Isikhokelo sokumakisha 1.13 Abantwana bonakalelwa yingqondo isakhula itsho kubenzima ukufunda√/kubenzima ukuthetha nokuhlalisana nabanye abantu.√ (Nayiphi na kwezi.) (1) 1.14 Ubonakele ngokuthi agqamise icala elibi likamabonakude aze xa ethetha ngeencwadi avelise kakhulu icala elihle lokufunda iincwadi.√√/Uncoma iincwadi agxeke kanobom umabonakude.√√ (2) 1.15 Luluvo kuba abukho ubungqina.√√ (2) 1.16 Esokuba unengcinga esengela phantsi ubunxele ngokokudalwa komzimba.√√ (2) 1.17 Omnye ulichitha ixesha lakhe ngokufunda incwadi √ omnye ulichitha ngokubukela umabonakude.√ (2) 1.18 Ngowokuba masifunde endaweni yokubukela umabonakude.√√ (Kumyalezo impendulo mayixele ukuba umbhali uthi makuthiweni.) (2) 1.19 Ngumhlathi wesi-5. √ (1) 1.20 Kungaphumelela kuba ngokuwachaza omabini amacala, elobuxhakaxhaka betekhnoloji nelokufunda iincwadi umfundi angakukhetha ukufunda iincwadi enolwazi olupheleleyo.√√ OKANYE Kungangaphumeleli kuba umfundi obekholose ngeencwadi angathi akubona inzuzo abengayazi ngobuxhakaxhaka betekhnoloji atsaleke, aye kubulinga ukubusebenzisa abe ngolo hlobo uyabhabhiseka.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) AMANQAKU ECANDELO A: 30 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 5 DBE/2022 SC/NSC – Isikhokelo sokumakisha ICANDELO B: USHWANKATHELO UMBUZO 2: UKUSHWANKATHELA NGAWAKHO AMAZWI Sebenzisa ezi ngongoma zingundoqo zilandelayo ekufuneka zibandakanywe ngabaviwa kwisishwankathelo njengesikhokelo. Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo: Naziphi na iingongoma ezichanekileyo ezisi-7 ezibhalwe ngokomhlathi mazimakishwe. (Izivakalisi mazinamathelane). UCAPHULO IINGONGOMA 1. 'Ukumamela imozulu oku phambi 1. Mamela imozulu phambi kokuba kokuba uhambe kububulumko ukuze uthabathe uhambo. ingakubhadi usendleleni okanye usesithubeni.' 2. 'Kungumqathango ophambili 2. Sukuba phandle xa liduduma./ ukuqinisekisa ukuba umntu akakho Musa ukulibazisa, zikhangelele phandle xa liduduma. /Khangela indawo ekhuselekileyo yokusithela indawo yokusithela ekhuselekileyo lisaqala ukundila izulu. nokuba ngumngxuma wakuva izulu lindila ungathalalisi..' 3. 'Kuvumelekile kwaye kungcono 3. Kunokubhadwa zindudumo ukuhlala emotweni kunokuba usesithubeni kubhetele uhlale kwanti.' emotweni. 4. ' Xa ungenandawo zama 4. Zisonge uzenze mfutshane, ufihle ukuzifinyeza ubemncinci, uziquthe, intloko phakathi kwamadolo, ufake intloko phakathi kwamadolo, amaqatha ayamane ukuba amaqatha akho asondelelane.' iindudumo zikufumene usendleleni. 5. 'Zikhusele ngokwehlela ngezantsi 5. Qiniseka ukuba uncathama uhlale entlanjeni yona ikumhlaba entlanjeni okanye ezindongeni ophantsi kungenjalo uzifihle ukuze ukhuseleke lingakufumani ezindongeni ukuze izulu. ungachaphazeleki.' Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 6 DBE/2022 SC/NSC – Isikhokelo sokumakisha 6. 'Musa ukungena phantsi komthi 6. Ungangeni phantsi komthi okanye okanye kwentente kuba kungakufaka ententeni uya kubethwa lizulu./ engozini yokuphangwa lizulu./ Sithela ngemithana emifutshane Zimela ngemithana emifutshane okanye ilitye elikhulu kwaye okanye ngelitye elikhulu uqiniseke awukho mde kunalo kunokusithela ngomthi omkhulu mthana usithele ngawo. omde kwaye nawe zenze mfutshane ungabi mde kunomthana lowo.' 7. '... ungaze ulale ngesisu izulu 7. Ngalo lonke ixesha kududuma lizongoma okanye kutshawuza okanye kubaneka qinisekisa imibane. ukuba awulalanga ngesisu. 8. 'Hambela qelele kwimisinga yamanzi 8. Musa ukusondela kwiindawo namadama anamanzi.' ezinamanzi. [66 amagama] UKUBHALWA NGOKOMHLATHI QAPHELA: Oku kulandelayo ngumzekelo nje kuphela. Akungommiselo kwaye makusetyenziswe ngobuchule. UMHLATHI Mamela imozulu phambi kokuba uthabathe uhambo. Musa ukulibazisa, zikhangelele indawo ekhuselekileyo yokusithela lisaqala ukundila izulu. Kunokubhadwa zindudumo usesithubeni kubhetele uhlale emotweni. Zisonge uzenze mfutshane, ufihle intloko phakathi kwamadolo, amaqatha ayamane ukuba iindudumo zikufumene usendleleni. Qiniseka ukuba uncathama entlanjeni okanye ezindongeni ukuze ukhuseleke lingakufumani izulu. Sithela ngemithana emifutshane okanye ilitye elikhulu kwaye uqiniseke awukho mde kunalo mthana usithele ngawo. Ngalo lonke ixesha kududuma okanye kubaneka qinisekisa ukuba awulalanga ngesisu. Musa ukusondela kwiindawo ezinamanzi. [70 amagama] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 7 DBE/2022 SC/NSC – Isikhokelo sokumakisha Ukumakisha isishwankathelo: Ukumakisha isishwankathelo kusekwe ekugqaleni iingongoma ezingundoqo. Isishwankathelo masimakishwe ngolu hlobo:  Ulwabiwo lwamanqaku o Amanqaku asi-7 ngeengongoma ezisi-7. (inqaku ngengongoma nganye) o Amanqaku ama-3 olwimi. o Amanqaku ewonke: 10.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa besebenzise amazwi abo: o 1–3 amanqaku achanekileyo: Nika inqaku eli-1 lolwimi. o 4–5 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-2 olwimi. o 6–7 amanqaku achanekileyo: Nika amanqaku ama-3 olwimi.  Ulwabiwo lwamanqaku olwimi xa abalingwa becaphule. o 6–7 iingongoma ezicatshulwe ngqo: akunikezelwa manqaku olwimi. o 4-5 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela inqaku libe-1 lolwimi. o 2-3 iingongoma ezicatshulwe ngqo: nikezela amanqaku abe ma-2 olwimi. QAPHELA:  Ubalo-magama o Abakorekishi kulindeleke ukuba baliqinisekise inani lamagama asetyenzisiweyo. o Musa ukuthabatha amanqaku ukuba umviwa akalibonakalisanga inani lamagama asetyenzisiweyo okanye ukuba inani lamagama libonakaliswe ngokungachanekanga. o Ukuba udlule kwinani eliqingqiweyo, funda ukuya kuma ekupheleni kwesivakalisi eliphele kuso inani eliqingqiweyo ungawahoyi alandelayo. AMANQAKU ECANDELO B: [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 8 DBE/2022 SC/NSC – Isikhokelo sokumakisha ICANDELO C: IZAKHI NEMIGAQO YOKUSETYENZISWA KOLWIMI Ukumakisha iCandelo C Umakisho lweCANDELO C:  Upelo o Iimpendulo ezinegama elinye mazimakishwe nokuba upelo lugwenxa, ngaphandle kokuba isiphene sitshintsha intsingiselo yegama. o Kwiimpendulo ezizizivakalisi ezipheleleyo upelo olugwenxa malunyityelwe amanqaku ukuba impazamo ikwimigaqo yolwimi oluhlolwayo. o Xa kuhlolwa izifinyezi impendulo mayibonakalise ukusetyenziswa kweziphumlisi ngokuchanekileyo.  Ulwakhiwo kwizivakalisi malubhalwe ngemigaqo yegrama echanekileyo nangezivakalisi ezipheleleyo/ngokomyalelo.  Kwimibuzo ekulindeleke ukuba umviwa akhethe impendulo echanekileyo, unobumba ohambelana nempendulo echanekileyo KUNYE/OKANYE nempendulo echanekileyo ebhalwe ngokupheleleyo, iyamkeleka. UMBUZO 3: ISIBHENGEZO NTENGISO 3.1 Imifanekiso√ nefonti enkulu/√nefonti ebhalwe ngqindilili.√ [Nasiphi isibini.] (Qaphela impendulo mayibhekiselele kwizixhobo kuphela.) (2) 3.2 (a) yintaba√/ulla-katyu-lle√ (b) ubukhulu betoti de yodlule abasebenzisi bayo ngobude.√ (Ku (b) Naluphi ubaxo olukumfanekiso oluchanekileyo luyathathwa.) (2) 3.3 Sesokuba uyayazi into yokuba umthengi akanyanzelekanga ukuba athenge okanye asebenzise iRedbull√/sesokuba umthengisi ufuna ukwenza imali ngemveliso yakhe iRedbull.√ (Nayiphi na kwezi) (1) 3.4 B.√/ B. banqwenele ukusebenza ngaphandle kwentsokolo.√/ banqwenele ukusebenza ngaphandle kwentsokolo.√ (1) 3.5 Sihambelana ngokuba isilogani sithi, 'iRedbull ikunik'iimpiko' yaze imizobo yangqina ngokwenza abantu babengathi bayabhabha.√√ (Mayamkelwe impendulo echaphazela ukubhabha okanye ukubaneempiko ebonakala kumfanekiso.) (2) Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 9 DBE/2022 SC/NSC – Isikhokelo sokumakisha 3.6 Uphumelele kuba uyibiza imfihlelo yokugqiba kwangoko, ibe iyiyona nto ifunwa ngumntu wonke √√/ Uphumelele ngokuba isoyikiso esingumsebenzi omninzi onexesha elingawanelanga usihambise nesisombululo esiyiRed Bull.√√ OKANYE Akaphumelelanga kuba ingabatyhafisa abanye abathengi imfuneko yokuqala kwagqirha phambi kokuba uyisebenzise.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) [10] UMBUZO 4: IKHATHUNI 4.1 Unxibelelana yedwa ngeengcinga.√/Unxibelelana yedwa.√ (1) 4.2 Lulwimi lomzimba √neengcinga zakhe.√ (Qaphela: Umbuzo ubhekiselele kumzobi. Impendulo xa iwachazile amalungu omzimba ekubhekiselelwe kuwo mayithathwe.) (2) 4.3 A√/A. Uyazingxolisa ngokudlala ngexesha.√/ Uyazingxolisa ngokudlala ngexesha.√ (1) 4.4 Kwisakhelo -1 usebenzisa ulwimi olunqandayo/uyazingxolisa kanti kwisakhelo-2 uyacenga.√√ (Impendulo mayibhekiselele kwithoni - kwindlela athetha ngayo, kwakhona inike umahluko phakathi kwesakhelo – 1 nesakhelo - 2.) (2) 4.5 Iinjongo zakhe kukufuna ukwahlukana naloo mkhwa kodwa izenzo zakhe azibonakalisi loo nto.√√/Kuyakhabana kuba kwisakhelo-4 usenexhala lokuba unezinto angazenzanga kanti ubezingxolisile kwesokuqala, wazicenga kwesesibini kodwa wabuyela ngamandla kwesesithathu.√√ (2) 4.6 Angaphumelela kuba ubonisa ukuba uSasa ukhangeleka imkhathaza endaweni yokumonwabisa ngokupheleleyo le yokudlala nge-intanethi.√√ OKANYE Angangaphumeleli kuba ukubonisa abantu ababhinqileyo kuphela kungenza babe beqhuba abesinye isini besebenzisa ubuxhakaxhaka be-intanethi lingayeki ukuchitheka ixesha.√√ (Nayiphi na impendulo echanekileyo.) (2) [10] Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha. Tyhila iphepha
Downloaded from hlayiso.com IsiXhosa Ulwimi Lwasekhaya (HL)/P1 10 DBE/2022 SC/NSC – Isikhokelo sokumakisha UMBUZO 5: IPROZI 5.1 Ligama lencwadi.√ (1) 5.2 Namhlanje.√ (1) 5.3 ipapashwe.√ (1) 5.4 Ngeengxaki√/ngeenzingo√/ngamahlandinyuka.√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (1) 5.5 xaxe.√ (1) 5.6 U-kazi unika intsingiselo yokuzalana√, u-ana eyobuncinci ngokuzalwa.√ (2) 5.7 Izizwe.√ (1) 5.8 Umzi waseMaJwarheni ufile/uyafa/ufa √ ziintloni. (1) 5.9 Owayehlakaniphile√/owayebukhali.√ (Nayiphi impendulo echanekileyo.) (1) [10] AMANQAKU ECANDELO C: 30 AMANQAKU EWONKE: 70 Akuvumelekanga ukufotokopa eli phepha

Study this subject

More from Grade 12 isiXhosa HL

View all